iplani yesifundo isixhosa (ulwimi lwenkobe) … lp xhosa hl gr 7-9.pdf · gh 7 hlalutya iindlela...

Download IPLANI YESIFUNDO ISIXHOSA (ULWIMI LWENKOBE) … LP Xhosa HL Gr 7-9.pdf · GH 7 Hlalutya iindlela ezisetyenziswa ekuyileni iimpembelelo zezicatshulwa ezibonwayo ,ezibhaliweyo nezosasazo

If you can't read please download the document

Upload: dominh

Post on 06-Apr-2018

800 views

Category:

Documents


176 download

TRANSCRIPT

  • IPLANI YESIFUNDO ISIXHOSA (ULWIMI LWENKOBE) UMONGO:IBALANA IBANGA LESIXHENXE IXESHA: IIVEKI EZI-3 UMONGO PF NEE GH

    INDIMA KATITSHALA INDIMA YOMFUNDI UHLOLO

    PF 1UKUMAMELA GHI Mamela nokuhlalutya izicatshulwa zomlomo, zentelekelelo, nezibalisayo(iingoma,amabali amafutshane) GH7 Chonga iimeko zokuxabiseka nezembali, zentlalo nenkcubeko kwisicatshulwa esikhethiweyo.

    Intshayelelo Utitshala ubonisa abafundi isihloko sebalana baze abafundi bathelekelele ukuba ibalana lingantoni. Uxelela abafundi ngeengongoma ezibalulekileyo ebalini umz: isihloko, intshayelelo, isiphelo, abalinganiswa, iploti nendawo elenzeka kuyo ibalana, ixesha elenzeka ngayo ibali noluntu lwendawo leyo ngexesha ekwenzeka ibali elo, umyalezo/imfundiso. Inyathelo 1 Njengoko utitshala ebebayalele abafundi ukuba baye kufunda ibali emakhaya ubayalela ukuba babalise ibali elo bencedisana.

    Intshayelelo Abafundi bathelekelela okuza kwenzeka ebalini. Inyathelo 1 Abafundi bamamela ibali lo gama omnye wabafundi abalisa ibali baze abanye baxhase apho kuyimfuneko.

    Ifomu:Imibuzo neempendulo IMethodi:Utitshala Izixhobo:Itsheklisti

  • Inyathelo 2 Utitshala ufunda ibali elo ecacisa apho abafundi bangaqondi khona ingakumbi apho kukhona amagama abangawaqondiyo. Inyathelo 3 Uyalela abafundi ukuba bamamele baqwalasele iingongoma eziphambili lo gama afundayo. Kwakhona uyabayalela ukuba baqaphele indlela umbalisi alibalisa ngayo ibali okanye indlela elifundwa ngayo ibali oko kukuthi baqaphele izijekulo, ukutshintsha -tshintsha kwelizwi, ulwimi lomzimba njlnjl.

    Inyathelo 2 Abafundi bamamela ibali elo logama utitshala afundayo Inyathelo 3 Abafundi bamamele beqwalasela iingongoma eziphambili bejonga izijekulo, ukutshintsha-tshintsha kwelizwi, ulwimi lomzimba, bebhala phantsi izivakalisi ezishwankathela ibali elo.

    Ifomu:Ukumamela IMethodi: Utitshala nabafundi Izixhobo:Itsheklisti

  • PF2 UKUTHETHA GH 1 Azisa iingcinga nezimvo ngokubonisayo nangokuzithemba ngoncedo asebenzise iintlobo zezicatshulwa zomlomo ezikhethiweyo. GH4 bonisa ubuchule bentsebenziswano obusisiseko ngokuthatha inxaxheba ngokukhethekileyo kwiingxoxo zeqela, kwincoko kwintetho-mpikiswano , kuphando lweqela. GH 5 Azisa ngobuciko obukwiqondo elithile nangokuyilayo ethathela ingqalelo: Ngokunqumama nokwahluka kwisantya namandla kwiindawo eziphambili, kwisimo,kwizijekulo, nakulwimi lomzimba kwimbonakalo yomzimba .

    Inyathelo 4 Utitshala wohlula abafundi babe ngamaqela .Uyalela abafundi ukuba baxoxe ngeli bali lifundiweyo balithelekise nelinye lamabali abasele bewafundile alichongileyo utitshala bejonga ukuba la mabali mabini azalana ngantoni umz: bejonga umxholo, ixesha elenzeka ngalo ibali, izinto ezenziwa ngabalinganiswa ezibonisa ixesha elo, imfundiso kula mabali. Inyathelo 5 Utitshala uyalela abafundi ukuba baxoxe, bakhethe abalinganiswa abazintloko/ abaphambili kula mabali mabini baze banike izizathu zokuba bathi bangabalinganiswa abazintloko kwibali ngalinye

    Inyathelo 4 Abantwana bathelekisa iimpendulo zabo ngababini Inyathelo 5 Abafundi bakhetha abalinganiswa abazintloko banike nezizathu zoko kwibali ngalinye.

    Ifomu:ingxoxo IMethodi: Utitshala nabafundi Izixhobo:Itsheklisti Ifomu:ingxoxo IMethodi: Utitshala nabafundi Izixhobo:Itsheklisti

  • PF3 UKUFUNDA NOKUBUKELA GH1 Funda ngokuqhutywa ngumdla kwaye kumaxa amaninzi befundela ulwazi nolonwabo.. GH 2 Funda ngokuvakalayo nangokuthe cwaka kwiinjongo ezahlukeneyo aze ahlanganise ubuchule bokufunda obufanelekileyo obukhuliswe kumabanga angaphambili. GH 4 Bonisa ingqiqo yezicatshulwa eziqulethe ulwazi

    ngokuchonga iingcinga eziphambili nokucacisa iiinkcukacha ukuxhasa ingcinga ephambili

    Inyathelo 6 Utitshala uyalela abafundi ukuba bafunde ibali eliya bebeliphula phule.Utyumba umfundi ngamnye ukuba afunde .Uyalela abafundi ukuba baqaphele indlela afunda ngayo.Ubanika ithuba lokuba bafunde ngokuvakalayo nangokuthe cwaka ngokwamaqelaUtitshala ubayalela ukuba bajonge iziphumlisi, iimpawu zombuzo, izikhuzo njl-njl.Kwakhona ubayalela ukuba batshintsha -tshintshe ithoni. Inyathelo 7 Utitshala uyalela abafundi ukuba ngeli xesha omnye afundayo, abangafundiyo babhala amagama amatsha nabangawaqhelanga kuluhlu lopelo baze bawafunde baqaphele indlela abizwa ngayo aze emva koko ababuze imibuzo ngokuphuhliswa ngala magama ngokomxholo webali.

    Inyathelo 6 Abafundi balinganisa indlela utitshala ebefunda ngayo befunda ngokuvakalayo nangokuthe cwaka ngokwamaqela belandela indlela yokufunda efanelekileyo ayibonakalisileyo utitshala Inyathelo 7 Abafundi bayafunda abanye bamamele bebhala phantsi loo magama angaqhelekanga namatsha kuluhlu lwabo lopelo bewabiza ngendlela eyiyo. Abafundi baphendula imibuzo bechaza ukuba la magama aphuhlisa ntoni ngokomxholo webali.

    IFomu:Ukufunda IMethodi:Utitshala Izixhobo:Irubriki IFomu:Ukubhala IMethodi:Utitshala Izixhobo:Irubriki

  • PF 4 UKUBHALA GH 1 Bhala izicatshulwa zentelekelelo, ngokuvakalisa iingcinga,iingcamango neemvakalelo kuye kwabanye ngokuphonononga ukusetyenziswa kolwimi ngokuyilayo, nangokudlalayo,ngezincoko ezibhaliweyo nezichazayo, iidayari,amaphepha,iileta zobuhlobo,iingxoxo,iikhathuni, imihobe neengoma GH 3 Bonisa ubuchule obusisiseko kwiimpawu ezikhethekileyo zokubhala ezifanelekileyo kuhlobo lwesicatshulwa ,umz: ukuzinzisa indawo ekwenzeka kuyo ibali,nesakhiwo kokubaliswayo.lawula isingqisho nemvano zandi kwisihobe,sebenzisa ulwimi olulula kwinkcazelo ezilula aze abonise ulandelelwano lwenkqubo. GH 4 Sebenzisa inkqubo yokubhala ngentsebenziswano nangokuzimisela ukuvelisa izicatshulwa ngokucwangcisa iingcinga.

    Inyathelo 8 Utitshala uyalela abafundi bengamaqela ukuba bazobe imephu yengqondo bebonisa indawo elenzeka kuyo ibali, nini, abalinganiswa abachasayo, umyalezo.Emveni koku ubayalela ukuba babhale imihlathana besebenzisa amanqaku akwimephu yengqondo bebhala ibali ngawabo amazwi.

    Inyathelo 9 Utitshala uyalela umfundi ngamnye abhale ileta yobuhlobo (uyilo lokuqala) ebalisela umhlobo wakhe ngebali alithandileyo kula bawafundileyo elandela ezi ngongoma:Ubude besincoko bube ngamagama anga(120-140)

    Idilesi isibuliso Intshayelelo Isiqu Isiphelo

    Inyathelo 8 Abafundi ngokwamaqela benze imephu yegqondo.Bathi ke babhale imihlathana bebhala ibalana ngawabo amazwi. Inyathelo 9 Abafundi babhala iileta zobuhlobo ezibalisayo belandela iingongoma abazinikwe ngutitshala

    IFomu:Ukubhala IMethodi:abafundi Izixhobo:Irubriki IFomu:Ukubhala IMethodi:Utitshala Izixhobo:Irubriki

  • Inyathelo 10 Abafundi bayalelwa ukuba emva kokubhala uyilo lokuqala elowo anike umlingane wakhe alungise iziphene kupelo, uqhawulo lwamagama, ingaba ziqatshelwe na iingongoma eziphambili.Utitshala uncedisa abafundi ekwenzeni oku. Inyathelo 11 Utitshala ulungisa iziphene aze anike abufundi ukuba babhale uyilo lokugqibela.

    Inyathelo 10 Abafundi babhala uyilo lokuqala baze balungise iziphene ngababini. Inyathelo 11 Abafundi babhala uyilo lokugqibela bakube belungise iziphene.

    IFomu:Ukubhala IMethodi:Abafundi notitshala Izixhobo:Irubriki

    Izixhobo zokufundisa:iincwadi zamabali,iincwadi zokubhala,iincwadi zolwimi

    Sihambe njani isifundo: Utitshala akuba egqibile ukufundisa makasijonge isifundo eso ukuze enze njengoko kufanelekile.

    Izithinteli kufundo: Abafundi abangevayo mabacaciselwe ngutitshala banikwe ithuba elongezelelweyo, abanentloni ukuthetha eqeleni yiba nomonde ubangcambazise, abangakwazi ukufunda ngokuvakalayo makabakhuthaze utitshala bathethe ngokuvakalayo, abanengxaki zolwimi banikwa izixhobo ezinokuba ncedisa ekusetyenzisweni kolwimi.Abangakwazi ukubhala bancediswe.

  • IPLANI YESIFUNDO ISIXHOSA (ULWIMI LWENKOBE) UMXHOLO:EZIBONWAYO NEZIVIWAYO U MONGO :ISIBHENGEZO IBANGA LESIXHENXE IXESHA: IIVEKI EZI-3

    UMONGO IIPF NEEGH

    INDIMA KATITSHALA INDIMA YOMFUNDI UHLOLO

    PF 1-UKUMAMELA.

    GH2 Mamela ngononophelo ulwazi nemiyalezo ephambili, aze aphendule

    Ukuthatha amanqaku, ukushwankathela,ukugqithisa ulwazi

    Ukubuza imibuzo ecela umngeni apho kuyimfuneko

    INTSHAYELELO

    Utitshala ubuza abafundi ngezibhengezo abazaziyo. Baziva phi okanye bazibona phi?

    INYATHELO 1

    Utitshala uvulela iradiyo eklasini eshicilelwe isibhengezo. ubhala imibuzo ebhodini ukuze abafundi bamamele bathathe amanqaku ngelixa bamameleyo.

    imibuzo

    -kubhengezwa ntoni?

    - kulungiselelwe abantu abangakanani?

    -kutheni kulungiselelwe bona?

    Inokuba yintoni umsebenzi wazo?

    NTSHAYELELO

    Abafundi bayaphendula bexela apho baziva okanye bazibona khona bayalinganisa nokulinganisa

    INYATHELO 1

    Abafundi bamamela iradiyo bathatha amanqaku baze baphendule imibuzo katitshala eyile ilandelayo.

    imibuzo

    -kubhengezwa ntoni?

    - kulungiselelwe abantu abangakanani?

    -kutheni kulungiselelwe bona?

    Inokuba yintoni umsebenzi wazo?

    IFOMU:Iimpendulo

    METHODI:Utitshala

    Izixhobo:Uqwalaselo

    IFOMU:Ukumamela

    METHODI:Utitshala

    Amaqela

    Izixhobo:Imemorandam

  • GH 3-Nakana iindlela izicatshulwa zomlomo ezicwangciswe ngayo izixhobo ezisetyenziselwe nentetho enamandla ukudlala ngamachongwa ukusetyenziswa kweempembelelo zezandi

    PF 2 UKUTHETHA

    GH2 Azisa iingcinga, iingongoma ezinobunyaniso nengcamango ngokucacileyo kwaye ngobuciko obuthile nolandelelwano asebenzise iintlobo zezicatshulwa zomlomo ezinengongoma ezinobunyanisoziceli mgeni esebenzisa iintlobo zezicatshulwa nolwimi ekuthetheni umz: ingxoxo ,intetho mpikiswano.

    GH3 Bonisa ubuchule obusisiseko kwiintlobo ezikhethiweyo zezicatshulwa zomlomo ngo

    kwenza ulandelelwaniso ,lwemiyalelo yomlomo nenkcazelo

    kuvelisa ingxoxo eziqiqiweyo

    INYATHELO 2

    Utitshala uqokelele izibhengezo kwiimagazini kwangaphambili.

    Utitshala Unika amaqela izibhengezo uthatha isibhengezo achazele abafundi ngoburharha obuthi busetyenziswe kwizibhengezo, ukudlala ngamagama, ukusebenzisa intetho enamandla ukuze abantu bakwazi ukuthenga, uthatha izibhengezo ezahlukeneyo aze ayalele abafundi ukuba bakhangele oko bebekumamele .

    INYATHELO 3

    Utitshala uthatha isibhengezo sibe sinye azame ukucacisa ukuba injongo yaso nasiphi isibhengezo kukunyanzela ukuba abantu bathenge lo nto ithengiswayo.

    Kusetyenziswa la maqhinga alandelayo ukuze abathengi bathenge oko kubhengezwayo:

    - isihloko esibhalwe kakhulu - ubhalo olukhulu - umfanekiso omkhulu otsalayo - abantu abahle - uba nesilogeni

    INYATHELO 2

    Abafundi bamamela utitshala ebachazela ngezibhengezo ezithi zisebenzise uburharha,intetho enamandla bayaxoxa ngesibhengezo emaqeleni bezama ukukhangla oko bebekuchazelwe ngutitshala, apho kusetyenziswe uburharha, apho kusetyenziswe intetho enamandla njalo-njalo.

    INYATHELO 3

    Abafundi bamamele ngeli xesha utitshala achaza iimpawu banikwa izibhengezo ezahlukeneyo bakhangela zonke iimpawu eziphambili zesibhengezo..Emaqeleni abo omnye nomnye uveza ingcamango zakhe,uthatha inxaxheba kwingxoxo, ziyavunyelwa iingcamango zomntu, umntu uyalwamkela ugxeko.

    -Abafundi banika iinjongo yesibhengezo

    IFOMU: Iingxoxo

    IMETHODI:Utitshala

    Izixhobo: Itsheklisti

  • -GH4 Bonisa ubuchule bentsebenziswano ngokuthatha inxaxheba kwiingxoxo zeqela

    -Avumele iingcamango zabanye

    -acacise iingcamango

    -amkele ugxeko

    -Avale izikhewu ngokubuza imibuzo

    -Abonise uvakalelo kumalungelo

    GH 5 Azisa ngobuciko obukwiqondo elithile nangokuyilwayo,ukucacisa okucacileyo nokuvakalayo, kunqumama, ukwahlukana kwesantya namandla

    injongo nabaphulaphuli

    ,isimo nolwimi lomzimba,izangotshe ezifanelekileyo,,iyantlukwano.

    GH 6 vavanya impumelelo yonxibelelwano lwakhe kwaye enze uphuculo.

    Utishala unika izibhengezo abuze imibuzo efana nale ukukhangela ukuba bayaqonda na

    - Ifonti isetyenziswe njani ukugxininisa umyalezo?

    - Kutheni umbhali esebenzise lo mfanekiso awusebenzisileyo?

    - Sithini isilogeni? - Ngobani abanokutsaleka

    ukuthenga oku kuthengiswayo?Ucinga ukuba umbhali uphumelele ukutsala abathengisi ngesi sibhengezo? Utsho ngoba?

  • INYATHELO 4

    Abafundi banikwa ithuba lokwenza ezabo izibhengezo besebenza ngababini. Bayasilungisa isibhengezo sabo belungiselela ukuba beza kusenza eklasini. Mabalungise oku kulandelayo:ukucacisa okucacileyo nokuvakalayo, ukunqumama, ukwahlukana kwesantya namandla,injongo nabaphulaphuli,isimo nolwimi mzimba,izangotshe ezifanelekileyo.

    INYATHELO 4

    Abafundi ngababini benza izibhengezo zabo. Basebenzisa lonke ulwazi abalufumene ukusukela kwinyathelo kuqala baxoxe ngazo zonke izinto abachazelwe ngazo ngutitshala. Xa bezakunikezela isibhengezo balungisa oku kulandelayo:ukucacisa okucacileyo nokuvakalayo,kunqumama, ukwahlukana kwesantya namandla ,injongo nabaphulaphuli isimo nolwimi lomzimba,izangotshe ezifanelekileyo.

    IFOMU: Izibhengezo eziyiliweyo zomlomo

    IMETHODI: Ngutitshala

    Izixhobo: Irubriki

  • PF3 UKUFUNDA NOKUBUKELA

    GH1 Funda ngokuqhutywa ngumdla kwaye efundela ulwazi nolonwabo

    GH2- Funda ngokuvakalayo nangoku the cwaka,kwinjongo ezahlukeneyo aze asebenzise ubuchule bokufunda

    Ngokukhawuleza nokukwaqula,ukuqikelela,ukuthelekelela.

    GH3 Chonga injongo,abaphulaphuli,nemeko yesicatshulwa.

    GH 4 Bonisa ingqiqo yezicatshulwangokwenza izigwebo nezigqibo ezikubungqina.

    GH5 Cacisa iindlela iimpawu eziphambili nocwangciso lentlobo ezinegalelo ngalo.umz: iphepha ndaba

    GH 7 Hlalutya iindlela ezisetyenziswa ekuyileni iimpembelelo zezicatshulwa ezibonwayo ,ezibhaliweyo nezosasazo

    -chaza ukhetho,nokubekwa kwemifanekiso,nefonti,nombala.

    GH 8 Xoxa ngengcamango nomyalezo.

    GH 9 Xoxa ngemibandela yenkcubeko,ummandla isimo

    INYATHELO 5

    Utitshala unika abafundi izibhengezo ezibini ,esentengiso nesomsebenzi. Unika abafundi ithuba lokuzifunda zozibini baze banike umahluko. Bayazifunda baze banike umahluko phakathi kwazo .

    INYATHELO 6

    Utitshala unika abafundi ithuba lokufunda ngokukhawuleza ,ukukrwaqula izibhengezo bekhangela iimpawu. Umzekelo bakhangele isilogeni, bachaze ifonti nokusetyenziswa kwayo, ulwimi, umfanekiso omkhulu otsalayo, isihloko, uhlobo lomsebenzi, iimfuno zomsebenzi , imfundo efunekayo, umhla wokuvalwa ukungena kwezicelo, zingena kubani , indawo okuyo umsebenzi.Mabachaze injongo, abaphula-phuli nemeko yesicatshulwa yazo zozibini izibhengezo.

    INYATHELO 5

    Bayazifunda izibhengezo abazinikiweyo baze banike umahluko phakathi kwazo.

    INYATHELO 6

    Abafundi bafunda izibhengezo bekrwaqula befunda ngokukhawuleza bekhangela iimpawu zesibhengezo njengoko zibuziwe ngutitshala ezifana nezi:isilogeni, bachaze ifonti nokusetyenziswa kwayo, ulwimi, umfanekiso omkhulu otsalayo, isihloko, uhlobo lo msebenzi, iimfuno zomsebenzi , iimfundo efunekayo, umhla wokuvalwa ukungena kwezicelo, zingena kubani , indawo okuyo umsebenzi.

    IFOMU: Iimpendulo

    IMETHODI:Utitshala nomfundi

    Izixhobo: Imemorandam

    IFOMU: Ukufunda

    IMETHODI:Utitshala nomfundi

    Izixhobo: Irubriki nememo

  • PF 4 UKUBHALA

    GH1 Bhala izicatshulwa ezininzi zentelekelelo ngoku vakalisa iingcinga nengcamango nemvakalelo kuye nakwabanye Phonononga ukusetyenziswa kolwimi ngokuyilayo kwisibhengezo kwidayari,amaphepha,ikhathuni,

    Neengoma

    GH 2 Velisa izicatshulwa ezisebenzisa ushicilelo nemifanekiso kwizibhengezo,ingxelo zophando,,neencwadana,nezigxeko ncomo.

    GH4 Sebenzisa inkqubo yokubhala ngentsebenziswano nangokuzimela ukuvelisa izihloko njl-njl.

    PF 5- UKUCINGA NOKUQIQA

    GH 1 Sebenzisa ulwimi ekucingeni, ekubuzeni imibuzo, ekuvakaliseni uluvo.

    GH 2 Sebenzisa ulwimi ekuphandeni

    GH 3 Lungisa ulwazi ngokuthatha amanqaku.

    GH 4 Cinga ngokuyilayo ebonisa uqikelelo, intsingiselo nokusombulula iingxaki ethelekelela okunokwenzeka, ecinga ngeyantlukwano.

    INYATHELO 7

    -Utitshala uyalela abafundi ukuba bayile izibhengezo zabo abazikhetheleyo ngokwamaqela bebhala belandela inkqubo yonke yokubhala.

    -utitshala uqwalasela abafundi xa bevelisa ezabo izibhengezo.

    -uyabakhuthaza ukuba basebenzisane bakwazi nokuzimela besebenzisa ulwimi olululo.

    -Ubayalela ukuba bafundelane ngokwamaqela belungisa ulwazi nolwimi.

    QAPHELA UKUBA ESI SIPHUMO SESIFUNDO SESIHLANU SISEBENZA KUYO YONKE IMISEBENZI KUBA USEBENZISA UKUCINGA XA SIBHALA, SITHETHA ,SIMAMELE NAXA SIFUNDA

    INYATHELO 7

    Phambi kokuba babhale mabaphonononge isihloko ngokungqubanisa iintloko besenza iimaphu zengqondo.

    -Abafundi bayila izibhengezo ngamaqela bazibhale bevelisa uyilo lokuqala belandele inkqubo yokubhala. Abafundi bayajongana umsebenzi belungisana.Babhala beqwalasele nolwimi ababhala ngalo de bavelise uyilo lokugqibela.

    IFOMU: Isibhengezo eziyiliweyo

    IMETHODI:Utitshala nabafundi

    Izixhobo: Irubriki

  • PF 6 UKWAKHIWA NOKUSETYENZISWA KOLWIMI

    GH1 Sebenza ngamagama ukuyila uluhlu lopelo,izifinyezo

    GH2 Sebenza ngezivakalisi ukuchonga izibizo, izimelabizo, izihlanganisa, izihlomelo.

    GH3 Sebenza ngezicatshulwa ukwenza izihlanganisi,imihlathi

    GH5 Khulisa ingqiqo enzulu yolwimi ngokuchonga intsingiselo

    -Ngokuchonga ulwimi olusetyenziselwa injongo ethile

    -Ngokusetyebenzisa amagama abonisa uvakalelo ngokwemibandela yobuhlanga.

    INYATHELO 8

    Utitshala unika ithuba lokuba:

    bachaze izibizo nezimelabizo ezikwisibengezo zabo ukwandisa isigama zabo.

    -basebenzise izihlanganisi benze izivakalisi.

    -bazidibanise benze imihlathi umz:ukuze,nokuba.

    - banike intsingiselo kumagama akwisicatshulwa baze bawasebenzise kwizivakalisi ezahlukeneyo.

    INYATHELO 8

    -Bachonga izibizo

    banike namahlelo besandisa isigama.

    -Basebenzisa izihlanganisi ukwenza izivakalisi ezimbaxa

    -benza imihlathi

    -banike intsingiselo yamagama bawasebenzise kwizivakalisi

    -Bakhetha amagama

    IFomu: Umsebenzi weklasi

    IMethodi:Utitshala nabafundi

    Izixhobo: Imemorandam

  • INYATHELO 9

    Utitshala unika abafundi isibhengezo somdlalo weqonga ukuba balungise iziphene ezifumanekayo .

    UMDLALO WEQONGA

    iqela lomdlalo weqonga kwisikolo saseMvezo liza kube lidlala umdlalo weqonga osihloko sithi ubude abuphangwa. Lo mdlalo uya kube udlalwa ngomhla we 03 kwinyanga kajuni kulo umiyo unyakakwiholo yedolophu . uya kuqala ngencala emva kwentsimbi yesithandathu.Uyamenywa wena nendlu yakho uze kuzibonela ubuncwane .imali yokungena lishumi lerandi.Umntu ofuna inkcukacha angaqhagamshelana nomphathi weqela ngalo mnxeba 0221134488

    walala!!!! wasala!!!

    INYATHELO 9

    Abafundi balungisa iziphene

    kwisibhengezo.

    IFOMU:Umsebenzi weklasi

    IMETHODI:Umfundi

    Izixhobo: Imemorandam

  • INYATHELO 10

    Utitshala uyalela abafundi ukuba bajonge amagama akuthango abalunikwe ngezantsi bakhe izivakalisi ukucacisa intsingiselo yegama ngalinye

    Umdlalo

    Ngena isihloko mema

    Qhagamshela imali

    Ukuphanga umnxeba

    INYATHELO 10

    Abafundi babhala izivakalisi besebenzisa amagama abawanikwe kuthango ukucaciseaintsingiselo yegama ngalinye.

    IFOMU:Umsebenzi wasekhaya

    IMETHODI:Umfundi

    Izixhobo: Imemorandam

    Izixhobo:Izibhengezo ezahlukeneyo-ezentengiso nezemisebenzi,iradiyo,amaphepha-ndaba neemagazini,iincwadi zokubhala,iincwadi zolwimi

    Sihambe njani isifundo: Utitshala akuba egqibile ukufundisa makasijonge isifundo eso ukuze enze njengoko kufanelekile.

    Izithinteli kufunda: Abafundi abangevayo mabacaciselwe ngutitshala banikwe ithuba elongezelelweyo, abanentloni ukuthetha eqeleni yiba nomonde ubangcambazise, abangakwazi ukufunda ngokuvakalayo makabakhuthaze utitshala bathethe ngokuvakalayo, abanengxaki zolwimi banikwa izixhobo ezinokuba ncedisa ekusetyenzisweni kolwimi.Abangakwazi ukubhala bancediswe

  • IPLANI YESIFUNDO ISIXHOSA (ULWIMI LWENKOBE) UMONGO:UMDLALO WERADIYO IBANGA LESIXHENXE IXESHA: 5 IIYURE UMONGO PF NEE GH

    INDIMA KATITSHALA INDIMA YOMFUNDI UHLOLO

    PF 1 Ukumamela GH 1 Mamela nokuhlalutya izicatshulwa ezichazayo, ezentelekelelo, nezibalisayo, (umz: iibhaladi, iingoma, amabali amafutshane, iintsomi).

    GH 4 chonga nokutolika ngokufanelekileyo ubuchule bokungasetyenziswa kwelizwi (umz: imbonakalo yobuso, izijekulo, uphawu lokubonisa).

    GH 6 nakana nokwamkela iintlobo ntlobo zolwimi ezahlukeneyo njengezicinezelo ezahlukeneyo, ulwimi

    lwezizalwana nolwimi olusetyenziswa ngamaqela abudala obahlukeneyo (kwintetho engekho sesikweni/ engaphucukanga).

    Intshayelelo

    Utitshala udlalela abafundi ngokufutshane indawana kwisiqendu somdlalo abawuqhelileyo andule ukubabuza imibuzo (umz; Yintoni abayivayo, zandi zini ezenze bafikelela kweso sigqibo basinikayo)

    Inyathelo 1

    Utitshala ucacisa ngeendidi ezintathu zemidlalo ngokufutshane: umdlalo weqonga, oweradiyo nokamabonakude (TV). Uphinda abadlalele imidlalo yeradiyo emibini eyahlukeneyo ebayalela ukuba baphulaphule ilizwi, izandi neentshukumo ezifumaneka kule midlalo yomibini.

    Intshayelelo

    Abafundi baphulaphula umdlalo odlalwayo ngomdla (nangona isiqendu singagqitywanga), bandule ukuphendula imibuzo bechaza oko bakuvileyo.

    Inyathelo 1

    Abafundi bamamela ngenyameko lo gama becaciselwa ngeendidi ezintathu zemidlalo.

    Bamamela iradio evakalisa imidlalo emibini bephulaphule ilizwi, izandi neentshukumo ezifumaneka kuloo midlalo yomibini.

    IFomu :Ukumamela

    Methodi :Utitshala nabafundi

    Izixhobo:Imemorandam

    IFomu :Ukumamela

    Methodi :Utitshala nabafundi

    Izixhobo:Itshekhlisti

  • PF 2 Ukuthetha GH 1 azisa iingcinga nezimvo ngokubonisayo nangokuzithemba, ngoncedo, asebenzise iintlobo zezicatshulwa zomlomo ezikhethiweyo (umz: amabali, iziqhulo, imidlalo).

    GH 4 bonisa ubuchule bentsebenziswano obusisiseko ngokuthatha inxaxheba ngokukhutheleyo kwiingxoxo zeqela, kwiincoko, kudliwano-ndlebe, kwiintetho-mpikiswano kwaye xa esenza oko:

    ahlasele imibandela ebalulekileyo (imibandela yentlalo nesesikweni enxulumene nommandla namalungelo oluntu); amkele imisebenzi eyahlukeneyo; avumele ezinye iingcamango; acacise ingcamango yakhe; anike isigxeko-ncomo; avale izikhewu ngokubuza imibuzo, ngokunika ukhetho, ngokugcina iimpendulo zingagqitywanga; abonise uvakalelo kumalungelo neemvakalelo kwabanye; acele umngeni ekusetyenzisweni kolwimi olungenavakalelo okanye olucalulayo.

    GH 5 azisa ngobuciko obukwiqondo elithile nangokuyilayo, uthathele ingqalelo ngo/kwi/ku-kucacisa okucacileyo nokuvakalayo; kunqumama; kwahluka kwisantya namandla; njongo nabaphulaphuli; simo nolwimi lomzimba; yantlukwano kwimvumelwano yentlalo neyenkcubeko; zangotshe ezifanelekileyo ezifana nenkcaso-vuthondaba

    Inyathelo 2

    Utitshala unika abafundi imeko bume(scenario)aze abayalela ukuba benze incoko phakathi kwabantu ababini.(dialogue)

    Inyathelo 3

    Utitshala wohlula abafundi babengamaqela amabini :

    Iqela 1

    Lingabadlali bomdlalo wokuqala baphinde babengababukeli kumdlalo wesibini.

    Iqela 2

    Lingababukeli kumdlalo wokuqala, lingabadlali kumdlalo wesibini.

    Utitshala uyalela iqela lokuqala ukuba lilinganise umdlalo wokuqala logama elesibini lingababukeli, kulinganiswe kuthathelwa ingqalelo oku kulandelayo: ukuthetha ngokuvakalayo, isimo, ulwimi lomzimba, izangotshe zokuthetha, umahluko wesantya kwintshukumo njl-njl.

    Inyathelo 2

    Abafundi benza incoko yabantu ababini belandela imeko bume abayinikwe ngutitshala.

    Inyathelo 3

    Abafundi bazohlula babengamaqela amabini. Elokuqala liba ngabadlali kumdlalo wokuqala, ze libe ngababukeli kumdlalo wesibini.

    Iqela 2

    Lingababukeli kumdlalo wokuqala libe ngabadlali kowesibini.

    Iqela lokuqala lilinganisa umdlalo wokuqala logama elesibini liba ngababukeli. Bonke bathathela ingqalelo koku: ukuthetha ngokuvakalayo, isimo, ulwimi lomzimba, izangotshe zokuthetha, umahluko wesanntya kwintshukumo, njl-njl.

    IFomu :Incoko yabantu yabantu ababini(dialogue)

    IMethodi :Abafundi

    Utitshala

    Izixhobo :Itshekhlisti

    IFomu :Ukudlalwa komdlalo

    IMethodi :Abafundi

    Utitshala

    Izixhobo :Irubriki

  • PF 3 Ukufunda Nokubukela

    GH 1 Funda ngokuqhutywa ngumdla kwaye kumaxa amaninzi efundela ulwazi nolonwabo iintlobo ezininzi zezicatshulwa ezikhethiweyo, achaze impendulo yakhe, kwaye axoxe ngeendidi zezicatshulwa azonwabelayo

    GH 2 Funda ngokuvakalayo nangokuthe cwaka kwiinjongo ezahlukeneyo aze asebenzise ubuchule bokufunda obahlukeneyo (umz: ukufunda ngokukhawuleza, ukukrwaqula, ukuqikelela, imikhondo ekwimeko, ukuthekelela).

    Kusebenzisa iintlobo zezenzi: uhlobo lokuqondisa, lokuqhubeka, lolandelelwano

    GH 5 chonga iintlobo ezahlukeneyo zezicatshulwa neempawu eziphambili kwaye acacise indlela isicatshulwa esicwangciswe ngayo (umz: imihobe, amanqaku ephepha-ndaba, iintengiso, amanqaku amafutshane emagazini).

    GH 6 bonisa ingqiqo yesicatshulwa, injongo yaso, ulwalamano kubomi babo ngokuxoxa isakhiwo, imixholo, abalinganiswa nendawo apho ibali lenzeka khona.

    GH 10 chonga nokuxoxa imibandela yentlalo, yenkcubeko, yommandla nesesikweni ekwezicatshulwa( njengokuba ibhentsisiwe zizimo ezahlukeneyo zesicatshulwa ezifana nomxholo, ulwimi, imifanekiso nesimo sabalinganiswa

    Inyathelo 4

    Utitshala uyalela abafundi ukuba bafunde ngokuvakalayo kwiincwadi zabo zomdlalo besahlulwa ngokweendima zabalinganiswa emdlalweni lowo.

    Inyathelo 5

    Utitshala uyalela abafundi ukuba bathathe iincwadi zomdlalo nezamabali bachonge umahluko kwindlela ezicwangciswe ngayo ezi ncwadi.

    Inyathelo 6

    Utitshala uthi mabaxoxe ukuba umxholo womdlalo ubuchaphazela njani ubomi babo, (umz: ingaba izenzo ezikumdlalo ziyenzeka na kwintlalo yobomi babo, ingaba yintoni imfundiso yomdlalo kubo, bayakwazi na ukunxulumanisa indawo ekwenzeka kuyo umdlalo neendawo abahlala kuzo, njl-njl.).

    Inyathelo 4

    Abafundi bafunda ngokuvakalayo kwiincwadi zabo zomdlalo bezahlula ngokweendima zabalinganiswa emdlalweni lowo.

    Inyathelo 5

    Abafundi bachonga umahluko kwindlela ezicwangciswe ngayo ncwadi zimbini ( amabali kunye nomdlalo)

    Inyathelo 6

    Abafundi baxoxa ngendlela ewuchaphazela ngayo umdlalo intlalo yobomi babo umz: imfundiso, indawo ekwenzeka kuyo umdlalo, njl-njl.

    IFomu :Ukufunda

    IMethodi :Umfundi

    Utitshala

    Izixhobo:Irubriki

    Ifomu:Ingxoxo ye klasi

    Imethodi:Utitshala

    umfundi

    Izixhobo :Uxwebu loqwalaselo

  • PF 4 Ukubhala

    GH 1 Bhala izicatshulwa zentelekelelo ezibhalwayo ezininzi ezikhethiweyo ngo-

    kuvakalisa iingcinga, iingcamango neemvakalelo kuye nakwabanye.

    GH 3 bonisa ubuchule obusisiseko kwiimpawu ezikhethiweyo zokubhala ezifanelekileyo kuhlobo lwesicatshulwa (umz: zinzisa indawo ekwenzeka kuyo ibali, nesakhiwo kokubaliswayo, lawula isingqisho nemvano-zandi kwisihobe, sebenzisa ulwimi olulula kwiinkcazelo ezilula, aze abonise ulandelelwano kwinkqubo).

    GH 4 Sebenzisa inkqubo yokubhala ngoncedo nangentsebenziswano ukuvelisa izicatshulwa ngo-

    kukhetha nokuphonononga isihloko ngokungqubanisa iintloko, esebenzisa iimaphu zengqondo nezintlu;

    kusebenzisa ezinye izicatshulwa njengemizekelo yokubhala;

    kuqulunqa nokuvelisa isihloko ngolwazi lomnye umnthombo;

    kucwangcisa iingcinga ngokulandelelana ukuvelisa uyilo lokuqala;

    Inyathelo 7

    Utitshala uyalela abafundi ukuba babhale intetho yababini (dialogue) belandela amanqaku ebebewafundile; bethathela ingqalelo inkqubo yokubhala.

    Inyathelo 7

    Abafundi babhala intetho yababini (dialogue) belandela amanqaku okubhala ebebewafundile.Bathathela ingqalelo inkqubo yokubhala beqala ngoyilo lokuqala, baluvavanye, baye kolwesibini baluvavanye, bandule ukuvelisa imveliso yokugqibela enokupapashwa.

    IFomu:Intetho yababini

    IMethodi:Ngutitshala Nabafundi

    Izixhobo:Irubriki

  • PF 5 Ukucinga Nokuqiqa

    GH 1 sebenzisa ulwimi ekucingeni nasekuqiqeni ngo-kuthelekelela nokukhupha intsingiselo aze acacise iinjongo zombhali ngokutolika izicatshulwa ezibhaliweyo, ezibonwayo, nezivakalayo ngokuhlangene nekharityhulamu;

    kucacisa intsusa neziphumo;

    kuthelekisa izinto ezinyuliweyo ngokugqiba ukuba yiyiphi indlela engcono kunenye kwezi zimbini;

    PF 6 Usetyenziso Lolwimi

    GH 1 Kusebenzisa ubuchule obahlukeneyo bokupela amagama angaqhelekanga;

    Kuyila uluhlu lwakhe lopelo nesichazi-magama samagama ngokuhlangene nekharityhulam;

    GH 2 sebenza ngezivakalisi ngo:

    Kuchonga nokusebenzisa izibizo, izimelabizo, izenzi, izichazi, izihlanganisi, izikhuzo, izifanekisozwi, izihlomelo. Kusebenzisa iintlobo zezenzi uhlobo lokuqondisa, lokuqhubeka, lolandelelwano, lokuyalela, lokukhankanya

    QAPHELA UKUBA ESI SIPHUMO SESIFUNDO SESIHLANU SISEBENZA KUYO YONKE IMISEBENZI KUBA USEBENZISA UKUCINGA XA SIBHALA, SITHETHA ,SIMAMELE NAXA SIFUNDA

    Inyathelo 8

    Utitshala uthi mabachonge izigaba zentetho ezifumaneka kulo mdlalo bandule ukuzichaza bezicacisa ngokunika intsingiselo echanekileyo.

    Inyathelo 8

    Abafundi bachonga izigaba zentetho ezifumaneka kulo mdlalo, umz; isihlanganisi, izenzi, izibizo, izithethantonye, izaci namaqhalo, izafobe njl-njl.

    IFomu: Umsebenzi weklasi

    IMethodi:Utitshala nomfundi

    Izixhobo :Impendulo ezilungisiweyo (imemo)

  • GH 3 sebenza ngezicatshulwa ngo:

    kuguqula ukusetyenziswa kwesihloko nokuxhasa izivakalisi (umz: ukubeka isihloko sesivakalisi ekugqibeleni) ukudala ulandelelwano kwimihlathi; kusebenzisa izihlanganisi ukwenza ulandelelwano lweengcinga eziqiqiweyo kumhlathi; kulandelelanisa imihlathi ngokufanelekileyo ukudala zicatshulwa ezide.

    GH 4 phuhlisa ingqiqo nokusetyenziswa kwesimbo sokubhala ngo;-kusebenzisa ubude neentlobo ezahlukeneyo zesivakalisi;kwahlula phakathi kolwimi olusesikweni nollungekho sikweni;kusebenzisa izangotshe zolwimi nesimbo sokuthetha;

    GH 5 khulisa ingqiqo enzulu yolwimi ngo;-kuchonga izicatshulwa apho ulwimi lungathethi oko kuthethwayo achonge intsingiselo ekubhekiswe kuyo; kuchonga ulwimi olusetyenziselwa injongo ethile; kuchonga nokusebenzisa amagama abonisa uvakalelo kwimibandela ephathelele kwisini, kubulunga, kummandla, kwimpilo, kwintlalo nakwinkcubeko.

    ISIPHELO

    Utitshala uthi mabashwankathele umdlalo abawufundileyo ngokwamaqela benika injongo, iingcinga, izimvo, uvakalelo negalelo lemidlalo kwintlalo yabo.

    ISIPHELO

    Abafundi bashwankathela umdlalo ngokwamaqela abawufundileyo benika iinjongo, izimvo, iingcinga, imvakalelo negalelo lemidlalo kwintlalo yabo.

    IFomu: Ushwankathelo

    IMethod:iUtitshala Nomfundi

    Izixhobo :Irubriki

    Izixhobo: Iradiyo, iincwadi zokubhalela, iincwadi zemidlalo.

    Sihambe njani isifundo: Utitshala akuba egqibile ukufundisa makasijonge isifundo eso ukuze enze njengoko kufanelekile.

    Izithinteli kufunda: Abafundi abangevayo mabasondezwe kunomathotholo, bacaciselwe ngutitshala banikwe ithuba elongezelelweyo, abanentloni ukuthetha eqeleni yiba nomonde ubangcambazise, abangakwazi ukufunda ngokuvakalayo makabakhuthaze utitshala bathethe ngokuvakalayo, abanengxaki zolwimi banikwa izixhobo ezinokuba ncedisa ekusetyenzisweni kolwimi.Abangakwazi ukushwankathela bancediswe.

  • IPLANI YESIFUNDO ISIXHOSA (ULWIMI LWENKOBE) UMONGO:IBALANA IBANGA LESIBHOZO IXESHA: IIVEKI EZI-3 UMONGO PF NEE GH

    INDIMA KATITSHALA INDIMA YOMFUNDI UHLOLO

    PF 1UKUMAMELA PF 1 Ukumamela

    GH 1

    Mamela nokuhlalutya izicatshulwa zomlomo, zentelekelelo, nezinika ulwazi ezicela umngeni (umz: imihobe, izibongo, amabali amabini okanye amathathu anembali yesehlo, imidlalo yeradiyo, intetho ezimfutshane, izazisi zeradiyo, nengxoxo

    GH 5 Chonga amagama athile, amabinza

    nezivakalisi eziphembelela umphulaphuli, aze acacise neempembelelo zazo(umz: Intetho echukumisayo ukwahlula phakathi kwenyaniso nengcinga, kunakana umtsalane bucala nokuqalugwebe)

    Chonga imeko zokuxabiseka nezembali, nenkcubeko kwizicatshulwa zikhethiweyo

    Intshayelelo Utitshala utsala umdla wabafundi ngokubabuza amabali anembali yesehlo,umz:Okwenzekayo ngomnyaka we -1963, March 21 ,nango mhla we 16 June 1976.Imibuzo enjenga le: Lo mnyaka we-1963 waziwa ngasiphi isigigaba? Kanti wona lo we- 1976 waziwa nga ngantoni, ngoba? Inyathelo 1 Utitshala ufunda iscatshulwa esimalunga nokwakusenzeka ngomhla wama-27 Epreli 2004, phofu isihloko engasichazanga ngenjongo yokokuba bahlule phakathi kwenyaniso nengcinga, bakwazi ukuchonga ingcinga yesithethi nokuchonga iimeko zokuxabiseka nezembali. .

    Intshayelelo Abafundi baphendula imibuzo katitshala Inyathelo 1 Abafundi bamamela lo gama utitshala efunda,elowo umfundi ethatha amnqaku(note taking) Ngeengcinga eziphambili bezama ukukhupha isihloko sesicatshulwa.

    Ifomu:Imibuzo neempendulo IMethodi:Utitshala Izixhobo:Itekisi Ifomu:Ukuthatha amanqaku IMethodi:Umfundi ngokwakhe Izixhobo:Incwadi yokubhalela

  • GH 1 azisa iingcinga, nezimvo ngokuyilayo nangokuzithemba okukwiqondo elithile, nangoncedo olunyiniweyo, asebenzise iintlobo zezicatshulwa zomlomo ezikhethiweyo (umz: imidlalo, imidlalwana, iingoma).

    GH 4 bonisa ubuchule bentsebenziswano obusisiseko ngokuthatha inxaxheba ngokukhutheleyo kwiingxoxo zeqela, kwiincoko, kwiintetho-mpikiswano, kuphando lweqela kwaye xa esenza oko: ahlasele imibandela ebalulekileyo (imibandela yentlalo nesesikweni enxulumene nommandla namalungelo oluntu); abuze imibuzo efanelekileyo amkele imisebenzi eyahlukeneyo; avumele ezinye iingcamango zabanye kwaye angavumelani ngokuchubekileyo apho kuyimfuneko; acacise ingcamango yakhe; anike kwaye amkele isigxeko-ncomo; avale izikhewu ngokubuza imibuzo, ngokunika ukhetho, ngokugcina iimpendulo zinga gqitywanga abonise umdla wenene; abonise uvakalelo kumalungelo neemvakalelo kwabanye kwincoko apho kufanelekileyo acele umngeni ekusetyenzisweni kolwimi olungenavakalelo okanye olucalulayo. .

    Inyathelo 2 Utitshala wahlula abafundi babe ngamaqela ukulungiselela ingxoxo yamaqela ebayalela ukuba wonke umfundi athabathe inxaxheba kwingxoxo naye phofu ejikeleza kumaqela lawo.

    Inyathelo 2 Abafundi basebenza ngokwamaqela bedibanisa amanqaku abebewathathile ngexesha utitshala ebefunda.Bayawadibanisa, bexoxa bezama ukhupha imibandela ebalulekileyo emalunga nomandla namalungelo oluntu.Apha umfundi makabonakalise uvakalelo esamkela nezigxeko eziphuma kwabanye.Bayayilungisa ingxoxo yabo ze emveni koko benze unikezelo (presentation) lweziphumo zengxoxo yabo.

    IFomu:Ingxoxo yamaqela IMethodi:Utitshala Izixhobo:Rubriki

  • GH 5 azisa ngobuciko obukwiqondo elithile nangokuyilayo, ethathele ingqalelo ngo/kwi/ku- kucacisa okucacileyo nokuvakalayo kungqumama kwahluka kwisantya namandla njongo nabaphula-phuli simo nolwimi lomzimba yantlukwano yeendlela zokwazisa lwimi oluthethwa ngabantu abathile mvakalozwi mvumelwano yentlalo nenkcubeko zangotshe ezifanelekileyo ezifana nenkcaso-vuthondaba nobabazo(impembelelo yogqithiso) GH 6 Chonga nokuxoxa iimpawu ezinegalneko kwimpumelelo yonxibelelwano lwakhe.

    Inyathelo 3 Utitshala ulungiselela ingxoxo mpikiswano.Uyabahlula abafundi babe ngamaqela ambini elinye iqela livuyela iminyaka elishumi yenkululeko bancome yonke into ethe yenzeka kumzantsi Afrika kule minyaka.Elesibini iqela ligxeka ligxeka urhulumente ngezinto ezithe zenzeka kule minyaka igqithileyo.Le ngxoxo mpikiswano mayibe shushu, avane amandla amaqela ngamazwi, hayi ngezigalo.

    Inyathelo 3 Kwenziwa ingxoxo mpikiswano ngala maqela mabini.Ilelo lilwela icala lalo lithetha kuvokotheke lixhasa izimvo zazo.

    IFomu:Ingxoxo mpikiswano IMethodi:Utitshala Izixhobo:Irubriki

  • PF 3 Ukufunda Nokubukela GH 1 Funda ngokuqhutywa ngumdla kwaye kumaxa amaninzi efundela ulwazi nolonwabo iintlobo ezininzi zezicatshulwa ezifundiweyo, axoxe impendulo yakhe, neendidi zezicatshulwa azonwabelayo kwaye acebise abanye ngezicatshulwa GH 2 Funda ngokuvakalayo nangokuthe cwaka kwiinjongo ezahlukeneyo aze ahlanganise ubuchule bokufunda obufanelekileyo obukhuliswe kumabanga angaphambili

    GH 4

    Bonisa ingqiqo yezicatshulwa eziqulethe ulwazi ngo- kuchonga iingcinga eziphambili nokucacisa inkcukacha ezixhasa ngayo ingcinga ephambili kubuza iingcinga apho kuyimfuneko ,kwenza izigwebo neziqgibo nengcinga esekelwe kubungqina

    GH 5 Cacisa indlela iimpawu eziphambili nogcwangciso lweentlobo ezahlukeneyo zesicatshulwa eezinegalelo ngayo ekusebenziseni kwezicatshulwa (umz: imihobe, iinoveli ezimfutshane, amanqaku ephepha-ndaba, iileta, iibhaladi, izgxwko-ncomo zeencwadi). GH 6

    bonisa ingqiqo yesicatshulwa, injongo yaso, ulwalamano kubomi babo ngokuxoxa isakhiwo

    Inyathelo 3

    Utitshala unika abafundi ithuba lokufunda isicatshulwa ekhangela indlela umfundi afunda ngayo, ingaba ufunda ngokuvakalayo nangokucacileyo.Ubuya ke abanike ithuba lokuba bafunde ngokuthe cwaka.

    Inyathelo 4

    Utitshala uyalela umfundi ngamnye ukuba aphendule imibuzo evela kwisicatshulwa.

    Utitshala unika abafundi indlela zokubhalela kwiphephandaba ebhala amanqaku oku ebhodini amanye ewafumana kubafundi ngokubabuza imibuzo.

    Inyathelo 3

    Abafundi bafunda ngokuvakalayo ngokwamaqela ze bafunde ngokuthe cwaka.

    Inyathelo 4

    Abafundi baphendula imibuzo bebhala besebenza ngabanye.

    Abafundi besebenzisana notitshala baphosa izimvo ngokubhalela kwiphepha-ndaba.Bakhuphela la manqaku ezincwadini.

    IFomu:Umsebenzi obhalwayo IMethodi:Utitshala Izixhobo:Irubriki

  • imixholo, ikuxabiseka, abalinganiswa nendawo apho ibali lenzeka khona.

    GH8

    phendula ngobunzulu kwizicatshula ngoku

    xoxa ngengcamango yombhali xoxa ngemiyalezo ecacileyo(okanye efihlakeleyo) kwisicatshulwa nangomtsalane bucala/ukualugwebexoxa ukuba umxholo uwuphembelela njani umyalezo chonga okushiyiweyo kwisicatshulwa aze axoxe ukuba kungani kushiyiwe buza ukuba uyavumelana nemiyalezo ekwisicatshulwa

    Inyathelo 6

    Utitshala unika amaqela umsebenzi wokubhalela kwiphepha-ndaba bevakalisa izimvo zabo ngokwenzekileyo nokungenzekanga kule minyaka ilishumi yedemokrasi.Utitshala unika abafundi la manqanaba okubhala amakalandelwe:

    Intloko yeli nqaku malibe nomtsalane

    Amagqabantshintshi adandalazisa ukubaluleka kokwenzekileyo nokungenzekanga

    Kule minyaka ilishumi

    Nika ingcebiso kurhulumente

    Gqibela ngokubhala :igama nefani ,umhla,inyanga nonyaka

    Inyathelo 7

    Utitshala unika abafundi isicatshulwa

    Esinesi sihloko: Ngumhla wama 27 Apreli

    Ngowama -2004.Uyalela abafundi ukuba bafunde ngamaqela bexoxa ngengcamango yombhali,imiyalezo ecacileyo nendlela umxholo owuphembelela ngayo umyalezo

    Inyathelo 6

    Ngokwamaqela abafundi badibanisa izimvo zabo bebhalela kwiphephandaba

    Inyathelo 7

    Abafundi ngokwamaqela bafunda isicatshulwa abasinikiweyo, belandele imiyalelo katitshala.Umz: yenzeka/lenzeka phi ibali, uthini umxholo wesicatshulwa, umyalezo wona njl-njl.

    IFomu:Inqaku lephepha-ndaba IMethodi:Utitshala Izixhobo:Irubriki

    IFomu:Ukufunda IMethodi:Umfundi Izixhobo:Itsheklisti

  • GH 1

    Bhala izicatshulwa ezininzi zentelekelelo ngo- kuvakalisa iingcinga, iingcamango neemvakalelo kuye nakwabanye. Kuphonononga ukusetyenziswa kolwimi ngokuyilayo nangokudlalayo, ngezincoko ezibalisayo nezichazayo, iidayari, amaphepha, iileta zobuhlobo, iingxoxo, iikhathuni, imihobe, neengoma GH 3 bonisa ubuchule obusisiseko kwiimpawu ezininzi zokubhala ezifanelekileyo kuhlobo lwesicatshulwa (umz: ukutyhila abalinganiswa, ukuzinzisa indawo ekwenzeka kuyo ibali, ukukhulisa isakhiwo kubhalo olubalisayo noluchazayo,esbenzisa imifanekiso-ntelekelelo elula kwisihobe).

    Sebenzisa inkqubo yokubhala ngentsebenziswano nabgokuzimela ukuvelisa izicatshulwa ngo-

    kukhetha nokuphonononga isihloko ngokungqubanisa iintloko, esebenzisa iimaphu zengqondo nezintlu; kusebebnzisa izicatshulwa ezinokuntsonkotha okukhulayo njekemizekelo kuqulunqa nokuphuhlisa isihloko ngolwazi olusemxholweni oluvela kweminye imithombo kugcwangcisa iingcinga nokulandelelana ukuvelisa uyilo lokuqala.

    Utitshala unika abafundi ithuba lokuba baphande ngosuku lwamakhosikazi eMzantsi Afrika ngokwamaqela

    Inyathelo 9

    Utitshala ubayalela abafundi ukuba babhale isincoko ngosuku lwamakhosikazi ekubeni befunde amalungelo abantu kwincwadi yomgaqo siseko.

    Abafundi bayaphanda bencedisana ngokwamaqela.ngolu suku benika izizathu zokukhethwa kwal olu suku.Bathi ke balungiselele unikezelo lophando.

    Inyathelo 9

    Abafundi babhala isincoko beqaphela amanqanaba okubhala

    IFomu:Uphando IMethodi:Utitshala Izixhobo:Irubriki

    IFomu:Isincoko IMethodi:Utitshala Izixhobo:Irubriki

  • kuhlaziya iiyilo ezininzi ecinga ngenjongo, ngabaphula-phuli, ngolwimi olusetyenzisiweyo, nocwangciso oluntsonkothileyo neempawu ezilula ezimbalwa zesimbo sokubhala aze ahlaziye ngokufanelekileyo kuhlaziya ngokunzulu ubhalo lwakhe nolwabalingane, anike iingcebiso, ebonisa uvakalelo kumalungelo neemvakalelo zabanye kuvavanya nokulungisa uyilo ngokusebenzisa ulwazi lolwimi kwimeko, apho kufanelekileyo ngokwebanga kupapasha imveliso yokugqibela, enika ingqalelo kukwazisa okuyilayo nakwiimpawu ezahlukeneyo zokwakhiwa

    !!

    GH 1 sebenzisa ulwimi ekucingeni nasekuqiqeni ngo- kusebenzisa ubuchule bokucinga nokuqiqa kwiimeko ezahlukeneyo ngokudibene ngokwekharityhulamu kuxoxa nokucacisa imbono noluvo lombhali kwizicatshulwa ezahlukeneyo

    (umz.: Kutheni oku kungunobangela wokukulandelayo?

    kuvakalisa uluvo oluchasayo baze banike ezinye indlela, (umz. Andivumi kuba .. kwaye ndixhasa ingxoxo yam ngoluhlobo lulandelayo) kunakana nokucacisa kungokuba kutheni ulwazi lusenokucingelwa ukuba luneengongoma eziyinyaniso okanye eluqhutywa luluvo olucalanye

    Qaphela:

    Phambi kokuba abafundi babhale isincoko ngolusuku lwamakhosikazi abafundi banganikwa ithuba lokunikezela ingxelo yophando besitsho ukuba bayavumelana na okokuba olu suku kuthiwe lusuku lwamakhosikazi

    Abafundi bayanikezela lo gama abanye bephula phule behlola amanye amaqela kunikezelo olo.

    IFomu:Unikezelo IMethodi:Utitshala Izixhobo:Itsheklisti

  • "#"$% &

    GH 1 sebenza ngamagama ngo- Kusebenzisa ubuchule obuninzi obahlukeneyo bokupela amagama angaqhelekanga; Kuyila uluhlu lwakhe lopelo nesichazi-magama samagama ngokuhlangene nekharityhulam aze axoxe ngamagama anika ingxaki; Kusebenzisa isichazi-magama nencwadi eyingqokelela yamagama ngobuchule ukuphanda isigama nopelo Kusebenzisa izifinyezo nonobumba bokuqala bamagama ngokufanelekileyo Kusebenzisa amgama ahlobeneyo nawesifundo esifanayo kwimeko ukwandisa isigama kwimeko Kesebenzisa izimaphambili nezimamva ukwenza intsingiselo Kucacisa indlela iilwimi eziboleka ngayo amagama kwezinye iilwimi, nendlela amagama amtsha akhiwa ngeyo aze awzsebenzise ngokufanelekileyo

    GH 2

    sebenza ngezivakalisi ngo:

    Kuchonga nokusebenzisa izibizo, izimelabizo, izenzi, izichazi, izihlanganisi, izikhuzo, izifanekisozwi, izihlomelo. Kusebenzisa nokuhlalutya iintlobo zezenzi: uhlobo lokuqondisa, lolandelelwano, lokuyalela, lokukhankanya Kuchonga nokusebenzisa amalunga esakhiwo sesivakalisi esifana nentloko, isenzi, nenjongosenzi Kusebenza zonke iindidi zeziphumlisi, umz. ikoma

    Inyathelo 11

    Utitshala unika abafundi isicatshulwa azinyulele sona ukuba asifunde,ze bakhuphe amagama ekunokugxininiswa kuwo izandi nopelo umz:ngx,ngq,nkx.nc,ngc njl-njl.

    Inyathelo 12

    Utitshala unika abafundi ithuba lokuba basebenzise la magama anezi zandi zinokuntsokotha kwizivakalisi ukuphuhlisa intsingiselo nokukhupha iintlobo zezenzi kanti nokuchonga intloko,isenzi nenjongosenzi

    Inyathelo 11

    Abafundi benza umsebenzi wopelo magama.Ngabanye bayila uluhlu lopelo nezichazi magama ezizezabo.Baqaphela neendlela iilwimi eziboleke ngayo amagama kwezinye iilwimi nendlela amagama amatsha akhiwa ngayo ze bawasebenzise ngokufanalekileyo.

    Inyathelo 12

    Abafundi benza umsebenzi obhalwayo ngokusetyenziswa kwamagama kwizivakalisi beqwalasela izakhi zamalungu amahlobo, neentlobo zezenzi.

    IFomu:Umsebenzi weklasi IMethodi:Utitshala nabafundi Izixhobo:Imemorandam

    IFomu:Umsebenzi weklasi IMethodi:Utitshala nabafundi Izixhobo:Imemorandam

  • GH 3 sebenza ngezicatshulwa ngo: kuguqula ukusetyenziswa kwesihloko nokuxhasa zivakalisi (umz: ukubeka isihloko sesivakalisi ekugqibeleni) ukudala ulandelelwano kwimihlathi; kusebenzisa izihlanganisi ukwenza ulandelelwano lweengcinga eziqiqiweyo kumhlathi; kulandelelanisa imihlathi ngokufanelekileyo ukudala zicatshulwa ezide. GH 4 phuhlisa ingqiqo nokusetyenziswa kwesimbo sokubhala ngo- kusebenzisa ubude neentlobo ezahlukeneyo zesivakalisi; kwahlula phakathi kolwimi olusesikweni nolo lungekho sikweni; kusebenzisa izangotshe zolwimi nesimbo sokuthetha; GH 5 khulisa ingqiqo enzulu yolwimi ngo- kuchonga izicatshulwa apho ulwimi lungathethi oko kuthethwayo achonge intsingiselo ekubhekiswe kuyo; kuchonga ulwimi olusetyenziselwa injongo ethile; kuchonga nokusebenzisa amagama abonisa uvakalelo kwimibandela ephathelele kwisini, kubulungu, kummandla, kwimpilo, kwintlalo nakwinkcubeko.

    Inyathelo

    Utitshala unika abafundi umsebenzi obhalwayo malunga neentlobo zezivakalisi, ulwimi olusesikweni, izafobe, izithethantonye, izichasi.

    Inyathelo 13

    Abafundi babhala ezincwadini oku kulandelayo:

    I. Iintlobo ezahlukileyo zezivakalisi

    II. Usetyenziso lwamagama afanelekileyo

    III. Usetyenziso lwezafobe

    IV. Izithethantonye

    Izichasi

    IFomu:Umsebenzi weklasi IMethodi:Utitshala nabafundi Izixhobo:Imemorandam

    Izixhobo zokufundisa: Uluhlu lwamalungelo omgaqo siseko oMzantsi Afrika, iincwadi zegrama, izicatshulwa, izichazi magama, njl-njl.

    Izithinteli kufunda:Utitshala uyabazi bonke abfundi bakhe ngoko ke makalungiselele ngeemfuno neemeko ezo

    Sihambe njani isifundo:Utitshala ujonga abhale indlela isifundo sakhe esithe sahamba ngaso akuba egqibile ukufundisa enze ngofanelekileyo

  • IPLANI YESIFUNDO ISIXHOSA (ULWIMI LWENKOBE) UMONGO:EZIBONWAYO NEZIVIWAYO UMXHOLO: INQAKU LEPHEPHA-NDABA IBANGA LESIBHOZO IXESHA: IVEKI EZI-3 UMONGO PF NEE GH

    INDIMA KATITSHALA INDIMA YOMFUNDI UHLOLO

    PF 1 : Ukumamela

    GH 2 :

    Mamela ngononophelo nocoselelo ulwazi oluthile neengcinga ezingundoqo kwaye aphendule ngokufanelekileyo, umz:

    ukwenza izigqibo; Ukuhlaziya ulwazi neengcinga, aze abuze imibuzo yokuphanda nokucela umngeni apho kuyimfuneko. GH 3:

    Qonda indlela izicatshulwa zomlomo ezicwangciswe ngayo aze achaze iimpawu eziphambili (umz. Amabali amafutshane,iibaladi, iintetho ezimfutshane, imibonise ntetho,imdlalo yedama,ukusaza iindaba,iingxoxo).Oku kuquka nokunakana izixhobo zisetyenziselwe uburharha ezifana nemigcana ehlekisayo enentetho enamandla,

    Intshayelelo Utitshala ubuza abafundi ngeendlela ekuhanjiswa ngayo iindaba. Inyathelo 1 Utitshala unika abafundi ithuba lokujula izimvo ngokufunyanwa kwiphepha-ndaba, akubhale kwimaphu yengqondo.

    Intshayelelo Abafundi bayaphendula bebiza izinto ezifana namaphepha-ndaba angala: Sunday Times, City Press, Daily Sun , The Star, The voice, Herald, Daily Dispatch, Izimvo, njalo-njalo Kukwakho nezi: Umhlobo Wenene,DVD, TV,Computor ,E-mail, Fax njalo-njalo Inyathelo 1 Abafundi bajula izimvo ngokufunyanwa kwinqaku lephepha-ndaba.

    IFOMU Imibuzo neempendulo IMETHODI Utitshala ISIXHOBO Uxwebhu loqwalaselo IFOMU Ujulo lwezimvo IMETHODI Utitshala ISIXHOBO Uxwebhu loqwalaselo

  • isigqebelo,indeleloazeahlalutye kwaye athelekise iimpembelelo zezandi kwizicatshulwa ezahlukeneyo zezixhobo kuezivakalayo nezibonakalayo. GH 7 : chonga iimeko zokuxabisa nezembali,zentlalo nenkcubeko kwizicatshulwa ezikhethiweyo.

    Inyathelo 2 Utitshala ubonisa abafundi inqaku lephepha-ndaba aliphetheyo. Ufundisa abafundi ngendlela ekubhalwa ngayo inqaku lephepha-ndaba egxininisa kwezi zinto zilandelayo :isihloko;umhlathi wokuqala otshayelela ingcamango ephambili; isivakalisi esivulayo; isiqu senqaku senziwa yimhlathi; kungakho kwalapha kwinqaku lephepha-ndaba udliwano-ndlela;ingxelo yomntu obebukele ;ithoni yombali; kubakho ifoto nemizobo ecacisa inqaku elo; ekugqibeleni kubakho isivakalisi esivalayo esishwankathela konke

    Inyathelo 2 Abafundi bamamele kutitshala ecacisa ukubhalwa kwenqaku lephepha-ndaba bethatha amanqaku.

  • PF 2: Ukuthetha

    GH 2: azisa iingcinga, iingongoma ezinobunyaniso neengcamango ngokucacileyo kwaye ngokuchanekileyo ngokulandelelana kwizihloko ezicela umngeni esebenzisa iintlobo zezicatshulwa zomlomo ezineengongoma ezinobunyaniso ezibanzi (umz: ingcaciso kwiinkqubo zobuchwepheshe ezifana nokuba uyisebenzisa njani ikhompyutha okanye ividiyo). GH 3 Qonda indlela izicatshulwa zomlomo ezicwangciswe ngayo aze achaze iimpawu eziphambili (umz. Amabali amafutshane,iibaladi, iintetho ezimfutshane, imibonise ntetho,imdlalo yedama,ukusaza iindaba,iingxoxo).Oku kuquka nokunakanaizixhobo ezisetyenziselwe uburharha ezifana nemigcana ehlekisayo enentetho enamandla,isgqebelo,indeleloazeahlalutye kwaye athelekise iimpembelelo zezandi zezixhobo . ezivakalayo nezibonakalayo. GH 5 azisa ngomlomo ngokuzithemba nangokuyilayo, ethathele ingqalelo ngo/kwi/ku

    Inyathelo 3 Utitshala unika abafundi amanqaku ephepha-ndaba ahlukeneyo ngokwamaqela. Ubayalela u kuba baxoxe, bakhangele konke okwenziwayo xa kubhalwa inqaku lephepha-ndaba. Inyathelo 4 Abafundi bayalelwa ukuba benze ingxoxo-mpikiswano ngenqaku lephepha-ndaba. Bayohlulwa babe ngamaqela balandele indlela yokuqhuba ingxoxo-mpikiswano. Umz: makubekho umhlali ngaphambili omsebenzi ikukwazisa okuza kuxoxwa ngako nokushwankathela ebekuxoxwa; izithethi ezithathu. Kufuneka izithethi zimamelene kujongwa amaxesha. Inyathelo 5 Utishala unika abafundi izihloko ezahlukileyo (ezingqamene nomxholo wenqaku elo belisetyenzisiwe abanokukhetha kuzo ukulungiselela intetho elungisiweyo. Ubayalela ukuba baqaphele oku kulandelayo ukulungiselela intetho:

    Inyathelo 3 Ilelo iqela labafundi lifunda inqaku lephepha-ndaba elilifundileyo. Kuyaxoxwa kukhutshwa onke amanqaba okubhalwa kwenqaku. Baxoxa abafundi baze banike ingxelo. Inyathelo 4 Abafundi benza ingxoxo- Mpikiswano ngeqaku elikwiphepha-ndaba belandela inkqubo yengxoxo-mpikiswano. Inyathelo 5 Ababfundi bakhetha izihloko ukulungiselela intetho elungisisiweyo belandela imiyalelo abayinikwe ngutitshala.

    IFOMU Ingxoxo ingxelo IMETHODI Utitshala ISIXHOBO Irubhrikhi IFOMU Ingxoxo-mpikiswano IMETHODI Utitshala ISIXHOBO Irubhrikhi IFOMU Intetho elungisiweyo IMETHODI Utitshala ISIXHOBO Irubhrikhi

  • GH 5 azisa ngomlomo ngokuzithemba nangokuyilayo, ethathele ingqalelo ngo/kwi/ku

    kunqumama okwahluka kwisantya namandla kwindawo ezingundoqo; njongo abaphulaphuli; simo, kwisijekulo nakulwimi lomzimba, kwimbonakalo yomzimba ukubandakanya umdla baphulaphuli; yantlukwano yokwazisa; lwimi oluthethwa ngabantu abathile; mvakalozwi; qondo elisesikweni; mvumelwano yentlalo nenkcubeko; zangotshe ezifanelekileyo ezifana nenkcaso-vuthondaba, ubabazo nombuzo-buciko GH 6: vavanya impumelelo yonxibelelwano lwakhe kwaye enze uphuculo.

    Ukuchaneka komxholo

    Ukuthetha ngokuzithemba nesantya sokuthetha

    Izijekulo ,ulwimi lomzimba nokunamathelisa iliso

    Imvakalozwi

    Ulwimi nendlela yokubiza amagama

    Ukuphuhla kwentshayelelo nesiphelo

  • PF 3: Ukufunda Nokubukela

    GH 1: Funda ngokuqhutywa ngumdla kwaye ngokuphangaleleyo efundela ulwazi nolonwabo iintlobo ezininzi zezicatshulwa ezifundiweyo, athelekise iimpendulo zakhe, kwaye enze iingcebiso ezikhuthazayo kwabanye. GH 2: Funda ngokuvakalayo nangokuthe cwaka kwiinjongo ezahlukeneyo aze ahlanganise ubuchule bokufunda obufanelekileyo obukhuliswe kumabanga angaphambili). GH 3: Chonga injongo, abaphula- phuli nemeko yesicatshulwa GH 4: bonisa ingqiqo yezicatshulwa ezininzi ezibanzi eziqulathe ulwazi ngo- kuchonga iingcinga eziphambili nokucacisa indlela iinkcukacha ezixhasa ngayo ingcinga ephambili; kuvavanya iingcinga; kuxoxa iingcamango ezahlukeneyo. GH 7 hlalutya iindlela ezisetyenziswe ekuyileni iimpembelelo ezithile kwizicatshulwa ezibonwayo ezibhaliweyo ezezixhobo zosazazo ezininzi ezifana nempebelelo yezixhobo zokubhala nolwimi olusetyenzisiweyo neempembelelo yeempawu zokwakhiwa (ubekwa kwesicatshulwa nemifanekiso /iifoto,ukusetyenziswa kobukhulu boshicilelo nefonti,ukusetyenziswa

    Inyathelo 6 utitshala ufunda inqaku ebonisa abafundi indlela yokufunda, apho kuphunyulwa khona, ukutshintshwa kwelizwi.unika abafundi inqaku elo lingeziyobisi .Uyalela ukuba balifunde ngokuvakalayo baze bandule ukufunda ngokuthe cwaka ngabanye baze baphendule imibuzo ebhekiselele kwinqaku elo ukuqonda ukuba bayakulandela oko bakufundileyo. Inyathelo 7 Utitshala unika abafundi ingqokelela yamanqaku amaphepha-ndaba ayalele abafundi mabachonge injongo yokubhalwa kwenqaku kunye nomyalezo baze balishwankathele bekhupha iingongoma eziphambili.

    Inyathelo 6 Abafundi bamamele indlela yokufunda. Bayafunda inqaku ngokuvakalayo. Bathi ke bandule ukufunda ngokuthe cwaka baze baphendule imibuzo Inyathelo 7 Abafundi bayafunda baze baphonononge amanqaku njengoko beyalelwe ngutitshala.

    IFOMU Ukufunda IMETHODI Utitshala ISIXHOBO Irubhrikhi kunye neempendulo ezilungisiweyo. IFOMU Ukushwankathela IMETHODI Utitshala ISIXHOBO irubhrikhi

  • GH 8 : phendula ngokunzulu kwizicatshulwa ngoku- vavanya ingcamango yombhali; vavanya imiyalezo ecacileyo (okanye efihlakeleyo) kwisicatshulwa nangomtsalane bucala /ukuqalugwebe kwaye anike ezakhe iingcamango nezinye iindlela; xoxa ukuba imeko yentlalo neyenkcubeko njani umyalezo. GH 9: kwenza izigwebo ngemibandela yentlalo,yenkcubeko, yommandla nokuxabiseka okusesikweni kwizicatshulwa kwaye axoxe ngempembelelo kumfundi nangezimo zesicatshulwa ezidala impembelelo (umz:umxholo, ulwimi, imifanekiso, iingcamango nesimo sabalinganiswa). PF 4 :Ukubhala

    GH 1 Bhala izicatshulwa ezinznzi zentelekelelo ngo :kuvakalisa iingcinga, iingcamango neemvakalelo kuye nakwabanye

    kuphonononga ukusetyenziswa kolwimi ngokuyilayo nangokudlalayo, ngezincoko ezibalisayo nazichazayo, amabali amafutshane alula, iileta. iingxoxo, imihobe, imidlalo ekhatshwa zimpembelelo ezinezandi nezibonwayo,neengoma

    Inyathelo 8 Utitshala uyalela abafundi ukuba babhale amanqaku ephepha ndaba belandela amanqanaba ebebanike wona.Ubayalela ukuba babhale nangawuphina umbandela abanqwenela ukubhala ngawo. Oku bakwenza ngabanye.

    Inyathelo 8 Elowo umfundi ubhala inqaku lephepha ndaba elandela amanqanaba awanikwe ngutitshala.

    IFOMU Inqaku lephephandaba IMETHODI Utitshala Ngamaqela ISIXHOBO itshekhilisti

  • GH 2 :Velisa izicatshulwa ezibhaliweyo ezininzi ezineengongoma ezinobunyaniso nezakhiwe ngeendlela ezininzi kwiinjongo ezahlukeneyo usebenzisa iimpawu ezininzi ezibanzi ezibonwayo nezakhiweyo apho kuyimfuneko iimeyile, ingxelo kwimibandela yangoku, iintengiso, izibhengezo, ingxelo yengqina, ingxelo zephepha-ndaba, inkcazo ngobomi bomntu, i-ajenda nemizuzu yentlanganiso. GH 4 Sebenzisa inkqubo yokubhala ngoncedo nangentsebenziswano ukuvelisa izicatshulwa ngo-kukhetha nokuphonononga isihloko ngokungqubanisa iintloko, esebenzisa iimaphu zengqondo nezintlu;

    ngokusebenzisa izicatshulwa ezinokuntsonkotha okukhulayo njengemizekelo; kuqulunqa nokuphuhlisa isihloko ngolwazi olusemxholweni oluvela kweminye imithombo; kucwangcisa iingcinga ngokulandelelana ukuvelisa uyilo lokuqala; kuhlaziya iiyalo ezininzi ecinga ngenjongo, ngabaphula-phuli, ngolwimi olusetyenzisiweyo, nocwangciso oluntsonkothileyo, neempawu ezilula ezimbalwa zesimbo sokubhala aze ahlaziye ngokufanelekileyo kuhlaziya mgokunzulu ubhalo lwakhe nolwabalingane, anike iingcebiso, ebonisa uvakalelo kumalungelo neemvakalelo zabanye kuvavanya nokulungisa uyilo ngokusebenzisa ulwazi lolwimi kwimeko, apho kufanelekileyo ngokwebanga kupapasha imveliso yokugqibela, enika ingqalelo kukwazisa okuyilayo nakwiipawu ezahlukeneyo zokwakhiwa.

    Inyathelo 10 Abafundi bayalelwa ukuba babhale uyilo lokuqala ze elowo anike umlingane wakhe alungise iziphene kupelo, uqhawulo lwamagama, ingaba ziqatshelwe na iingongoma eziphambili.Utitshala uncedisa abafundi ekujongeni ukuba amanqanaba okubhala inqaku ayalandelwa na. Inyathelo 11 Utitshala ulungisa iziphene aze anike abufundi ukuba babhale uyilo lokugqibela.

    Abafundi babhala uyilo lokuqala baze balungise iziphene ngababini.

    Inyathelo 11 Abafundi babhala uyilo lokugqibela bakube belungise iziphene.

  • PF 5 Ukucinga Nokuqiqa

    PF 6 : Ukwakhiwa nokusetyenziswa kolwimi

    GH 1 : Sebenza ngamagama ngo- Kusebenzisa ubuchule obuninzi obahlukeneyo bokupela amagama angaqhelekanga nokuxoxa ngobuchule obusetyenzisiweyo; Kuyila uluhlu lwakhe lopelo nesichazimagama samagama ngokuhlangene nekharityhulamu aze ahlalutye amagama anika ingxaki; GH 2 : sebenza ngezivakalisi ngo: kuchonga nokusebenzisa izibizo, izimelabizo, izenzi, izichazi, izihlanganisi, izikhuzo, izifanekisozwi, izihlomelo; kusebenzisa nokuxoxa iintlobo zezenzi: uhlobo lokuqondisa, lokuqhubeka, lolandelelwano, lokuyalela, lokukhankanya; kusebenzisa izimamva zezixando zezenzi; GH 3 : Sebenza ngezicatshulwa ngo: kuguqula ukusetyenziswa kwesihloko nokuxhasa izivakalisi (umz: ukubeka isihloko ekugqibeleni) ukudala ulandelelwano kwimihlathi; kusebenzisa izihlanganisi ukudibanisa imihlathi nokwenza ulandelelwano lweengcinga eziqiqiweyo kumhlathi; kulandelelanisa imihlathi ngokufanelekileyo ukudala izicatshulwa ezide.

    QAPHELA UKUBA ESI SIPHUMO SESIFUNDO SESIHLANU SISEBENZA KUYO YONKE IMISEBENZI KUBA USEBENZISA UKUCINGA XA SIBHALA, SITHETHA ,SIMAMELE NAXA SIFUNDA

    Inyathelo 12 Utitshala ukhetha amagama anokuntsokotha kwinqaku .Wenza uxwebhu lomsebenzi ashiye izithuba ukuze abafundi bachaze iintsingiselo za la magama. Inyathelo 13 Utitshala uyalela abafundi ukuba bachonge izihlomelo batsho ukuba ludidi luni lwezihlomelo umz: esendawo,esexesha, sobunjani. Kukho ezo zisebenzisa u e- njengaku: Emlanjeni ; no kwa- njengokwaZakhele njengezakhi sihlomelo.(Utitshala unokwenza nokuba sesiphi isigaba sentetho ekhokelwa yimigangatho yokuhlola). Inyathelo14 Utitshala uyalela abafundi ukuba baphendule imibuzo empendulo zifumaneka kwinqaku lephepha-ndaba . Impendulo zifihlwe kwiphazili mabazikhangele bazibiyele.

    Inyathelo 12 Abafundi bakhangela iintsingiselo zamagama baphendule begcwalisa uxwebhu lomsebenzi. Inyathelo 13 Abantwana bafunda inqaku lephepha-ndaba Bakhangele bakhethe izihlomelo. Inyathelo 14 Abafundi bakhangela iimpendulo ze bazibiyele.

    IFOMU:Umsebenzi obhalwayo IMETHODI Utitshala ISIXHOBO Imemorandam IFOMU Umsebenzi obhalwayo IMETHODI Utitshala ISIXHOBO Imemorandam IFOMU iphazili IMETHODI Utitshala ISIXHOBO Imemorandam

  • GH5 Xoxa izizathu zesithethi zokuchonga amagama athile, amabinza nezivakalisi eziphembelela umphula-phuli, aze acacise neempembelelo zazo (umz: intetho entsingelo-mbini eyenziwe ngamabom, kwahlula phakathi kwenyaniso nengcinga, kuchonga ingcinga yesithethi, kunakana umntsalane. bucala nokuqalugwebe nokwandisa

    Izixhobo zokufundisa:Amaphepha-ndaba,iincwadi zokubhala,iincwadi zolwimi.

    Sihambe njani isifundo: Utitshala akuba egqibile ukufundisa makasijonge isifundo eso ukuze enze njengoko kufanelekile.

    Izithinteli kufunda: Abafundi abangakwazi ukubhala nokufunda mabanikwe ithuba elongezelelweyo, abanentloni ukuthetha eqeleni yiba nomonde ubangcambazise, abangakwazi ukufunda ngokuvakalayo makabakhuthaze utitshala bathethe ngokuvakalayo, abanengxaki zolwimi banikwa izixhobo ezinokuba ncedisa ekusetyenzisweni kolwimi.

  • IPLANI YESIFUNDO ISIXHOSA (ULWIMI LWENKOBE) UMONGO:UMDLALO IBANGA LESIBHOZO IXESHA: IIVEKI EZI-3 UMONGO PF NEE GH

    INDIMA KATITSHALA INDIMA YOMFUNDI UHLOLO

    PF 1 Ukumamela GH 1 Mamela nokuhlalutya izicatshulwa zomlomo zentelekelelo, nezinika ulwazi ezinokuntsonkotha okwahlukeneyo, (umz: imihobe, izibongo, amabali amabini okanye amathathu anembali yesehlo, imidlalo yerediyo, intetho ezimfutshane, izazisi zeradiyo, nengxoxo).

    GH 4 chonga nokutolika ngokufanelekileyo ukusetyenziswa kobuchule bokungabiko kwelizwi (umz: ukudibana kwamehlo, ulwimi lomzimba).

    GH 6 nakana nokwamkela iintlobo ntlobo zolwimi ezahlukeneyo njengezicinezelo ezahlukeneyo, ulwimi lwezizalwana nokuxoxa ulwimi olusetyenziswa ngamaqela abudala obahlukeneyo (kwintetho engekho sesikweni/ engaphucukanga).

    Intshayelo

    Utitshala ubuza abafundi ngee-ndidi zemidlalo abayaziyo, aze abadlalele oweradiyo.

    Inyathelo 1

    Utitshala ucacisa ngokuzeleyo ngomdlalo weradiyo oko kukuthi ngeempawu zomdlalo weradiyo

    Inyathelo 2

    Utitshala ucacisa ukuba izijekulo zibalulekile xa uthetha, kodwa kulo azikho kuba umdlalo ngoweradiyo umlinganiswa usithele .Lo ubalasela ngesandi nelizwi lomlinganiswa

    Intshayelelo

    Abafundi banika iindidi zemidlalo abayaziyo baze bamamele oereyido

    Inyathelo1

    Abafundi baphulaphula utitshala xa ecacisa ngeempawu zemidlalo yeradiyo

    Inyathelo 2

    Abafundi baphulaphule ngenyameko bethatha amanqaku.

    IFomu:Ukumamela ,

    Ukuphendula imibuzo.

    IMethodi:Kuhlola utitshala

    Izixhobo:irubrikhi

    IFomu: Ukuthathwa kwamanqaku.

    Methodi:Abafundi bonke (iklasi)

    Izixhobo:Itsheklisti

  • PF 2 Ukuthetha GH 1 azisa iingcinga nezimvo ngokuyilayo nangokuzithemba okukwiqondo elithile nangoncedo olunyiniweyo, asebenzise iintlobo zezicatshulwa zomlomo ezikhethiweyo (umz: amabali, imidlalwana, iingoma).

    GH 4 bonisa ubuchule bentsebenziswano obusisiseko ngokuthatha inxaxheba ngokukhutheleyo kwiingxoxo zeqela, kwiincoko, kwiintetho-mpikiswano,kuphando lweqela kwaye xa esenza oko: kwaye xa esenza oko:

    ahlasele imibandela ebalulekileyo (imibandela yentlalo nesesikweni enxulumene nommandla namalungelo oluntu);

    abuze imibuzo efanelekileyo

    amkele imisebenzi eyahlukeneyo; avumele ezinye iingcamango; acacise ingcamango yakhe; anike isigxeko-ncomo;

    avale izikhewu ngokubuza imibuzo, ngokunika ukhetho, ngokugcina iimpendulo

    zingagqitywanga; abonise uvakalelo kumalungelo

    neemvakalelo kwabanye; acele umngeni ekusetyenzisweni kolwimi

    olungenavakalelo okanye olucalulayo.

    Inyathelo 3

    Utitshala uyalela abafundi ukuba banike izimvo zabo ngesiqendu somdlalo ababewumamele kwintshayelelo.

    Inyathelo 4

    Utitshala uhlalisa abafundi ngamaqela ze baxoxe ngesimo somlinganiswa ophambili neentshukumo zakhe ekutshintsheni isimo sabanye abalinganiswa nesimo somdlalo jikelele.

    Inyathelo 5

    Utitshala wahlula abafundi babe ngamaqela, kukho elabalinganiswa nelabaphula-phuli. Abalinganiswa balinganisa oko bebekuphula-phule kwisiqendu esidlulileyo, besenzela ukuvavanya impumelelo yabo kwabo bangabaphula-phuli ze benze uphuculo apho kukho iziphene.

    Inyathelo 3

    Abafundi banika izimvo zabo ngesiqendu somdlalo ababewumamele.

    Inyathelo 4

    Abafundi bayaxoxa kumaqela abo begxila kwisimo somlinganiswa ophambili neentshukumozakhe ekutshintsheni isimo sabanye abalinganiswa nesomdlalo jikelele.

    Inyathelo 5

    Abafundi bohlukana ngokwamaqela, elinye iqela liyalinganisa elinye libukele. Elilinganisayo lilinganisa isqendu ebebesiphula-phule bezivavanya impumelelo yabo kwabo bangabaphula-phuli.

    Abaphula-phuli bahlalutya oko kwenziwa ngabalinganisayo bebanika inkxaso ngokkulungisa iziphene zabo.

    IFomu:ukunikwa kwezimvo

    Methodi:Utitshala nabafundi

    Izixhobo:Itsheklisti

    Ifomu:Ingxoxo ngamaqela

    Methodi: Utitshala nabafundi bengamaqela Izixhobo: uxwebhu loqwalaselo.

    IFomu: Ulinganiso lwesiqendu.

    IMethodi:Utitshala

    Amaqela abafundi.

    Izixhobo:rubhrikhi

  • PF 3 Ukufunda Nokubukela

    GH 1 Funda ngokuqhutywa ngumdla kwaye kumaxa amaninzi efundela ulwazi nolonwabo iintlobo ezininzi zezicatshulwa ezikhethiweyo, axoxe impendulo yakhe, kwaye acebase ngeendidi zezicatshulwa azonwabelayo

    GH 2 Funda ngokuvakalayo nangokuthe cwaka kwiinjongo ezahlukeneyo aze adibanise ubuchule bokufunda obufanelekileyo obukhuliswe kumabanga angaphambili.

    GH 5 cacusa indlela iimpawu eziphambili nocwangciso lweentlobo ezahlukeneyo zezicatshulwa ezinegalelo ngayo ekusebenziseni kwesicatshulwa (umz.: imihobe, iinoveli ezimfutshane, amanqaku ephephandaba, iileta, iibhaladi, izigxeko-ncomo zeencwadi)

    GH 6 bonisa ingqiqo yesicatshulwa, injongo yaso, ulwalamano kubomi babo ngokuxoxa isakhiwo, imixholo, ukuxabiseka, abalinganiswa nendawo apho ibali lenzeka khona.

    GH 10 Hlaziya nokuxoxa ubuchule bakhe njengomfundi.

    Inyathelo 6

    Utitshala ubanika ithuba lokuba bafunde nawuphi na umdlalo okhoyo asikolweni ngokuthe cwaka okanye ngokuvakalayo.

    Inyathelo 7

    Utitshala uyalela abafundi ebakhokela kwiingxoxo zokwahlula umdlalo weradiyo kweminye imidlalo

    Inyathelo 8

    Utitshala unika abafundi amanqaku abalulekileyo malunga nesakhiwo, umxholo, ukuxabiseka kwabalinganiswa, ixesha owenzeka ngalo umdlalo kunye nendawo ekwenzeka kuyo ibali, ebacacisela ukuze bafunde indlela yokuhlalutya umdlalo, bevavanya nobuchule babo ekuhlalutyeni.

    Inyathelo 6

    Abafundi bafunda ngokuthe cwaka okanye nokuvakalayo umdlalo okwiincwadi zabo

    Inyathelo 7

    Abafundi baxoxa ngokwahlula phakathi komdla weradiyo kweminye imidlalo bencediswa ngutitshala kwiingxoxo zabo.

    Inyathelo 8

    Abafundi bafunda ulonwabo ngokuthe cwaka oko bakunikiweyo bekucaciselwa ngutitshala bevavanya nobuchule babo ekuhlalutyeni.

    IFOMU: ukufunda ngokuthe cwaka okanye ngokuvakalayo.

    Methodi:Ngutitshala nabafundi Izixhobo:irubhrikhi

    IFOMU:Iingxoxo ngamaqela

    Methodi:Abafundi

    Ngutitshala

    Izixhobo:uxwebhu loqwalaselo

    IFOMU: Ukufunda ngokuthe cwaka okanye nokuvakalayo.

    Methodi:Abafundi

    Ututshala

    Umfundi ngamnye

    Izixhobo:irubhrikhi

    Itsheklisti

  • PF 4 Ukubhala

    GH 1 Bhala izicatshulwa ezininzi zentelekelelo ngo:

    kuvakalisa iingcinga, iingcamango neemvakalelo kuye nakwabanye.

    Kuphonononga ukusetyenziswa kolwimi ngokuyilayo nangokudlalayo, ngezincoko ezibalisayo nesichazayo, iidayari, amaphepha, iileta zobuhlobo, iingxoxo, iikhathuni, imihobe, neengoma

    GH 3 bonisa ubuchule obusisiseko kwiimpawu ezininzi zokubhala ezifanelekileyo kuhlobo lwesicatshulwa (umz: ukutyhila abalinganiswa, ukuzinzisa indawo ekwenzeka kuyo ibali, ukukhulisa isakhiwo kubhalo

    olubaliso

    GH 4 Sebenzisa inkqubo yokubhala ngoncedo nangentsebenziswano ukuvelisa izicatshulwa ngo-

    kukhetha nokuphonononga isihloko ngokungqubanisa iintloko, esebenzisa iimaphu zengqondo nezintlu;

    kusebenzisa ezinye izicatshulwa njengemizekelo yokubhala;

    kuqulunqa nokuvelisa isihloko ngolwazi lomnye umnthombo;

    kucwangcisa iingcinga ngokulandelelana ukuvelisa uyilo lokuqala;

    Inyathelo 9

    Utitshala uyalela abafundi ukuba babhale intetho yababini ngababini belandela amanyathelo okubhala baqale kuyilo lokubhala lokuqala baluvavanye bandule ukuvelisa imveliso yokugqibela enokupapashwa.

    Inyathelo 9

    Abafundi babhala intetho yababini belandela amanyathelo okubhala, uyilo lokubhala lokuqala baluvavanye, baye kolwesibini baluvavanye bandule ukuvelisa imveliso yokugqibela enokupapashwa.

    IFOMU: Ubhalo lomdlalo ngababini.

    Methodi:Abafundi notitshala

    Izixhobo:irubhrikhi

  • PF 5 Ukucinga Nokuqiqa

    GH 1 sebenzisa ulwimi ekucingeni nasekuqiqeni ngo-kuthelekelela nokukhupha intsingiselo aze acacise iinjongo zombhali ngokutolika izicatshulwa ezibhaliweyo, ezibonwayo, nezivakalayo ngokuhlangene nekharityhulamu;

    kucacisa intsusa neziphumo;

    kuthelekisa izinto ezinyuliweyo ngokugqiba ukuba yiyiphi indlela engcono kunenye kwezi zimbini;

    PF 6 Usetyenziso Lolwimi

    GH 1 Sebenza ngamagama ngo-

    Kusebenzisa ubuchule obuninzi obahlukeneyo bokupela amagama angaqhelekanga nokuxoxa ngobuchule obusetyenzisiweyo;

    Kuyila uluhlu lwakhe lopelo nesichazi-magama samagama ngokuhlangene nekharityhulamu aze ahlalutye amagama anika ingxaki;

    Kusebenzisa ischazi-magama nencwadi eyinqokelela ya magama ngobuchule, bgokuzithemba ukuphanda upelo, imvelephi nokwandiswa kwamagama

    Kusebsnzisa izifinyezo nonobumba bokuqala bamagama ngokufanelekileyo

    Chonga nokusebenzisa amagama ahlobeneyo nawesifundo esifanayo.

    Inyathelo 10

    Utitshala uyalela abafundi ukuba baxoxe ngeenjongo zalo mdlalo bewubhala ngembono zabo zokubhala lo mdlalo ungasentla.

    Inyathelo 11

    Utitshala uthi mabachonge izigaba zentetho ezifumaneka kulo mdlalo bandule ukuzichaza bezicacisa ngokunika intsingiselo echanekileyo.

    Isiphelo

    -ushwankathelo lwesifundo Umz:iingcinga zabo ngegalelo lemidlalo entlaweni jikelele

    Inyathelo 10

    Abafundi baxoxa bebonisa iinjongo neembono zabo ngomdalo abawubhalileyo.

    Inyathelo 11

    Abafundi bachonga izigaba zentetho ezifumaneka kulo mdlalo ezinjenge;

    Izenzi, izihlanganisi, izaci namaqhalo, izikhuzo, izafobe njl-njlbezichaza benika intsingiselo echanekileyo.

    Isiphelo

    Bashwankathela isifundo

    IFomu:Ingxoxo yeklasi

    Methodi:Abafundi notitshala

    Izixhobo:Itsheklisti

    IFomu: IUchongo lwezigaba zentetho.

    Methodi:Abafundi notitshala

    Izixhobo:memorandum

  • I

    Izixhobo zokufundisa: ,iincwadi zokubhala,unomathotholo,iincwadi zomdlalo

    Sihambe njani isifundo: Utitshala akuba egqibile ukufundisa makasijonge isifundo eso ukuze enze njengoko kufanelekile.

    Izithinteli kufunda: Abafundi abangevayo mabacaciselwe ngutitshala banikwe ithuba elongezelelweyo, abanentloni ukuthetha eqeleni yiba nomonde ubangcambazise, abangakwazi ukufunda ngokuvakalayo makabakhuthaze utitshala bathethe ngokuvakalayo, abanengxaki zolwimi banikwa izixhobo ezinokuba ncedisa ekusetyenzisweni kolwimi.Abangakwazi ukushwankathela bancediswe.

  • IPLANI YESIFUNDO ISIXHOSA (ULWIMI LWENKOBE) UMONGO: EZIBONWAYO NEZIVIWAYO IBANGA:LESITHOBA IXESHA: IIVEKI EZI-3 UMONGO PFNEE GH

    INDIMA KATITSHALA INDIMA YOMFUNDI UHLOLO

    PF 1-UKUMAMELA.

    GH2 Mamela ngononophelo ulwazi nemiyalezo ephambili, aze aphendule

    Ukuthatha amanqaku, ukushwankathela,ukugqithisa ulwazi Ukubuza imibuzo ecela umngeni apho kuyimfuneko GH 3-Nakana iindlela izicatshulwa zomlomo ezicwangciswe ngayo izixhobo ezisetyenziselwe nentetho enamandla ukudlala ngamachongwa ukusetyenziswa kweempembelelo zezandi

    GH 7- Chonga iimeko zokuxabiseka nezembali,zentlalo nenkcubeko kwizicatshulwa ezikhethiwayo

    Intshayelelo

    Utitshala ubuza abafundi ngamalungelo abawaziyo?Baxoxe ngawo.

    Inyathelo 1

    Utitshala ufundela abafundi isicatshulwa esimalunga namalungelo . Unika umyalelo ebhodini othi mabachonge bhala phantsi onke amalungelo athe anyhashwa afumaneka kwisicatshulwa baze baxoxe bengamaqela kuba anyhashwe njani?

    Intshayelelo

    Abantwana bayaphendula bexoxa ngamalungelo lawo .

    Inyathelo 1

    Abafundi bamamela bethatha amanqaku babhale phantsi ngeli lixa baphula-phuleyo. Abafundi bachonga babhale phantsi amalungelo anyhashiweyo afumaneka kwisicatshulwa baze baxoxe ukuba anyhashwe njani.

    IFomu: Iimpendulo

    Imethodi:Utitshala

    Izixhobo:Uxwebhu loqwalaselo

    IFomu: Ukuthathwa kwamanqaku

    Imethodi:Utitshala

    Izixhobo:Itsheklisti

  • PF 2 UKUTHETHA

    GH2 Azisa iingcinga,iingongoma ezinobunyaniso nengcamango ngokucacileyo kwaye ngobuciko obuthile nolandelelwano asebenzise iintlobo zezicatshulwa zomlomo ezinengongoma ezinobunyanisoziceli mgeni esebenzisa iintlobo zezicatshulwa nolwimi ekuthetheni umz: ingxoxo ,intetho mpikiswano.

    GH3 Bonisa ubuchule obusisiseko kwiintlobo ezikhethiweyo zezicatshulwa zomlomo ngo

    kwenza ulandelelwaniso ,lwemiyalelo yomlomo nenkcazelo

    kuvelisa ingxoxo eziqiqiweyo -GH4 Bonisa ubuchule bentsebenziswano ngokuthatha inxaxheba kwiingxoxo zeqela

    -Avumele iingcamango zabanye

    -acacise iingcamango

    -amkele ugxeko

    -Avale izikhewu ngokubuza imibuzo

    -Abonise uvakalelo kumalungelo

    - Inyathelo 2

    uTitshala unika abafundi bengamaqela imifanekiso emine eyahlukeneyo, aze abayalele ukuba baqwalasela okwenzekayo . Ubayalela abafundi ukuba baatolike umfanekiso ngamnye bephendula le mibuzo:

    - ungantoni? - Kuba kutheni? - Yipha umfanekiso ngamnye

    isihloko - Mabaxoxe ngomyalezo - Bhala umhlathi ngomfanekiso

    ngamnye - Bhala umyalezo womfanekiso

    ngamnye

    Inyathelo 3

    Utitshala uyalela iqela ngalinye ukuba malithathe ilungelo libe linye elibhalwe etshathini ukuba makuxoxwe ngala malungelo egxeka encoma .Uyalela abafundi ukuba babhale phantsi izimvo zabo ze omnye omele iqela enze unikezelo ngezimvo ezo zeqela

    .

    Inyathelo 2

    Abafundi bajonga imifanekiso bayitolike bephendula imibuzo

    Inyathelo 3

    Abafundi bengamaqela bakhetha ilungelo baxoxe ngalo ze omnye wabo enze unikezelo ngezimvo zeqela

    IFomu: Ingxoxo

    Imethodi:Utitshala

    Amaqela

    Izixhobo:Itsheklisti

    IFomu: Unikezelo

    Imethodi:Utitshala

    Amaqela

    Izixhobo:Itsheklisti

  • PF3 UKUFUNDA NOKUBUKELA

    GH1 Funda ngokuqhutywa ngumdla kwaye efundela ulwazi nolonwabo

    GH2- Funda ngokuvakalayo nangoku the cwaka,kwinjongo ezahlukeneyo aze asebenzise ubuchule bokufunda

    Ngokukhawuleza nokukrwaqula, ukuqikelela, ukuthelekelela.

    GH3 Chonga injongo, abaphulaphuli,nemeko yesicatshulwa.

    GH 4 Bonisa ingqiqo yezicatshulwangokwenza izigwebo nezigqibo ezikubungqina.

    GH5 Cacisa iindlela iimpawu eziphambili nocwangciso lentlobo ezinegalelo ngalo.umz: iphepha ndaba

    GH 7 Hlalutya iindlela ezisetyenziswa ekuyileni iimpembelelo zezicatshulwa ezibonwayo ,ezibhaliweyo nezosasazo

    -chaza ukhetho, nokubekwa kwemifanekiso, nefonti, nombala.

    GH 8 Xoxa ngengcamango nomyalezo.

    GH 9 Xoxa ngemibandela yenkcubeko,ummandla isimo

    Inyathelo 4

    Utitshala wohlula abafundi babe ngamaqela ukulungiselela umdlalo.Abafundi banikwa ithuba lokuyila umdlalo ongamalungelo.Babaziyelele abalinganiswa,indawo owenzeka kuyo njl-njl.

    Inyathelo 5

    Utitshala unika abafundi iingqokelela yetekisi ezivela kumgaqo siseko woMzantsi Afrika.Uyalela abafundi ukuba bafunde ngokwameqela baze bandule ngabanye ngokuthe cwaka.Uyalela umfundi ngamnye ukuba abhale iingongoma eziphambili ngelungelo ngalinye

    Inyathelo 4

    Abafundi balinganiswa umdlalo bebonisa la malungelo abantu.

    Inyathelo 5

    Abafundi bafunda ngokuvakalayo ngokwamaqela aze umfundi ngamnye afunde ngokuthe cwaka .Umfundi ngamnye ubhala phantsi iingongoma eziphambili ngelungelo ngalinye

    IFomu: Umdlalo

    Imethodi:Utitshala

    Amaqela

    Izixhobo:Itsheklisti/irubriki

    IFomu: Ukufunda

    Imethodi:Utitshala

    Amaqela

    Izixhobo:Itsheklisti

  • GH10 Chonga nokuxoxa imibandela yentlalo,

    yenkcubeko,yommandla nesesikweni njengemifanekiso,ulwimi,isimo somlinganiswa.

    PF 4 UKUBHALA

    GH1 Bhala izicatshulwa ezininzi zentelekelelo ngoku vakalisa iingcinga nengcamango nemvakalelo kuye nakwabanye Phonononga ukusetyenziswa kolwimi ngokuyilayo kwisibhengezo kwidayari,amaphepha,ikhathuni,neengoma

    GH 2 Velisa izicatshulwa ezisebenzisa ushicilelo nemifanekiso kwizibhengezo,ingxelo zophando,,neencwadana,nezigxeko ncomo.

    GH4 Sebenzisa inkqubo yokubhala ngentsebenziswano nangokuzimela ukuvelisa izihloko njl-njl.

    Inyathelo 6

    Utitshala unika abafundi imifanekiso emine eyahlukeneyo . Iqela ngalinye malikhethe umfanekiso ube mnye . Mabazibhalele ingcaciso engangomhlathi bebonisa ukuzalana kwemifanekiso namalungelo belandela oku.

    Wuphe isihloko Balisa ibali elifutshane ngokuqhubeka kumfanekiso owukhethileyo.

    Ungafunda ntoni kule meko siyibona kule mifanekiso ?

    Jonga ukusetyenziswa kwemifanekiso nokusetyenziswa kwefonti

    Inyathelo 7

    Utitshala unika abafundi ithuba lokubhala phantsi imihlathi emibini ngemifanekiso leyo .

    Inyathelo 6

    Abafundi bengamaqela bakhetha umfanekiso omnye baze babhale ingcaciso engangomhlathi bebonisa ukuzalana kwemifanekiso namalungelo belandela amanqanaba abawanikiweyo.

    Inyathelo 7

    Abafundi babhala imihlathi ngemifanekiso

    IFomu: Ukutolika imifanekiso

    Imethodi:Utitshala

    Amaqela

    Izixhobo:Itsheklisti

    IFomu:Imihlathi

    IMethodi:Utitshala namaqela

    Izixhobo:Itsheklisti

  • PF 5- UKUCINGA NOKUQIQA

    GH 1 Sebenzisa ulwimi ekucingeni,ekubuzeni imibuzo,ekuvakaliseni uluvo.

    GH 2 Sebenzisa ulwimi ekuphandeni

    GH 3 Lungisa ulwazi ngokuthatha amanqaku.

    GH 4 Cinga ngokuyilayo ebonisa uqikelelo,intsingiselo nokusombulula iingxaki ethelekelela okunokwenzeka,ecinga ngeyantlukwano.

    PF 6 UKWAKHIWA NOKUSETYENZISWA KOLWIMI

    GH1 Sebenza ngamagama ukuyila uluhlu lopelo,izifinyezo

    GH2 Sebenza ngezivakalisi ukuchonga izibizo,

    izimelabizo,izihlanganisaizihlomelo.

    GH3 Sebenza ngezicatshulwa ukwenza izihlanganisi,imihlathi

    GH4 Phuhlisa ingqiqo ngokusebezisa isimbo sokubhala. Ngokusebenzisa izangotshe zolwimi nesimbo sokuthetha.

    QAPHELA UKUBA ESI SIPHUMO SESIFUNDO SESIHLANU SISEBENZA KUYO YONKE IMISEBENZI KUBA USEBENZISA UKUCINGA XA SIBHALA, SITHETHA ,SIMAMELE NAXA SIFUNDA

    Inyathelo 8

    Utitshala unika abafundi ikhathuni ebonakalisa ukunyhwashwa kwamalungelo abo. Lolonga le khathuni ubonise ngokusebenza izivakalisi ukuba malungelo mani la anyhashiweyo. Izivakalisi ezo mazibe nezichazi eziphuhlisa ngokuphandle la malungelo lanyhashiweyo.

    Inyathelo 8

    Abafundi balolonga ikhathuni ebonakalisa ukunyhwashwa kwamalungelo baze babhale izivakalisi besebenzisa zichazi.

    Ifomu:Umsebenzi weklasi

    Imethodi:Umfundi notitshala

    Izixhobo:Imemorandam

  • GH5 Khulisa ingqiqo enzulu yolwimi ngokuchonga intsingiselo

    Ngokuchonga ulwimi olusetyenziselwa injongo ethile

    Ngokusetyebenzisa amagama abonisa uvakalelo ngokwemibandela yobuhlanga.

    Inyathelo 9

    Utitshala ubayalela ukuba abafundi bafune intsingiselo zala magama baze bawabhale kwiincwadi zabo yesichazi- magama. Mabawasenzise la magama kwizivakalisi ukuba bayayiqonda intsingiselo yawo:

    - idemokrasi - itoyi-toyi - inkululeko - amalungelo - uxanduva - ucalu-calo - umzabalazo - bhukuqa

    Inyathelo 9

    Abafundi bafuna intsingiselo zala magama baze bawabhale kwisichazi-magama bandule la magama bawasebenzise kwizivakalisi

    Ifomu:Umsebenzi wasekhaya

    Imethodi:Umfundi

    Izixhobo:Imemorandam

  • Inyathelo 10

    Utitshala unika abafundi isicatshulwa ngezantsi baze banikwe izaci.Zonke ezi zaci iintsingiselo zazo zikwesi sicatshulwa . Uyalela abafundi ukuba babhala isaci ukuze ecaleni kwaso babhale okuthethwa siso

    Emzantsi Afrika kuyavotwa qho emva kweminyaka emihlanu. Amaqela opolitiko angenela unyulo ayanda minyaka neminyaka.Kuyaliwa kakhulu ngelixesha ,amaqela akavani . Ilelo iqela lijonge ukuphumelela . Ngomhla wovoto abantu baba baninzi kakhulu bephumela

    Ukuvotela amaqela abo. Abanye abantu baye babhaqwe besiba amaphepha ovoto,bathi bakubhaqwa babaleke kakhulu kuba besazi kuba bangabethwa bafe.Ukuba ukhe wazama ukujika abantu emigceni ukuba bavotele umbutho wakho uba wonile ebantwini

    Abazinkokheli zombutho. Abantu bombutho omnye bavana kakhulu ngeli xesha .

    inyoka nesele inkungu nelanga

    - umtya nethunga - ukunyathela inyoka

    emsileni - ukwambatha ingubo

    kaqaqa - ukucela kooXhongo

    Inyathelo 10

    Abafundi babhala isaci ukuze ecaleni kwaso babhale okuthethwa siso.

    Ifomu:Umsebenzi weklasi

    Imethodi:Umfundi notitshala

    Izixhobo:Imemorandam

  • I

    Izixhobo zokufundisa: Imifanekiso,umgaqo siseko woMzantsi Afrika,iincwadi zokubhala,incwadi yezaci namaqhalo.

    Sihambe njani isifundo: Utitshala akuba egqibile ukufundisa makasijonge isifundo eso ukuze enze njengoko kufanelekile.

    Izithinteli kufunda: Abafundi abangankwazi ukufunda nokubhala mabanikwe ithuba elongezelelweyo, abanentloni ukuthetha eqeleni yiba nomonde ubangcambazise, abangakwazi ukufunda ngokuvakalayo makabakhuthaze utitshala bathethe ngokuvakalayo, abanengxaki zolwimi banikwa izixhobo ezinokuba ncedisa ekusetyenzisweni kolwimi.

  • IPLANI YESIFUNDO ISIXHOSA (ULWIMI LWENKOBE) UMONGO:UMDLALO KANOMATHOTHOLO IBANGA LESITHOBA IXESHA: IIVEKI EZI-3 UMONGO PFNEE GH

    INDIMA KATITSHALA INDIMA YOMFUNDI UHLOLO

    PF 1 Ukumamela GH 1 Mamela nokuhlalutya izicatshulwa zomlomo zentelekelelo, nezinika ulwazi ezinokuntsonkotha okwahlukeneyo, (umz: imidlalo yerediyo, umboniso-ntetho, imihobe edlalwayo, imiboniso bhanya-bhanya, izigxeko-ncomo zencwadi).

    GH 4 chonga nokutolika ngokufanelekileyo ubuchule ukusetyenziswa kobuchule bokungabikho kwelizwi (umz: ukudibana kwamehloi, ulwimi lomzimba, ukusebenzisa isithuba).

    GH 6 nakana nokwamkela iintlobo ntlobo zolwimi ezahlukeneyo njengezicinezelo ezahlukeneyo, ulwimi lwezizalwana nokucinga ngolwimi olusetyenziswa ngamaqela abudala obahlukeneyo (kwintetho engekho sesikweni/ engaphucukanga).

    Intshayelelo Utitshala ubuza abafundi ngeendidi zemidlalo abazaziyo aze abadlalele okanomathotholo. Inyathelo 1 Utitshala ucacisa ngokuzeleyo ngomdlalo kanomathotholo abafundi bephula phule oko kukuthi ucacise ngeempawu zomdlalo kanomathotholo.

    Intshayelelo Abafundi banika iindidi zemidlalo abazaziyo. Inyathelo 1 Abafundi baphulaphula utitshala ecacisa ngeempawu zemidlao kanomathotholo.

    IFomu:Ukumamela nokuphendula imibuzo IMethodi:Ngutitshala Izixhobo:Irubriki

  • GH 6 nakana nokwamkela iintlobo ntlobo zolwimi ezahlukeneyo njengezicinezelo ezahlukeneyo, ulwimi lwezizalwana nokucinga ngolwimi olusetyenziswa ngamaqela abudala obahlukeneyo (kwintetho engekho sesikweni/ engaphucukanga).

    PF 2 Ukuthetha

    GH 1 azisa iingcinga nezimvo ngokuyilayo, ngokubonisayo, nangentelekelelo nangokuzithemba, esebenzisa iintlobo zezicatshulwa zomlomo ezikhethiweyo (umz: imidlalo,nemihobe)

    GH 4 bonisa ubuchule bentsebenziswano obuntsonkothileyo ngokuthatha inxaxheba ngokukhuthala kwiingxoxo zeqela, kwiincoko, kwintetho-mpikiswano, kudliwano-ndlebe lweqela kwaye xa esenza oko ,ahlasele imibandela ebalulekileyo (imibandela yentlalo nesesikweni enxulumene nommandla namalungelo oluntu); abuze imibuzo ephandayo; akhokele ingxoxo; athetha-thethane ngeeyantlukwano ukufikelela kuvumelwano lweengcamango okanye ukuhlangabezana kwimpikiswano;

    Inyathelo 2

    Utitshala ucacisa ukuba izijekulo zibalulekile xa uthetha kodwa kulo umdlalo azikho kuba umdlalo ngokanomathotholo abalinganiswa basithele.Lo mdlalo ubalasela ngesandi nelizwi lomlinganiswa.

    Inyathelo 3

    Utitshala uyalela abafundi ukuba banike izimvo zabo ngesiqendu somdlalo ebebewumamele kwintshayelelo.

    Inyathelo 4

    Utitshala uhlalisa abafundi ngokwamaqela ze baxoxe ngesimo somlinganiswa ophambili neentshukumo zakhe ekutshintsheni isimo sabanye abalinganiswa nesimo somdlalo jikelele.

    Inyathelo 2

    Abafundi baphula phule ngenyameko bethatha amanqaku.

    Inyathelo 3

    Abafundi banika izimvo zabo ngesiqendu somdlalo abebewumamele.

    Inyathelo 4

    Abafundi bayaxoxa kumaqela abo begxile kwisimo somlinganiswa ophambili neentshukumo zakhe ekutshintsheni isimo sabanye abalinganiswa nesimo somdlalo jikelele.

    IFomu:Ukuthathwa kwamanqaku

    IMethodi:Abafundi

    Izixhobo:Itsheklisti

    IFomu: Ukunikwa kwezimvo.

    IMethodi:Abafundi

    Notitshala

    Izixhobo:Itsheklisti

    IFomu:Ingxoxo yeqela

    IMethodi:Utitshala

    Namaqela

    Izixhobo:Uxwebhu loqwalaselo

  • axhase iingcamango zakhe esebenzisa ubungqina neengcamango ezifanayo zabalingane ebonisa ubumvoco ekwamkeleni ukuhlangabezana kwimpikiswano; amkele umceli-mngeni nesigxeko apho kuyimfuneko; avale izikhewu ngokubuza imibuzo, ngokunika iingcamango, ngokuqhutywa yintliziyo, ngokunika ukhetho, ngokugcina iimpendulo zingagqitywanga ahlule xa kufuneka ebonise uvakalelo kumalungelo neemvakalelo kwabanye naxakufuneka ecele umngeni ekusetyenzisweni kolwimi olungena vakalelo okanye olucalulayo

    GH 5 azisa ngomlomo ngokuzithemba nangokuyilayo, ethathele ingqalelo ngo/kwi/ku- kunqumama nokwahluka kwisantya namandla kwindawo ezingundoqo; njongo nabaphulaphuli; simo, kwisijekulo nakulwimi lomzimba, kwimbonakalo yomzimba ukubandakanya umdla wabaphulaphuli; yantlukwano yokwazisa; lwimi oluthethwa ngabantu abathile; mvakalozwi; qondo elisesikweni; mvumelwano yentlalo nenkcubeko; zangotshe ezifanelekileyo ezifana nenkcaso-vuthondaba, ubabazo nombuzo-buciko

    GH 6 vavanya impumelelo yonxibelelwano lwakhe kwaye enze uphuculo.

    Inyathelo5

    Utitshala wohlula abantwana babe ngamaqela kukho elabalinganiswa nelababukeli.Abalinganiswa balinganisa oko bebekuphula phule kwisiqendu esidlulileyo, besebenzela ukuzivavanya impumelelo yabo kwabo bangababukeli ze benze uphuculo apho kukho iziphene.

    Inyathelo 5

    Abafundi bohlukana ngokwamaqela, elilinganisayo nelibukelayo.Elilinganisayo lilinganisa isiqendu ebesiphula phulwe bezivavanya impumelelo yabo kwabo bangabaphula phuli.Ababukeli bahlalutya oko kwenziwa ngabalinganiswa bebanika inkxaso ngokul