isebe lezolimo, amahlathi kunye nokuloba · pdf fileeminye imikhumbi engaphantsi kweemitha...
TRANSCRIPT
ISEBE LEZOLIMO, AMAHLATHI KUNYE NOKULOBA
ULAWULO LWAMASEBE OKULOBA
UMGAQO-NKQUBO OSAYILWAYO WOKUNIKEZELWA KWAMALUNGELO OKULOBA
ITYHUNA: 2013
LO MGAQO-NKQUBO OSAYILWAYO KUFUNEKA UFUNDWE KUNYE NOMGAQO-NKQUBO JIKELELE WOKUNIKEZELWA KWAMALUNGELO OKULOBA: 2013
(Ufumaneka kule dilesi www.daff.gov.za)
This document is also available in Afrikaans, isiXhosa and isiZulu
Hierdie document is ook in Afrikaans, isiXhosa en isiZulu beskikbaar
Lencwadi iyafumaneka nangolwimi lwesiBhulu, lwesiXhosa nolwesiZulu
Lencwadi iyatholakala nangolwimi lwesiBhulu, lwesiXhosa nolwesiZulu
Draft Revised Tuna Pole and Line Policy: 2013 2
ISIQULATHO
1. Intshayelelo ____________________________________________________ 4
2. IBhayoloji kunye neentshukumo zobuncwane baselwandle (obuyityhuna) 4
3. Ibalana elifutshane ngoshishino lokuloba ___________________________ 6 4. Ilungelo lokuloba lexesha elide _________________________________ 6
5. Iinjongo zecandelo eziqulethe konke _______________________________ 6 6. Umbono wecandelo lokuloba ityhuna ________________________________ 7
7. Ixesha lamalungelo _____________________________________________ 8
8. Abalobi abatsha abangena kushishino ______________________________ 8
9. Iinqobo zokuhlalutya ____________________________________________ 8
9.1 Iinqobo zokukhetha _________________________________________ 8 (a) Uxwebhu lokufaka isicelo ______________________________________ 9 (b) Ukuthobela umthetho _________________________________________ 9 (c) Iphepha lobungakanani lobuncwane baselwandle ___________________ 9 (d) Ukufikelela kumkhumbi ofanelekileyo _____________________________ 9 (e) Ukungasetyenziswa __ _______________________________________9
9.2 Iinqobo zokulinganisa ______________________________________ 10 (a) Iinguqu ___________________________________________________ 10 (b) Utyalomali kushishino lokuloba _________________________________ 11 (c) Intsebenzo yokuloba _________________________________________ 11 (d) Ukuthembela kwityhuna ______________________________________ 12 (e) Uphuhliso lwamashishini oluza nexabiso _________________________ 12 (f) Uphuhliso loqoqosho lwasekhaya _______________________________ 16 (g) Imisebenzi _________________________________________________ 13 (h) Ukungahlawulwa kwemirhumo neerhafu zokuloba __________________ 13
(i) Ukuthobela umthetho __________14
9.3 Ukunikezelwa ngeenzame ___________________________________ 18
10. Imikhumbi efanelekileyo ________________________________________ 19
11. Ukubandakanya amacandelo amaninzi __________________________ 19
12. Imirhumo yezicelo kunye neerhafu ______________________________ 20
13. Amanyathelo olawulo _________________________________________ 20
13.1 Indlela yolawulo lokuloba ethathela ingqalelo okusingqongileyo ___ 20
13.2 Ukuhlanganiswa kwabathathi-nxaxheba _______________________ 21
13.3 Imikhumbi kunye neenzame zokuloba ________________________ 21
13.4 Uxhamlo wedwa ___________________________________________ 22
Draft Revised Tuna Pole and Line Policy: 2013 3
14. Ukulinganiswa kwentsebenzo __________________________________ 22
15. Iinkqubo zabakhimkhanyo ____________________________________ 22
16. Iimeko zemvume ____________________________________________ 23
Draft Revised Tuna Pole and Line Policy: 2013 4
1. Intshayelelo Lo mgaqo-nkqubo wokunikezelwa kwamalungelo okuloba kushishino lwetyhuna ukhutshwa
nguMphathiswa wezoLimo, amaHlathi nokuLoba (uMphathiswa). Lo mgaqo-nkqubo kufuneka
ufundwe kunye noMgaqo-nkqubo Jikelele wokuNikezelwa kwamaLungelo okuLoba: 2013
(“Umgaqo-nkqubo Jikelele wokuLoba”).
Injongo yalo mgaqo-nkqubo kukucacisa izizathu ezizakusetyenziswa xa kunikezelwa
amalungelo okuloba ituna. Kwezi zizathu, ezininzi azikhontsha. Bezisetyenzisiwe liSebe
leMicimbi yokusiNgqongileyo kunye noKhenketho: iSebe loLawulo lwezaseLwandle
noNxweme xa kunikezelwa amalungelo okuloba kushishino lokuloba ityhuna kwixesha
elidlulileyo. Lo mgaqo-nkqubo uzibhale phantsi ezi zizathu, kodwa uquka neenguqu kunye
namanqaku ongeziweyo.
UMphathiswa uzimisele ukugqithisela amalungelo ecandelo 18 okunikezela amalungelo
etyhuna ngokwemiqathango yecandelo lama-79 loMthetho weMithombo ePhilayo
yaseLwandle ka-1998 (MLRA) kwigosa eliphezulu leSebe lezoLimo, amaHlathi kunye
nokuLoba (ukususela ngoku kubizwa ngokuthi “iSebe”). Lo mgaqo-nkqubo uza kukhokela
igunyabantu labathunywa xa lithatha izigqibo ngezicelo kwisebe lokuloba.
2. IBhayoloji kunye neentshukumo zobuncwane baselwandle (ityhuna)
I-albacore esakhulayo (8-12kg) yeyona kujoliswe kuyo xa kulotywa ityhuna. Kwiminyaka
yakutshanje izixhobo zokuloba ezisetyenziswayo xa kulotywa ityhuna ziye zaguquguquka
ukuquka iintonga neentanjana zokuloba ezijolise ekulobeni ityhuna eyi-yellowfin kufutshane
nakwincam yeKapa (Cape Point). Ukohlukahlukana kwenzeka ukuze kuzuzwe ii-yellowfin
ethe yanda kakhulu kweminye iminyaka, ukwanda kwayo kwathi kwancedisa ukongeza
ingeniso efunyenwe kwi-albacore. I-albacore ithanda amanzi apholileyo kwaye ifumaneka
ikakhulu kunxweme olusentshona lwaseMzantsi Afrika. Ngokuchasene noku, i-yellowfin
ithanda amanzi afudumeleyo kwaye ifumaneka ikakhulu kunxweme olusemazantsi
Draft Revised Tuna Pole and Line Policy: 2013 5
nakwimpuma yoMzantsi Afrika. Zombini ezi ntlobo zetyhuna zifumaneka kwiindawo
ngeendawo kuninzi lwamazibuko amakhulu. Zisekwa zintlanzi ezithandayo ukuya kwiilwandle
zamanye amazwe, kwaye zilotywa zizizwe ezininzi ezohlukileyo. Isiphumo soko kukuba ezi
ntlanzi zilawulwa kwihlabathi lonke yiMibutho yoLawulo lokuLoba yeeNgingqi. Le mibutho
ngamaqumrhu ahlanganisa oorhulumente abanoxanduva lokulawula ubukho bobuncwane
baselwandle, kuquka ukuhlola ubukho bobuncwane, amazwe anikezela ngelungelo lokuloba
nobungakanani, kunye nokwamkela amanyathelo olondolozo nolawulo. Umbutho
onoxanduva lokulawula ityhuna nezinye iintlanzi ezibutyhuna kulwandle lwe-Atlantiki
yiKomishoni yaMazwe ngaMazwe yoLondolozo lweTyhuna yolwandle lwe-Atlantiki, (ICCAT)
kunye nogxa wayo kulwandle lwase-Indiya ebizwa ngokuthi yiKomishoni yoLwandle lwase-
Indiya yeTyhuna. UMzantsi Afrika lilungu elinexesha elide kule Komishoni yaMazwe
ngaMazwe yoLondolozo lweTyhuna yolwandle lwe-Atlantiki, i-ICCAT kwaye ngoku
usendleleni yokungena kwiKomoshoni yeTyhuna yoLwandle lwase-Indiya (IOTC). I-albacore
elotywa ngabezoshishino lokuloba kucingelwa ukuba yinxalenye ye-albacore ekhoyo
kumazantsi e-Atlantiki, elawulwa yiKomishoni yaMazwe ngaMazwe yoLondolozo lweTyhuna
yolwandle lwe-Atlantiki ize iyellowfin ebanjisiweyo kucingelwe ukuba iphuma kuleyo ikhoyo
kulwandle lwase-Indiya. Le yokugqibela yingcinga ethathwa njengenyaniso
engekaqinisekiswa nesaphandwayo liSebe ngokunje.
Amaqanda e-albacore yasentshona Atlantiki kunye nokuhamba kwayo isiya kwamanye
amazwe kulandela isangqa sasemazantsi e-Atlantiki. Ngeenyanga zasehlotyeni (eyeDwarha
ukuya kuCanzibe) esakhulayo kunye namantshontsho obu buncwane baselwandle enza
izikolo ezidada phezulwana ezihamba zisiya emantla onxweme lwaseMzantsi Afrika. Ifuthe
lamanye amazwe lokuloba kunye neemeko zokusingqongileyo ezifana nokufumaneka
kokutya, imisinga yaselwandle kunye nemozulu kucingelwa ukuba zidlala indima enkulu
ekumiseleni ubuninzi bezikolo nokuhamba kwazo kumanzi onxweme lwaseMzantsi Afrika.
Iyellowfin, ngokuchaseneyo, ibeka amaqanda ayo kumanzi afudumeleyo adibanisa
awolwandle lwe-Atlantiki nolwase-Indiya. Kukho ingcinga ethathwa njengenyaniso
engekaqinisekiswa yokuba iyellowfin ekhule ngokupheleleyo nenkulu ekulwandle lwase-
Draft Revised Tuna Pole and Line Policy: 2013 6
Indiya isebenzisa umsinga waseMozambique nowe-Aghulhas ukuhamba isiya kufuna ukutya
kwimimandla ekufutshane nencam yeKapa (Cape Point). Njenge-albacore, ubuninzi
bobuncwane baselwandle kumanzi aseMzantsi Afrika kuyohluka kwaye kucingelwa ukuba
kuphenjelelwa ziimeko zokusingqongileyo kunye noxinzelelo lokuloba phakathi elwandle
nakumanzi onxweme lwamazwe aseMpuma Afrika.
Ngenxa yeemeko zokuloba ngamaxesha onyaka athile, ukuloba ityhuna ngoku kunikezelwe
ukuze kongezwe nezinye iintlobo, kuquka usnoek (ngokungemlinganiselo) iyellowtail
(iingxowa ezili-10 ngomntu ngamnye ngohambo ngalunye lokungena elwandle usiya kuloba)
iskwidi (ngokungenamlinganiselo) idorado (ngokungenamlinganiselo) kunye ne-angel fish
(ngokungenamlinganiselo) ngexesha lokunikezelwa kwamalungelo exesha elide lokuloba
ngowama-2005.
3. Ibalana elifutshane ngoshishino lokuloba
Ukuloba ityhuna kwasekwa ngonyaka we-1979 ngenxa yohambo lweyellow fin isiya
kwamanye amazwe, okwakhokelela ekubeni kubanjiswe iitoni ezingama-5 000 kuloo nyaka.
Xa iyellow fin ingazange ibonakale kunyaka olandelayo abezoshishino lokuloba baqala
ukuloba i-albacore. Abezoshishino lokuloba basebenzisa izixhobo zokubambisa ezijolise
ukubambisa uninzi lwe-albacore esencinane kulwandle lwe-Atlantiki elikumazantsi-mpuma,
ikakhulu ukuze ithunyelwe kumazwe angaphandle apho ithi inkonxwe. Iiyellowfin kutshanje
iye yalixhoba ngokwandileyo lokulotywa ngeentonga neentanjana zokuloba. Iyellowfin
ubukhulu becala ithunyelwa kumazwe angaphandle kwiimarike zetyhuna esandul’ ukulotywa,
ize imiyinge enemida ithengiselwe iimarike zasekhaya. Ezinye iintlobo zetyhuna
ezibanjisiweyo ziquka ibigeye neskipjack, kodwa ezintlobo zenza ipesenti nje enye kuphela
yetyhuna ebanjiswa ngonyaka.
Ukubanjwa kwe-albacore eMzantsi Afrika kuhlile kule minyaka ingamashumi amabini
agqithileyo, ukususela malunga neetoni ezingama-8 000 ngonyaka kwiminyaka ye-1990
Draft Revised Tuna Pole and Line Policy: 2013 7
ukuya kuma-3 000 eetoni ngonyaka kutshanje. Esinye sezizathu ezingundoqo zoku kuhla
zenzeka mhla iNamibia yafumana inkululeko saze isiphumo soko yaba kukufikelela komnye
wemimandla engundoqo yokuloba, ebizwa ngokuthi yiTripp Seamount, kwaye lo mmandla
wawungasafikeleleki kwimikhumbi yaseMzantsi Afirka ukuze ilobe kuwo. Ukususwa kwalo
mmanda wokuloba kwanciphisa amaqithi-qithi kwimikhumbi ukuba ikhangele i-albacore
kunxweme olusentshona eMzantsi Afrika. Ukunyuka kwamaxabiso nako kwabangela
ukuncitshiswa kokuloba kwimimandla ekufutshane namazibuko aseHoutbay naseKapa
ekufumaneka kuwo ityhuna. Kwiminyaka elishumi egqithileyo inani elikhulayo lamashishini
okuloba liye laxuba ushishino lwawo ngokuthi lujolise kwiyellowfin kwakunye nokuxhasa
ingeniso efunyenwe ekubanjisweni kwe-albacore okucuthekileyo. Isiphumo soku,
ukubanjiswa kweyellowfin kunyukile kwaye kuhla kusenyuka phakathi kweetoni ezingama-
500 ukuya kwi-1 000 leetoni ngonyaka.
Zombini iikomishoni, iKomishoni yeTyhuna yoLwandle lwase-Indiya (IOTC) neKomishoni
yaMazwe ngaMazwe yoLondolozo lweTyhuna yolwandle lwe-Atlantiki (ICCAT) zivakalise
inkxalabo malunga nokufumaneka kwe-albacore kunye yellowfin kulwandle lwe-Atlantic
nolwe-India ngokulandelana kwawo. Iingxelo zokuhlola ukufumaneka zakutshanje okwenziwe
yi-ICCAT, kuhlolwa ukufumaneka kwe-albacore yasemazantsi e-atlantiki zibonakalisa ukuba
umthombo uyaxhatshazwa kwaye kubonakala nokuloba okugqithisileyo. Ukuze kwandiswe
ukufumaneka kwe-albacore kumazantsi e-atlantiki i-ICCAT iye yacutha uBungakanani
bokuLoba obuPheleleyo, kwaye ngokwenza njalo kunikezelwa umthamo we-10 000 eetoni
kuMzantsi Afrika neNamibia ukuze zizilawule. Nangona kukho ukuhla ekulotyweni kwe-
albacore, uMzantsi Afrika usemi kwindawo yesibini yokuba ngoyena mvelisi we-albacore
kulwandle oluseMazantsi e-Atlantiki. Amanye amazwe abalulekileyo okuloba i-albacore
kulwandle oluseMazantsi e-Atlantiki yiTaiwan, Namibia, Brazil, kunye Japan. Ngoku,
uMzantsi Afrika awunamda wokuloba kuphela ityhuna iyellowfin kulwandle lwe-Atlantiki
okanye kolwase-Indiya.
Ekuhambeni kweminyaka, kwabakho iintlobo ezimbini zemikhumbi ezathi zavela kolu
Draft Revised Tuna Pole and Line Policy: 2013 8
shishino, imikhumbi ephakathi kwe10-28 yeemitha ubude kwaye ixabisa izigidi ezimbini
ukuya kwezili-15 zeerandi. Uhlobo lokuqala yimikhumbi emikhulu engaphezulu kwemitha
ezingama-20 ethwele izikhenkcezisi zayo, ekwaziyo ukuhlala elwandle iintsuku ezingama-30
enabasebenzi abangama-20 okanye ngaphezulu. Uhlobo lwesibini yimikhumbi emincinane
ekwaziyo ukuchitha iiintsuku ezi-3 ukuya kwezili-10 elwandle kwaye ithatha abasebenzi
abangaphantsi kwama-20. Imikhumbi emininzi esetyenziswayo ngoku midala, iqikelelwa
kwiminyaka engama-30. Ngoko ke, umgaqo-nkqubo wokwaba kufuneka ubonelele
ngeemeko zotyalomali lokuthenga umkhumbi kwaye kuthathelwe ingqalelo ukuba olu
shishino lufuna inkunzi ebonakalayo kwaye kukho nemfuneko yokubagcina abasebenzi
abanamava. Eminye imikhumbi engaphantsi kweemitha ezili-10 ubude yavunyelwa kolu
shishino kuba yayinamava okuloba ityhuna kwixesha lokwabelwa elifutshane. Kodwa ke, le
mikhumbi ayibonwa njengekufaneleyo ukuloba olu hlobo lwentlanzi ngenxa yemigama emide
efumaneka kuyo ukusuka elunxwemeni, ukhuseleko kunye nokungabikho kakhulu kwetyhuna
nokudala imisebenzi okubangelwa yile mikhumbi.
4. Ixesha lokwabelwa nokunikezelwa kwamalungelo ixesha elide
Ngowama-2005 iSebe labela abezoshishino amalungelo okuloba ityhuna ali-191, livumela
imikhumbi engama-198 kunye nabasebenzi abangaphezulu kwama-2 600 ukuba bajolise
ekulobeni ityhuna besebenzisa indlela yokuloba ngeentonga. Kumalungelo anikezelwayo,
ama-54,06% anikezelwa kwabantsundu okanye kumashishini abantsundu okanye alawulwa
ngabantsundu. Xa kujongwa izabelo zabasetyhini, ngama-29,19 amalungelo anikezelwa
kwabasetyhini okanye kumashishini abasetyhini nalawulwa ngabasetyhini. Amalungelo
exesha elide anikezelwa kuphela kumashishini asemthethweni, oko kukuthi amalungelo kweli
candelo zange anikezelwe ebantwini koko kumashishini. Eli candelo liqhutywa ngamashishini
angachazwa njengamashishini amancinane, aphakathi namancinane kakhulu. Inani lawo
elikhulu elinamalungelo lenza kakubi kakhulu ngeli xesha, aze amanye awo awazifaka izicelo
zemvume yokuloba iminyaka eliqela. Ngaphezulu, iSebe liyazi ukuba inani elithile
lamalungelo liye lagqithiselwa kweli candelo ngokusemthethweni okanye ngokungekho
Draft Revised Tuna Pole and Line Policy: 2013 9
mthethweni. Ukuzimisa phambi kwabanini abangabona baxhamlayo nako ngumba
oxhalabisayo kwiSebe.
5. Iinjongo zecandelo eziqulethe konke
Iinjongo zokunikezela amalungelo okuloba kushishino lokuloba ityhuna zezi zilandelayo:
� Kukuxhasa iinguqu ezinentsingiselo zoshishino lokuloba ngokunciphisa
‘umkhwa wokuzimisa phambi kwabona banini abangabona baxhamlayo
kushishino’ kunye ‘nabaphethe iphepha elichaza ubungakanani
bobuncwane baselwandle abanokubuloba’;
� Kukuxhasa ukuphila koshishino ngendlela ehlanganisa amacandelo
amaninzi;
� Kukuphucula umgangatho wemisebenzi ngokuxhasa inqqesho esisigxina
kunye nokunikezelwa kobuncinane obungama-70% zamalungelo
amashishini amancinane aphakathi namancinane kakhulu;
� Kukubonelela ngokusingqongileyo ukukhuthaza utyalomali kwimikhumbi
emitsha;
� Kukubonelela ngokufikelela ekulotyweni kwetyhuna luluntu olushishina
ngokuloba kancinane;
� Kukuphucula umthamo wokulotywa kwetyhuna eMzantsi Afrika;
� Kukuqinisekisa ukuzinza kokusingqongileyo kushishino lokuloba;
� Kukuxhasa uphuhliso lolutsha;
� Kukuphucula ukuzibandakanya kweRFMO;
� Kukwandisa ukulotywa kwetyhuna kwimimandla engeyiyo leyo iqhelekileyo
yokuyiloba eMpuma Koloni, eMntla Koloni naKwaZulu-Natal.
Draft Revised Tuna Pole and Line Policy: 2013 10
6. Umbono wecandelo lokuloba ityhuna
ISebe linombono wokunikezela amalungelo okuloba ubuninzi kwimikhumbi engama-200
kushishino lwetyhuna. Amalungelo aza kunikezelwa kumashishini asemthethweni aseMzantsi
Afrika avela kwiindawo ezingqonge unxweme lwaseMzantsi Afrika, kugxininiswe ikakhulu
eNtshona Koloni. Abasele benawo amalungelo okuloba abasileleyo ekuwasebenziseni
kakuhle okanye abathe bawagqithisela amalungelo abo ngexesha lamalungelo okuloba
ixesha elide abasayi kuvunyelwa ukuba banikezelwe amalungelo amatsha. Kuza kucingelwa
abatsha ingakumbi abaphuma kuluntu oluloba kancinane kunye nabaphuma kwimimandla
engaqhelekanga yokuloba ityhuna. Abafake izicelo baza kuvunyelwa ukuba bafake isicelo
esikhatshwa ngumkhumbi omnye okanye emininzi kuxhomekeke kwindlela yokufikelela
kunye notyalomali kwimikhumbi. Bonke abafake izicelo abaphumeleleyo nabaninizabelo kuza
kufuneka bahlangane neSebe ukuze bonke abaninizabelo baqinisekiswe phambi kokuba
kunikezelwe amalungelo okuloba. Oku kucingelwa njengenyathelo elibalulekileyo ukunqanda
umkhwa wokuzimisa phambi kwabanini abangabona baxhamlayo kushishino nokuxhasa
iinguqu ezinentsingiselo kweli candelo. Olona hlobo lwentlanzi ekujoliswe kulo luza kuba yi-
albacore kunye neyellowfin, kodwa icandelo liza kuvunyelwa ukuba lijolise kwibigeye,
skipjack nebonito. Ezinye iintlobo ekungajoliswanga kuzo ziquka usnoek, igreater amberjack,
five fingers, angel fish, isikwidi saselwandle kunye neyellowtail (iingxowa ezili-10 ngomntu
ngamnye ngohambo ngalunye lokungena elwandle usiya kuloba , kodwa akukho mda xa
uloba esizikithini solwandle). Ukufikelela kwibluefin esemazantsi kungavunyelwa ukuba
uMzantsi Afrika ungavuma uLondolozo lweTyhuna yohlobo lweBluefin efumaneka emaZantsi
uze ufumane isabelo esikhulu selizwe. Ziinjongo zeSebe ukuvumela imikhumbi eloba ityhuna
ukuba ifikelele kule ntlanzi iyilobe njengentlanzi yokubambisa ezinye. Ngaphezulu, ziinjongo
zeSebe ukuxhasa ukuzibandakanya kwamacandelo amaninzi kula macandelo alandelayo
nasebenzisanayo: ihake longline, isikwidi, unamvuna (kwamanye amazwe) ihake longline
neswordfish longline. Le ndlela yamacandelo amaninzi iza kusetyenziswa kwabafake izicelo
zamalungelo okuloba kweli candelo, kunye nokuhlola izicelo iSebe kufuneka licingele
ummandla ahlala kuwo lowo ufake isicelo, kunye nokubakho komthombo wobuncwane
Draft Revised Tuna Pole and Line Policy: 2013 11
baselwandle lowo kumacandelo asebenzisanayo. Ukuthatha le ndlela iSebe linganikezela
ngamalungelo ambalwa ngokupheleleyo ukuze liqinisekise ukuba wonke onelungelo ufikelela
ngokunentsingiselo kwimithombo ukuze kuxhaswe uphuhliso nokudala imisebenzi. Eli
candelo alizi kuthathwa njengelifanelekileyo ukunikezela amalungelo okuloba kwabo
basebenzisa izikhitshana belobela ukuzonwabisa.
7. Ixesha lamalungelo
Kukuthathela ingqalelo oku –
� Utyalomali lwexesha elide kulowo unomkhumbi omtsha nelungelo
lokuloba,
Amalungelo aza kunikezelwa isithuba seminyaka eli-15 (01 kweyoMdumba (Februwari)
ukuya kumhla wama-31 kweyoMqungu (Januwari) 2029). ISebe liza kubahlola rhoqo abo
banamalungelo lisebenzisa iinqobo zokusebenza ezixeliweyo. (Jonga umhlathi 14 ngezantsi)
8. Abatsha abafaka isicelo samalungelo
Abaninzi abanamalungelo kweli candelo abasebenzi kakuhle, kwaye kukho ithuba
lokubongeza abanokuthatha inxaxheba abatsha, ingakumbi xa kucingelwa uluntu olushishina
kancinane kunye nabafake izicelo abangathanda ukuzama ukuloba ityhuna ngaphandle
kwemida eqhelekileyo kunxweme olusentshona lwaseMzantsi Afrika. Ngaphezu koko,
umgangatho weenguqu kwicandelo lokuloba usezantsi xa uthelekiswa namanye amacandelo
kwaye umkhwa wokuzimisa phambi kwabona banini abangabona baxhamlayo kushishino
ukhangeleka ingumngeni. Ngoko ke, kucingelwa ukuba kuza kunikezelwa amalungelo
okuloba kwiqela labatsha abafake izicelo kolu shishino.
9. Iinqobo zokuhlalutya
Izicelo ziza kuphicothwa ngokweseti “yeenqobo zokukhetha” Abafake izicelo abatsha kunye
Draft Revised Tuna Pole and Line Policy: 2013 12
nabo sele banamalungelo baza kuhlolwa ngokweseti yeenqobo zokuthelekisa nokulinganisa
ezinikwe ubunzima. Amanqaku ekungadlulwayo kuwo okanye isikhundla siza kumiselwa
ukuze kukhethwe abafake izicelo abaphumeleleyo. Inxalenye yeTAE iza kunikezelwa kofake
isicelo ophumeleleyo ngamnye ngokwemiqathango yeseti yeenqobo zokulinganisa.
9.1 Iinqobo zokukhetha
Ngaphandle kweenqobo ezichazwe kuMgaqo-nkqubo Jikelele ngokuphathelele
kwindlela yokufakwa kwezicelo kunye neziphene kwizixhobo, iSebe liza kuzibekela
ecaleni izicelo ezisileleyo ukuphumeza ezi mfuneko zilandelayo:
(a) Uxwebhu lokufaka isicelo: Izicelo eziza kuthathelwa ingqalelo
zezamashishini aseMzantsi Afrika kuphela ezibhaliswe ngokwemiqathango
yoMthetho weNkampani eNcinane enamaLungu angaphantsi kwama-20,
uMthetho Nombolo 61 we-1973 (oko kukuthi iinkampani, iinkampani
ezinamalungu angamaphantsi kwama-20, PTY (Ltd) kunye
namafelandawonye). Abantu (oko kukuthi (umntu yedwa okanye oyedwa
kusishishini lakhe) akayi kwabelwa amalungelo.
(b) Ukuthobela umthetho: Abafaka izicelo, kuquka amalungu abo, abalawuli
okanye abaninizabelo abalawulayo, abafunyenwe benetyala lokophula
umthetho weMLRA (ngaphandle kokukhetha ukuhlawula isohlwayo) baya
kubekelwa ecaleni. Abafake izicelo kuquka amalungu abo, abalawuli okanye
abaninizabelo abalawulayo abakhe banamalungelo okuloba arhoxisiweyo
okanye ahluthwa ngokwemiqathango yeMLRA baya kubekelwa ecaleni.
Ukongeza koku, abo banamalungelo abathe basilela ukubonelela ngokwazisa
amalunga nokutshintsha kobunini nabo baya kubekelwa ecaleni.
Abanamalungelo nabasilela rhoqo ukufaka ingxelo zokuloba okanye banike
ingxelo engeyonyaniso malunga nokuloba nabo baya kubekelwa ecaleni.
Draft Revised Tuna Pole and Line Policy: 2013 13
Ukungathotyelwa komthetho weMLRA okungephi kuza kuchaphazela
ngokungalunganga ukuhlolwa kwezicelo njengokuba kubhaliwe ngezantsi:
(c) Abaphethe amaphepha achaza ubungakanani bobuncwane baselwandle
abanokubuloba, njengokuba kuchaziwe kuMgaqo-nkqubo Jikelele, bazya
kubekelwa ecaleni. abaphethe amaphepha achaza ubungakanani bobuncwane
baselwandle abanokubuloba.
(d) Ukufikelela kumkhumbi ofanelekileyo: Abafake izicelo kuza kufuneka
babonise ilungelo lokufikelela kumkhumbi ofanelekileyo (funda umhlathi we-10
ngezantsi).
(e) Ukungasetyenziswa: Abanamalungelo okuloba ixesha elide abasileleyo
ukuwasebenzisa kakuhle ukuloba kushishino lwetyhuna phakathi kweminyaka
yama-2007 -2012 abasayi kuphinda bawafumane amalungelo okuloba ityhuna.
(f) Ukwazi ukunika ingxelo: Ngenxa yoxanduva uMzantsi Afrika ekufuneka
uluthwale ngokwemiqathango yokubandakanyeka kwayo kuMbutho woLawulo
lokuLoba kwiNgingqi kusisinyanzelo ukuba bonke abafake izicelo babonise
ukuba bayakwazi ukufikelela kwii-imeyili zabo ngokusisigxina. Le yiyo kuphela
indlela esebenza kakuhle yokufumana iinkcukacha nolwazi kwabo
banamalungelo, ekufuneka iqokelelwe ize ifakwe kuMbutho woLawulo
lokuLoba kwiNgingqi rhoqo.
9.2 Iinqobo zokulinganisa
Nangona ezi nqobo zilandelayo ziza kusebenza ngokubanzi kwabo bafake izicelo
zelungelo kunye nabatsha abafake izicelo, ukulinganiswa okuza kusetyenziswa
kwicandelo ngalinye kuza kohluka. Ezi nqobo zibhalwe ngezantsi kufuneka zifundwe
neenqobo ezihambelana nazo kuMgaqo-nkqubo Jikelele ukuze kufunyanwe
iinkcukacha ezithe vetshe. Oku kusebenza ingakumbi kwinqobo “zenguqu”.
Draft Revised Tuna Pole and Line Policy: 2013 14
(a) Iinguqu
Kwinkqubo yokufaka izicelo zexesha elide ama-54,06% abanamalungelo
okuloba yayingabantsundu ize ama-29,19% ibe ngamashishini abasetyhini.
Yinjongo yeSebe ukunikezela amalungelo aza kuthi aphucule iinguqu ezikhoyo
ngoku kweli candelo.
Ngenxa yoko, abafake izicelo baza kuhlolwa banikwe namanqaku kujongwe–
� Iipesenti zabantsundu nabasetyhini abangabanini nabamelweyo kweyona
mivuzo iphakamileyo, kwibhodi yabalawuli kunye namagosa aphezulu
kumanqanaba olawulo;
� Ingaba abaqeshwa (ngaphandle kwabo bahlawulwa imivuzo ephezulu)
bayaxhamla kwiinkqubo yezabelo zabasebenzi;
� Ukuthengwa kweenkonzo kwabo babesaya kuba ngabavinjwe amathuba ;
� Ukuthobela uMthetho wokuLingana ngokweNgqesho, uMthetho Nombolo
55 we-1998 kunye nokumelwa kwabantsundu nabasetyhini kumanqanaba
okuqeshwa asezantsi kwamagosa aphezulu kunye nabalawuli. ISebe
lingaqwalasela nomahluko kwimivuzo phakathi kwabona baqeshwa
bahlawulwa imivuzo ephezulu nabahlawulwa wyona iphantsi;
� Ukuthobela umthetho wophuhliso lwezakhono kunye nezimali ezichithwa
ekuqeqesheni abantsundu nolutsha, kunye nokuthatha inxaxheba
kwiinkqubo zokufunda usemsebenzini; kunye Notyalomali lwamashishini
kwezentlalo.
(b) Utyalomali kushishino lokuloba
Abafake izicelo baza kuhlolwa ngokuqwalasela utyalomali olwenziwe
kushishino lwetyhuna.
Draft Revised Tuna Pole and Line Policy: 2013 15
Xa kujongwa abanamalungelo abafake izicelo, iSebe liza kucingela:
� Utyalomali kwimikhumbi efanelekileyo kunye nempahla engaphathwayo.
Ngokuphathelele kumkhumbi, abafake izicelo baza kuwongwa ngobunini
kunye nokuba yinxalenye yobunini bomkhumbi. Izivumelwano zokuthutha
nezokuloba ziza kuthathwa njengezityale imali kolu shishino.
� Utyalomali kwiziseko eziluncedo nophuhliso zokugcina imveliso ingonakali.
Kulo mba, iSebe liza kuwonga abanelungelo abafake izicelo ukuba batyale
imali kumalinge okugcina ityhuna ingonakali nokuyithengisa. Abanelungelo
lokuloba abafumene amalungelo ngokusetyenziswa kwenkqubo yecandelo
lama-21 abasayi kuthathwa njengabatyale imali kolu shishino.
Ngokuphathelele kwabatsha abafake izicelo, iSebe liza kucingela utyalomali
olwenziweyo olufana nemikhumbi, ukuba umkhumbi lowo uchongiweyo ubude
bawo kuthe kanti li-10 leemitha. Izicelo zabatsha abafake izicelo kufuneka
zibonakalise ukuba ingaba batyale imali kuwo nawaphi na amalinge okugcina
ityhuna ingonakali kunye nawokuyithengisa, okanye bayafikelela kusini na
kwiindawo zokuthengisa.
(c) Intsebenzo yokuloba
Abanamalungelo abafake izicelo baza kuhlolwa ngokujongwa kwendlela
abasebenze ngayo kwixesha elide (2007 -2012) Abanelungelo abafake izicelo
abajolise kubukho betyhuna ngokuqhelekileyo okanye abaloba eNamibia baza
kohlwaywa.
Abanamalungelo abawafumene ukuze balobe ixesha elide bewafumana
ngokufaka izicelo belandela ukusetyenziswa kwenkqubo yecandelo lama-21
baza kuthi bakwazi ukufaka amabango okuloba ityhuna ukusuka kwixesha
Draft Revised Tuna Pole and Line Policy: 2013 16
isicelo safakwa ngalo kwiSebe kulandelwa inkqubo yecandelo lama-21.
Abanini mikhumbi abangenalo ilungelo, kodwa ekungoku bafake izicelo
zokunikezelwa amalungelo abakwazi ukufaka ibango lokuloba ixesha elide,
kwaye baza kuthathwa njengabatsha abafake izicelo. Izicelo zabatsha kolu
shishino ziza kuhlolwa ngokuthathela ingqalelo ukuba ingaba bangakwazi
kusini na, ulwazi kunye nezakhono zokujolisa ekulobeni ityhuna.
(d) Ukuthembela kwityhuna
Isebe likhetha abafake izicelo abathembele ekulobeni ityhuna njengeyona
nxalenye yengeniso yabo yonyaka epheleleyo. Abafake izicelo okanye
abaninizabelo abalawulayo abafumana nayiphi na ingeniso evela kwimithombo
engaphandle koshishino lokuloba baya kohlwaywa.
(e) Uphuhliso lwamashishini nokwandisa ixabiso
ISebe lingathathela ingqalelo uphuhliso lwamashishini kunye nendlela ityhuna
elotywe ngabanamalungelo ethi igcinwe ngayo ukuze ingonakali ize
ithengiswe.
Abatsha abafake izicelo kuza kufuneka babonise indlela abazimisele
ukuyithengisa ngayo ityhuna. Baza kunikwa amanqaku, ingakumbi
ngezicwangciso zabo zokuloba
(f) Uphuhliso loqoqosho lwasekhaya
ISebe liza kukhetha abafake izicelo abakhetha ukuzisa umthamo weentlanzi
abazilobileyo bazigcine zingonakali kumaziko angaphandle kommandla
Draft Revised Tuna Pole and Line Policy: 2013 17
wesixeko esimbaxa saseKapa.
ISebe liza kuthathela ingqalelo abanamalungelo okuloba abafake izicelo
abazimisele ukutyala imali kumazibuko amancinane okuloba nokuzisa
umthamo weentlanzi abazilobileyo kuloo mazibuko mancinane afana
neLamberts Bay.
(g) Imisebenzi
Ushishino lokuloba ityhuna lushishino ekusetyenzwa kakhulu kulo, noluqesha
abasebenzi abangama-2 700. Nangona iSebe likunakana ukuba ukuloba
ityhuna ngumsebenzi wexesha elithile lonyaka kolu shishino, likhuthaza
ukubonelela ngemisebenzi esisigxina okanye ngokhuseleko lokuba abasebenzi
banawo umsebenzi lakufika elo thuba.
Ukudala imisebenzi kunye nokwanda kwemisebenzi njengesiphumo
sokunikezelwa kwamalungelo okuloba ixesha elide kuza kuwongwa, kwaye
ingakumbi, ukuba abafake izicelo babonelele abasebenzi babo ngoku
kulandelayo:–
� Ingqesho esisigxina;
� Inkxaso yezonyango kunye nomhlalaphantsi; kunye
� Neemeko ezikhuselekileyo zokusebenza.
� Ukusekwa kweNgxowa yaBasebenzi njengendlela abathi
babenezabelo kwishishini lalowo unelungelo lokuloba.
(h) Ukungazihlawuli iirhafu zokuloba
ISebe lifuna ukuba wonke onelungelo lokuloba ahlawule irhafu ngeentlanzi
ekujoliswe kuzo azilobileyo. Iqela labanamalungelo okuloba abanye babo
Draft Revised Tuna Pole and Line Policy: 2013 18
abayihlawulanga irhafu abanetyala layo kwiSebe okanye baphosisile banika
ingxelo engeyiyo inyaniso besithi balobe kancinane, phakathi kwezinto,
ukubalekela ukuhlawula iirhafu.
Kule meko yokugqibela, abanamalungelo okuloba abafunyaniswe ukuba
banike ingxelo engeyiyo inyaniso abasayi kwabelwa amalungelo okuloba,
okanye ukuba bawabelwe amalungelo, loo malungelo aya kurhoxiswa.
Kwimeko engaphambili (ukungahlawuli irhafu elityala kwiSebe )
abanamalungelo okuloba baza kohlwaywa. Kodwa ke, ukuba abanamalungelo
baseselungelweni lokwabelwa amalungelo, imvume ayisayi kukhutshwa lide
libe lihlawulwe lonke ityala lerhafu (kunye nenzala) lihlawulwa kwiSebe.
(i) Ukuthobela umthetho
Abanamalungelo okuloba, kuquka amalungu abo, abalawuli okanye
abaninizabelo abalawulayo, abaphandelwa ukophula imiqathango yeMLRA
bangangawabelwa amalungelo okuloba zide iziphumo zophando zibe ziyaziwa.
Ukungathotyelwa
Ukungathotyelwa komthetho weMLRA okungephi, ngabafake izicelo, abalawuli
okanye abaninizabelo abalawulayo, kuya kunikwa amanqaku asezantsi:
9.3 Ukwabelwa ngeenzame
ISebe liza kunikezela ngamalungelo okuloba kwimikhumbi engama-200. Abafake
izicelo bangonyula umkhumbi omnye okanye imikhumbi emininzi. Abonyule imikhumbi
emininzi kufuneka babe ngabanini bayo okanye babenesabelo esikhulu kwimikhumbi
leyo.
Draft Revised Tuna Pole and Line Policy: 2013 19
10. Imikhumbi efanelekileyo
Umkhumbi ofanelekileyo kushishino lwetyhuna ngumkhumbi:
� Onobuncinane bobude obuziimitha ezili-10 ngokwabakwaSAMSA.
Imikhumbi emincinane ayisayi kuthathelwa ngqalelo nokuba sele ikhe
yasetyenziswa ukuloba ityhuna kwixesha elidlulileyo.
� Uqinisekisiwe ngabakwaSAMSA ukuba ungakwazi ukungena elwandle
usebenze kumgama weemayile ezingama-40 elwandle (imikhumbi
ekwicandelo B);
� Unesixhobo esisebenzayo esibonisa apho ukhoyo umkhumbi; kwaye
� Unezikhenkcezisi okanye iindawo zokugcina umkhence.
� Ngumkhumbi wokuloba ityhuna uyilobela ushishino ngokuchaseneyo
nomkhumbi onobuyokoyoko wokuzonwabisa, umkhumbi
osetyenziselwa ezolonwabo okanye oqeshelwe ezolonwabo.
�
Ukuze kuqinisekiswe ukuba umkhumbi uyaziphumeza iinqobo zomkhumbi, abafake izicelo
kuza kufuneka bafake iifoto zomkhumbi kwakunye neekopi zeziqinisekiso zobhaliso
zakwaSAMSA.
11. Ukubandakanyeka kumacandelo amaninzi
Abanamalungelo okuloba ityhuna (kuquka abaninizabelo abalawulayo kunye namalungu
eqela labo lesigqeba esilawulayo) abasayi kuvalelwa ukuba babenamalungelo okuloba
kwamanye amacandelo okuloba. Kodwa ke, iSebe likhuthaza abanamalungelo ukuba bafake
izicelo zokwabelwa amalungelo kumacandelo okuloba afana nawokuloba ihake, isword fish,
ilobster, kunye nesikwidi ukuze baphucule ukuphila kwezoqoqosho lokuloba
okuhlanganisiweyo kunye nokuxhasa ukudalwa kwemisebenzi.
Draft Revised Tuna Pole and Line Policy: 2013 20
12. Imirhumo yokufaka isicelo kunye neerhafu
Umrhumo kolu shishino uza kumiselwa kunikwa ingqalelo koku kulandelayo:
� Ixabiso layo yonke inkqubo yokwabelwa amalungelo, kuquka
uthethathethwano, ukubhalwa phantsi kwezinto ezithengiweyo, ukuhlolwa
kwezicelo, ukuqinisekiswa kwazo, izibheno kunye nokuphononongwa.
� Ixabiso lentlanzi oyabelwayo kwixesha lelungelo lokuloba onalo; kunye;
� Nokufikeleleka.
Imirhumo yonyaka ehlawulwa ukususela kumhla woku-1 kweyoMdumba wama-2014 iza
kumiselwa emva kothethathethwano nabanamalungelo okuloba. Iirhafu ezihlawulwayo ziza
kusetyenziswa liSebe ukunciphisa amaxabiso onyaka olawulo, ukuthobela umthetho kunye
nophando.
13. Amanyathelo olawulo
La manyathelo olawulo achazwe ngezantsi abonisa iqela leenjongo zolawulo ezingundoqo
zeSebe emva kokwabelwa amalungelo kolu shishino.
13.1 Indlela yetyathanga lezendalo kulawulo lwezoshishino lokuloba
Olu shishino luza kulawulwa ngokwemiqathango elandela indlela yetyathanga
lezendalo kushishino lokuloba (EAF) Indlela yetyathanga lezendalo kulawulo lokuloba
yindlela equka konke elungisa okanye ephucula impilo yetyathanga kwaye ilinganise
iimfuneko ezohlukileyo kunye nexabiso loluntu. Le ndlela isekwachaza ityathanga
lendalo ngokubanzi kwaye iquka amatyathanga endalo, oluntu, oqoqosho kunye
nolawulo lwaseburhulumenteni.
Draft Revised Tuna Pole and Line Policy: 2013 21
13.2 Ukuhlanganiswa kwabathatha inxaxheba
Njengesiphumo sokwabelwa iminyaka esibhozo yamalungelo oshishino lokuloba
ityhuna, iSebe liza kuququzelela ukuhlanganiswa kwabo banamalungelo
nabasebenzayo kolu shishino. Abanamalungelo okuloba banakho ukuhlanganisa
amashishini abo kwezi meko zilandelayo:.
� Apho abanamalungelo okuloba banenani elilinganayo labaninizabelo, ii-ofisi
okanye iqela labalawuli, okanye
� Apho abanamalungelo okuloba ambalwa bakhetha ukuhlanganisa ushishino
lwabo ukuze bakwazi ukwandisa nangaphezulu iinguqu kwicala lezoshishino
lokuloba.
Ukuhlanganiswa kwamalungelo kuxhomekeke kwindlela iSebe elijongana ngayo
nokuxhamla wedwa (funda umhlathi 13.4 ngezantsi). Ukongeza koku, ukuhlanganisa
akuyi kuxhaswa liSebe apho kunokuba nesiphumo sokuncitshiswa kweenguqu
kwicala lokuloba ityhuna.
13.3 Imikhumbi, iinzame zokuloba kunye nomlinganiselo wobungakanani bokuloba ubuncwane baselwandle
ISebe lizimisele ukunikezela amalungelo kwimikhumbi engama-200 ubuninzi. Kodwa
ke, iSebe linganikezela ngaphantsi kweli nani ukuze liphumeze umgaqo walo
wamacandelo amaninzi ize liphucule ukuphila koqoqosho kushishino lokuloba
ngokupheleleyo. Ukunyinwa kobungakanani bobuncwane baselwandle onokubuloba
kungamiselwa kwixesha elizayo ukuba iMibutho yoLawulo loShishino
lokuLobayeNgingqi ibonakalisa ukuhla kwemithombo yetyhuna nakwimeko apho
uMzantsi Afrika unokufumana ukwabelwa okuncitshisiweyo.
Draft Revised Tuna Pole and Line Policy: 2013 22
13.4 UXhamlo-wedwa
Lo gama iSebe likukhuthaza ukuhlanganiswa kwamalungelo okuloba kolu shishino,
iSebe liyakuchasa ukuxhamla wedwa okungasebenzela ukutshabalalisa abo
banamalungelo okuloba kancinane.
14. Ukulinganisa intsebenzo
ISebe liza kumisela inani lemisebenzi yokulinganisa intsebenzo ngexesha
lamalungelo okuloba. Kukho umbono wokuba ukulinganisa intsebenzo kuza kwenziwa
rhoqo kwiminyaka emithathu.
Nangona iSebe liza kuqoshelisa ngocoselelo iinqobo ezithe ngqo, abaza kulinganiswa
ngazo abo banelungelo lokuloba emva kothethathethwano nabanamalungelo okuloba,
ezi nqobo ziphathelene nokusebenza zingasetyenziswa:
� Iinguqu;
� Utyalomali kwimikhumbi emitsha nezixhobo zokusebenza;
� Ukudala imisebenzi;
� Uphuhliso lolutsha;
� Umthamo olotyiweyo;
� ukuthobela imithetho efanelekileyo nemiqathango.
Injongo yokulinganisa intsebenzo iza kuba kukuqinisekisa ukuba iinjongo zeshishini lokuloba
kuyafikelelwa kuzo kwaye neendlela zokulawula kunye neenkqubo ziyasebenza kwaye
zilufanele ushishino lokuloba.
15. Inkqubo yabakhimkhanyo
ISebe lingacingela ukwandisa inkqubo yalo yabakhimkhanyo abasele besebenza ukuze
Draft Revised Tuna Pole and Line Policy: 2013 23
iquke ityhuna kwaye abanamalungelo kungafuneka ukuba bajongane neendleko zale nkqubo
yabakhimkhanyo.
16. Iimeko zemvume yokuloba Iimeko zemvume yokuloba kolu shishino ziza kukhutshwa ngonyaka. Ziza kumiselwa emva
kothethathethwano nabanamalungelo okuloba abafanelekileyo kolu shishino, kodwa
kuxhomekeke kwiimfuneko zalo naluphi na ulawulo lokuloba lwengingqi kwaye luza
kuxhomekeka kuhlaziyo xa oko kuyimfuneko.