national senior certificate ibanga 10 … · amanqaku: 70 ixesha: 2 iiyure this question paper...

14
AMANQAKU: 70 IXESHA: 2 IIYURE This question paper consists of 14 pages. ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA IPHEPHA 1 NOVEMBA 2006 NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 10

Upload: lenhan

Post on 04-Jun-2018

317 views

Category:

Documents


0 download

TRANSCRIPT

AMANQAKU: 70 IXESHA: 2 IIYURE This question paper consists of 14 pages.

ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA

IPHEPHA 1

NOVEMBA 2006

NATIONAL

SENIOR CERTIFICATE

IBANGA 10

IsiXhosa HL/P1 2 DoE/Pilot 2006 NSC

Copyright reserved Please turn over

IMIYALELO KUBAFUNDI: • Phendula yonke imibuzo.

• Qala iCandelo ngalinye ephepheni elitsha uze ukrwele umgca emva kweCandelo ngalinye.

• Shiya umgca phakathi kweempendulo zakho.

• Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo.

• Qaphela upelo nendlela owakha ngayo izivakalisi.

• Nika ingqalelo eyodwa kupelo lwamagama kunye nokwakhiwa kwezivakalisi.

IsiXhosa HL/P1 3 DoE/Pilot 2006 NSC

Copyright reserved Please turn over

ICANDELO LOKUQALA: UVAVANYO LOKUQONDA UMBUZO 1 Apha ngezantsi kukho izicatshulwa EZIBINI, isicatshulwa A nesicatshulwa B. Zifundisise, ukuze ke wakugqiba uphendule imibuzo elandelayo:

ISICATSHULWA A IMPUMELELO KAMAKHAYA UMakhaya Ntini wayiphatha ngesandla sakhe okokuqala ibhola yeqakamba kwiminyaka elishumi eyadlulayo, yaye wayengazange aphuphe nokuphupha ngeenguqulelo ezithe zalandela ebomini bakhe. Akasahlali kwizindlu zodaka esitya umphokoqo namasi, wohlukana nokusenga esalusa iinkomo sakuphuma isikolo. Ngezo mini elona phupha lakhe liphambili, yayiyimini yeKresimesi, apho wayefumana izipho nokutya okungafumanekiyo phakathi enyakeni. Xa uMakhaya esebaleni eza kuphosa ezo bhola zakhe ezikhawulezileyo nezihamba ngesantya esiqikelelwa kwi-150 yeekhilomitha ngeyure, kungcangcazela nabadlali abanamava. Into eyoyikisayo kukuba uMakhaya lo uneminyaka engama-25 kuphela ezelwe, yaye useneshumi lonke leminyaka lokuba ayiphucule le talente yakhe inqabileyo, enkwantyisa ihlabathi ngezo bhola zakhe zikhawulezileyo, de maxa wambi zibizwe njengoo”tshawuz’umbane.” UMakhaya uthi: “Ukuba kwiminyaka elishumi edlulileyo wawunokundixelela ukuba ndiza kukhenketha ihlabathi ndidlalela iqela loMzantsi Afrika iqakamba, ndandiza kukuxelel’ukuba uyaphupha.” De abe ne-15 leminyaka iqakamba wayeyidlala ngebhola eyenziwe ngezingxobo zeplastiki, iphini elikhe emthini wazixozela lona. Yaguquka yonke loo mihla uMakhaya wabukela abantu ababedlala iqakamba kuloo lali. Uhambisa athi: “Ndandoluse amahashe katatomkhulu ngethuba ndibona iimoto ezininzi nabantu abadlala iqakamba kwibala lombhoxo lalapho. Ndasondela ndabukela.” Wabuzwa ukuba uyafuna na ukungena adlale. Walibala ngamahashe wathatha khona. Baguquka loo mini ubomi bakhe. AbeBakers Mini Cricket babeyivumbulule idayimani yabo yokuqala, nesithetha nje ebengezela kwiqonga lehlabathi. Kwisithuba nje seminyaka emithathu, uNtini sel’eyenye yee’Fast Bowlers’ ehlabathini. Ukuzonwabisa uMakhaya uthanda ukuzihlalela ephumle ekhaya nosapho lwakhe ephulaphule umculo weGospeli okanye iJazz. Uthi eyona nto iphambili njengokuba engumdlali owaziwayo weqakamba kukukhuthaza ulutsha. “Akukhathaliseki ukuba uhlala phi na, okanye utsala nzima kangakanani na ebomini. Xa uzimisele ngento musa ukunikezela,” utsho uMakhaya.

Icatshule ku: Bona Xhosa Septemba 2002 iphepha 108-109

IsiXhosa HL/P1 4 DoE/Pilot 2006 NSC

Copyright reserved Please turn over

IMIBUZO 1. 2. 3. 4. 5. 6. 7

Xa uMakhaya ebamba ibhola ngezandla zakhe wonke umntu uba nentaka. Chonga isivakalisi esidiza oku apha kwisicatshulwa. Chonga isivakalisi esidiza ukuba uMakhaya useza kuhlala ekhona apha ebholeni. Uqale njani uMakhaya ukudlala ibhola yeqakamba? Ngaphandle kwebhola yeqakamba uMakhaya uyawuthanda nomculo. Ingaba yinyani le okanye luluvo? Zixhase. Athini amazwi avela kuMakhaya onokuthi ukhuthaza ngawo ukuba nabo bangathathi ntweni ekhaya mabazimisele. Ayilula indlela ebheka empumelelweni. Ngqina okanye uchase le ntetho malunga noMakhaya. Athetha ntoni la magama/ziqwengana ngokubhekiselele kwisicatshulwa:

(1) (1) (1) (2) (2) (2)

(i)

(ii) (iii)

“utshawuz’imibane” idayimani ukuvumbulula

(1) (1) (1)

8. Xa ubungumbhali walo mhlathi wena ubuya kuwunika siphi isihloko?

Sifaneleke njani eso sihloko?

(2) [14]

IsiXhosa HL/P1 5 DoE/Pilot 2006 NSC

Copyright reserved Please turn over

ISICATSHULWA B UFUNA UKUBA NGUMVELISI-NKQUBO ZE-T.V Into ongayiqaphela nje kuBianca Nkume ngamandla anawo namfaneleyo kulo msebenzi wakhe owafuna ngolona hlobo amandla. Ukuba ufuna ukuba ngumvelisi weendaba ze-T.V. amandla yeyona nto efunekayo nebalulekileyo kuwe. UBianca usebenza kwa-SABC eKapa yaye uthi inye kuphela into engamyekisa umsebenzi wakhe, kukonyuselwa. “Ndisengumntwana andizange ndakucinga ukuzibandakanya nomabonakude,” utshilo. UBianca wayefuna ukuba ngumongikazi ukuze akwazi ukuncedisa ukondla usapho lwakowabo olunabantwana abaninzi. “Ndathi ndakuphumelela ibanga leshumi ndaya eKapa kwizibhedlela ezifundisa abongikazi, kodwa ngelishwa andamkelwa nakwesinye. Ndacinga nangokuya eyunivesithi, kodwa ngenxa yokungabikho kwemali andakwazi.” Waye wabhalisa ekholejini efunda ubuchule baseofisini nokuchwetheza wabe efuna umsebenzi. Baguquka ubomi bakhe mhla wadibana nomsasazi weT.V. uChris Poswa eGugulethu. Waye wathabatheka kukomelela kukaBianca waza wamkhuthaza ukuba angenelele uvavanyo eSABC. Emva kweminyaka emibini ephambi kwekhamera uBianca wayesele elungele omnye umceli-mngeni. Wayehleli enomdla wento eqhubekayo ekhusini waza wacela abavelisi-nkqubo ukuba bamenze umncedisi womvelisi-nkqubo. “Kulapho ndaqalisa khona ukuvelisa. “Ekuqaleni ndandingumthunywa weprodyusa. Umzekelo, ukuba ngosuku olulandelayo siza kwenza ibali eKhayelitsha, kwakufuneka ndicwangcise udliwano-ndlebe, ndiqinisekise ukuba umfoti ukhona nokuba wonke umntu unesiqendu sakhe kwaye uyazi ukuba izinto ziza kuhamba njani. “Ndandikwajongene nohlahlo-mali lokongezwa kwezithambiso, abantu abalawulayo nabanesingqi esasiye sibafunele umsebenzi othile, kwakufuneka ndilungiselele ukuhlawulwa kweendwendwe eziza kuvela kwinkqubo leyo.” Yayingumsebenzi onzima, kodwa uBianca uthi yonke into ayifundayo imncedile yambeka endaweni entle kulo msebenzi wakhe wokuba ngumvelisi-nkqubo. Eny’into eyenziwa ngumvelisi-nkqubo uhamba iintlanganiso zeendaba zemihla ngemihla kunye nomvelisi-nkqubo oyintloko. “Lakwamkelwa ibali elithile leendaba, kuvunyelwana ngosuku lokuqalisa nolokuvala. Emveni koko kufuneka ndiqinisekise ukuba yonk’into ihamba ngendlela, ukuqala kubafoti ukuya ekubonisweni kwelo bali,” kutsho uBianca. Washiya kwiinkqubo zalapha naphaya waya kwiinkqubo zeendaba. Usuku lwethu kwigumbi leendaba siluqalisa ngentlanganiso nomhleli weendaba. Umhleli uhlela idayari yosuku anike abavelisi-nkqubo iindaba kunye nemihla yokuvala. “Kufuneka ukwazi ukucinga kakuhle uphantsi koxinzelelo, kuba maxa wambi uthi uyokwenza ibali kweny’indawo umhleli akutsalele umnxeba esithi hamba uye kolunye udaba olungxamisekileyo.” Ukuvelisa iinkqubo zeendaba zeT.V. kulungele abantu abakwaziyo ukunyamezela bangatyhafiswa yimiceli-mingeni nemihla yokugqibela,” kutsho uBianca.

IsiXhosa HL/P1 6 DoE/Pilot 2006 NSC

Copyright reserved Please turn over

IMIBUZO 1. 2. 3. 4. 5. 6. 7. 8. 9.

Yintoni ebithathwa kwesi sicatshulwa njengeyona nto kufuneka ube unayo kulo msebenzi womvelisi-ndaba ze-T.V.? Esengumntwana wayefuna ukuba yintoni uBianca? Chonga isiqwenga /isivakalisi onokuthi uBianca esakhula wayebonakala ukuba uza kulunonelela usapho lwakowabo. Yintoni eyayingumqobo kwindlela kaBianca esakhula, eyayinokwenza angafezekisi amaphupha akhe? Nika izinto zibe MBINI eziphambili ekwakufuneka uBianca kumsebenzi wakhe wokuba ngumncedisi womvelisi-nkqubo aqiniseke ukuba zikhona. Uthi uBianca lo msebenzi ufuna umntu onjani? UMakhaya noBianca bohluka njani ngokwemisebenzi yabo? Yintoni onokuthi bafana ngayo kwimisebenzi yabo uMakhaya noBianca? Zathuza ngomlinganiswa ngamnye. Nika intsingiselo yegama ngalinye kula alandelayo, njengoko esetyenziswe kwisicatshulwa esi:

(1) (1) (1) (1) (2) (1) (2) (2)

(i)

(ii) (iii)

ekhusini uxinzelelo. umceli-mngeni.

(1) (1) (1)

10. Yiba nomfanekiso wakho ungumhleli wemagazini i-BONA eli bali likaBianca

ubunokulinika siphi isihloko xa liza kuvela kuqweqwe lwale magazini. Qaphela xa unika esi sihloko ukuba kufuneka singabi side.

(1)

11. Ngokwale ndlela usibeke ngayo isihloko, ucinga ukuba yintoni

oyisebenzisileyo ukuze ngenxa yaso babe abathengi bale magazini baya kutsalwa yiyo?

(1) [16]

AMANQAKU EWONKE ECANDELO LOKUQALA: 30

IsiXhosa HL/P1 7 DoE/Pilot 2006 NSC

Copyright reserved Please turn over

ICANDELO LESIBINI: ISISHWANKATHELO UMBUZO 2 Funda lo mhlomlo ulandelayo, wandule ukushwankathela ukhupha ezona ngongoma ziphambili, uzibhale kwimo yomhlathi usebenzisa amagama angadlulanga kuma-70.

ZIFANA NAWE ! Iintombi zakwaMasindi zazalwa zineziphene emzimbeni, zimfutshane kwaye azinamilenze. U-Avhahumi onama-36 eminyaka nomsakwabo uAzwifaneli onama-46 eminyaka ubudala benz’izinto njengabany’abantu. Bazakhele umzi onamagumbi amahlanu bawuthengela nefanitshala ngemali yabo yenkamnkam. Bahlala kwilali yaseSokoutenda kufuphi neThohoyandou, yaye balima imifuno kwisitiya sabo baze bayithengise bazenzel’imali. Basebenzisa imihlakulo, izikopu nazo zonk’izixhobo zokulima ezilungiselelwe imeko yabo. “Sixhomekeke apha kuthi kuba siyazi ukuba siyakwazi ukwenz’izinto nangaphezu kwabanye abantu abangenaziphene emzimbeni,” utsho uAzwifaneli. Uthe bafuna umhlaba wabo wandiswe ukuze bakwazi ukulima bathengise imifuno emininzi. Banomnqweno wokuthenga ifama baze bavule amathuba engqesho.Bathi babulela unina uVele onama-64 eminyaka ubudala noyise ongasekhoyo uFrank ngokubanik’inkxaso ukuze baphumelele. Olu sapho lwalungamahlwempu kodwa ngenxa yothando nenkxaso yabazali bazo ezi ntombi zakwazi ukufikelela kwimatriki. U-Avhahumi waqhuba waza wafumana idiploma kwizifundo zekhompyutha. U-Avhahumi ukhumbula indlela ekwakunzima ngayo ukuya esikolweni. “Sasigaqa ngamadolo kuba abazali bethu babengenayo imali yokusithengela izitulo nezinamavili.”Ndasifumana isitulo esinamavili xa ndandinama-23 eminyaka xa ndandiyokufunda kwisikolo sabantu abaneziphene emzimbeni. Wafuman’inkamnkam ngaloo nyaka we-1983, waza udade wabo yena wayifumana ngo-1990. "Sayong’imali sobabini ukuze sikwazi ukuzakhel’indlu. Kubalulekile ukong’imali ukulungiselela amaxesha kaxakeka,” ucebise ngelitshoyo. Uthe asikho isizathu esenz’ukuba iingxwelerha zicel’amalizo okanye esokuba abantu babe novelwano ngeengxwelerha. “Kutheni nisisizela kuba nathi singabantu sifana nani?” kubuza uAvhahumi. “Zisizeleni nina ngoba nangona ningenaziphene emzimbeni, kodwa anikwazi ukuzenzela yonk’into". “Asidalwanga nguThixo sonke?” Unina uthi uyazingca kakhulu ngeentombi zakhe. “Zisisipho endasiphiwa nguThixo. Ziyandothusa ngemisebenizi yazo, ingakumbi njengokuba zingandiceli nokuba ndizincedise.

Icatsulwe ku Bona Xhosa – Agasti 2006 p. 30]

AMANQAKU EWONKE ECANDELO LESIBINI: 10

IsiXhosa HL/P1 8 DoE/Pilot 2006 NSC

Copyright reserved Please turn over

ICANDELO LESITHATHU: UKUSETYENZISWA KOLWIMI ENTETHWENI UMBUZO 3 (a) Funda le ncoko yala ‘Majents’ ukuze ke uphendule imibuzo elandelayo ephakathi koRasta, uShoti, UStix kunye noChiskop:

IsiXhosa HL/P1 9 DoE/Pilot 2006 NSC

Copyright reserved Please turn over

(a) (i)

(ii) (iii) (iv)

Kubuhlanti bokuqala uShoti onxibe iindondo usebenzise ijagoni ethile. Chonga la magama ube sele usinika amagama afanelekileyo endaweni yaloo jagoni. Uphinda athi: ‘Ndiyinzwana…………….’ Xa ebengumntu wasetyhini ebeya kuthini. Uphinda athi uShoti: “Sele ndiyityil’imali…” Nika intsingiselo yegama ndiyityile kule mo lisetyenziswe kuyo apha. Phinda ke ngoku usebenzise isiqu - tya sinike enye intsingiselo engeyiyo le iku-(iii) ngasentla.

(5)

(b) (i)

Qwalasela ezi zaci namaqhalo akule bhokisi. Omawukwenze ke wena kukuchonga zibe ZIBINI izaci Okanye abe MABINI amaqhalo, abonisa okwenzeka kule khathuni ikumbuzo (a) ngasentla. Wasebenzise ke wena kwizivakalisi ezitolika okwenzeka kule khathuni. Umz:- Emva kokuba emoshile uShoti wabona ukuba makababeleke abasicatyana.

Isityeba mva sinqol’intaba; inkungu ilala kwiintaba ngeentaba; ukusinda ngezikaSibi; kuxhelw’eXhukwana, Indlovu ayisindwa ngumboko wayo; inxeba lendoda alihlekwa; ikhikhizela lihlum’esiqwini.

Qhuba ke wakhe ezakho izivakalisi zibe zibini, apho uza kube

usebenzise nje zibe zibini izaci okanye abe mabini amaqhalo owachonge kule bhokisi.

(2)

(ii) Funda le ncoko iphakathi kukaMakhaya noBianca, uze ke usixelele

ukuba njengokuba esi sibini sikhangeleka singevani, umntu ngamnye uthetha elisebenzisa kuyiphi intsingiselo igama ngalinye kulawo abhalwe ngqindilili. Bhala nje wena igama elo nentsingiselo yalo njengoko lisetyenziswe ngumlinganiswa ngamnye: Kusebaleni lebhola kumabala akwidolophu yaseMonti emva kokuba iqela lesizwe leqakamba liyitywatyushe kanobomi i-India:

IsiXhosa HL/P1 10 DoE/Pilot 2006 NSC

Copyright reserved Please turn over

BIANCA:

MAKHAYA: BIANCA: MAKHAYA: BIANCA:

Ndizive ndonwabile ke Makhaya emva kokuba niwabhulele amasaka amaNdiya. Nitya ntoni le nto nomelele kangaka? Eyona mfihlo ngumthambo. Akusoze uphumelele xa ungawuxabisi. Ngumhlola ke lo, ngumthambo ophi na lo? Kutheni undiphoxa nje. Uthetha ukuba le mithambo isemzimbeni ihamba igazi ingakunceda njani? Kanene ufuna ukuba ndisebenzise igama lemboleko ukuze uqonde. Thina kaloku sikholwa kukuba xa siyibetha ibhola ingahlali nokuhlala apha emhlabeni, idlule ngqo ngaphaya kwemida ndize nesi-6 sam ngaloo ndlela. Kazi uphi na umhlaba ebaleni lebhola yeqakamba. Khona loo bhola ibingazi kuhlatywa ngulo mhlaba.

(4) [11]

UMBUZO 4 Apha ngezantsi kukho umzekelo wendlela uqweqwe lwemagazini oludla ngokucwangciswa ngayo. Khawuyilolonge le ndlela yolu cwangciso ukuze uphendule imibuzo elandelayo:

(i) Ungathi kwezi ngongoma zilandelayo yiyiphi kanye kanye esetyenziswe

ngababhali bale magazini iBONA, ingakumbi xa ujonge indlela abazicwangcise ngayo izihloko ezikuqweqwe olu, kwanezihloko buqu:

• ukungawase so amalungelo abantu

• ukujija ingqondo • ucalucalulo

(1)

(ii) (iii) (iv)

Kutheni usitsho nje. Zixhase kwimpendulo oyinike ngasentla. Sisiphi isihloko esifonti ingenza ukuba ithengwe le magazini? Utsho kuba kutheni? Kukho apha kolu qweqwe isihloko esithi:

(1) (1)

IsiXhosa HL/P1 11 DoE/Pilot 2006 NSC

Copyright reserved Please turn over

SIMAHLA I-EXERCISE BOOK kunye nesithi ZUZA R 60,000

Apha bubuphi ubuchule obusetyenziswe ngabathengisi bale magazini

obunokwenza ongaqondiyo alukuhleke.

(2) [6]

IsiXhosa HL/P1 12 DoE/Pilot 2006 NSC

Copyright reserved Please turn over

UMBUZO 5 (a) (i)

(ii)

Qwalasela le mifanekiso ilandelayo, ukuze ke usichazele ukuba xa ujongile esi sihloko sivela ngentla kwale mifanekiso sihambelana nawuphi kanye kanye umfanekiso. Yiba sele usitsho ukuba kungani na usitsho nje. Asihambelani njani nalo ungawukhethanga umfanekiso:

(1) (1)

AMAS’ABEKW’ELANGENI. KUZA KUQHAWUK’UNOBATHANA !!!

IsiXhosa HL/P1 13 DoE/Pilot 2006 NSC

Copyright reserved Please turn over

(iii) Ujonge oku kwenzeka kule mifanekiso, yakha isivakalisi esibonisa: 1.

2. 3. 4. 5.

Isenzeko esenzeka calanye. Isenzeko esenzeka ndaweni ithile. Isenzeko esibonisa ukuncedisana. Kwisivakalisi sakho makubekho igama elibonisa ukuba into yeyomntu othile. Makubekho igama elibonisa ukuba isenzeko esithile senziwa ngexesha elithile.

(5)

(b) Ngekuba ibibalulekile le resiphi yokuya empumelelweni eqanjwe nguZinzo xa

ibingenaziphene. Khawulungise iziphene ukuze ize kungena njengenqaku elifundisayo kwiBONA yenyanga yoMsintsi kanye phambi kokuba bahlalele iimviwo abafundi:

IsiXhosa HL/P1 14 DoE/Pilot 2006 NSC

Copyright reserved

IRESIPHI YOKUYA EMPUMELELWENI. • Qalisa ke ngoku ukufunda, wakuba uqinisekile ukuba uyichongile imibuzo

oyaziyo. • Zenzele ithayimthebhile yokufunda. • Yilandele ngobunono loo thayimthebhile. • Zola, ufundisise iphepha phambi kokuba uliphendule, wakufika kwigumbi

lemviwo, • Hamba ngexesha ukuze ungafiki emva kwethuba elifanelekileyo, ngemini

yokubhala iimviwo uvuke kwasekuseni uzilungisele. • Zinza xa ukwingumbi lokubhala iimviwo, kuba akufuneki nto iphuma

emlomeni, kufuneka iphume entloko.

(3) [10]

UMBUZO 6

Xela inxaxheba edlalwe sisakhi (okanye igama) elibhalwe ngqindilili kwezi zivakalisi zilandelayo, oko kukuthi sixelele ukuba sithe sakufakwa kwelo gama sazisa yiphi na intsingiselo:

(i) (ii) (iii)

Ndiyabona ukuba uBianca usawuthanda umsebenzi wakhe wokuba ngumcwangcisi-nkqubo kwiT.V. Uhlala ngasekhaya uMakhaya. UAvhahumi noAzwifaneli balima imifuno ukuze bagxothe inxele likaKhetsekile

(1) (1) (1) [3]

AMANQAKU EWONKE ECANDELO LESITHATHU:

AMANQAKU EWONKE:

30 70