xho65-0217 indoda ibaleka isimka ebusweni benkosi vgrdownload.branham.org/pdf/xho/xho65-0217 a man...

42
Indoda Ibaleka Isimka Ebusweni beNkosi ` Masigobe iintloko zethu. Thixo Othandekayo, silapha ngale njikalanga ngenxa yeli cham sinalo lokuzihlanganisa ndawonye kubekanye kwakhona. Kwaye nguWe wedwa, Nkosi, owaziyo ukuba ziyilangazelela njani na iintliziyo zethu le yure yokuze sibe nokuma phambi kwabantu baKho kwakhona apha, sizise lo Myalezo sizivela ngenene ukuba ungxamiseke kangako ngeli lixa. Usabele ezi ntsuku zimbalwa ngoku, kwaye siyathandaza, Thixo othandekayo, ukuba isandla saKho senceba sibe phezu kwethu, ukuze sisibonise sisikhokele. Kwaye siphe ezo zinto siswele zona, Nkosi, ukuze iintliziyo zethu zilangazelele ukwazi Wena ngokungcono. 2 Sibona intsimi enkulu yesivuno, imhlophe, ivuthiwe, yaye siyazi ukuba isivuno sele silungele ngoku elo xesha libalulekileyo lokubhula. Thixo Othandekayo, siyathandaza ukuba Uvule ubuyise umva amakhasi asijikelezileyo, masihlale kuBukho boNyana ngoku, kwezi ntsuku zimbalwa zilandelayo, size sivuthelwe eBukumkanini bukaThixo. 3 Sikelela lonke iculo eliyakuculwa. Sikelela wonke umthandazo, uphendule wonke umntu oyakuthandaza, Nkosi. Sindisa bonke abalahlekileyo. Buyisela endlwini yoThixo ophilileyo, nakubudlelane, abo bathe bazula zula kude. 4 Siyathandaza, Thixo, ukuba uphilise wonke umntu ogulayo oza phantsi oza phantsi kophahla lwethu. Siphe oko, Nkosi. Kwanga akungebi mntu ubuthathaka phakathi kwethu ekupheleni kwezi nkonzo. 5 Kwaye, Thixo othandekayo, ngoko ngeziqu zethu, thina sibanga ukuba ngale yure siliBandla, Ababiziweyo bakhutshwa, abo basehlabathini jikelele bathe beza bephuma eBhabhilon ukuba ngabo baxhamla kobu budlelane bumangalisayo kulo mhla wokugqibela, siyathandaza Thixo ukuba usikelele iintliziyo zethu ngeyona ndlela. Silambile ngenene, Nkosi, yaye siziqongqothe sazikhuphela ngaphandle kuzo zonke izinto zeli hlabathi, esaziyo ngazo. Nkosi, sibekele bucala wonke umthwalo onokusirhawula ngokusisisulu, kwaye ngoku masibaleke olu gqatso ngomonde, lubekwe phambi kwethu. Siphe oko, Bawo. Kwaye sanga singaya sizaliseka, sisomelela, sibanga Makristu angcono, ekupheleni kwale nkonzo, kunokuba besinjalo xa besingena. Wanga uThixo angafumana lonke uzuko, kuba oku sikucela eGameni likaYesu. Amen. 6 Ndicinga ukuba lilungelo elibalulekileyo, ngokuhlwanje, ebendililinde ixesha elithile. Ngenye imini ndandixelela

Upload: others

Post on 23-Mar-2020

7 views

Category:

Documents


0 download

TRANSCRIPT

INDODA IBALEKA ISIMKA EBUSWENI BENKOSI 1

Indoda Ibaleka

Isimka Ebusweni beNkosi

` Masigobe iintloko zethu. Thixo Othandekayo, silaphangale njikalanga ngenxa yeli cham sinalo lokuzihlanganisa

ndawonye kubekanye kwakhona. Kwaye nguWe wedwa, Nkosi,owaziyo ukuba ziyilangazelela njani na iintliziyo zethu le yureyokuze sibe nokuma phambi kwabantu baKho kwakhona apha,sizise lo Myalezo sizivela ngenene ukuba ungxamiseke kangakongeli lixa. Usabele ezi ntsuku zimbalwa ngoku, kwayesiyathandaza, Thixo othandekayo, ukuba isandla saKhosenceba sibe phezu kwethu, ukuze sisibonise sisikhokele. Kwayesiphe ezo zinto siswele zona, Nkosi, ukuze iintliziyo zethuzilangazelele ukwazi Wena ngokungcono.2 Sibona intsimi enkulu yesivuno, imhlophe, ivuthiwe, yayesiyazi ukuba isivuno sele silungele ngoku elo xeshalibalulekileyo lokubhula. Thixo Othandekayo, siyathandazaukuba Uvule ubuyise umva amakhasi asijikelezileyo, masihlalekuBukho boNyana ngoku, kwezi ntsuku zimbalwa zilandelayo,size sivuthelwe eBukumkanini bukaThixo.3 Sikelela lonke iculo eliyakuculwa. Sikelela wonkeumthandazo, uphendule wonke umntu oyakuthandaza, Nkosi.Sindisa bonke abalahlekileyo. Buyisela endlwini yoThixoophilileyo, nakubudlelane, abo bathe bazula zula kude.4 Siyathandaza, Thixo, ukuba uphilise wonke umntuogulayo oza phantsi oza phantsi kophahla lwethu. Siphe oko,Nkosi. Kwanga akungebi mntu ubuthathaka phakathi kwethuekupheleni kwezi nkonzo.5 Kwaye, Thixo othandekayo, ngoko ngeziqu zethu, thinasibanga ukuba ngale yure siliBandla, Ababiziweyo bakhutshwa,abo basehlabathini jikelele bathe beza bephuma eBhabhilonukuba ngabo baxhamla kobu budlelane bumangalisayo kulomhla wokugqibela, siyathandaza Thixo ukuba usikeleleiintliziyo zethu ngeyona ndlela. Silambile ngenene, Nkosi, yayesiziqongqothe sazikhuphela ngaphandle kuzo zonke izinto zelihlabathi, esaziyo ngazo. Nkosi, sibekele bucala wonkeumthwalo onokusirhawula ngokusisisulu, kwaye ngokumasibaleke olu gqatso ngomonde, lubekwe phambi kwethu.Siphe oko, Bawo. Kwaye sanga singaya sizaliseka, sisomelela,sibanga Makristu angcono, ekupheleni kwale nkonzo,kunokuba besinjalo xa besingena. Wanga uThixo angafumanalonke uzuko, kuba oku sikucela eGameni likaYesu. Amen.6 Ndicinga ukuba lilungelo elibalulekileyo, ngokuhlwanje,ebendililinde ixesha elithile. Ngenye imini ndandixelela

2 ILIZWI ELITHETHIWEYO

inkosikazi yam, ndathi, “Ndiba phatshu phatshu kakhulu,ndilindele ukuya kufika emnqubeni.” Ndathi nje^Ndinabanye abahlobo, kakade, ndinabo, ehlabathini jikelele,kodwa kukho into ethile enye malunga nalo mnquba ulapha.

Ndathatyathwa kolu thuli lujikeleze apha, apho uThixowandinika khona ubomi apha emhlabeni; ndiyaqikelela, ukubaAkakabuyi, ndiyakungcwatyelwa apha kwindawo ethile.Ekubuyeni kwaKhe, Uyakundifumana ndilapha kwindawoethile.7 Kodwa, kukhangeleka ngathi, kukho into ethile,ndakucinga ngeJeffersonville. Ngenye imini ndazivandinxubile; ndathi kwinkosikazi yam, ndathi, “Ndikhumbulaekhaya, kwaye andazi ukuba ndikhumbula ekhaya malunganantoni na, ngaphandle kokuba kube ngenxa yabantuabandithandazelayo.” Ndathi, “Ke, ndiya^Inye intoendaziyo ukuba ndinokuyenza kukuphindela ndifumaneiintsuku ezimbalwa zenkonzo, sibone ukuba asinakufumananto ithile ivela eNkosini na, mhlawumbi Ifuna ukuba sibenokuthile esikwaziyo.”

Kwaye eyona nkulu, ibalulekileyo ingongoma esinayophambi kwethu ngoku ngu Mtshato Noqhawulo-mtshato.Kwaye ukuba kukho umbuzo, kunyanzelekile ukuba kubekhoimpendulo. Akunakubakho mbuzo ngaphandle kokuba ikhoimpendulo. Akunamsebenzi nokuba yintoni na, imelwe ukubaibekho impendulo. Ukuba iNkosi ithandile, ndifuna ukuzamaukuthetha ngaloo nto, ngentsasa yangeCawa.8 Kwaye ngoko, ngokuhlwa ngomso, ndiyacinga sizakubalapha phezulu e^Sibizwa ngokuba yintoni eso sikolo?[UMzalwana uNeville uthi, “Parkview.”_Mhl.] KwiholoyaseParkview. Yintoni, mhlekazi? [“Parkview Junior High.”]EParkview Junior High. Bangaphi abaziyo ukuba kuphi naapho? Kulungile, ndiyaqonda ukuba iyakubakho imiqondisoeyakukhutshwa, ayisayikubakho Mzalwana Neville? [“Ewe.”]Ibe^Silapha nje phezulu malunga_malunga nezahluloezithathu kwisine seemayile, kwaye uyakubakho umqondiso.Uyajika, uphume endleleni. Sesihle, isakhiwo esiphakamileyo.Sineendawo onokungqiyamisa kuzo ingalo, uthabatheamanqaku oko ufuna ukukubhala, ne_ne_nezinto ezinjalo.Kwaye ndiqinisekile ukuba niyakuyivuyela ngokuthe chathakancinane kunokuba beniya kuba njalo, nibe buxinana aphakwinkonzo ezilapha e_emnqubeni. Indawo iyakuba nkulu, ibenkulu indawo yokumisa iinqwelo.9 Ngoku, ndiyacinga ukuba banomgqaliselo omncinaneebesithembise ukuwuthobela, wokuba, singangeni kulaamhlaba kude kube malunga necala leyesithandathu.[UMzalwana uNeville uthi, “Hayi kude kube licalaleyesihlanu; singabikho apho phambi kwecala

INDODA IBALEKA ISIMKA EBUSWENI BENKOSI 3

leyesihlanu.”_Mhl.] Naxesha nini^[“Iingcango zivulwangeyesithandathu.”] Ndiyakholwa ukuba iyakuba yimbonoentle kuthi ukuba phaya ngecala leyesithandathu.

Ngoku, banayo enye iholo apha edolophini ehlalaamawaka amathandathu. Ukuba siziphethe kakuhle kakhulukule, basenokusivumela sifumane enye leya ngelinye ixeshaukulungiselela inkonzo enkulu, mhlawumbi ngaxesha lithilekweli hlobo ukubuya kwam phesheya kolwandle.10 Kwaye ngoko ndiyacinga ukuba singahlalisa ukuya^Bangaphi abantu abonokuhlala phaya? [UMzalwana Nevilleuthi, “Singanokuhlalisa malunga namawaka amane.”_Mhl.]Amawaka amane. Ngoko, uyabona, siyakuba nendawo enkulukakhulu. Akusayi kubakho kungxama. Kwaye ngoko nyukaningecala leyesithandathu. Ukuze ngoko wonke umntu abenokungena ngexesha elililo, wonke umntu kunye, kwayendiqinisekile ukuba niya_niyakufumana indawo elungileyo.Kwaye iphakanyiselwe phezulu ngolu hlobo, ne_nendawoelapha apho unokubhala uthabathe khona amanqaku, njalonjalo. Kwaye oko kuyakuqalisa ukuba iNkosi ithandile^11 Ndiyacinga ngoku, ngokuhlwanje, ingumthandazowangoLwesithathu nje lo, sine^Le ndawo iphantse yazala,ngoko ndiyacinga mhlawumbi kungcono siqalise ngokuhlwangomso. Siyiqeshele nje kumathemba okuba mhlawumbi,ukuba singaba baninzi ngokokude siphuphume, sibenokunyuka siye phaya. Kodwa ndiyakholwaukuba^kuyakuba ngcono ukuba sinyuke, awucingi njalo,Mzalwana uNeville, ukuba sinyuke ngokuhlwa kwangomso?Yaye bangaphi abacinga ukuba iyakuba yingcinga elungileyoleyo? Ukuze ke nibe nendawo e_enkulu. Sele_sele iqeshiwe;ihlawulelwe ngabanye abazalwana abalapha ebandleni. Isidlenje kuphela amashumi amahlanu eedollar ngobusuku, ntoleyongokukhulu, kakhulu^Ndinqwenela ukuba ndibebendifumene loo nto kuyo yonke indawo, apho kunokuhlalakhona abantu abaninzi ngamashumi amahlanu eedollarngobusuku, isakhiwo esitsha kraca, sinendawo yeqonga entle.Kwaye, thina si^

12 Kakade, sizakuthabatha iminikelo, ndiyaqonda. Kwayeasifuni ukuba loo madoda ayihlawule ngokwawo;siyakuyihlawulela^Sibuye sibahlawule. Kodwa xa sithesazifumana iindleko zethu nezinto ezinjalo, ke, ngoko, kakade,siyapheza ukuthabatha iminikelo. Asiyi^13 Ukuba kukho abangabasemzini abakunye nathi, siyenzeyangumthetho wethu loo nto, ukuba singaze sicele, singqibe,sinyanzele abantu ngenxa yemali. Sidlulisa isityanasenkongozelo, ntoleyo nje^Ngumthetho wenkolo lowo.Ndikhe ndayizama, kumaxesha amaninzi, ukuba ndingakhendidlulise isitya senkongozelo, konke, kodwa ayisebenzi.

4 ILIZWI ELITHETHIWEYO

’Yabona? Ngokuba, ukupha yinxalenye yonqulo lwethu.Yinxalenye yomsebenzi wethu. Akunamsebenzi nokuba yi-dime nje, okanye nantoni na ekuyiyo, okanye ipeni, iphelele^14 Ngoko niyakhumbula, uYesu wabona umhlolokazi edlula,ngenye imini, apho amadoda azizityebi ayefaka khonaokuninzi kobutyebi bawo kwindawo yokugcinwa kwemali.Waze loo mhlolokazi wedlula, mhlawumbi enabantwanaababini abancinane, abalambileyo behamba ecaleni kwakhe,wanikela ngento yonke awayenayo, iipeni ezintathu. UYesuwathi, “Ngubani ohlawule ngokukhulu?”15 Ngoku, ukuba ndandilapho, ngendathi, “Musa ukuyenzaloo nto, dade. Thina_thina, khangela, sinemali eninzi.” KodwaAkazange amnqande. ’Yabona? Wa_wayesazi ukubaWayenento enkulu ambekele yona emazantsi endlela. Ngoko,’yabona, emva kwako konke, waba nekhaya eBuqaqawulini,awayesiya kulo. Kwaye Akazange amnqande. Wamyekawafaka iipeni ezintathu zakhe apho, ngokuba yayiyiloo nto njeawayefuna ukuyenza. Kwaye kwakunyanzelekile ukuba afuneukuyenza; enabantwana, engumhlolokazi, kwaye izipeni njeezintathu anokuphila ngazo. Yena, yena kwakunyanzelekileukuba afune ukuyenza loo nto. Ngoko, uyabona, xa abantubefuna ukunikela, umelwe kukubanika ithuba lokwenza njalo.16 Kodwa ndicinga ngaba bemileyo, nabantu besithi,“Ngubani oyakunikela ngamashumi amahlanu eedollar?Ngubani oyakunikela ngamashumi amabini eedollar?”Ndicinga ukuba oko kuyaxhwalekisa_kwingqondo yakho.Ndi_ndicinga ukuba abantu bayaqonda ukuba kuthabathaimali uku_ukuqhuba i_inkonzo. Kwaye andinakuzendibavumele benze loo nto, abaphathi. Ndathi, “Nanini nakufanele ukuba nenze loo nto, ngoko lixesha lokuba mnandibuyele emva emnqubeni. Ngoko, asinakuze sibe nayo loonto.” Kodwa ndi_ndiyacinga ukuba simelwe kukusidlulisaisitya somnikelo, u_ukuze siyenze ibe yinkonzo egqibeleleyoyokunqula.17 Ngoko ngokuqinisekileyo bayakudlulisa isitya esincinanesomnikelo busuku ngabunye, bathethe into elolu hlobo, “Ke,sizakuthabatha umnikelo ngoku.” Kwaye bayakudlulisa isityasomnikelo, oko ke i_ibe sisiphelo saloo nto.18 Busuku ngabunye, ukuba iNkosi ithandile, ndicinga ukubaiNkosi ibeke entliziyweni yam uMyalezo oqiniseke kakhulu oyakwiBandla. Ndibe neentsuku eziliqela ndisemthandazweni.Kwaye andifuni kungena kuloo nto, ngokuba isenzekoesingaqhelekanga esikhulu senzekile ngenye imini esithesasikhulu kakhulu. Kwaye ndinexhala ngokunixelela ngaso. Kengoku, eyona ngongoma ingundoqo, ndiyaqonda, abatheabaninzi babo, uBilly wathi, ebendibiza, yayinguMtshatoNoqhawulo-Mtshato. Ntoleyo, iyenkulu_iyenkulu ingongoma,

INDODA IBALEKA ISIMKA EBUSWENI BENKOSI 5

kwaye be_bendingazi ukuba ndakuyivela njani na. Ndazendenyuka ndaya kuthandaza ngayo yaze iNkosi yahlangananam. Kwaye ndiyazi ukuba mna, nge^Andinayo, kodwauThixo uyinikele kum; ndinayo ke ngoku. UThixo undinikeimpendulo echanekileyo, ’yabona, ’yabona, kwaye ndi_ndiyaziukuba iyinyaniso.

19 Kwaye andazi njengokuchanekileyo kanye okwangoku,mhlawumbi, ngeCawe ndisenokucela oodade bethubayiqakathe nje inkonzo, bona, kodwa a_andazi.Kuyakuxhomekeka ukuba abafazi abatshatileyo bafuna ukuzanabayeni babo. Kukho_kukho izinto eziphilileyo ngeneneezizakuxelwa, inyaniso malunga nazo, nokuba zinjanina^Kwaye ngoko sifuna ukuyibeka ngokupheleleyosiyaneke, eka-ITSHO INKOSI, ngoko niyakuba niyifumenengoko. Nifuna nje ukwazi oko kuyiNyaniso ngoko, kwayendithembele kuYe ukuba uyakuyenza loo nto.

20 Ke, ngoku, bendiphaya phezulu kulaa venkile yokudlelangenye imini, ndisidla, waze_waze uJerry nabanye bebonkebabe benifuna ninonke. Bathi, bathi, “Ke, thina^” Omnye,waba bafana bebelapho phezulu, wathi, loo mfo wathi,“Ndizakuma kakuhle kakhulu kule veki,” wathi,“bane^Okanye, kwezi veki zimbini.” Wathi,“Bane_nentlanganiso apha, yebhola yomnyazi, okanye intoethile eyenye.” Wathi, ngoko bathe, “UBranham phaya ezantsi,uzakuba nenkonzo.” Wathi, “Ndizakuphakela abantu abaninzikakhulu.” Phaya kwiRanch House, enye yezo ndawo ziphayaphezulu. Kwaye bebe^benobubele kakhulu.

21 Kwaye ndiyanibulela nonke, kuba bathe baqhayisangenene bathetha izinto ezimnandi ngani.

22 Umphathi phaya phezulu kwiRanch House uye wahlangananam ngenye intsasa. Ndangena malunga necala leyesibini,ndivela e-Arizona. Waze wathi, “Ke, Mzalwana Branham,”wathi, “Ndiva ukuba uzakuba nenye inkonzo.” Wathi,“Ndinoncedo oluthe chatha,” watsho. Waze wathi, “Ngokondifuna ukuthetha into ibenye, eyokuba abaya abantu besukaezantsi,” wathi, “bangabantu abalungileyo ngenene.” Ngoku,loo nto yandenza ndaziva kamnandi kakhulu ngani, ’yabona.

Ngokuba, eneneni, ndiva ngokungathi ningabantwananabam i-kids, kwaye ndi_ndi^okanye, abantwana, gxebe.Kwaye ngoko ndi^I-kid ibhekiselele kwibhokhwe, kwayeawuyobhokhwe wena. Nizizimvu. Injani ngolo hlobo?Nizimvana zeNkosi ethe Yandinikela ukuba ndizondle. Kwayendiyathemba ukuba kuya_kuya^Ukuba Iyakundincedaukuba ndenze njalo. Siyehla sihamba ngendlela.

23 Ke malunga noMtshato Noqhawulo-Mtshato, bendihlelindifuna ukuthetha ngawo ukusukela ngexesha lala Matywina

6 ILIZWI ELITHETHIWEYO

aSixhenxe. Uyazi, imfihle-^Zonke iimfihlelo zazimele ukubazazisiwe kuwo, ekuvulweni kwaloo Matywina aSixhenxe,zonke iimfihlelo zeBhayibhile. Kwaye ndiyacinga ngoku, ndiyandisiba mdala, ndi_ndiyacinga ukuba ndi^Ndicinge ukubakuyakuba ngcono ukuba ndiwufake ekhasethini okungcono,nokuba kunokubakho into ethile eyakundehlela, ngokoiBandla lisenokumangaliswa, “Ingaba yintoni ebenayoengqondweni yakhe? Yintoni ebeyakuyithetha?” Nazo zonkeezo ngongoma zibonakala zilukhuni kangako; ndiyacingaukuba i^Ngoncedo lweNkosi, ndizakuzama ukuzizisa kuni.Ukuze ngoko_ngoko ukuba kuthe kwenzeka into, ukubakuyenzeka ukuba ndihambe phambi kokuba Afike, ni_nibeninawo ushicilelwe ngoko.24 Ndiyacinga ukuba sineencwadi ezithile ezintshaeziphumileyo. Ndibona uDade Vayle; andazi nokuba ugqirhaulapha na okanye hayi. Ingaba ukho, Dade Vayle?Ngokuqinisekileyo usenkonzweni. Andimboni. Kodwa, oo,ewe, phaya emva kakhulu. Kwaye uMzalwana uVayle ubhaleincwadi, kwaye ye^Ndaye ndacinga, ndiyakholwa ukubabathe namhlanje, zimbini. Mzalwana Vayle, ingaba kunjalo,unezimbini apha ngoku? Iincwadi ezimbini. Ngoku, andazi,ndi^Ekuqondeni kwam, ukuba umntu ngamnye ufumanaincwadi nganye kuzo. Ngoko Ndi^Ukuba wena^Nantsoindlela endiyiqonda ngayo. Ndisenokuba ndiyaphazama kuloonto.25 Ke ngoko IZigaba Ezisixhenxe ZeBandla zigqityiwe(ingaba kunjalo, Mzalwana Vayle?) zibe ziyaxhaxhazwa ngoku.Kwaye ndiyazi ukuba niyakufuna ukuzifumana, kubaziphendula imibuzo emininzi ebisezintliziyweni zenu. Ukuzengoko emva koko, kulungile, sizakuzama ukufumanaAMatywina Asixhenxe etyhiliwe, uyazi, encwadini, ukuzemntu ngamnye abe nokuwafunda ekuloo mo ukuze_ukuze xabefuna, babenokuqonda bafundisise. Ndicinga ukubabayibhalile, ukuba i^26 Kuqala, sayithatha siyikhupha ngqo ekhasethini, ngendlelaeyayibhalwe okanye ithethwe ngayo. Uyazi, ungashumayelaiintshumayelo, yenye into leyo, ukuze ngoko ukubhala incwadiibeyenye. ’Yabona, njengokuba bekunokwenzeka ndiyichatheingongoma ethile, njengokuba ndinokuthi nguwe, ungaqonda,ndingathi, “Ngoku, imbewu yenyoka,” ’yabona.

Ke, ngoku, umfundi wencwadi, ukuba uthathe okowakukhupha, angamangaliswa, “Yintoni imbewu yenyoka?”’Yabona? Kwaye abanakwazi. Ukuba oko kwenzekilekuyokufika kwindawo enjenge Princeton okanye kwindawoethile, kwaye ba_bangacinga ukuba singabantuabangenabulumko.

Ngoko ndifumene uMzalwana Vayle ukuba abenokundinceda kancinane ngale nto andigcine ndisemgceni

INDODA IBALEKA ISIMKA EBUSWENI BENKOSI 7

waloo ngcinga inye, aze ayifakele ubizo-magama. Kwayendiqinisekile ukuba ubizo-magama banga^Lungayimfihlelokubo, ngokuqiniseke mpela. Ngoko i^UMzalwana Vayleungoyena ulungileyo kuloo nto, ngoko ufana nje^27 Ke ngoko, kuloo nto, ndicinga ukuba abazalwana bethuabathandekayo basenokuba bathe bafumana intambisoencinane ethe chatha, ngandlela ithile, waze wathi uzakubhalaincwadi ezimbalwa ezizezakhe, ngokuphuma kwezo,ngokufanayo. Waza wabhala enye ebizwa ngokuba,ndiyakholwa Ngumprofeti Wenkulungwane YamashumiAmabini, nenye, iBandla laseLawodike, ndiyakholwa, okanyeinto enjengaleyo.28 Kwaye uBilly undixelele ngokuhlwanje ukubandiyakholwa ngamawaka athile azo afikileyo namhlanje;umntu othile ufike nazo evela eTexas. Ke ngoko, zona,ziyakubalapha. Kwaye bayakukuvakalisa oko, ndiyacinga,nokuba kuyintoni na. Ndiyacinga ukuba ziyaxhaswangezimali. Andiqinisekanga. Kwaye ukuba kunjalo,niyakuziphiwa, uyabona, kananjalo, ngesisa. Kwayesiyathemba ukuba niyakuzivuyela. Ke ukuba kunokwenzeka,ubambe isandla kuMzalwana uVayle phaya emva umxeleleukuba uyithande kangakanani na. Andikayifundi, ngokwam.Ukuba ndithe ndazifunda, ndisenokutshintsha ingcinga yamngazo, ngoko ndiza kuzama ukuzifunda kule veki ngeli thubandinethuba, ukuba ndinako.29 Ngoku njengokuba kungokuhlwa koLwesithathu, inkonzoyethu ngokusesikweni iqalisa ngokuhlwa ngomso. Kodwandiyacinga, ekubeni ndilapha phakathi kwenu, a_a_andikwazanga ukuhlala nje phaya phezulu endlwini ni_nibenina nonke nilapha ezantsi. A^kufana nje, uyazi,njengomnye wabazalana nawe afike, uyazi, uze ubaleke uyekutsho ekupheleni kwendlela ukuya kumhlangabeza, uyazi.Kwaye_kwaye ndi_ndicinge nje ukuba mandihle ndibalekandi_ndinamnkelele eJeffersonville. Ke ngoko kule vekiiphelileyo ndimalunga^

Hayi, ndicela uxolo, kumalunga neeveki ezintathuezidlulileyo, ndigqibele ekhaya. Bendiphaya phandle ndizamauku^Ndikwiinkonzo ezithile kwi-Arizona yonke phaya, ndazendabuya ukuza kuzama ukuphumla. Ndaze ndathabathauhambo lokuya kuzingela, nda_ndafumana ingonyama ephumaphambili kwisizwe sase-Arizona. Ndabaleka ndanqumlaamashumi amabini eemayile zemithi ukuze ndiyifumane.30 Kodwa ngoko ukucinga, nangoko, ukuba andizangendicinge xa ndandiyinkwenkwe encinane^Ukubonisa njeukuba ezi zinto zisebenza njani na, yindawo encinane eyathiiNkosi yasipha yona phaya phezulu, kwezinyanga besiphayangaphandle, nesikolo esilungiselelwe abantwana.

8 ILIZWI ELITHETHIWEYO

Ndandiyinkwenkwe encinane. Ndiyaqikelela ukubauJimmy Poole ukho apha ngokuhlwanje, mhlawumbi utatawakhe ukho, uJim omkhulu. Sasihamba isikolo kunye, kwayendikhumbula sihleli apho, njengabantwanana abadlaka-dlakabakudala, izihlangu, sinxibe iiteki, iinzwane zithe gqi kuzo;siboleke isiqwenga sephepha komnye, nepensele komnye.

31 Ndandidla ngokubhala izibongo. Kwaye uNkosk. Woods,lo, undicele ukuba ndicengceleze loo nto ngale njikalangaekhasethini, malunga neFord yam endala, uyazi, kwayeye_yelunge kakhulu. Ngoku, uthe, “Ke, ufanelwe ukubauyithumele kuMnu. Ford loo nto.”

Ndathi, “Ininzi kakhulu inyaniso, ndiyakholwa,” malunganomphambili okhexezelayo, ukurhaxaza kwangasemva, negeriyokujija efana nomdlalo oxakayo wamaTshayina. Kodwa^a_i_iye^Kodwa endihlala ndisithi, into enye endinayokukuba ndibale amatayari amane, ndize ndiyishukumisengokwaneleyo ukuze ibe nokuduma ndize ngoko ndingenekuyo. Ndathi, “Yayilunge kakhulu ngokuya ndandinyukangayo induli, ihambe nje itsala ngokuthe chu ngenene, isithi,‘Ndiyacinga ndinganako, ndiyacinga ndinganako, ndiyacingandinganako.’ Ngoko iqalise, kwelinye icala, isithi, ‘Bendicingaukuba ndinganako, bendicinga ukuba ndinganako.’” ’Yabona?Nantso indlela esiyinyuka ngayo induli, njengo HamboLomMhambi. Ngoko thina^

32 Ndinesibongo esincinane endasibhalayo, into efana nale.Ndaze ndathi^Ngoku, cinga nje, ndandimalunga neshumielinesibini leminyaka ubudala. Ndimi phaya phezulu, ngenyeimini ndikhangele laa mwewe; ndicinga, “Ukuba laangonyama iyakube ihleli kanye apha kweli gumbilingaphantsi, ikhangele ngefestile,” kwifestile yeglasi.Ndandicinga ngesibongo esincinane. Ndabuyela emvandayichola, into ethile enjengale. Cinga nje indlela uThixo^

33 Niyakholwa ukuba uThixo ungophefumelelayongokupheleleyo? [Ibandla lithi, “Amen.”_Mhl.] UThixounyanzelekile ukuba abhale iculo. Niyakholwa ukuba uThixoukho emaculweni? [“Amen.”]

UYesu watsho. Wabhekiselela emva kuDavide, “Aniyaziukuba uDavide wathini na eziNdumisweni? Niyazi, akana^”

34 Khangela kwa sekubethelelweni emnqamlezweni. UDavidewakucula, kwiNdumiso yama-22, “Thixo waM, Thixo WaM,UNdishiyeleni na? Wonke amathambo aM, aNdikhangele.Bagqobhoza izandla zaM neenyawo zaM.” Uyazi, kwaye loonto yayiliculo. IiNdumiso zi_ziliculo.

35 Kwaye kwesi sibongo, khangela nje indlela esithe senzekangayo. Ndihleli apho, ndingumntwana omncinane wakudalaonesiqwenga sephepha esibolekiweyo, ndathi:

INDODA IBALEKA ISIMKA EBUSWENI BENKOSI 9

Ndinesithukuthezi, owu, ndinesithukuthezikakhulu ndicinga emzantsi ntshona,

Apho amathunzi anzulu awela phezukochochoyi lwentaba.

Ndibona ingcuka enyangasayo ijikelezainkungu emfusa;

Ndiva ingcuka ikhala ezantsi apho kudlakhona ezineempondo ezinde.

Kube kwindawo ethile phezulu emwonywenindiva ingonyama incwina,

Kwezo Ntaba zikude zeCatalina kumda we-Arizona.

36 Kwiminyaka engamashumi amane emva koko, ndihlelikanye apho kulo mwonyo, laa ngonyama indijonge ebusweni.

Owu Thixo, kukho iLizwe elingaphaya komlambokwindawo ethile, zihlobo. Lifanele nje^Ndinyanzelekileukuba ndibe lapho. ’Yabona? Ku_kuninzi kakhulu ukuthethangalo. Zonke ezi zinto azizontsomi nje; zi^Ziyinene.Zizizinto ezikhoyo. Ndivuya kakhulu ukubalaphangokuhlwanje, ukuba ndibe kunye naba bantu ndilindeleukuphila nabo ngaPhesheya ngonaphakade, apho kungasayikubakho sifo, okanye kufa, okanye kwahlukana. Kwayeukuthabatha uhambo akusayi kubayonto kuthi ngoko.

37 Ngoku ndicinga ukuba akukho nkonzo ipheleleyongaphandle kokufundwa kweLizwi nokufumanaokuncinane^

Mzalwana Neville, ndinyuke nje ukuza apha. UBilly utheufuna ukuba ndithethe. Ingaba kunjalo, Mzalwana Neville?[UMzalwana uNeville uthi, “Amen. Ewe.Ngokuqinisekileyo.”_Mhl.] Ndisenokuba ndibe buthabathangokuqhela kakhulu, kodwa ndi_ndiziva ndinomdla njekakhulu ngaloo nto. [“Kulungile, amen! Ngokuqinisekileyoyiba njalo!”]

Ngoko, ngoku, nina ninamaculo nezinto ezinjalo, bonananinoMzalwana uNeville xa nizakucula, ukuze ngoko niwaculenje, apho phezulu. Size ke sibe nethuba nje elimalunganesiqingatha seyure lakwangaphambili, kwaye masingenekanye nzulu ngenene kule Miyalezo ze sibone ukubasinokubona ntoni na iNkosi eyakuyenza. Kwaye ndiyathembanje^

38 Ndi_ndiyakholwa ukuba sineNyaniso. Ndanelisekile yiloonto. Kwaye ndiyakholwa ukuba yingqolowa, ngokupheleleyo,ikhasi liyahluba limnka kuyo. Uyazi. Kwaye, ’yabona, ndisenokunika nje intshayelelo encinane kuloo nto, ngokuhlwangomso, ’yabona, indlela elithi ngayo ikhasi lihlube limnkekwingqolowa. Kodwa ingqolowa imelwe kukuhlala kuBukho

10 ILIZWI ELITHETHIWEYO

boNyana, ukuze ivuthwe. Kwaye yiloo nto esizele yona apha,sihlobo, kukuze sihlale kuBukho boNyana lide iqela lethuelincinane labantu abalapha, lide lifikelele ekuvuthwenikuKristu, libe sisonka phezu kwesithebe saKhe. Nantso intoendifuna ukuba yenzeke.39 Ke ngoku phambi kokuba sisondele kwiLizwi, emvakokucengceleza izibongo, njalo-njalo, masithandazekwakhona. Ngoko sizakuthabatha umxholo.40 Yesu Othandekayo, sincede ngokuhlwanje ngoku, kulamazwi ambalwa, njengokuba silindele kuWe. Yayesiyathandaza ukuba ubabalo lwaKho nenceba yakho ibe phezukwethu, Nkosi. Yaye zithambise iintliziyo zethu; susa kumnkelonke ikhasi, ameva, nemithana enameva, makuthi ukukhanyakwelanga okuyintsikelelo kukaThixo kuwe ngaphakathi phezukweLizwi, Nkosi. Kwaye sanga singanenkonzo ebalulekekangako kude kungabikho mntu ungasindiswanga phakathikwethu, bonke abantwana babe ngaphakathi kuBukumkanibukaThixo. Abo bangaphandle kobhaptizo lukaMoya bangabangaLwamnkela, Bawo. Zanga zonke iimfihlelo ezinkuluesimelwe kukuzazi ngesi sigaba, Nkosi, zingatyhilwa kuthi;saye siyakukubona ukucaca kukaThixo, ukuze sibe nokwaziukuba siyakuziphatha senze kanjani na, sizilungisa sisizizaamalungu wemizimba yethu kwingqeqesho yeLizwi, ukuzesibe nokwazi ukuba simelwe kukuphila njani kulo mhlawangoku ekusondeleni kweNkosi uYesu.41 Njengokuba ndifunda iLizwi laKho ngokuhlwanje, Nkosi,ndisenokuthi, ngemfundo eyinxenye, ndibe nako ukufundaamanye wamazwi, ukuze mhlawumbi ndingawabizi kakuhleamanye. Kodwa, Nkosi Thixo, nguWe kuphela onokutsalaokuqulethwe phaya. NguWe kuphela onokuyenza loo nto.Akukho_akukho ndlela yimbi yoluntu ukuba lubelunokuyenza loo nto; oko kulele ezandleni zaKho, Nkosi.Ngoko siphe, busuku ngabunye, ezo zinto zifihlwe kwiLizwilaKho, ukuze sibe ngaMakristu angcono siphila ngokwexeshaesiphila kulo, njengemizekelo yoBukristu. Sikucela eGamenileNkosi uYesu. Amen.

42 Ngoku, abaninzi kuni, eziBhayibhileni zenu, ndifunaukuba nityhile kwiNcwadi kaYona. I^Sihlala sithethakakhulu kangako ngoYona ukuba wayengumkreqi nayo yonkeinto. Ndahlala ndimmela uYona. Andikholelwa ukuba uYonawayekreqile. A_andikholelwa kuloo nto. Ndikholelwa ukubanje^Thina njengamanye amaxesha siyayisebenzisa loo nto,sithi, “UnguYona.” Kodwa ukuba thina^Sendikhendathetha ngaloo nto, ngolunye uhlobo, ekuxeleni indlelaendandicinga ngayo, uYona, okona kwenzekayo.

Ke kaloku kwafika iLizwi likaYEHOVA kuYonaunyana ka-Amitayi, lisithi,

INDODA IBALEKA ISIMKA EBUSWENI BENKOSI 11

Sukume, uye eNineve, kuloo mzi mkhulu, umemezengawo; kuba iindawo zawo ezimbi zinyukile zezaphambi kwam.

Wesuka uYona ebalekela eTarshishe emnkaebusweni bukaYEHOVA, wehla ke waya eYafo;wafumanana nenqanawa eya eTarshishe; wayirholaingqesho yayo, wehla wangena kuyo, ukuze aye naboeTarshishe emnke ebusweni bukaYEHOVA.

43 Ayisosiphelo silusizi eso? Indoda Ibaleka Imnka EbuswenibeNkosi, yaye yingongoma yam leyo.

44 Ngoku, okokuqala sifuna ukucinga ngale nto. UYonawaye^Isizathu, isizathu esiyintloko, endikholelwa ukubawayenzela sona le nto inkulu apha, kwakungokuba uYonawayeliJuda. Kwaye wayecelwe ukuba kwisixeko seeNtlanga,ukuya kumemeza ngokuchasene naso; ecinga ukuba akasayikwamnkelwa ngolo hlobo. Ngokuba, iiNtlanga zaziya kucinga,“Linakuthanani nathi eli Juda?” Kodwa, uyabona, enye into,isinika into enkulu apha ukuze siyibone, ukuba uThixoakangoThixo weJuda kuphela, kodwa UnguThixo weeNtlangangokunjalo. UnguThixo wabo bonke abantu.

45 Wanyula nje amaJuda. AmaJuda abizwa nguThixonjengabantu abanyuliweyo. Babenyulelwe injongo ethileekhethekileyo. Kwaye loo njongo yayikukuba, awanikeumthetho, kwaye akazange abe nakuwugcina. Waze Wabonisanje, ngabo bantu, ukuba umthetho wawungenakugcinwa,nokuba Yena wayengu_ngu_nguThixo onobulungisa. Kwayeumthetho wawufuna ubulungisa, kodwa kwakungekholubabalo emthethweni, ukuze lukhulule loo mntu. Akukhosohlwayo sahlawulwayo ngumthetho, kodwa kwathabathaubabalo ukuhlawula eso sohlwayo, okanye kuloo ndawoumthetho wathi wasifaka phantsi kwayo.

46 Ke uYona apha wabizwa, njengale nto, engomnyewabaprofeti abancinane beBhayibhile, ukuba ehle aye kwesisixeko.

Kwaye apha sifumanisa umzekelo wethu sisonke. Mntungamnye kuthi, sihlala sibaleka kwinto ethile. Sibalekakwinkathazo. Sibaleka kumaxanduva. Thina, siqhelene mpelanokwenza loo nto. Thina, sinjalo, siqhelene nokungaphezulunokubaleka kunokuba sinokumelana nayo into. ’Yabona,sisuka nje^Si_si_sizifumana sibaleka.

Ngamanye amaxesha sizifumana siqhelene nokubalekaumsebenzi. Asifuni kwenza loo nto, asifuni kusebenza. Abanyeabantu bacinga nje ukuba bangasuka baphile ubomingaphandle kokusebenza. Kodwa, ndiyacinga, uSolomonnguye owathi singayifumana impendulo, ngokukhangelaembovaneni.

12 ILIZWI ELITHETHIWEYO

47 Uyazi, imbovane encinane, bandixelela ukuba (nganye)imbovane engasebenzanga ingqengqe apho phakathi, loombovane ayidli ngobo busika, ngokunjalo. Ngoko, wonkeumntu umelwe ku_kukusebenza.48 Sinezinto ezininzi kakhulu esimelwe kukuzenza,sinoxanduva olungako esimele kukujongana nalo. Wonkeumntu umelwe kukujongana noxanduva oluthile.49 Xa wena_xa ufikelela e_ekunyuleni inkosikazi yakho,ukuze utshate, okanye ukunyula umyeni wakho, u_umelwekukuthabatha uxanduva. Kwaye ngoko unyanzelekile ukubaukhumbule^Mhlawumbi wakha ikhaya; likhaya elihleelithandekayo. Ke ngoko, khumbula, njengomfazi otshatileyo,umelwe kukucinga ngoxanduva lokukhulisa abantwana. Yayeumelwe kukucinga ngezo zintle, iindonga ezigudileyoeziyakuba nezincinane, izandla ezincinane ezingcolileyo kuzo.Ngoko unoxanduva lokufundisa abantwana bakho.Unoxanduva lokwambathisa nokondla.50 Yonke into iluxanduva. Kwaye kulula, xa uxanduvalujongene nathi, ukuluphepha. Kwaye sifumanisa ukubaumtshato uluxanduva, ngazo zonke iindlela.51 Nkqu, ngamaxesha amaninzi, siyafumana^Yintoelukhuni ukuyithetha le, kodwa iyinyaniso, ukubaabalungiseleli, ngamaxesha amaninzi, bayaluphephauxanduva lokumela inyaniso yeLizwi likaThixo xa bemelenenaLo. Bayakuluphepha olo xanduva. Xa iNyaniso yeLizwilikaThixo isiziswa ubuso ngobuso eluntwini, sino^siqhelene nokuphephela emva kude kube licebo lokugqibela.52 Ndisandula ukugqiba ukuthetha nomtshana wamomncinane phaya phezulu. UngumKatolika, yaye u^Yayendayibhaptiza loo nkwenkwe, eGameni likaYesu Kristu, aphakwiminyaka embalwa edlulileyo, yaze yahlangananentombazana encinane yajika yangumKatolika. Yayendabamba isandla sikanina ekufeni kwakhe ngaphaya. Wathikum, amazwi okugqibela, “Uze waluse uMelvin.” Ebesandulaukuphupha amaphupha. Akanako nje^Yonke, yonke imihla,kule veki iphelileyo, ebephupha amaphupha. Wathi,“Bendingena ebandleni, Malume Bill, yaye ubumile ushumayelaapho. Bendinyuka ndibaleka, ukuya kuqalisa ukuvuma izono.Ndize ndothuke.” Wathi, “Be_ bendilahlekile.”

Ndathi, “Melvin, awuswele kuyicaciselwa loo nto. Indawoyakho iphaya ezantsi apho ungowakhona.” Injalo loo nto.’Yabona?53 Kodwa ukumelana noxanduva, ngamanye amaxeshakusixobula isikhumba, ukwenza loo nto. Njengotata,ukujongana noxanduva, lokutywatyusha umntwana. Aba bafobancinane, awufuni kuyenza loo nto. Kodwa njengotataokanye umama, umelwe kukujongana noxanduva lokukhulisa

INDODA IBALEKA ISIMKA EBUSWENI BENKOSI 13

loo mntwana, ngokuba iBhayibhile ithe, “Ukuba uyaluyekauswazi uyakumona unyana wakho.” Kwaye loo nto isemikwelo litha kubo bonke ubungqondi obukhoyo ehlabathini.Loo nto isahleli iyiNyaniso kaThixo. Ukuba bebebaninziabayenzayo, besingenakuba nabo ubutsotsi obungaka nezintoezinjalo, nokubola esinako ehlabathini namhlanje.

Kodwa umthetho oyintloko wekhaya sewaphulwa,kwixesha eladlula kudala, kwaye babayeka abantwana benzenantoni na abayifunayo.54 Kodwa nanjengokuba benditshilo, abalungiseleli,bayakuhlangabezana neNyaniso, baze bahambe bemnke kuYo.’Yabona, ba_basuke nje babe ne^Kukhangeleka ngokungathikukho into ethile aba_abangafuni kujongana nayo.55 Ngamaxesha amaninzi ndikhe ndanabantu abezayo, bathi,“Ndiyazi ukuba oko kunjalo, Mzalwana Branham, kodwaukuba ndiyenzile loo nto, bayakundikhabela ngaphandlekwebandla.” Kuyintoni ngaloo nto? Ukuba awenzanga njalo,bayakukhabela ngaphandle, phaya Phezulu. Ngoko umelwekukukhatyelwa ngaphandle, kwindawo ethile, ’yabona. Ngokousenokujongana nayo, endaweni yokubaleka kuyo uthi, “Ke,ndiza kuya ngapha. Andisayi kubuyela.” Buyela,ngokuqinisekileyo, Yiphula-phule ngokuthe chatha.

Phengulula iZibhalo. UYesu wathi, “ZiphengululeniiZibhalo, kuba niba ninoBomi obunguNaphakade kuzo, zibeZona Zingqina ngaM.” Kodwa sifumanisa ukuba abantuabasayi kujongana naloo nto.56 Xa bathe baziswa, kuBukho bukaThixo, naxa uThixo enzeisithembiso, yaye uThixo ubophelelekile kweso sithembiso.Kwaye xa Esenza ukuba eso sithembiso senzeke, abo bantubayoyika ukujongana noxanduva lokumelana noMyalezowelixa. Sifumanisa loo nto kuyo yonke indawo.57 Nithini ngamaLuthere? Bangaphi abangamaLuthereababesoyika ukwenza njalo, abantu babesoyika ukumelananeNyaniso kaLuther xa weza nongcwaliso? Khangela ukubakwakubadla ntoni na oko, mhlawumbi ubomi babo ngokwabo,ukuba baphume bavume ukuba uYesu unguKristu ba_babenga_ngamaLuthere.58 Khangela kuni maWisile indlela ekwakukade Kuyiyo,nonke nanibizwa ngoku ningabaqengqeleki abangcwele.Ndiyaqikelela ukuba niyayazi loo nto. Kwaye babengenakuMoya, baxhuzule besiya emva naphambili. Baze bathiba_bano “kuxhuzula.” AmaWi-^Loo nto, hayi, asingobantubakwaMoya abo; yayingamaWisile lawo, kwiminyaka emininzieyadlulayo. Yaye babexhuzula, ashukume, bawe phantsikwamandla kaThixo. Baye babegalela amanzi ebusweni kubo,babaphe umoya ngamaphiko okwenza umoya, becinga ukubabaqulekile. Kwaye, ngoku, nanibalelwa ekuthini niliqela

14 ILIZWI ELITHETHIWEYO

labaqengqeleki abangcwele. Kodwa nani naloo nto, oomamanootata benu, kwafuneka ukuba babephakathi kokubabaYamnkele, bajongane neNyaniso nenyaniso, kungenjalobayale.59 Nithini ngani bantu bakwaMoya namnkela ukubuyiselwakwezipho, xa ubhaptizo loMoya oyiNgcwele lwafikayo,nokuthetha neelwimi, nezipho zikaMoya zazisihla phezukwebandla? Kuba, amaWisile afuna ukunikhabela ngaphandle,yaye ayenza loo nto. Kodwa kwanyanzeleka ukuba nimelanenayo. Yinto enaninyanzelekile ukuba niyenze leyo.

Nithini ngaloo mcimbi, ekufikeni kwawo, malunganobhaptizo eGameni likaYesu Kristu, naze nayibona ukubayayiyiNyaniso leyo? Nimelwe kukujongana nayo, okanye nenzeinto ngayo.

Unoxanduva, wonke umntu unalo, kwaye umelwekukujongana nazo ezo zinto. Kulungile.60 Kwaye xa ubona ngoko, kulo mhla wangoku, apho iLizwilikaThixo lenze ezi zithembiso zezinto esimelwe kukuzibonazisenzeka ngoku, ngoko sinoxanduva lokuthi mhlawumbisijongane naLo okanye sibaleke kuLo. Unyanzelekile^Awunako nje ukuba phakathi. Umelwe ukuba ube nentooyenzayo ngaLo. Wathi^Intshukumo ethile imelwekukwenziwa.

Awunakungena kulaa mnyango wenkonzo uze uphumeusengumntu omnye obungene unguye. Kuphakathi kokubauthe qelele ukumnka, okanye uye waba busondela kuThixo,lonke ixesha ungena okanye uphuma phaya.61 Owu, kulula njani ebantwini ukuziphepha ezi zinto. Kwayendifuna ukuba sicinge ngezi zinto xa siqalisa ukungenakwimisebenzi yethu esemthethweni ngokuhlwa ngomso,ukuba, ndifuna ukuba ndiqaphele ukuba xa into ethile ikucelaundikho, ukuba u^ukuba kukho umbuzo malunga naloo nto.Ukuba ukho umbuzo malunga nayo, kumele ukuba kubekhoimpendulo.62 Masithi, ngokomzekelo, ndithe bendisiya entshona, ukuzeundikhombise ngapha. Ke, into yokuqala uyazi, ndiyakubalekanje ndidlule kwindawo endikhonjwe kuyo, ndibaxe^Ndisemantla-ntshona. Ke, bekunokuthini ukuba umntuundikhombe ezantsi ngapha, ndize ndibheke ngaphaya?Ndiyakudlula kule nto yam bendikhonjwe kuyo kwakhona;ndiye ngasemazantsi-ntshona. Ke, okoko nje kukho umbuzo,kungaphi na entshona, kumelwe ukuba kubekho impenduloethe ngqo kwindawo ethile.

Kwaye xa kukho le mibuzo ijongene nathi, malunganeeNyaniso zeBhayibhile, kumelwe ukuba kubekho impenduloechanekileyo kwindawo ethile. Injalo loo nto. Imelwe kukubakhona.

INDODA IBALEKA ISIMKA EBUSWENI BENKOSI 15

63 Kwaye xa sibona iNto ethile isiziswa kuthi. Ndiyacinga,endaweni yokubaleka nje simnke kuyo, sithi, “Owu,yimfeketho, andinakuyikholelwa into enjengaLeyo!Andinakukholelwa kuloo Nto.” Kutheni ungathabathiiBhayibhile nje, uhlale phantsi ujongane naYo. UYifundisise.Ulapha enkonzweni ngoku, ukuze uYijonge. Hlolisisa Yona,ngokwakho, ngeLizwi. Lihlole iLizwi, ngeLizwi. Yiloo ndlelakuphela onokuYiqonda ngayo iNyaniso. Kwaye Imelwekukuchaza iNyaniso, ukusuka kwiGenesis ukuya kwiZityhilelo.64 UKristu usisityhilelo seBhayibhile iphela. KuYe, uKristu,yonke inzaliseko. Ezalisekisa zonke iziprofeto zeBhayibhilekukhawulelwene nazo ngaphandle kwemiqathango kuKristuYesu, kuba Yena wayenguThixo ebonakalaliswe esenyameni.65 Ngoku xa sifumanisa ezi zinto, nangoko, xa kusiziwa kuthisingene enkonzweni, sibone aMandla kaThixo eshukumaesenza izinto, esenza imisebenzi yamandla angaphezukwendalo, siyibone isenziwa, sikhangele eBhayibhileni siboneukuba oko kusisithembiso sale yure; ngoko xa sibona ezo zinto,ngoko sijongene noxanduva lokuba sikwamnkele na,ndithetha, ukwenzela iziqu zethu.66 Ngoku, abantu abaninzi baba novelwano, abantu abaninzibathi uyinyaniso. Kodwa loo nto ayenzi_ayenzi ukuba ibeyiloo nto^Asiyiloo nto onoxanduva lwayo. Njengokubabenditshilo, bekunokuthini ukuba apho^67 Ukuba bendingumfana oselula, ndikhangela inkosikazi,ndizakutshata; naku kumi intombazana ehlangabezana nazozonke iimfuno endicinga ukuba zinokwenza umfazi. Kuba,ngokuziphatha ingukumkanikazi, iyathandeka, i_inesimiloesihle, uMkristu wenene, yonke into endinokucinga ngayo,enokwenza inkosikazi elungileyo. Akukhathaliseki nokubandingathi igqibelele kangakanani na, ilungengokuchanekileyo, asiyoyam ndide ndiyamnkele noxanduvalwayo lokuba yinkosikazi yam.68 Uyiloo nto inye uMyalezo. Usenokuthi, “Unjalo, okanyeoku, nokuya, okanye okunye.” Uze uthi, “Ndiyavelana naWo.Ndiyakholwa ukuba UyiNyaniso.” Kodwa unyanzelekileukuba Uwamnkele; kwaye Uyakuba yinxalenye yakho, naweube yinxalenye yaWo. Umelwe kuku^Ngoko, Ungowakho.69 Xa utshata lo mfazi uthe wamkhetha, u_umnye ngoko naye.

Kwaye yiloo ndlela ekuyiyo kuwe noKristu. Xa uMbonaebonakalaliswe wenziwa wayinene, ngoko uyinxalenye yaKhe,aze Yena abe yinxalenye yakho. Kwaye, nikunye, niyinxalenyeyoMyalezo.70 Owu, zingaphi iinqanawa zobuhlelo esinazo zisihla zisiyaeTarshishe, zoYona balemihla, ngamakhulu alithoba awo,anento, iinqanawa ezithabatha indlela elula. Ezingafunikumelana naloo nto.

16 ILIZWI ELITHETHIWEYO

UYona wayengafuni kumelana nayo, into yokuyakwiiNtlanga. Wayengafuni kuthabatha loo Myalezoukhohlakeleyo awuse ngaphaya, “Kumashumi amaneeentsuku, niyakube nitshabalele ukuba aniguquki.”Wayekuthiyile ukwenza loo nto. Waza wacinga, “Eza Ntlanga,kunzima ukuyiqonda into eziyakuyenza kum.” Kodwakwakunyanzelekile ukuba amelane nayo. ’Yabona? Kodwawathabatha inqanawa elula wahamba wehlela eTarshishe,wehla ekwigobho-gobho lenqanawe waya kulala; esiyakwindlela elula.71 Yindlela elula, yindlela edumileyo kubantu. Kululaukuthabatha indlela apho wonke umntu anokukumbambazelaemqolo athi ungumfo olungileyo, “Ke lo ngusibani-bani yayengokuqinisekileyo,” lize ihlabathi likhangele kuwe. Kululaukuya kwindlela edumileyo.

Kodwa xa_xa unento ethile eyahlukileyo omelwekukuyenza, xa umelwe kukumela ukugweba kwentliziyoyakho ngento oyaziyo ukuba iyiNyaniso, nantso eyona ndawoinzima, naku apho kufika khona ukuxikixeka, kanye apho.72 Owu, njengokuba besiqhele ukucula ela culo lidala:

Kulula njani xa sisihla ngolwandle, kubekuzolile,

Ukuthembela kumandla engalo kaYehova.Kodwa, owu, makuqalise ukubhudla amaza, ma_

mawubhudle umoya unyuse amaza, ngoko wenza ntoni?73 Yinto efana nokuba ndaxelewa, ngaxesha lithile, ukubainenekazi elithile lathi. Phaya kudala kwiintsuku zeenqwelonamahashe, ukuba kuthiwa ihashe labaleka lemnka nalo,livela enkonzweni. Kwathiwa, “Wenze ntoni?”74 Lathi, “Ndithembele eNkosini yade imikhala yaphuka.”Ke, nalo ixesha lokuthembela eNkosini, emva kokubayonke^emva kokuba imikhala yaphukile. Uthembelaemikhaleni ide ibe yaphukile. Ewe.75 Ngokunjalo sifumanisa ukuba sineendlela ezilula ezininziesinokuhamba ngazo, iinqanawa ezihlayo eziya eTarshishe,kuba kulula, ukungabi naxanduva. Kuyehla nje ukungena,kunayo yonke into izizela; wonke umntu uyakuthanda. Kwaye,wonke umntu, uyi^Akukho mntu ungavumelaniyo nawe;akukho mntu ungavumelani naye. Ngoku, asiyofayidukhwe keleyo! Injalo loo nto. Ewe, kutyhalelwe ngaphaya, ugobelengapha! Kuba, nabani na, andikhathali nokuba ungubani na,nokuba umele ntoni na^Eneneni, abantu abacingangokundilekileyo bayakucinga ngokungcono ngawe ukubauyakumela oko kugwetywa yintliziyo yakho ngento elungileyo.Kunjalo. Ungakhathali^76 Thabatha umfazi, usenokuba ngongazange abe nomtsalanekangako, nokuba uyintoni na; kodwa ukuba ungenza ukuba

INDODA IBALEKA ISIMKA EBUSWENI BENKOSI 17

loo mfazi amele imithetho eyintloko yobufazi, umenze ameleubunenekazi; kwaye ukuba indoda inalo isuntsu lobudodangayo, iyakumela yena. Ngokuqinisekileyo. Siyayithanda intoethile ku_kumntu anayo, akholelwa ukuba iyinyanisoeyakumela loo nto acinga ukuba injalo.77 Indlela abhetye-bhetye ngayo, ayiloo nto aMakristuamaninzi kakhulu namhlanje, athambe okwesepha nayo yonkeinto, ade afikelela ekucingeni ukuba inye kuphela intoanokuyenza kukujoyina inkonzo, aye kungena kwindawoethile, abhalise amagama awo encwadini, okanye enze intoethile encinane, axhume esihla enyuka, ekhwaza, okanye_okanye into ethile enjengaleyo, ayibize ngokuba buBukristu.

UBukristu bumihla yonke, ubomi obugadalala, ukuphilelauThixo kwi^kweli hlabathi langoku. Kukutshisekaokuqhubekayo koMlilo nothando lukaThixo, entliziyweni,olutshisayo lukubeke ngaphaya ebantwini, lukwenze uguquleleabantu kuKristu. Uxanduva.78 Kodwa kulula ukuhamba ngendlela elihamba ngayoihlabathi. Kulula ukukhukuliseka uhle nomsinga.

Uphumela phaya phandle ungene emlanjeni, nephenyanelakho. Ufumana amaphini akho uqalise ukunyukangokuchasene nomsinga; awuthabathi xesha lide, kuze kubenzima ukuhamba. Kodwa khawuyekelele nje amaphini kubekanye ukhangele ukuba uyakudlula ngokukhawulezakanganani na emithini, usihla, kodwa khangela apho uyakhona!

Xa izinto zihamba lula, khumbula, uya ngakwe_kwenkuluingxangxasi apho ezantsi, yohlobo oluthile. Usondelakwiingxangxasi, kwaye akusayi kuba kudala uyakuba usihlangaphaya kwezo ngxangxasi. Ukhukuliseka nehlabathi,ngokulula, indlela ekuhamba ngayo, awuyazi loo nto. Hayi,mhlekazi. Kodwa kunyanzelekile ukuba ku-^wamnkeleuxanduva.79 Ngoku, niyakholwa yiloo Nto, yaye nine-^Nicinga ukubayiNyaniso Leyo.80 Yaye uxanduva athe uThixo walunika thina kulo mhla,kukuzisa lo Myalezo! Kwaye njengokuba ndisiya ndiba mdala,ndibe ndisazi ukuba iintsuku zam ziyancipha, ndizivandinoxanduva olukhulu kunokuba ndakhe ndaziva.Ukunyanzela ukubheka phambili, simelwe kukulwenza!Simelwe kukungena kulo, kuyo yonke indawo esiya kuyo,siwuxele lo Myalezo; si_sixelele abantu ukuba uYesu Kristuuyeza, ukuba Yena nguThixo yaye Uyeza kwamsinya.Akukho_akukho themba lishiyekileyo kwihlabathi kokokuKuza kweNkosi.81 Xa ndikhangela phaya emva kubahlobo abathile ababenamphaya phezulu xa iNgelosi yeNkosi^Abafana abathathu

18 ILIZWI ELITHETHIWEYO

abahleli apha ndiyakholwa ukuba bayifumana loo ndawokwenzeka kuyo oko phaya phezulu. Yaye khumbula nje okoiNkosi yakuthethayo ngalaa mini, kuMzalwana uWoods.Wayehamba enyuka induli. Kwaye_kwaye wayebulila, ngenxayokuba inkosikazi yakhe yayigula. Yaze iNkosi yathi,“Thabatha ilitye uliphose emoyeni, uthi, ‘ITSHO INKOSI.’”Ndaze ndayenza loo nto. NoMzalwana Woods uhlelinjengengqina.82 Ndaze ndathi, “Mzalwana Woods, akusayi kuba thuba lideungabonanga into ethile isenzeka.” Kwaze kwathi ngosukuolulandelayo, xa sasimi apho, sisonke kunye^Neqelalamadoda elimi kanye apha ngokuhlwanje.83 Umshumayeli oselula wayelapho, kwaye wayeza^Ndaqaphela^Ndisandula ukuhlangana naye kubusukuobungaphambili. Wayekwinkampi yethu. Wenyuka ukuzeayokuba kunye nathi. Waze wathi kum, wathi, “MzalwanaBranham, ingaba ukhe uyibone imibono, kwindawoengaphandle nje ngale?”84 Ndathi, “Ewe, mhlekazi. Kodwa ndize apha ukwenzelaukuba ndimnke kuyo, ukuze ndibe nokuphumla kancinane.”Wathi^”Kulungile,” ndathi, “Ndi_ndi^Kakade,Uyandibonisa izinto apha ngaphandle.” Ndaze ndathi, “Kanyeapha ngapha kwale nduli, kulapho iiNgelosi ezisixhenxezavela khona phaya ezantsi.”

Wathi, “Ewe, ndiyaqonda.” Wathi, “Ndandingomnyewabaxhasi beenkonzo zakho ngaphaya eCalifornia.”

Ndathi, “Kulungile, ndiyavuya ngenene ukuyazi loo nto.”85 Sathi siseme apho, kanye ngoko ndabheka-bheka ndazendabona ugqirha oluhlobo lomntu omkhulu ekhangeleemehlweni kuye, ndaze ndamva esithi, “Uza kulahlekwa lelaliso, ngokuba kukho into engangqinelani nezinto ezithile apho.Ibe ndilinyange isithuba seminyaka emibini, yayeuyakulahlekelwa lelo liso.”

Ndathi, “Isizathu sokuba undibuze loo nto, kungokubaugqirha wakho ukuxelele ngenye imini ukubauyakulahlekelwa lela liso.”

Waze wathi, “Injalo loo nto,” waze wabheka-bheka kanjeya.86 Ndaze ndabona unina ekhupha enye yeekawusi ezindezakhe ebamba unyawo elukhupha, lunento ezincinanezamathumba ajingayo ezantsi phakathi kweenzwane zakhe,ukunyuka nokuhla ngomlenze wakhe; wathi, “Ukubaumbonile uMzalwana Branham, uzumxelele ukubaathandazele ezi zinto.”

Ndaze ndathi, “Umama wakho isandla sakhe^ukhupheunyawo lwakhe kanjeya, waze wathi

INDODA IBALEKA ISIMKA EBUSWENI BENKOSI 19

elubambile^enamathumba amancinane kuyo yonke indawoe_ezinzwaneni zakhe, njalo njalo; wathi, ‘Ucele uMzalwanaBranham athandaze.’”

Wathi, “Mzalwana uBranham, yinyaniso leyo.”87 Ndakhangela emva. Ndathi ndakwenza njalo, ndambonaemi apho ekhangele kum, ngolo hlobo, amehlo akhe ekhanyakangangoko. Ndikhe ndahlangana naye kobu busika;wayenamehlo angcono kunaye nabani na kuloo nkampu.INkosi yayimphilisile yamenza waphila.88 Ngethuba ndandimi apho, iNkosi yathi, yandibonisa intoeyayizakwenzeka. “Umgwebo uzakuhlasela uNxwemelwaseNtshona.” Yaze Yathi, “Yiya ngaphaya, ecaleni kwelaziko.”89 Ndandiphethe umhlakulo esandleni sam; ndahamba ndayangaphaya. Wabe uMzalwana uRoy Roberson, sonke siyamaziapha. Akakho apha ngokuhlwanje, njengokuba ndisazi, use-Arizona phaya ngaphandle. Ungumhlali ngaphambiliwabasayinela izimali apha, kwaye ndandimazinjengomakhwekhwetha. Kwaye kwakukho into ezakwenzeka;ngokukhawuleza kakhulu, kusekusasa, malunga nentsimbiyeshumi kusasa. Babe abafana jikelele apho, ishumi okanyeishumi elinesibini lethu, bethula iintente, behlinza iihagu,nezinto ezinjalo. Ngoko thina^Ndahamba ndajikela, ndathi,“Roy, zimela, ngokukhawuleza. Kukho into ezakwenzeka.”Ndandingasenakumxelela ngokuthe chatha. Kodwakwangendlela enye ndaya kufika nje ngapho^

Kusihla emazulwini kweza uqhwithelo lukaThixo,lwaqhwaba, ngokungathi, lwashukumisa iinduli, lungenakumphakathi waloo ntaba, lwacanda ithanda konke jikelele,malunga nesihlanu seenyawo entla kwentloko yam,lwanqumla zonke iintloko zaloo mithi zesuka, njengokubaamatye ayephuma. Lwenyuka lwaya emoyeni lwaze lwabuyalwehla kwakhona, nolunye ubhaptizo olukhulu, lwabethalwanqumla intaba, lwajula amanye phezulu kanjalo.Lwayenza kathathu loo nto, lwaze lwabuyela phezuluemoyeni.

Waze uMzalwana uBanks weza ngakum, wathi, “Yilaa ntoubuyithetha izolo le?”

Ndathi, “Ewe, mhlekazi, yiyo kanye.” ’Yabona?90 Kwaze ngoko kwiintsuku ezimbini emva koko, i-Alaskayazika, ngokusondeleyo, phaya phezulu. Kwaye ukuhlanokunyuka kwelo nxweme lwaseNtshona kube ziindudumonokutyhala, nayo yonke into eyenzekayo. Kwaye ngolunyelwezi ntsuku luyakuthi lubhidlikele phantsi konxweme.Kulungile. Kungathini ukuba kuko oko? Siphila kwiyureyokuBuya kweNkosi.

20 ILIZWI ELITHETHIWEYO

91 Xa sibona ii-isms nezinto ezinjalo zivela, nazo zonke ezizinto zahlukileyo, siyazi ukuba kumelwe ukuba kubekhoimpendulo eyinene kule nto.

Kukho abantu apha phandle kweli lizwe ngoku, abayakungena emiqolombeni nakwiindawo ezinjalo, “Kwaye ngowe-16 kaMatshi,” nifundile ephepheni, “INkosi iyeza.” Niyaziukuba oko akunjalo.

UYesu wathi, “Akukho mntu uwaziyo umzuzu naloo yure.”

92 Siyakuzibona ezi zinto, nezinto ezenzeka ngale ndlelazingayo, kwaye kumelwe ukuba kubekho impendulo eyinenekwindawo ethile. Kunyanzelekile ukuba kubekho iNyaniso.Inye, impuma; ikwanye, intshona; kodwa kukho omnye,umzantsi-ntshona, nomntla-ntshona, okanye enye into.Kodwa imele ukuba ibekhona impendulo eyinyaniso,kwindawo ethile, kuloo ngxaki. [Yindawo esisikhewu leekhasethini_Mhl.]

93 Sikuphephe oku? Sinyanzelekile ukuba sibaxelele abantuukuba siphila kwiiyure zokuBuya koNyana kaThixo.Sifuna_sifuna ukujonga kwaye (uThixo) abe sekusebenzeni,lonke ixesha, elungele ukunika umntu impenduloechanekileyo.

94 Kwahlala kulolo hlobo. Kwahlala_kwahlala kusemntwini,uye waphepha wemnka kuThixo, ukusukela ku-Adam,emyezweni wase-Eden. Xa u-Adam wase-Eden, akufikelelakuxanduva ukuze abe nokuzikhethela, ingaba wayeya kuhlalakunye noThixo okanye ahambe nenkosikazi yakhe? Wayeseleekwenzile oko ku-^wayenyanzelekile ukuba ayenze loo nto,u_uxanduva lwaluphezu kwakhe. Kwakuphakathi kokubaathabathe oko kwakuthethwe yinkosikazi yakhe okanye okokwathethwa nguThixo. Waze wathi akukhetha ukuhambangendlela yenkosikazi yakhe, wathi akuyenza loo nto, ngokowalahlekwa yimo yakuqala. Wezisa ihlabathi liphelaekuthobekeni ekufeni, xa kwakunyanzeleke ukuba athabatheuxanduva, okanye kungenjalo amnkele ukukhanya okutshaeyathi inkosikazi yakhe yakufumana, okwakutenxile.

Owu Thixo! Yicinge loo nto. UThixo wabanika kuphelamalunga naMazwi asibhozo okanye alishumi ukuba bawagcine.“Ke kulaa mthi anisayi kudla.” Yiloo nto kuphela ababemelwekukuyigcina. Kwaye nditsho no^[Yindawo esisikhewu leekhasethini_Mhl.]^Elingakho iLizwi, baLaphula.

Ngoko u-Adam kwakunyanzeleke ukuba ajongane nento,“Ingaba ndiyakwenza njalo, ingaba ndiyakwenza njengokubainkosikazi yam ithe mandenze, okanye ndiyakwenza loo ntouThixo athe mandiyenze?” Yaye wahamba waphuma amehloakhe evulekile. Wayemelwe kukuthabatha uxanduva. Loo ntoyaphosa uhlanga loluntu luphela ekufeni.

INDODA IBALEKA ISIMKA EBUSWENI BENKOSI 21

95 Ngoko kweza omnye u-Adam, owayenguKristu, akazangeabekho ofana naYe! Ingaba ukho umntu othi WayengenguyeuThixo? Ukuba ngowahlukileyo kwakhe kwamqondakalisaukuba WayenguThixo. Akuzange kubekho sidalwa sakhesaphila njengaYe. Wayephila kwihlabathi eZiphilela yedwa.Wazalwa ngokungaphandle komda wemvelo, indoda enesono.Haleluya! UnguMdali ngokwaKhe enziwe inyama.

Ngubani owayenokukhe eme apho Wema khona? Ngubaniowakhe wathetha njengaye? Ngubani owakhe wathetha izintoAwazithethayo? Ngubani owakhe wenza izinto Awazenzayo?Ukuba ngowahlukileyo kwakhe kwaqondakalisa ukubaWayenguThixo. Akuzange kubekho mprofeti nantoni eyenyeeyayinokwenza oko Wakwenzayo; nguBani owayenokubizaofileyo aphume engcwabeni, inguBani owayenokumisaisibhaka-bhaka, aze enze nantoni na Awayefuna ukuyenza.WayenguThixo. Ngubani owayenokuma endaweni yaKhe?Ngubani? Yintoni Awayenokuba yiyo ingengulowougqibeleleyo, uThixo ongenakubhubha, enziwe inyamawahlala phakathi kwethu!96 Akukho nto yakhe yathelekiswa naYe. Wayephilakwihlabathi Eziphilela yedwa. Akukho mntu wakhe wathethanjengaYe. Ekuvuleni kwaKhe nje umlomo waKhe, kwakukhointo malunga noko, loo nto yayahlukile kuye nabani naongomnye. Umntu othile wathi Wayengumntu njeoqhelekileyo; ndiyayiphikisa loo nto. WayenguThixo. Nantsointo Awayeyiyo. Kuba, akukho mntu wakhe wathethanjengaYe, akukho mntu wayenokuthetha njengaYe, ngokubaYena wayeliLizwi eliphilileyo ngokwaLo lenziwe inyama,isibonakaliso senzaliseko kaThixo.97 Ndiyakuvuma, abo baprofeti babenayo imiyalezo yabo.Babenayo ngoko; banayo ngoku. Kodwa apho yayiyinzalisekoyentloko-buthixo ngokomzimba, ibonakalalisiwe apho.WayeNgowahlukileyo, kwaye WayenguLowo kwakumeleajongane nomcimbi. Ngawo onke amandla aKhe amakhuluAwayenawo, kangangokuba ngeWaba nguKumkaniwehlabathi ngokupheleleyo. Uyakuba nguye; kwaye unguYe,kwiingcwele zaKhe, unguYe ngoku.98 Wema apho. Ngubani indoda eyayinokuba lihlwempu,engenandawo yakulalisa intloko yaKhe; owayesazi nalaphointlanzi iginye khona ingqekembe yemali. Ngubani, yeyiphiindoda eyayinokuthabatha ezo jokhwe zinkulu zamanziiwajike abe yiwayini, ize ingabi nandawo yakulalisa intlokoyaYo yokugqibela? Wayemelwe kukujongana noxanduvaolwalunikelwe ezandleni zaKhe. Ngubani umntuowayenokuvusa umntu ofileyo amkhuphe engcwabeni, emvakokuba efe iintsuku ezine ebolile?

Ingaba WayengenakuZisindisa? Ngokuqinisekileyo,Wayenokuba nako; kodwa ukuba Wayenze njalo,

22 ILIZWI ELITHETHIWEYO

ngeWayengazange asisindise thina. Wayenyanzelekile ukubaajongane noxanduva, nangenxa yokuthobeka kwaKhekwiLizwi! Ngeli thuba, u-Adam wayengenakuthobeka, kwayewathabatha indlela enqunqayo, i_indlela ehlayo eyaeTarshishe. Kodwa uYesu wathabatha indlela eya eNineve,kwiiNtlanga, ukuya kuZifumanela uMtshakazi. Ndiyavuyangenxa yokuba Wayenzayo loo nto, ngokuhlwanje. Kwayesimelwe kukuba sithethe inyaniso, ukuba singabaKhe, sizesisuse ihlabathi. Amen!99 Wonke umntu wayemelwe kukujongana naloo nto,onoxanduva phambi koThixo. Sithabatha nje, ngokomzekelo,uNowa. Wayenalo. UNowa, uMoses, u-Elija, nabobonke_bonke abangabanye, kwisigaba ngasinye sexesha,kwanyanzeleka ukuba bajongane noxanduva. Kwayekwakunyanzelekile ukuba benze njalo, kodwa naso isizathusokuba babe bathunyelwa ngelo lixa.100 Khangela kuNowa kweso sigaba sakhe senzululwazi,indlela ekwakumele ukuba ajongane ngayo nentoeyayingeyoyenzululwazi kangako. Kuba, kwakungekho si_si_sizathu sokuba ibe yayingenakuba ngokwenzululwazi^’Yabona, ya_yayingekho ngokwenzululwazi, gxebe. Kuba,bathi izakuna iphuma esibhakabhakeni. Babengazangebafumane mvula iwa iphuma emazulwini, ngoku,kwanyanzeleka ukuba ajongane naloo nto. UThixo wathiizakuna. Waze ngoko yena^101 Ngoko ukholo ngaphandle kwemisebenzi lufile; ukubauthi, “Ndiyakholwa yiloo nto,” uze ungenzi senzo. KanyenjengoMyalezo, ukuba uthi, “Ndiyawukholelwa,” uze ungenzisenzo, oko kunceda ntoni? ’Yabona? UNowa waqalisaukusebenza ngehamile yakhe wakha umkhombe, ukungqinainto awayethetha ngayo. Nantso into esimelwe kukuyenza,nathi. Simelwe kukuqalisa ukusebenza siqondakalise ukhololwethu, ngemisebenzi yethu. Imisebenzi yethu iqondakalisaukholo lwethu.102 UMoses kwanyanzeleka ukuba enze loo nto, no-Eliyakwanyanzeleka ukuba ayenze. Wonke umprofeti kwisigabasakhe kwanyanzeleka ukuba eme ajongane nolu xanduva.Kodwa abaninzi babo abazange benze njengoYona. Wabaleka;bona benza.103 Qaphela, “Memeza ngokuchasene nayo.” Owu, bethu!Nantso ke. Nantso ingongoma, “Memeza ngokuchasene nayo.”Nantso indawo ekujongwe yona.

Yiya nje apho uxelele abo bafo, “Nithi, ndiyehla ukuyakuhlangana nani bafo. Uyazi, ndiyakholwa ukubandiyakunixelela into endiyakuyenza. Ndinento nje encinaneapha endikholelwa ukuba ndingayenza i^isihlanganisesonke, senze oku, okuya, okanye okunye.”

INDODA IBALEKA ISIMKA EBUSWENI BENKOSI 23

Kodwa, yayingu, “Memeza ngokuchasene nayo,” xaumelwe kukumemeza ngokuchasene nento. Ngoku,kwanyanzeleka ukuba amemeze ngokuchasene nayo yonke intoeyayilapho ezantsi; amemeze ngokuchasene nesixeko, amemezengokuchasene nomsebenzi wabo, amemeze ngokuchasenenenkonzo yabo, amemeze ngokuchasene nabaprofeti babo,amemeze ngokuchasene nabefundisi babo, amemezengokuchasene nababingeleli babo. “Memeza ngokuchasenenayo, loo nto iyonke! Memeza ngokuchaseneyo!”104 UNowa wamemeza ngokuchasene nesigaba sexesha lakhe.Ngokuqinisekileyo, wenza njalo, ngokuchasene namabandlaesigaba sexesha lakhe.

UMoses ngokuchaneke mpela wamemeza ngokuchasenene_nesakhe isigaba sexesha; abantu, ababingeleli, njalo njalo.Wamemeza yonke loo ndlela yokuphumela entlango. Nakukokonke ukuphambana kweendlela, wamemeza, ememezangokuthe gqolo ebantwini.

U-Eliya wayengongadumanga mpela ngomhla wakhe,ngokuba wamemeza ngokuchasene neso sigaba sexesha.Ngokuqinisekileyo wayenjalo.105 UYohane umBhaptizi wayengadumanga ngokukhulukwisigaba sakhe. Wamemeza ngokuchasene nesigaba sexeshalakhe. Wathi kukumkani, umlawuli we_welo lizwe; wa_watsho, watshata inkosikazi yomntakwabo. Kwafuneka ukubaeshumayele ngomtshato noqhawulo-mtshato, ngenye intsasa.Ngoko wamemeza ngokuchasene naloo nto, wathi, “Akukhomthethweni kuwe ukuba umthabathe.” Loo nto yamdla,intloko yakhe ukuba inqunyulwe, emva kwexesha, kodwawamemeza waze wema kwisigxina sakhe somsebenzi.

Akazange athabathe nqanawa iya eTarshishe, aze athi,“Kulungile, ndiyakuvumelana nawe, Herode. Ilungile loo nto.Okoko nje ucinga ukuba ungumfazi othandekayo, uyakubayinkosikazi ethandekayo, qhubela phambili.” Owu, yibanenceba. Ezi fayidukhwe, uyabona, ewe, yonke nje intoencinane^Kuba, kuba, akukho ziyiyo zezokuba kucocwe njeiipleyiti ezingcolileyo ngazo.106 Kodwa, qaphela, uYohane wayengenjalongo. Wajongananayo kanye. Wathi, “Akukho mthethweni kuwe ukumthabatha.”Ewe, mhlekazi. Kwaye wema ngokuchasene naloo nto.107 Abazange babaleke. UYohane akazange. Bema bajongananeenyaniso. UMoses wazama ukubaleka, ngaxesha lithile,njengoYona, kodwa uThixo wambuyisa. Abaninzi babo bazamaukubaleka kuloo nto; babeqalisa^

Kodwa, khangela, ukuba uThixo ukubizile, ube uqinisekileukuba uThixo ukuwo uMyalezo, akukho nto iyakukujika.Ayizange imjike uYona. Hayi, mhlekazi.

24 ILIZWI ELITHETHIWEYO

108 U-Amos wakudala, wamemeza, wathi, “Ingonyamaigqumile, ngubani na ongayi koyika? UThixo ethethile, ngubanina ongayi kuprofeta?” Ngubani ongayi kuprofeta, xa ubonauThixo ethetha athi into ethile iyakwenzeka, ibe yiyo leyo?109 Ingonyama iyagquma, wonke umntu uyoyika, ewe,mhlekazi, ukuba wakhe wayiva igquma ehlathini. Ungazivaezi zitswina zijikeleza kwezo hoko apha phandle, ezingonyama zithambileyo, kodwa ukuba ungeva eyenene,eyaphaya phandle igquma kube kanye. Amatye amancinaneayakuwa esihla endulini, ikwiyadi ezingamashumi amahlanuukuba kude. Ndifuna ukubona ukuba ukugragrama kuvela phina konke kuloo miphunga. Yaye iyijongisa phantsi intlokoyayo, imise oba boya; andizange ndive nantoni na^Injenge_ingengenkanunu idubula, xa igragrama loo mgquba mkhuluemiphungeni yayo. Ngubani ongenakoyika?

Bathi, ukuba ukhe wabulawa yingonyama, awuva buhlungu.Ikothusa ufe ngaphambi kokuba ikufumane. ’Yabona,awuyiqapheli loo nto. Ikothusa ngokokugquma kukhulukundlongo-ndlongo, ibe yiyo leyo ngomzuzwana okhawulezileyo.110 Wathi, “Ingonyama igqumile, ngubani na ongayi koyika?NoThixo ethethile, ngubani na ongayi kuprofeta?” Xa ubonauThixo esenza into ethile, uthi^Ndisenokungabi nguyeumprofeti^” UYona wathi^”Ndisenokuba ngabi nguyeumprofeti, okanye unyana womprofeti. Kodwa uThixouthethile, ngubani na ongayi kuprofeta?”111 Ndisenokungabi ngumprofeti, ndisenokungabi koku,okuya, okanye okunye. Xa ndibona uThixo esenza nantoni na,ndize ndiyibone apho eLizwini, abe Wayeyithembisile,ngubani onokuthula azole? Ngokuqinisekileyo, Ukwenzile oko.112 Asinako kananjalo ukuzimela emva kwemigaqo nazo zonkeezi zinto zilapha zobudlelane, nasezantsi ekuyeni_ekuyenieTarshishe. Asifuni kuhamba nobudlelane obunjalo.113 Kodwa abaninzi, njengo-Adam, benza kwaloo nto, bazamaukuthabatha into esisibambelo ngandlela ithile, bazameukufumanisa indlela yokuphuma, be_benze isibambiso, ukuzebajongane noThixo. Emveni kokwazi, kokungalunganga,bajongane neNyaniso, wahamba nenkosikazi yakhe wenzakanye oko uThixo wayemxelele ukuba makangakwenzi.Waqhubela phambili kanye wakwenza, nakanjani na. Wazengoko wazifumana eze, ingumfazi naye, bobabini, emyezweniwase-Eden. Amehlo abo avuleka. Bazi ukuba yayikokuphi naokulungileyo nokungalunganga, ngoko. Waze ngoko wazamaukufumana isibambiso, ukuze abe nokuzigquma ngaso.

Ngoku, loo nto ifana kanye nale ndlela siyiyo namhlanje,ukuzithethelela, uthi, “Ke, Ndiyakuxelela, ukuba bekulapha,okanye ukuba oku.” Okanye, “ukuba, ukuba, ukuba,” okonje^’Yabona? Kodwa unyanzelekile ukuba ujongane nayo.

INDODA IBALEKA ISIMKA EBUSWENI BENKOSI 25

Kuphakathi kokuba ibe yelungileyo okanye engalunganga.Kwaye ukuba ilungile, masihlale ngakuyo. Ukubaayilunganga, mnka kuyo. Fumana into^Fumana okokukokulungileyo. Awumelwe kuba salinda elinye ithuba.Masifumanise ngoku oko kuyiNyaniso noko kulungileyo,sihlale nako. Siyazi ukuba yinyaniso leya.114 Ngoku, sifumanisa ukuba namhlanje abantu banje^Kukhangeleka ngathi konke ukunyaniseka kuphume kwemnkaemabandleni. Ndi^Kwi^115 Sihlala kwindlu phaya yodade othandekayo ohamba kulenkonzo. Uhleli apha ngokuqinisekileyo ngokuhlwanje. Kwayeuqeshisa ngalo ku^ebantwini. Kwaye ube nobubele nje kuthimalunga nalaa ndawo, malunga nokusivumela sifumane laandawo. Ke ngoko bendinokulibiza igama lakhe, kodwausenokungafuni ukuba ndenze njalo. Kwaye ube nobubelekangako kuthi, ke, besingekhe_besingekhe sifune kumdiza.Kodwa ube ngolungileyo, umfazi olunge kakhulu. Kwaye aphoendlwini, bekukho umabonwa-kude ngaphaya kwelinye icala.Safumana encinane, esisibini, emagumbi mabini.

Ndinosapho olukhulu, neqela labatsha, kwaye si^kwayeu_uyazi, kwaye kunyanzeleke ukuba bafumane iibhedi zibeninzi kananjalo. Yaze yonke into yafumba apho ngaphezulu,uze unyanzeleke ukuba uphumele kule uphumele nakuleya,ukuze ungene uphinde uphume.116 Waze wathi ngoko ngaphaya babe benomabonwakude.Kuloo mabonwakude, aba bantwana babukela, ngentsasayeCawe, uhlobo oluthile lokuculwa kweculo olwathi lwathigqi. Kwaye, uyazi, i_indenze ndaphantsa ukuba neentloni;ukuba kwakhe akwabikho Bukristu benene kwindawo ethileonokubeka kubo izandla zakho, ukubona into ebizwa ngokubabuBukristu. Kuba, kukhangeleka ngathi konke ukunyanisekakuphumile kuloo nto. Kuba, abenzi, ababonakali ngathi^Kuba, imanyumnyezi nje indlela abaye beme ngayo aphobakhuphe amanqindi abo balwe omnye nomnye, apho, bezamaukucula amaculo nayo yonke enye into enjalo; baze benzeiziqhulo ekunokuba nzima ukuba umatiloshe azenze, bathethezonke iintlobo zezinto, beqhula bebheka phambili. Uyazi,ubungcwele bo_bo_boBukristu kukhangeleka ngathibulahlekwe yindawo yabo.117 Ngoku, ndiya enkonzweni ndi_ndibone umlungiseleliephakama apho azise ukuba ku_kuyakubakho umngcelelewokudada. Bonke abafazi bekwezi suti zokudada, bayaphumabonke baya apho. Baza kuba nokhuphiswano; aba bafazi,bedada. Kwaye bazakuba ne_nepati yohlobo oluthile, bazebazame ukugcada into eninzi yenkukhu, badlale umdlalo ibunco, na_nazo zonke izinto ezinjengezo. Kum, oko kususaukunyaniseka kwenene koBukristu; ukuhamba nje nayonantoni na.

26 ILIZWI ELITHETHIWEYO

118 Ndabona, kuvela apha, sifumanisa ukuba^Uyazi,sifumanisa oodade bethu abaninzi ngakumbi benxibaiibhulukhwe ezimfutshane, apha phezulu kwesi sixekosibandayo, kunokuba ubafumana phaya ngaphandlekwiphandle elishushu. ’Yabona, yinyaniso leyo. Phayangaphandle apho kushushu ngenene, ababaninzanga kuboabazinxibayo. Kodwa apha, apho_apho kubandayo, ba_bayakwenza oko. ’Yabona, kukuthi, abaqondi ukubangumtyholi lo wenza loo nto. ’Yabona? Ngoku, ukuba ibiyintoekuphatha kakuhle, ukuba ibiyinto yokuzinceda,ngekwahlukile. Iyindoda, ndicinga ukuba ikhangelekaiyegulisayo kwindoda, kodwa_kodwa ninga_aninakuyihoyaindoda. Kodwa, inenekazi, u_umzimba walo ungcwele,kwaye limelwe kukuwugcina ulolo hlobo. Ukubona elidala^

119 Ungababona, abantu namhlanje. Mibini imimoya ekhoyo.Kwaye omnye wawo nguMoya oyiNgcwele; omnye wawongumoya ongengcwele, kwaye umntu ulawulwa yiloo nto.Iyomibini iyeyenkolo. Ngoku, ewe, nantso indawoengaqhelekanga, iyomibini iyeyenkolo. Kwaye kanyenjengokuba babenjalo ku-Esawu noYakobi, bobabinibengabenkolo; njengokuba wayenjalo uKayin no-Abheli,bobabini bengabakholwayo; njengokuba babenjalo uYudanoYesu, bobabini bengabenkolo, bengabakholwayo. Kwayesiyakubona oko namhlanje, macala omabini, ngabenkolo.’Yabona, isekwanguloo moya mnye. Abantu bayafa, kodwaumoya awufi. Uqhubela phambili, yomibini iyeyenkolo.

Omnye kubo uzaliswe nguMoya oyiNgcwele, ophila uhlobolobomi abamelwe kukuluphila, uhambe ngokuhlonela uThixonangokunyaniseka. Abanakuze bakuqhathe nangepeni, kwayeba_bayakwenza yonke into enyanisekileyo abanokuyenza,ukukunceda. Baze abanye benze njalo^Belunge kanyekangoko benokuba nako.

Abanye ke, sifumanisa ukuba, basisichasi nje. Kwaye,nangoko, bebobabini banemimoya yenkolo, imibini; omnye,uMoya oyiNgcwele; omnye ke, ngumoya ongengcwele. Kwayeukuba uyaqaphela, uyakuthi, nakubeni bebanga ukubangabenkolo, bayakuhlekisa ngawe bakubize ngokubaungumqengqeleki ongcwele. Benza nantoni na abanokuyenza.

120 Bona, ngokutshikilela i_iLizwi likaThixoelingaguquguqukiyo, ngokungathi Alizange libe libhaliwe.

’Yabona, ungathi, “Ngoku, khangela apha, ukuba_ukubaubhaptizo^”

“NdinoMoya oyiNgcwele!”

“Uze ume apho uphethe umdiza esandleni, uwutshaye?”

INDODA IBALEKA ISIMKA EBUSWENI BENKOSI 27

“Ewe, ndinoMoya oyiNgcwele! Andicingi ukuba yintoengalunganga ukuthi kraqa. Andicingi ukuba ku^” ’Yabona?

Kwaye ukhe waqaphela, “Andicingi”? kodwa uThixoucinga ngokwahlukileyo, uyabona, ngokweLizwi laKhe.’Yabona? ’Yabona, bona^Kwaye bona_bona bathatha njengokulula njengo_njengokuLitshicela. Injalo kanye loo nto.121 Kanye njengokuba lo mfo wakudala mncinanewarhuquluzayo ngaxesha lithile, xa uDavide wayekhutshelwangaphandle etroneni yakhe. Wayenyuka iNtaba yeMinquma,ephuma, elila ekuhambeni kwakhe, ekhangele ngasemva. Wazelo mfo wakudala mncinane warhuquluza waphumela aphophandle wabe emtshicela. Waze loo mlindi, “Ndingavumelai^laa ntloko yenja ihlale phezu kwakhe, ize itshiceleukumkani wam?”

UDavide wathi, “Myeke.” ’Yabona, bamtshicela.122 Malunga namakhulu asibhozo eminyaka emva koko,batshicela uNyana wakhe, uYesu Kristu, ngokunjalo.

Kwaye namhlanje bayaMtshicela kwakhona, ngokungathiukuba beLithe nje^Ngokungabi nantlonipho, ngokukhathali,bajika nje intloko yabo bemnke kuLo, bakuhleke ezitumeni.Kutheni kunjalo nje? Bakwinqanawa eziya eTarshishe. Okokunjalo kanye.

Oku kubizela kuThixo, umelwe kukumemezangokuchasene naboni, umemeze ngokuchasene nesono,umemeze ngokuchasene nezinto ezingalunganga. Ngoku,khumbula, kuyakuba njalo.

Heyi, uyazi, ngeli xesha. Uyazi, ndikumahluko ngeeyureezimbini. Kwaye eTuscon kumalunga nje nemizuzu elishumiemva kweyesixhenxe, kwaye_kwaye ndibu_ndibuphumakwindawo yam apha. Heh? Kulungile.123 Ngoku khumbula, siza kuba nempendulo yaloo nto.Khumbula, apho batshicela kuKristu bayakuphendula ngaloonto.

Xa uDavide wabuyayo elubhacweni lwakhe, xawayesisibhadu-bhadu, waze wathi akubuya, khumbula, loomfo wawa ezinyaweni zakhe wakhalela ukwenzelwa inceba.Bamtshicela uDavide, ekuphumeni kwakhe, kodwa wayeseleelungele nokuhlamba iinyawo zakhe ngeenyembezi, ke,ekubuyeni kwakhe.

Kwaye ngenye imini abo bamhlabayo uYesu bayakuyibonaloo nto.

Ke abo baMhlabayo namhlanje bayakuyibona, nabo. Bona,ngenye imini, oko kuyakubuya. Khumbula, kwiZityhilelo 22,Unyanzelisa ukuba sigcine lonke iLizwi Awalibhalayo; lonkeiLizwi.

28 ILIZWI ELITHETHIWEYO

124 Ngoku siyazi ukuba uBukho baKhe bulapha. Bungqinelwe.Sinabo. Siyathemba, kule veki izayo, buyakuqhubela phambiliukungqinelwa phakathi kwethu; abagulayo bayakuphiliswa,nezinto ezinkulu ziyakwenzeka.

Asifuni mbono iyedumileyo. Sifuna iNyaniso. Kwayeasifuni, si (funa) asifu ku_asifuni kujongana nanto iyenyekoko noko uThixo athe kuyiNyaniso. Kodwa, “Qiniseka ukubaizono zakho ziyakuhlala zikufumana.” Ukuba azenzenga njaloapha, ziyakukufumana eMgwebeni. Ngoko u_u^Ziyakukufumana ndaweni ithile, ngoku. Ewe, mhlekazi.

125 Kodwa ukuba unguMkristu wenene, obizwe ngenenenjengokuba wayenjalo uYona, uThixo sele eluhlawuleleuhambo lwakho. Yihla kuloo nqanawa iya eTarshishe,nakanjani na. UThixo wakumisela ngenxa engaphambili kobubomi. Ewe, mhlekazi. Ukuba ungonyanisekileyo, umntwanaobiziweyo kaThixo, yiza kuKristu. Ngena kwinzaliseko yaKhe.Indlela yakho ihlawulelwe ukuya kuma phi? Ihlawulelweukuya kuma eNineve, hayi eTarshishe. Umiselwe ngenxaengaphambili. Inqanawa yakho^Ikho inqanawa ephumayokhona ngoku, isendleleni. Ngoko inye kuphela onokuyena,kukukhwela. Kwaye ukuba ubufana noThixo, awunakuzeufumane xolo^

126 Njengomtshanana wam, kumzuzu odlulileyo. Malunganeminyaka elishumi ngoku, uhambe iindawo zonke. Ngentsasaethile wayesiya kule nkonzo, kule nkonzo yamaKatolika ilaphaezantsi, aze athabathe oku kuba utata ongcwele othilewayethetha ngako ngapha, aze athabathe okunye kweli,nokunye kweliya. Iphelela phi yonke loo nto? ’Yabona? Kengoku usalambile enxaniwe. Ndathi, “Indawo yakhoisesibingelelweni phaya ezantsi, nyana.” ’Yabona?

Akukho ndlela yakuphuma kuloo nto. Xa uThixo ekhewakusukela, usenokukhe nje uncame uhambe. Kuphelele apho.

127 Khumbula, uThixo! Ke, uThixo wayekuloo mkhombe.UThixo wayekwisitshingitshane. UThixo wayengaphakathikuloo ntlanzi. Naphi na apho wayejikela khona, uThixowayelapho.

’Yabona, uThixo ukho, kwaye oko kuyakuhlalakukuhlupha nje. Ngoku kutheni sisalinde elinye ithuba elidenje? Masiyiqalise nje le mvuselelo ngokukuko. Kulungile!Nilindele ntoni? Siyakholwa ukuba ukuBuya kweNkosikusondele, kwaye Iyakuba noMtshakazi, kwaye seYilungile.Kwaye asifuni ziinqanawa ziya eTarshishe. Siya eNineve. SiyaeBuqaqawulini. Amen. Injalo loo nto. Siya apho uThixoayakusikelela khona, kwaye yiloo nto esifuna ukuyenza.

128 Hlalani nje Phambi koThixo, ngoko, neentliziyo zethu; hayiizandla zethu, kangako, koko iintliziyo zethu ziphambi

INDODA IBALEKA ISIMKA EBUSWENI BENKOSI 29

koThixo, ade Asinike isongo, ndawo yonke, ngolo hlobo,ngemitha yobuqaqawuli baKhe; abhakele ngaphakathi kuthiokwaKhe_ukulunga kwaKhe, avuthiswe oko sinako, ekufakakokuyinene, ’yabona, kufikelele apho sinokubonisa khonaabanye ukuba uYesu Kristu uyaphila. Owu, bethu! Sifunaukukholelwa loo nto.

129 Kwaye khumbula, apho uYona waya khona, uThixowayekuloo nqanawe; uThixo wayekwisitshingitshane; uThixowayesentlanzini. Wahamba kanye ekunye noYona yadeintando yaKhe yabe yenziwe. Injalo loo nto.

Kwaye ukuba ukhe Wakulandela, usenokuzimela ngapha,uzimele ngaphaya, kodwa uyakuhlupheka ubuhlungu udeubuye wenze into obuyiqalile ukuMenzela ekuqalekeni.’Yabona? Musa ukuhamba, ubaleka eBusweni bukaThixo.Jongana naloo nto. Uyakholwa ukuba yiNyaniso, ngokovumela^Ukuba yiNyaniso, imelwe kukuphilelwa, ifelwe,nantoni na eyenye. Kwaye ukuba wakhe Wayingqinela kuwe,yiNyaniso leyo, ngoko asinako ukubaleka kuyo, naphi na.Uyakubalapho kanye, ngokufanayo. Awunakuyenza loo nto.

130 Ngomprofeti waKhe obonelelweyo, Lowo wamiselwaukuhla aye apho aphalaze loo myalezo. Ngoku, kwakhangelekangathi ngeWayethume omnye umprofeti, kodwa WanyulauYona; kwaye no-Eliya ngewayengakwenzanga oko;uYeremiya ngewayengakwenzanga oko; uMosesngewayengakwenzanga. YayinguYona owayemelwe kukuyaeNineve. Yiloo nto kuphela ekwakuyiyo. Wamyalelawamxelela ukuba aye. Kwaye Athi, “Yiya phaya, Yona, yivaeNineve,” akukho mntu ungomnye unokuya kwenza loo ntokoko nguYona.

Kwaye xa uThixo ekuxelela into ethile, umelwekukuyenza; akukho mntu ungomnye. ’Yabona, simelwe njekukujongana naloo nto, yaye, siyokuyenza.

131 Siyakholwa ukuba siphila kwiyure apho uThixo enza intoethile khona. Siyakholwa ukuba siphila phakathi kwabo bantungoku. Ndiyakholwa ukuba ngokuhlwanje ndishumayelakwelo bandla li_lihleliyo, lilinde phaya phandle ukubalivuthwe. Ndi_Ndiyikholelwa ngenene loo nto, ngentliziyoyam yonke. Ndingathi kuyinto enye ngoku kunokuba bekuhlelikunjalo.

132 Ngoku, siyakholwa ukuba iyure iyeza apho uYohaneoNgcwele 14:12 amelwe kukuzaliseka khona. Thina, sikholwaukuba uMalaki 4 umelwe kukuzaliseka. Sikholwa ukubauLuka 17:30 umelwe kukuzaliseka. Siyakholwa yiloo nto,zonke ezi ziprofeto Wathi ziyakwenzeka ngaloo mhla.Siyakholwa ukuba zimelwe kukuzaliseka, kwaye siyakholwaukuba sizibona zizaliseka kanye ngoku. Injalo kanye loo nto.

30 ILIZWI ELITHETHIWEYO

133 Pheza ukubaleka. Musa ukuphuma kuBukho baKhe;hamba nje ungene kuBukho baKhe. Injalo loo nto. Kwayendiyazi ukuba yiloo nto oyinqwenelayo. Kuba, ndizibonileiimvume eziphuma eTexas, eziphuma eLouisiana, nakuyoyonke indawo. Nantso into esizele yona apha, asikokubalekaeBusweni baKhe, koko kukubalekela eBusweni baKhe.

Buyani, phumani kwi^[Yindawo esisikhewu leekhasethini_Mhl.]^wayekho uYona, ukuba kuyingxakiukuba mawuye ngaphi na okanye wenze ntoni na, khwela,ngena kwinqanawe kunye nathi ngokuhlwanje. Siyehla siyaeTarshishe, ukuya kumemeza^okanye eNineve, ukuyakumemeza. Siyayiyeka laa nqanawa yaseTarshishe ihambe ihleukuba bafuna ukwenza njalo. Sinomsebenzi phambi koThixo,lowo, nguMyalezo esinoxanduva lwawo.134 Ngoko kule veki izayo, sisandulela nje esincinanengokuhlwanje, ukunazisa. Xa ndimemeza, ndinoxanduvangokupheleleyo loMyalezo, bazalwana. Nina balungiselelinihleli apha, andizanga apha kuza kunenza buhlungu. Nanibafazi namadoda, kule ngongoma yomtshato noqhawulo-mtshato izayo, ndifuna ukuba nikhumbule ngokuhlwanje.Ndikuthethe konke oku, ukuze ndizise oku kuni, kokubandinoxanduva kuphela kuThixo.

Kwaye ngoko, kwakhona, ndinoxanduva kuni, ukubandinixelele iNyaniso. Kwaye andizi kunixelela enye intoingeyiyo iNyaniso, okoko nje uThixo endazisa ukuba yintonina eyiNyaniso. Ndingekayazi iNyaniso, akukho ntondiyakuyithetha malunga noko, ’yabona, akukho ntondiyakuyithetha malulnga nako. Kodwa ndiyakholwa ukubauThixo uyandibonisa iNyaniso ngo Mtshato Noqhawulo-mtshato, kwaye ndiyathemba ukuba Uyakwenza ukubandiyikhuphe.135 Kwaye eminye iMiyalezo endiyakuba nayo kule veki, yile,Ngubani Na Lo Melkitsedeke? Unyule Ukulibeka Phi Na IgamaLakhe UThixo? nezimbalwa zezo zinto zinjalo, eziMiyalezoezayo, noKulunywa. Nezinto ezimbalwa, e_ezingolo hlobo,nokubonisa kwiNdoda Enyula Inkosikazi Yayo. Nezintoezimbalwa, zeMiyalezo, endifuna ukuyizisa kule veki. Kodwandifuna nje ukuba ibandla^136 Ke, ukuba kuyakubakho umlungiseleli apha; ndibendingekho, bazalwana bam^Andifuni ukuba nithi, okanyeabanye bamalungu enu, ubuyele kwibandla, uthi, “UMzalwanauBranham uthethe kanje nakanje.”

Ndibotshwe luxanduva kuMyalezo othe wanikelwa kumuvela kuThixo Onamandla onke. Kwaye ndimi aphangokuhlwanje, yaye uThixo uyazi ukuba yinyaniso leyo, ukubakanye phaya ezantsi phezu kwalo mlambo^Kukho abantu,mhlawumbi, abahleli apha, xa laa Ngelosi yeNkosi yehlayo

INDODA IBALEKA ISIMKA EBUSWENI BENKOSI 31

apho yandixelela oko Yakuthethayo, kanye apha ngo 1933,kanye apha ezantsi kwesi Sitrato iSpring. Ukuba ungumhambiapha, maze uqhube uhle kanye. Kusekoneni yeSitrato iSpring,apho uhlangana khona umlambo, kulapho apho kwenzekakhona. Ngoko kwakungo 1933. Eneneni kumalunga namashumiamathathu anesibini eminyaka eyadlulayo, ngoko. Owu,kukumashumi amathathu-^kukumashumi amathathu-^kumashumi amathathu anesibini eminyaka eyadlulayo,kumashumi amabini anesithathu eminyaka eyadlulayo.

Indlela Awathi ngayo wehlisa oko, yonke into. Kwayesithe saphuma, sisizisa uMyalezo, sabona abagulayobephiliswa, iimfama, iziqhwala, imilwelwe, nabangakwaziukuhamba, nayo yonke into. Saze sabona nabafileyo, esaziyoukuba baye baqinisekiswa, bevuswa kwabafileyo. Abantubafa, baphinda bavuselwa ebomini kwakhona, nazo zonke ezizinto. Ukuba uMyalezo uthe waphuma, kukho imiqondisonezimanga!137 Yaye nisayibona loo ngcinga yakudala nithe neza nayo?Eyayingaveli kuThixo. UThixo akameli nje ukuba enze^

UThixo uzama ukutsalela umdla wenu kwiNto ethile.138 Ke ngoko xa uYesu waphumayo, Waqala ngokuphilisaabagulayo, esenza imisebenzi emikhulu nezinto ezinjalo. Yena,njalo, Yena^UYesu wenza njalo. NoMoses noYesu bayenzaloo nto, nabo bebonke abanye. Kwaye xa Yena wayelapha,Wenza loo nto.

Yaye Uyayenza, kwaloo nto namhlanje. Xa Athumelaesenzela inkonzo elolo hlobo, iimvuselelo, eqalisa inkonzoemhlabeni, aqalise ukuhamba-hamba nale miqondiso mikhulunezimanga. Uze ngoko ubone, kubuye, laa ngcinga indalayemfundiso, kukho_kukho into engalunganga apho ndaweniithile. Kukho into entsha evelayo! Xa uYesu waphumayoemva, ngoko^139 “WayenguRabi olungileyo.” Wayenokuya epulpitiniashumayele naphi na Wayephilisa khona abagulayo. Xa, owu,bakuthanda ukuba naYe ngapho.

Kodwa ngenye imini wathi Akuhlala phantsi, wathi, “MnanoBawo siBanye,” mzalwana, Akazange adume emva koko. XaWathi, “Ningathanga niyidle inyama yaM, nilisele iGazi laM,aninaBomi kuni. Koko lowo uyidlayo inyama yaM, asele iGazilaM, unoBomi obunguNaphakade; ndaye Ndiyakumvusangomhla wokugqibela.” Ngoko, Wayengadumanga ukusukelangoko.140 Bathi, “Le Ndoda iligongqongqo. Le NdodainguBhelezabhule. Nantso indlela Azenza ngayo ezi zinto.Uyakwazi ukuchaza okuzayo. Ukhangele e_ezingqondwenizabo waziqonda iingcinga zabo. Ungumvumisi.”

32 ILIZWI ELITHETHIWEYO

Kodwa yayiyintoni, Wa_WayeliLizwi likaThixolibonakalaliselwe elo lixa. Kwaye Wayebotshwe ngumsebenzi.Wathi, “Ndenza oko kukholisa uBawo waM njalo.” UThixomakasincede senze kwaloo nto, senze oko kukholisa uBawo.

141 Kwaye ndiyathemba ukuba bonke bayakuqonda. Ukubauvumelana nam kule Miyalezo nezinto ezinjalo, uzeukhumbule, ube nayo oku kwale mbeko, yokubandinoxanduva, andiyi Tarshishe. Ndikwindlela eya eNineve,kwaye ndi_ndiyamemeza. INkosi inisikelele.

Masithobe iintloko zethu okomzuzwana nje.

142 Sekubetha icala leyethoba. Andifuni kunibambezela,kodwa ukufumanisa ukuba ndinganakho na, ngokuhlwanje.Ukuba kukho abathile apha a_abangaqinisekanga nje ukubanimelwe kukuba phi na kuKristu, kodwa u_ungafuna ukubakuye, ube unqwenela ukuba njalo, ungasiphakamisa njeisandla sakho, uthi, “Mzalwana Branham, ndithandazele?”UThixo akusikelele, khangela nje izandla. “Ndi_ndifuna^Ndilapha, Mzalwana Branham, ukuza kusondelakuThixo.”

Kwaye ukuba intloko yakho iyaphakanyiswa, i_isandlasam siphakamile, naso. Nantso into endizele yona. Ndilambile,njengokuba unjalo.

143 Kodwa, owu, ngenye imini, kwenzeka enye yezona zintozakhe zalunga, kwaye ndi_ndiyazi ngoku ukuba mandenzentoni na. Yaye ndi_ndiyathandaza ukuba uThixo abenokukunika ukuqonda okucacileyo. Kukhona. Yi^Ukubakukho umbuzo engqondweni yakho, imelwe kukubakhoimpendulo kwindawo ethile, ukuze iphendule kuloo mbuzo.Umthandazo wam, kukuba, uThixo awubone loo mbuzoawuphendule ngeli xesha.

144 Ukuba uyagula, wanga uThixo angakuphilisa. Sizakubanenkonzo yempiliso, ndiyaqonda, ngeliphandle ubusukungabunye, kwaye siyakuthandazela abagulayo. Siyakwenzanantoni na esinokuba nokuyenza ukukunceda, nawe wenzeyonke onokuyenza ukusinceda. Kwaye siyakusebenza kunye,sithemba kuThixo ukuba uyakusinika inkonzo enkulu.

145 Ngoku, Bawo Thixo, la mazwi ambalwa mancinaneanqunyulweyo, kodwa asezandleni zaKho ngoku. Nkosi,athethiwe. Ndiyakuhlangana nawo. Kanye njengokuba^Lamazwi akanakuze afe; ayajikeleza ejikeleza umhlaba,egciniwe, kwaye ngenye imini kuyakufuneka ndijongane nawokanye kwakhona. Ndiyakuqonda oku, Nkosi, kwayendikuthetha ngokunzulu ngokunyaniseka.

146 Ndiyathandaza, Thixo othandekayo, ngokuhlwanje,ndithandazela mntu ngamnye kwaba, abantwana baKho.

INDODA IBALEKA ISIMKA EBUSWENI BENKOSI 33

Kwaye, Owu Thixo, ndiyathemba, phambi kokuba iphele iveki,ba_bayakuqonda; ukuba umbuzo, ongowona mkhuluezingqondweni zabo ngokuhlwanje, uyakulungiswa. Siphe,Nkosi.147 Kukho abathile apha abangaKwaziyo, Bawo,njengoMsindisi, okwangoku, okanye mhlawumbi abangazangebazaliswe ngoMoya oyiNgcwele. Yanga ingabobo busuku obu.148 Nkosi, andinakuzalisa mntu ngaMoya uyiNgcwele;ndingenako nokusindisa mntu. Ndingabaxelela kuphela okoWakuthethayo, “Banoyolo abo balambela banxanelweubulungisa, ngokuba bayakuhluthiswa bona.” Kwayendiyathandaza, Thixo, ukuba Udale engako indlalaezintliziyweni zabo.

Abaninzi, Nkosi, bamelwe ukuba balambile; bangathiniukuqhuba la makhulu eemayile, bephumela emkhenkceninakuyo yonke into, benqumla iintaba ezinemvula, banqumleiintlango, banqumle ukuza kwindawo encinane endala elaphaekoneni! Ngoko ndiyacinga kwakhona, Wena wathi, “Aphosukuba sikhona iSidumbu, ayakuhlanganisana khonaamakhozi.” Sondle, Nkosi, ngeMana eNgcwele yaKho. Yiphaimiphefumlo yethu oko sikuswele ngenene. Sinxanelwe Wena,Bawo. Sisezandleni zaKho ngoku.149 Makathi uMoya oyiNgcwele omkhulu owehla entabeniphaya ngenye imini, ndiyathandaza ukuba Anyakamise yonkeintliziyo elapha ngokulunga kwaKhe nenceba, nokuqonda.Siyaqonda, Bawo, ukuba oko sikusweleyo, kukuqonda. Kubaukuba asazi ukuba yintoni na esiyenzayo, ngoko sazi njaniukuba siyakuyenza njani na? Kodwa simelwe kukuqonda.Njengokuba uDaniyeli wathi, waba no”kuqonda ngeMibhaloyomprofeti uYeremiya.” Yaye, Bawo, sinokuqonda ngeMibhaloyoMoya oyiNgcwele, njengokuba EyakuLityhila kuthi ngelilixa. Siphe, Nkosi, iminqweno esiyifunayo kuWe. Sikucelangokuthembekileyo oku, Bawo, sisenzela uzuko lwaKho,eGameni likaYesu Kristu.150 Ngoku iintloko zethu zithotyiwe. Njengoko udade esenzaisingqi ngoko, “Uyakundinika ubabalo nobuqaqawuli, ahambenam yonke indlela.” Ndifuna ukuba uthandaze njengokuzolileyo ngoku ucele uBawo waseZulwini ukuba akuphe,ngokuhlwanje, oko ukusweleyo.151 Mzalwana othandekayo, dade othandekayo, Ukufutshanenje njengokuba ingalo yakho injalo kuwe. Wena, ukholiwekum nga_ngamanye amazwi, ukholiwe kum yile nto. Ulaphaukuze akunike nantoni na oyisweleyo.

152 Owu, kwezi veki zimbalwa zidlulileyo bendilambekakhulu, ndinxanwe kangako, ndikhumbula ekhaya kakhulu,ukuze ndinibone. Naso isizathu sokuba ndibe ndithe, “Billy,masigoduke.”

34 ILIZWI ELITHETHIWEYO

UMeda wathi, “Ufuna ukubuyela phaya ngoba, kwelalizwe lakudala libandayo kwakhona, Bill? Uhlala uba nomqalaobuhlungu nayo yonke into. Uyaphuma njalo, ube nengqeleentloko, ube sisitshotho, kuze kube nzima kuwe ukuthetha.”153 Ndathi, “Ke, andazi.” Ndathi kuye^Ndibona umhlobowam, uCharlie Cox, ehleli phaya emva. Ndathi,“Ndingxamele nje ukuva uCharlie esithi, ‘Laa nomatsewasemthini mncinane uqabele kulaa mthi ungaphaya.’Ndilambela kakhulu ukuva loo nto.” Ndi_ndifuna njeu_ndifuna ukuba kufutshane kuni.154 Ndiyazi ukuba uMzalwana wam uBanks ugule kakhulu.Ndaye ndabona umbono wakhe, apha kungekudala kwixeshaelidlulileyo, wayengqengqe ngomqolo ke. Yaye ndiyazi ukubausondele kakhulu ekumkeni kuthi, kwakutshanje. Xa ndijongakwabahlukeneyo benu^155 Ndangena ngobunye ubusuku, kwinkonzo yaMadodaangooSomashishini abangaMakristu, iyeyehlabathi jikelele.Omdala u“Pop” Shakarian, utata kaDemas, wayedlangokuhlala apho ahlale nje ejongile ndide ndingene, aze keancume, yaye oko kuphakamisa kuncinanekwakusiphakamisela kum. Wayengasekho. Umnkile.

Ngoko ngobunye ubusuku ndandingene kolo sapho, no-ITSHO INKOSI, intombi yabo yayiya kufa, nayo. UFlorence,ndambona embonweni, ndambona ehamba. Ndandisazi ukubawayehamba ke. Ndaze ndathi, “Thandazani, thandazani nje.Niyazi ukuba kukho^Umprofeti ngaxesha lithile waxelelwaukuba aye kuxelela ukumkani ukuba alungise indlu yakhe.Waze wathandaza, waze Wabusindisa ubomi bakhe, ishumielinesihlanu leminyaka.” Ndathi, “Thandazani.”156 Kodwa, kukhangeleka, ndaze nda_ndabuya^Ndahlalangapha kwivenkile yokudlela, ngenye imini, ndisidla.Kwakukho indoda eyeza kum, yathi, “Ingaba unguBillyBranham?”

Ndathi, “Ewe.”157 Kuqondakala ukuba yayingandazi, kakade ngale ntoingaphaya kule ndawo ingenanwele entloko kum. Ndandinxibeesi siqwengana sincinane seenwele, ukuzigcina ekubeninomqala obuhlungu ngale nkonzo.

Yaze yahamba yeza kum, yathi, “Bendicinga ukubandiyakwazi, Billy.”

Ndathi, “Ewe.” Ndathi, “Ungubani?”Yathi, “NdinguJohn Warman.”Ndathi, “Unjani uZip?”Wathi, “Billy, wasweleka.” Hee!

INDODA IBALEKA ISIMKA EBUSWENI BENKOSI 35

158 Ndandisihla ndinqumla kwindlu yenkundla; ndisihlaukuya kuhlawula iirhafu zam. Ndinqumla kwindluesenkundleni, laze inenekazi elithile landikhwaza, lathi,“Ubusazi ukuba uJohn akasekho?” Okanye, igama elithile.Isenokuba yayingengoJohn; u-Edd, okanye into elolo hlobo.Ndaze ndathi^Ndandingamazi lo mfazi. Ndazivandineentloni. Ndaze ndafumanisa ukuba, ndandingamaziukuba yayingubani na.

Wathi, “Uyakhumbula ngobunye ubusuku obumnyama xaumlambo wawunyukele ngaphezu kwamanxweme aphangaphandle, izindlu zisimnka, ngaphaya kwisitrato iChestnut,wabubeka emngciphekweni ubomi bakho ukhuphe umfazinabantwana abancinane abathile?”

Ndathi, “Ingaba unguye?”159 Lathi, “Ndi_ndim elo nenekazi.” Laqala ukukhalela usanalwalo; niyalazi ibali lam. Lathi, “Ndingulowa wakhwaza‘usana lwam,’ lutshatile lunosapho.” ’Yabona? Yabe inguye lo,emdala engwevu; nam ndimlo, ngokunjalo.160 Ngabanye ngabanye, amakhadi ethu ayaphuma kwindawoyokuxhoma, njengokuba kwakunjalo. Njengokubasineenkonzo, ndilahlekwa ngulo, ndilahlekwe ngulowa. Sonkesimelwe kukuthi silahleke, ngolunye lwezi ntsuku.

Kodwa, mzalwana, dade, ikho iNdawo yokuhlangana.Masiqiniseke ngoko ukuba silungile. Ingaba uyakwenza njalo?Singavumeli konke ukuqonda kwethu uThixo, njalo njalo,kuhambe ngelize. Masikholwe.161 Bawo, basezandleni zaKho. Ndisezandleni zaKho, Nkosi.Silapha nje ekuzinikezeleni ngoku, ngaphambi kwenkonzoeqala ngokuhlwa ngomso. Ungasinceda na Wena, Nkosi?Kwanga okwethu_ukuthetha kwethu kungathi rhoqokungaWe! Zanga iintliziyo zethu neengqondo zingahlalakuWe, yaye Wathi Uyakusigcina sikuxolo olugqibeleleyo.Kananjalo kubhaliwe eBhayibhileni, “Musa ukoyamangokwakho ukuqonda.” Owu Thixo, asifuni kuqonda kwethu;sifuna okwaKho ukuqonda. Siphe kona, Owu Thixo. Kwayeyanga imvuselelo ingeza ngaphakathi kwemiphefumlo yethubade aba bantu babe nokuba ntliziyo nye nje babe moya mnye.Siphe oko, Bawo. Siphe ezi zinto, ngoku sisathandaza eGamenilikaYesu Kristu.

Ude umphefumlo wam oxwiliweyo ufumaneUxolo ngaphesheya komlambo.Emnqamlezweni, emnqamlezweni,Mandiqha-^(masiphakamise izandla zenu)

^naphakade;Ude umphefumlo wam oxwiliweyo ufumaneUxolo ngaphesheya komlambo.

36 ILIZWI ELITHETHIWEYO

Yesu, ndigcine emnqamlezweni,Apho kukho umthombo othandekayo,Osisisa ku^(ewe, Nkosi, usisisa)^

isikhukula esiphilisayo,Simpompoza kumthombo waseKalvari.Emnqamlezweni, emnqamlezweni,Mandiqhayise njalo;Ude umphefumlo wam oxwiliweyo ufumaneUkuphumla ngaphesheya komlambo.

162 [UMzalwana uBranham uqalisa ukungqumshelaKufutshane Nomnqamlezo_Mhl.] Owu Thixo! Ukuba kukhonabani na kuni oziva ukuba angathanda ukuza apha aguqengasesibingelelweni, ukuba uyakuthanda ukuza, uthi,“andikho kwindawo endimelwe ukuba kuyo, Nkosi. Ndi_ndifuna ukwenza ukunikezela. Ndifuna ukukwenzangokuhlwanje, Nkosi.” Wamnkelekile ukuba uze. Silaphaukuze sikuthandazele. [UMzalwana uBranham uqhubelaphambili engqumshela Kufutshane Nomnqamlezo]

Emnqamlezweni, emnqamlezweni,Owu, mandiqhayise njalo;Ude umphefumlo wam oxwiliweyo ufumaneUkuphumla ngaphesheya komlambo.Yesu, ndigcine kufutshane nomnqamlezo,Kukho umthombo othandekayo,Usisisa sesikhukula, esiphilisayo kubo bonke,Umpompoza kwintaba yeKalvari.Emnqamlezweni, emnqamlezweni,Mandiqhayise njalo;Ude umphefumlo wam oxwiliweyo ufumaneUkuphumla ngaphesheya komlambo.

163 Masithandaze nje, mntu ngamnye ngendlela yakho ngoku.Uthi_uthi nje ulilibale ixesha. Masithobe iintloko zethueBusweni baKhe. Eli nenekazi lincinane lilapha, liyakhwaza,“NdiyaKuthanda, Yesu!” Uyakhumbula ekusindiswenikwakho, kwiminyaka emininzi eyadlulayo, uyakhumbulaukuba kwakumnandi njani oko kuwe? Kusemnandi kanyenjengokuba wayenjalo ngokuhlwanje. Masithandaze, wonkeumntu ngendlela yakho ngoku. Masithi nje_masizinikele njesonke iziqu zethu kuThixo, sinikele nje iziqu zethu ngaphayaeNkosini.164 Nkosi Yesu Othandekayo^[Yindawo esisikhewu leekhasethini_Mhl.]

UMsinga wentuthuzelo yam yonke,Ungaphezu kobomi kum,Ngubani endinaye ehlabathini ingenguWe?Okanye ngubani eZulwini koko nguWe?

INDODA IBALEKA ISIMKA EBUSWENI BENKOSI 37

Thixo Othandekayo, siyathandaza ngoku ukuba incebayaKho nobabalo ithunyelwe phezu kwakhe ngamnye kuthi,Nkosi. Silapha singqonge isibingelelo. Abaninzi abakwazangakunyuka beze; Uyakuhlangana nabo kwizihlalo zabo. Nantonina esiyinikelayo, Nkosi, Ukulungele ukuyamnkela. Ukubasinikizela kuWe ixesha lethu, Uyakulamnkela; italente,Uyakuyamnkela. Kodwa, Nkosi Thixo, ngokuhlwanje sidlulelangaphaya koko, sinikezela konke esikuko. Konke endikuko,konke endakhe ndalindela ukuba kuko, konke kukuWe, Nkosi.Siyathandaza ukuba Uthabathe oku, imithandazo yethu,ingene entliziyweni yaKho, Nkosi, uze usiphe kubunzuluobukhulu bukaMoya oyiNgcwele, ukuze ubomi butshintshwe.Kuba, siyabona ukuba sisondela esiphelweni ngoku.Akusenakuba thuba lide kakhulu. Njengokuba sibonaesibathandayo besiwa, umhla nomhla, abatsha nabadala,siyazi ukuba kwakamsinya kumelwe kukuba kunkqonkqozwekumnyango wethu. Kwaye ngokuhlwanje, Nkosi, ngeli thubasikwingqondo zethu ezipheleleyo, sihleli apha, okanye siguqeapha, simi apha, nokuba yeyiphi na imeko esikuyo, samnkele,Nkosi Thixo.

165 Ndithabathe, Nkosi. Akukho nto ndiyiyo, kodwa nokubandiyintoni na, Nkosi, ukuba kukho into Onokuyisebenzisaephuma kum, ndinikezele isiqu sam kuWe.

166 Ndiyathandaza, Thixo othandekayo, ndithandazelangamnye kwaba. Aba bantu bathandekayo bathe bema phayaphesheya ezintabeni e-Arizona baze bakhwaza, naba kebeguqile bengqonge isibingelelo kunye nathi ngokuhlwanje,bethandaza, sinikezela ubomi bethu. SiyaKuthanda, Bawo,ngaphezu kobomi bethu buqu. SiKuthanda ngaphezukweentsapho zethu. Sithanda Wena ukudlula inkosikazi,abantwana, utata, umama, udade, umntakwethu, umyeni,inkosikazi. SiyaKuthanda, Nkosi Yesu. Yenze loo nto ibeyinene kangako ezintliziyweni zethu, Nkosi. Galela i-oliyovuyo, kule veki, Nkosi, emiphefumlweni yethu. Sipheukuqubha, ukuhlanjwa ngeLizwi, ngamanzi eLizwi, usahlulelaeNyanisweni.

167 Baninzi apha ngokuhlwanje, Nkosi, kwaye bayakubalapha, abathe babhideka kwezi ngongoma ziphilileyo. OwuThixo, vula umthombo endlwini kaThixo, o_ongowokusicoca.Ndiyathandaza, Thixo, ukuba usihlambe usicoce egazinilaKho, usenze sibe zizidalwa ezitsha. Usinike ubabalonokomelela, ukuze sivelise iLizwi leNyaniso likwiSityhileloesiNgcwele salo soBume bukaYesu Kristu.

Wanga Angavela phambi kwethu, Nkosi. Wanga angezaaphilise isifo sethu, asixolele izono zethu, azalise iintliziyozethu ezilambileyo ngendaba ezilungileyo zovuyo olukhulu,iVangeli yenziwe yabonakalaliswa kubomi bethu.

38 ILIZWI ELITHETHIWEYO

Sikelela umlungiseleli ngamnye, umculisi ngamnye, wonkeumfundisi wesikolo seCawe. Sisikelele sonke, sikunye, Nkosi,kuba ngenene siyaKuthanda. Ke ngoku singabaKho, Nkosi,ngoku kuzinikezela. EGameni likaYesu Kristu, sisebenzisengoku ngokwentando EyeyaKho.

Lukhangela kuWe ukholo lwam,Wena Mvana yeKalvari,Owu Msindisi oNgcwele;Ngoku ndive ndithandaza,Susa isono sam,Owu mandithi kusukela namhlaNdibengowaKho ngokupheleleyo!

Niyalithanda? Masicule kwakhona.

Ndisacand’udada, ndingqongwe lusizi,Owu, Yiba nguMkhokeli wam;Yenza ubumnyama bube yimini,Sula iinyembezi zosizi,Ungandiyeki ndilahlekeNdimnke kuWe.

Ingaba kunenza nizive nonwabile oko? [Ibandla lithi,“Amen.”_Mhl.] Bangaphi abathanda ukucula loo maculoakudala? [“Amen.”] Ndiwathanda nje. Aniwathandi?

Owu, simatsha siya eZiyon,Entle, iZiyon entle;Simatsha siya phezulu eZiyon,Eso Sixeko sihle sikaThixo.

Owu, simatsha siya eZiyon,Owu, entle, iZiyon entle;Simatsha siya phezulu eZiyon,Eso Sixeko sihle sikaThixo.

Yizani, thina sithanda iNkosi,Maluthi uvuyo lwethu lwaziwe,Ngenelani kwiculo ngesingqi esimnandi,Ngenelani kwiculo ngesingqi esimnandi,Ukuze ekujikelezeni iTrone,Ukuze ekujikelezeni^

Ngoku, masiphakame ngoku silicula njalo. Bamba isandlakomnye umntu.

Simatsha siya eZiyon,

Ikusikelele, dade! Ikusikelele, dade! Ikusikelele,mzalwana! Akusikelele dade! [UMzalwana uBranhamuqhubela phambili ukubulisa abantu_Mhl.]

Eso Sixeko sihle sikaThixo.

INDODA IBALEKA ISIMKA EBUSWENI BENKOSI 39

Masiphakamisele izandla zethu phezulu kuThixo.

Owu, simatsha siya eZiyon,Entle, iZiyon entle;Simatsha siya phezulu eZiyon,Eso Sixeko sihle sikaThixo.

Owu, simatsha siya eZiyon,Owu, entle, iZiyon entle;Simatsha siya phezulu eZiyon,Eso Sixeko sihle sikaThixo

Akunenzi nizive nonwabile oko? [Ibandla liyavuya_Mhl.]Bethu, bethu! Owu, masiphakamise nje izandla zethusiMdumise nje ngendlela yethu.

168 Nkosi Yesu, Wena unguMfiyo waseSharon, iNtyatyamboyaseZihlanjeni, iKhwezi Eliqaqambileyo loKusa, oyena Mhlekumashumi amawaka emphefumlweni wam. WenaunguMsinga wayo yonke intuthuzelo yam, ungaphezu kobomikum! SiKuthanda kakhulu! Sive, Owu Nkosi. IndlelaesiKubulela ngayo! Owu! [Yindawo esisikhewu le ekhasethini_Mhl.] Asikudumisi ngako! Sikelela aba, Nkosi yethuethandekayo noMsindisi! Siphe ezi zinto, Nkosi. Siphe.[UMzalwana uBranham nebandla baqhubela phambiliukuthandaza bedumisa uThixo.]

Kufutshane nomnqamlezo,Mandiqhayise njalo;Ude umphefumlo wam oxwiliweyo ufumaneUkuphumla ngaphesheya komlambo.

169 Kwindawo ethile, eyenye, ndiva ukuba siyaya^Kukhointo ethile elapha kanye phambi kwethu. Ngoku, khumbulaninje, ndiyakholwa ukuba ndiyaprofeta. Uvuyo olukhululusilindele. Kholwani yiloo nto. Injalo loo nto. Zininziiintliziyo ezidanisiweyo eziyakwenziwa^Iimfihlelo ezinkuluziyakucaciswa, abantu abadakumbileyo bayakuguqulelwaeluvuyweni. [Ibandla liyavuya_Mhl.]

Kufutshane nomnqamlezo, emnqamlezweni,Mandiqhayise njalo;Ude umphefumlo wam oxwiliweyo ufumaneUkuphumla ngaphesheya komlambo.

170 Njengokuba uYohane wakudala, xa wathi wamdala ukubaangashumayela, wayehlala nje akhwaze, bandixelela oko,ngawo onke amandla akhe, “Bantwana, thandanani!”Thandanani. Makungabikho nto ingena phakathi kwenu,’yabona. Gcinani konke, yonke into ikude^Ewe,akunamsebenzi nokuba yintoni na, jonganani nayo.Sisendleleni eya eNineve. ’Yabona? Musani ukukhwela kuloonqanawe iya eTarshishe, oko kunikhupha ekuhambeni

40 ILIZWI ELITHETHIWEYO

nabanye. Masihambe kanye sinyuke ngomsinga weentsikelelozikaThixo. Ndikholelwa ukuba sizakuzifumana. NdiyakholwaBawo wethu.171 Uziva ngcono ngoku, dade? Kuhle oko. Nantso indlelaendithanda ukubabona ngayo abantwana bezalwa,abaphumelayo. [Lo dade uqhubela phambili ukuthandazanokuvuya_Mhl.]

Ndicinga nje ngeminyaka eyadlulayo, kanye kulo mhlaba,indlela ekwathi ngayo amawaka amaninzi azalelwaeBukumkanini bukaThixo, kanye kulo mhlaba. Kuncinanekangakanani esasikwazi, xa sasimi apha sinamashumiasibhozo eesenti epokothweni, esiyakwakha ngawo inkonzo!Owu, Wathi, “Mna Nkosi ndityalile; Ndiyakukunkcenkceshaimini nobusuku.” Kwaye Uyenzile loo nto. Uyenzile.

UThixo anisikelele. Ngoku xa sithoba iintloko zethu^172 Ngoku, ngokuhlwa ngomso nikhumbule, iinkonzoziyakubanjelwa phezulu apha kwiholo enkulu yesikolo. Kwayeukuba^Siyakuba nomntu othile oyakuma apha ngoku, ukuzeabonise abantu ukuba kuyiwa njani na apho, kuba kukhoabasebatsha abayakube besiza.173 NiyaMthanda, yithani, “Amen.” [Ibandla lithi,“Amen.”_Mhl.] Owu, Akamangalisi? [“Amen.”]174 Ndandimi apha ezantsi phezu konxweme, ndaze ndaculaelaa culo lidala:

Phezu konxweme olunesitshingitshanelweYordane,

Cinga, ngoko kwakukumashumi amathathu eminyakaeyadlulayo, kumashumi amathathu anesithathu, amashumiamathathu anesithathu eyadlulayo.

Ndiphose iliso elinqwenayo,Kwilizwe elihle lolonwabo laseKanan,Apho oko kwam kukhona.

Ndabhaptiza abaninzi ke, ngolo rhatya, yaye balaphongaphesheya ngoku. Ngoko, babemi apho balibona elaaKhwezi loKusa lisihla liphuma emazulwini, lijikeleza lisihlangolo hlobo, lathi, “Njengokuba uYohane umBhaptiziwayethunyelelwe ukuzisa, ukwandulela ukuza kokuqalakukaKristu, uMyalezo wakho uyakwandulela uKuzakwesibini.” Ingacingwa njani loo nto? Kodwa, onke aMazwikaThixo ayinyaniso, onke aMazwi kaThixo. Siphila eBusweniboKumkani omkhulu. UThixo anisikelele.175 Ngeli thuba sithobe iintloko zethu, ndizakucelauMzalwana Neville, umlungiseleli wethu othandekayo, ukubaeze apha asindulule ngomthandazo. UThixo akusikelele,Mzalwana Neville. `

Indoda Ibaleka Isimka Ebusweni beNkosi, Umq. 9 Inani 3(A Man Running From The Presence Of The Lord, Vol. 5 No. 8R)

Lo Myalezo kaMzalwana uWilliam Marrion Branham owawushunyayelweekuqaleni ngesiNgesi Lwesithathu ngokuhlwa umhla we-17 kuFebhali,ngowe-1965, kuMnquba kaBranham, eJeffersonville, e-Indiana, eMelika,wathatyathwa kwisishicileli-mazwi washicilelwa ungafinyezwangangesiNgesi. Le nguqulelo yesiXhosa ipapashwe ngowe-2000 ngabe:

VOICE OF GOD RECORDINGSP.O. Box 950, Jeffersonville, Indiana 47131 U.S.A.

Ilungelo lombhali elilelakhe lokushicilela

Onke amalungelo agciniwe. Le ncwadi ingaprintwa kwiprinta yasendlini ukwenzela ukuba isentyenziswe okanye kunikezwe ngayo, ngaphandle kwentlawulo, njengesixhobo sokukhawulezisa iVangelli kaYesu Kristu. Le ncwadi ayinakuthengiswa, yenziwe kwakhona ngesixa esikhulu, ifakwe kwi website, igcinwe kwindawo apho inokukhutshwa khona, itolikelwe kwezinye iilwimi, okanye isetyenziselwe ukurhwebesha imali ngaphandle kwemvume echaziweyo ngombalo ephuma eVoice Of God Recordings®.

Ngeechukacha ezithe vetshe okanye malunga nezinye izinto eziphathekayo, nceda qhagamshela:

VOICE OF GOD RECORDINGSP.O. BOX 950, JEFFERSONVILLE, INDIANA 47131 U.S.A.

www.branham.org