iphepha 5 iphepha 10 ukomelezwa kwenkqubo yezempilo · inani labantu abaya ezikliniki,” utshilo....

3
EzeMpilo •EzoPhuhliso lwamaMaphandle • EzemiSebenzi • EzoKhuselo noKhuseleko EzeMfundo INEZITHUBA ZEMISEBENZI Amukelani Chauke N jengokuba eli lizwe liqhubela phambi- li ngokumisela eyona nkqubo inku- lu ehlabathini yokulwa uGawulayo (i-AIDS neNtsholongwane yakhe (i-HIV), uMphathiswa wezeMpilo uGq Aaron Motsoaledi ubhengeze iinkqubo eziluqilima ezijoliswe ekomelezweni kokuliwa kwe-HIV ne-AIDS. Le nkqubo eyasulungwa ngokumiselwa kwelona phulo likhulu lokuvavanywa kwabantu ngowama-2010 – neyayisaziwa ngokuba liPhulo lokuCebisa nokuVavanya i-HIV (i-HCT) – elakhokelela kuvavanyo lwabemmi beli abazizigidi ezili-18 kwisithuba seenyanga ezili-18. Kunamhlanje nje abemmi beli lizwe abazizigidi ezili-10 bavavanywa minyaka le. UMphathiswa Motsoaledi ukwabhengeze nokuba ukususela kweyoMsintsi nonyakanje, zonke izigulana ezine-HIV ziza kunikwa amachiza okuthomalalisa i-HIV (ii-ARV) nokuba sithini na isibalo sobungakanani bamajoni omzimba (i-CD4) kuzo. “KweyoMsintsi kulo nyaka kuza kuyekwa ukusetyenziswa kwesibalo se-CD4 ukuze umntu abe nokunikwa ii-ARV. Abantu baza kuvavanywa banyangwe ngokwemigqaliselo emitsha ebhengezwe kweyoMnga nyakenye nguMbutho wezeMpilo weHlabathi (i-WHO).” “Ukwaleka, ukususela kwinyanga yeSilimela siza kunika iipilisi zokuzikhusela, i-Pre-Exposure Prophylaxis (i-PrEP), kwabo baphila ngokuthengisa ngesondo ngeenkqubo ezizigaba ezili-10. Ezi nkqubo ziyakuqala ngezifundo ezingamaphulo okubonisa ngeendlela zokubanika i-PrEP phambi kokuba zinikwe nabanye abantu basetyhini abaselula abasesichengeni sokufumana esi sifo” utshilo uMphathiswa xa ebesandlala intetho yevoti yohlahlo lwabiwo-mali leSebe lakhe ePalamente kutshanje. UMphathiswa uhambise wathi, kule nyanga urhulumente uzakumisela iphulo leminyaka emithathu nelijoliswe ekuncitshisweni kokosuleleka kwabasetyhini abasebatsha kuze kwangaxeshanye bandiselwe namathuba ezoqoqosho ngenjongo zokubakhusela ekubeni ngamaxhoba amadoda amadala athanda ukuthandana nabantwana. “Siza kumisela iphulo leminyaka emithathu eliza kujoliswa kumantombazana nabasetyhini abaselula abaneminyaka yobudala ephakakathi kweli-15 nengama-24 kwanamadoda abosulelayo nawabenza nzima,” utshilo. Eli phulo liza kugxila kwiinkalo ezintlanu ezingundoqo: Ukuncitshiswa usuleleko kumanto- mbazana nabasetyhini abaselula. Ukuncitshiswa kokumitha kwamanto- mbazana aselula. Ukuncitshiswa kweziganeko zokuxha- tshazwa ngokwesini nangesondo. Ukugcinwa kwamantombazana esiko- lweni ade afikelele kwibanga le-12. Ukudalwa kwamathuba ezoqoqosho ku- lungiselelwa abasetyhini ukuze basuswe kumadoda afuna ukuthandana nama- ntombazana aselula. UMphathiswa uthe oku kuhambisana ngqo neenjongo zeSebe lakhe zokuhla-ngabezana neenjongo zeNkqubo yeSizwe yoPhuhliso (i-NDP) zokunciphisa izifo, ukuphila kwa- bantu bade bafike kwiminyaka engama-70 ngonyaka wama-2030 kwanokuba kubekho isizulwana esineminyaka yobudala enga- phantsi kwengama-20 esingenayo i-AIDS. “Eli phulo kufuneka lixhaswe ngurhu- lumente ngokubanzi naluluntu ngoku- njalo yaye likhokelwe ngabantu abatsha,” utshilo. UMphathiswa uthe eli phulo liza kuxabisa iibhiliyoni ezintathu zeerandi yaye liza ku- xhaswa ngezimali eziphuma kwi-PEPFAR, i-Global Fund, i-German Development Agen- cy (i-GIZ) kunye namasebe karhulumente. Inani labantu ababulawa yi-AIDS eMzantsi Afrika lehle ukususela kuma-320 000 ngowa- ma-2010 ukuya kuma-140 000 ngowama-2014, ukanti inani labantwana abosulelwa nge-HIV ngoonina lehle ukususela kwiintsana ezinga- ma-70 000 ngowama-2004 ukuya ngaphantsi kwama-7 000 ngowama-2015. “Nanjengokuba nibona, le yimpumelelo encomekayo kodwa niyakuqwalasela ukuba konke oku kube nokwenzeka ngenxa yoncedo lwezamachiza. “Xa kuthethwa ngomba wokuziphatha, sifika sinyuke umnqantsa – ingakumbi kwa- basetyhini abaneminyaka yobudala ephakathi kwe-15 nama-24. Kweli khaba, ngabangama-5 000 abosuleleka okokuqala ngeveki kamazwe ali-14 amaZantsi neMpuma Afrika kodwa isiqingatha selo nani sifumaneka eMzantsi Afrika kuphela,” utshilo uMphathiswa. UMphathiswa ukwathe, ezi nkqubo zintsha ziza kudla iSebe lakhe esinye isixa-mali esiyi- bhiliyoni yeerandi kolu hlahlo lwabi- wo-mali lalo nyaka, imali leyo uNon- dyebo weSizwe asele eyinikezele na- kubeni iimeko zoqoqosho zimaxongo. I-TB ISENGUMBULALI OMKHULU Kusenjalo, uMphathiswa uthe lo gama i- HIV ne-AIDS zibangela ukuxhalaba, isifo sephepha (i-TB) sitshotsh’ entla ngokubulala abantu. Uthe nakubeni inani labantu ababulawa yi-TB lehlile ukususela kuma-70 000 ngowa- ma-2009 laya kutsho ngaphantsi kwama- 40 000 ngowama-2014, kodwa isaphala pham- bili kuzo zonke izifo ezosulelayo ngokubulala abantu kweli lizwe nakwihlabathi liphela. “Ukususela oko kwaphehlelelwa iphulo lovavanyo ngoSuku lweHlabathi le-TB ngo- mhla wama-24 kweyoKwindla ngowa- ma-2015, nguSekela-Mongameli uCyril Ramaphosa, kuyandivuyisa ukubhengeza ukuba sibe nokuvavanya amawaka-waka abantu kwiindawo ezisechengeni zokuba ngamaxhoba esi sifo, ezizintolongo, indawo ezimelene kunye nezikufutshane nemigodi. “Nonyakanje siza kugxininisa koomasipala abambhaxa abasibhozo ngeenjongo zokuva- vanya abantu abasisigidi esiyi-1.3,” utshilo. UMphathiswa uthe iSebe lakhe liza ku- fumana imali elilizo ezibhiliyoni eziyi-4,2 zeerandi kwiGlobal Fund khon’ ukuze urhulumente abe nokuxhasa inkqubo yakhe yokulwa i-HIV ne-TB. INKQUBO ENTSHA YEKHOMPYU- THA YOKUKHANGELA UKUNQO- NGOPHALA KWAMACHIZA UMphathiswa uthe omnye wemiceli mngeni ephambili owenza kube nzima ngakumbi ukulwa esi sifo eMzantsi Afrika kukuphela kwamachiza. Uthe isebe lakhe sele kulithuba ngoku lizamazamana nale ngxaki. Uhambise wathi urhulumente uqalise ngenkqubo entsha yokupopola umthamo wamachiza (i-SVS) kuzo zonke iikliniki. “Le nkqubo isetyenziswa ngamagosa eze- mpilo ukuphendla iibha khowudi kumachiza ukuze loo machiza abhalwe kuluhlu lwa- machiza e-ARV, amayeza okulwa i-TB kunye nawokugonya akhoyo. “Olu lwazi lubonakalisa ubungakanani bamachiza akhoyo ngelo xesha yaye igosa liyakwazi ukukhangela ubungakanani bawo nokuba liphi na ngokusebenzisa i-intanethi,” utshilo. UMphathiswa uthe kumaphondo amathandathu le nkqubo sele isebenza kumaziko ali-1 900 kungenjalo kuma-60% azo zonke iikliniki kweli lizwe. Uthe kuyaqhutyekwa ngamalinge okwenza ukuba zonke iikliniki zibe kanti ziyakwazi ukuthumela iinkcukacha ngobungakanani bamachiza azo kwiziko lesizwe lokulawula oku. Oku kuya kuba sele kusebenza kwezi nyanga zintathu zizayo. Uthe isebe lakhe likwaqalise nenkqubo entsha eyaziwa ngokuba yiNkqubo yeZiko EyeSilimela 2016 Ushicilelo 1 Iphepha 5 FREE Iphepha 10 Iifama zaKwaZondi zifumene inkxaso Ukomelezwa kwenkqubo yezempilo eMzantsi Afrika UMphathiswa wezeMpilo uGq Aaron Motsoaledi ubhengeze iinkqubo zikarhulumente zokulwa noGawulayo (i-AIDS) kunye neNtsholongwane yakhe (i-HIV). Izibonelelo zezentlalo zikaRhulumente ziphucula ubomi babantu Iziswa yiNkonzo yezoNxibilelwano neNkqubo yoLwazi kaRhulumente (GCIS) isiXhosa/English IVuk’uzenzele YEYASIMAHLA . . . kodwa yigqithise xa sewugqibile ukuyifunda > Liqhubeka kwiphepha lesi-2

Upload: others

Post on 23-Jun-2020

5 views

Category:

Documents


0 download

TRANSCRIPT

Page 1: Iphepha 5 Iphepha 10 Ukomelezwa kwenkqubo yezempilo · inani labantu abaya ezikliniki,” utshilo. UMphathiswa Motsoaledi uqhube wathi ukuza kuthi ga ngoku zimalunga nama- 400 000

Vuk’uzenzeleEzeMpilo •EzoPhuhliso lwamaMaphandle • EzemiSebenzi • EzoKhuselo noKhuseleko • EzeMfundo

INEZITHUBA

ZEMISEBENZI

Amukelani Chauke

Njengokuba eli lizwe liqhubela phambi-li ngokumisela eyona nkqubo inku-lu ehlabathini yokulwa uGawulayo (i-AIDS neNtsholongwane yakhe

(i-HIV), uMphathiswa wezeMpilo uGq Aaron Motsoaledi ubhengeze iinkqubo eziluqilima ezijoliswe ekomelezweni kokuliwa kwe-HIV ne-AIDS.

Le nkqubo eyasulungwa ngokumiselwa kwelona phulo likhulu lokuvavanywa kwabantu ngowama-2010 – neyayisaziwa ngokuba liPhulo lokuCebisa nokuVavanya i-HIV (i-HCT) – elakhokelela kuvavanyo lwabemmi beli abazizigidi ezili-18 kwisithuba seenyanga ezili-18.

Kunamhlanje nje abemmi beli lizwe abazizigidi ezili-10 bavavanywa minyaka le.

UMphathiswa Motsoaledi ukwabhengeze nokuba ukususela kweyoMsintsi nonyakanje, zonke izigulana ezine-HIV ziza kunikwa amachiza okuthomalalisa i-HIV (ii-ARV) nokuba sithini na isibalo sobungakanani bamajoni omzimba (i-CD4) kuzo.

“KweyoMsintsi kulo nyaka kuza kuyekwa ukusetyenziswa kwesibalo se-CD4 ukuze umntu abe nokunikwa ii-ARV. Abantu baza kuvavanywa banyangwe ngokwemigqaliselo emitsha ebhengezwe kweyoMnga nyakenye nguMbutho wezeMpilo weHlabathi

(i-WHO).”“Ukwaleka, ukususela kwinyanga

yeSilimela siza kunika iipilisi zokuzikhusela, i-Pre-Exposure Prophylaxis (i-PrEP), kwabo baphila ngokuthengisa ngesondo ngeenkqubo ezizigaba ezili-10. Ezi nkqubo ziyakuqala ngezifundo ezingamaphulo okubonisa ngeendlela zokubanika i-PrEP phambi kokuba zinikwe nabanye abantu basetyhini abaselula abasesichengeni sokufumana esi sifo” utshilo uMphathiswa xa ebesandlala intetho yevoti yohlahlo lwabiwo-mali leSebe lakhe ePalamente kutshanje.

UMphathiswa uhambise wathi, kule nyanga urhulumente uzakumisela iphulo leminyaka emithathu nelijoliswe ekuncitshisweni kokosuleleka kwabasetyhini abasebatsha kuze kwangaxeshanye bandiselwe namathuba ezoqoqosho ngenjongo zokubakhusela ekubeni ngamaxhoba amadoda amadala athanda ukuthandana nabantwana.

“Siza kumisela iphulo leminyaka emithathu eliza kujoliswa kumantombazana nabasetyhini abaselula abaneminyaka yobudala ephakakathi kweli-15 nengama-24 kwanamadoda abosulelayo nawabenza nzima,” utshilo.

Eli phulo liza kugxila kwiinkalo ezintlanu ezingundoqo:• Ukuncitshiswa usuleleko kumanto-

mbazana nabasetyhini abaselula.• Ukuncitshiswakokumitha kwamanto-

mbazana aselula.• Ukuncitshiswakweziganekozokuxha-

tshazwa ngokwesini nangesondo.• Ukugcinwa kwamantombazana esiko-

lweniadeafikelelekwibangale-12.• Ukudalwakwamathubaezoqoqoshoku-

lungiselelwa abasetyhini ukuze basuswe kumadoda afuna ukuthandana nama-ntombazana aselula.

UMphathiswa uthe oku kuhambisana ngqo neenjongo zeSebe lakhe zokuhla-ngabezana neenjongo zeNkqubo yeSizwe yoPhuhliso (i-NDP) zokunciphisa izifo, ukuphila kwa-bantubadebafikekwiminyakaengama-70ngonyaka wama-2030 kwanokuba kubekho isizulwana esineminyaka yobudala enga-phantsi kwengama-20 esingenayo i-AIDS.

“Eli phulo kufuneka lixhaswe ngurhu-lumente ngokubanzi naluluntu ngoku- njalo yaye likhokelwe ngabantu abatsha,” utshilo.

UMphathiswa uthe eli phulo liza kuxabisa iibhiliyoni ezintathu zeerandi yaye liza ku-xhaswa ngezimali eziphuma kwi-PEPFAR, i-Global Fund, i-German Development Agen-cy (i-GIZ) kunye namasebe karhulumente.

Inani labantu ababulawa yi-AIDS eMzantsi Afrika lehle ukususela kuma-320 000 ngowa-ma-2010 ukuya kuma-140 000 ngowama-2014, ukanti inani labantwana abosulelwa nge-HIV ngoonina lehle ukususela kwiintsana ezinga-ma-70000ngowama-2004ukuyangaphantsikwama-7000ngowama-2015.

“Nanjengokuba nibona, le yimpumelelo encomekayo kodwa niyakuqwalasela ukuba konke oku kube nokwenzeka ngenxa yoncedo lwezamachiza.

“Xa kuthethwa ngomba wokuziphatha, sifikasinyukeumnqantsa–ingakumbikwa-basetyhini abaneminyaka yobudala ephakathi kwe-15 nama-24. Kweli khaba, ngabangama-5 000 abosuleleka okokuqala ngeveki kamazwe ali-14 amaZantsi neMpuma Afrika kodwa isiqingatha selo nani sifumaneka eMzantsi Afrika kuphela,” utshilo uMphathiswa.

UMphathiswa ukwathe, ezi nkqubo zintsha ziza kudla iSebe lakhe esinye isixa-mali esiyi- bhiliyoni yeerandi kolu hlahlo lwabi-wo-mali lalo nyaka, imali leyo uNon-dyebo weSizwe asele eyinikezele na-kubeni iimeko zoqoqosho zimaxongo. I-TB ISENGUMBULALI OMKHULU Kusenjalo, uMphathiswa uthe lo gama i-HIV ne-AIDS zibangela ukuxhalaba, isifo sephepha (i-TB) sitshotsh’ entla ngokubulala abantu.

Uthe nakubeni inani labantu ababulawa yi-TBlehlileukususelakuma-70000ngowa-

ma-2009 laya kutsho ngaphantsi kwama- 40 000 ngowama-2014, kodwa isaphala pham-bili kuzo zonke izifo ezosulelayo ngokubulala abantu kweli lizwe nakwihlabathi liphela.

“Ukususela oko kwaphehlelelwa iphulo lovavanyo ngoSuku lweHlabathi le-TB ngo- mhla wama-24 kweyoKwindla ngowa-ma-2015, nguSekela-Mongameli uCyril Ramaphosa, kuyandivuyisa ukubhengeza ukuba sibe nokuvavanya amawaka-waka abantu kwiindawo ezisechengeni zokuba ngamaxhoba esi sifo, ezizintolongo, indawo ezimelene kunye nezikufutshane nemigodi.

“Nonyakanje siza kugxininisa koomasipala abambhaxa abasibhozo ngeenjongo zokuva-vanya abantu abasisigidi esiyi-1.3,” utshilo.

UMphathiswa uthe iSebe lakhe liza ku-fumana imali elilizo ezibhiliyoni eziyi-4,2 zeerandi kwiGlobal Fund khon’ ukuze urhulumente abe nokuxhasa inkqubo yakhe yokulwa i-HIV ne-TB.

INKQUBO ENTSHA YEKHOMPYU-THA YOKUKHANGELA UKUNQO-NGOPHALA KWAMACHIZAUMphathiswa uthe omnye wemiceli mngeni ephambili owenza kube nzima ngakumbi ukulwa esi sifo eMzantsi Afrika kukuphela kwamachiza.

Uthe isebe lakhe sele kulithuba ngoku lizamazamana nale ngxaki. Uhambise wathi urhulumente uqalise ngenkqubo entsha yokupopola umthamo wamachiza (i-SVS) kuzo zonke iikliniki.

“Le nkqubo isetyenziswa ngamagosa eze-mpilo ukuphendla iibha khowudi kumachiza ukuze loo machiza abhalwe kuluhlu lwa-machiza e-ARV, amayeza okulwa i-TB kunye nawokugonya akhoyo.

“Olu lwazi lubonakalisa ubungakanani bamachiza akhoyo ngelo xesha yaye igosa liyakwazi ukukhangela ubungakanani bawo nokuba liphi na ngokusebenzisa i-intanethi,” utshilo.

UMphath iswa uthe kumaphondo amathandathu le nkqubo sele isebenza kumaziko ali-1 900 kungenjalo kuma-60% azo zonke iikliniki kweli lizwe.

Uthe kuyaqhutyekwa ngamalinge okwenza ukuba zonke iikliniki zibe kanti ziyakwazi ukuthumela iinkcukacha ngobungakanani bamachiza azo kwiziko lesizwe lokulawula oku. Oku kuya kuba sele kusebenza kwezi nyanga zintathu zizayo.

Uthe isebe lakhe likwaqalise nenkqubo entsha eyaziwa ngokuba yiNkqubo yeZiko

EyeSilimela 2016 Ushicilelo 1

Iphepha 5

FREE

Iphepha 10

Iifama zaKwaZondi

zifumene inkxaso

Ukomelezwa kwenkqubo yezempilo eMzantsi Afrika

UMphathiswa wezeMpilo uGq Aaron Motsoaledi ubhengeze iinkqubo zikarhulumente zokulwa noGawulayo (i-AIDS) kunye neNtsholongwane yakhe (i-HIV).

Izibonelelo zezentlalo

zikaRhulumente ziphucula ubomi

babantu

Iziswa yiNkonzo yezoNxibilelwano neNkqubo yoLwazi kaRhulumente (GCIS) isiXhosa/English

IVuk’uzenzele YEYASIMAHLA . . . kodwa yigqithise xa sewugqibile ukuyifunda

> Liqhubeka kwiphepha lesi-2

Page 2: Iphepha 5 Iphepha 10 Ukomelezwa kwenkqubo yezempilo · inani labantu abaya ezikliniki,” utshilo. UMphathiswa Motsoaledi uqhube wathi ukuza kuthi ga ngoku zimalunga nama- 400 000

Vuk’uzenzele 2 EyeSilimela 2016 Ushicilelo 1

EMINYE IMIBA GABALALA

Amukelani Chauke

South Africans will soon experience even better interaction with government.

The Government Communication and Information System (GCIS) will spend over R300 million on programmes that will improve communication between the state and citizens, said Communications Minister Faith Muthambi when she tabled the department’s Budget Vote.

The National Development Plan emphasises the need to unite South Africans around a common goal – ensuring that citizens are active in their own development and build a capable and developmental state.

“This partnership is as a result of our community outreach programme in far flungareasofourcountry.

“To support these outcomes, the GCIS will continue to implement programmes aimed at facilitating two-way communication between government and its citizens,” she said.

The Minister explained that the partnerships would enable citizens to access information about government policies, plans, programmes and activities to promote government accountability and ensure that citizens can actively participate

in government initiatives. “In order to fulfil this responsibility, a

budget of R382.1 million has been allocated to the GCIS,” she added.

GOVERNMENT THROWS ITS WEIGHT BEHIND COMMUNITY RADIO The Minister said supporting community radio was a priority for government and urged the private sector to do the same. “The Community Radio Support Strategy hasbeenfinalisedandisbeingimplemented.“I am pleased to inform the house that in the2015/16financialyeartheGCISspentover R26 million on community radio advertising. “During the2016/17 financialyear, fivelicensed community radio stations will be provided with broadcasting infrastructure,” she said. The Minister added that work was at an advanced stage as far as finalising the broadcasting policy review process was concerned. She said some of the overarching and specificobjectivesofthereviewareto:• Createalevelplayingfieldforemerging

audio-visual media services.• Protect and empower consumers

(audiences), in particular to guarantee key societal values for the protection

of minors and human dignity and promote the rights of visually and or hearing impaired persons.

• Promote South African content tosupport social cohesion and nation building and safeguard media diversity, pluralism, freedom of expression and information.

“The department’s community radio programme is working! The Greater Giyani Municipality partnered with the Giyani Community Radio Station and provided them with premises and advertising support to ensure the sustainability of the station.

“We call upon other municipalities to emulate this gesture, without compromising the editorial independence of the stations,” she said.

The Minister added that the department would also continue to publish and distribute the fortnightly Vuk’uzenzele newspaper. Shesaidinthe2016/17financialyear,the

department has allocated R25.8 million to produceanddistribute18.7millioncopiesperyearinall11officiallanguages.

“We will continue to encourage government departments to place recruitment advertisements in Vuk’uzenzele.

“I would like to thank departments that are using this platform to advertise their vacancies and I also encourage others to do so too,” she said.

lokuGcina nokuKhupha amaYeza eziGulo ezingaNyangekiyo (i-CCMDD).

“Le nkqubo yenza ukuba abo bantu bagula zezi zigulo kodwa bakwaziyo ukuzingcambazela ukuba babe nokulanda amayeza abo kumaziko akufuphi namakhaya abo okanye iindawo abasebenza kuzo – ngoko bonge imali nexesha.

“Oku kunceda nokunciphisa ixesha lokulinda kwabo ezikliniki kwanokunciphisa inani labantu abaya ezikliniki,” utshilo.

UMphathiswa Motsoaledi uqhube wathi ukuza kuthi ga ngoku zimalunga nama- 400 000 izigulane esele zibhalisele le nkqubo ukuze zilande amayeza azo kumaziko angaphezulu kwewaka kubandakanywa amaziko afanele oko, i ikhemest i

ezizimeleyo,amanye amaziko ezempilo nakoogqirha babucala.

Uthe iSebe lakhe liceba ukuba libe sele linikezele le nkonzo kwizigulana ezingama-800 000 ekupheleni kwalo nyaka-mali.

“Kufuneka siqinisekise nokusetyenziswa kwamayeza ngendlela eyiyo. Ukwenza oko sinemigqaliselo enqqalileyo equlunqiweyo elawula ukusetyenziswa kwamayeza (ii-STG).

“Kulo nyaka uphelileyo samisela inkqubo entsha yokusasaza le migqaliselo phofu siqale ezikliniki.

“Le nkqubo ifumaneka simahla kuwo onke amaziko eenkqubo ezikumila kunje yaye iyasebenza nokuba awuna-intanethi. Oku kwenziwe ngeenjongo zokuncedisana n a l o o m a g o s a a s e m a p h a n d l e n i apho unxibelelwano nge-intanethi

lunqongopheleyo okanye lungekho tu kwaphela,” utshilo.

Uthe le nkqubo ikwanceda nasekuthatheni izigqibo kumaziko empilo. Ikwanceda nasekunikeni ingxelo ngokunqongophala kwamachiza ayimfuneko. Nawuphi na ugqirha kulo naliphi na iziko akuxelelwa ukuba ichiza elithile liphelile emva kokuba ebelibhalile ukuba linikwe isigulana unokucofa iqhosha elithile kule nkqubo yekhompyutha ukuze oku kushokoxeka kube njalo kuchaziwe ngqo ePitoli.

“Ngokwenza njalo ugqirha lowo akunyanzelekanga ukuba abe ehlisana esenyusana nabaselulawulweni esibhedlele okanye ekliniki abemele ukuba babe bakuchazile oko kunqongophala ukuba bekukho ulawulo oluqilima kwelo ziko.

“Le nkqubo sele isetyenziswa ngabantu abangama-150 000 eMzantsi Afrika,” utshilo.

Government and citizens to interact more

> Liqhubeka lisuka kwiphe- pha loku-1

Government has come up with creative ways to improve and ensure that there is constant communication with its citizens.

Vuk’uzenzele will be celebrat-ing its 100th edition in the next edition on 15 June. So look out for a new fresh look of Vuk’uzenzele SOON!

Did You Know• The newspaper is available in

Braille, Web & App • The 1st edition was published in:

October 2005• Number of copies produced:

153.75 million• Number of braille copies produced:

50651• Number of editions produced: 99• Publishing frequency: Twice a

month• Number of copies per edition:

850 000• Distribution: All provinces• Number of households: 1 645 202• Reach: 5.1 million• Language: All official

languages

Remember to follow us on:

@VukuzenzeleNews Vuk'uzenzele

Vuk’uzenzele

Better roads, more jobs

Samona Murugan

S’hamba Sonke - Moving Together

is a massive job creation drive to

fix, upgrade and maintain South

Africa’s entire secondary roads

network. Launched by Transport Minis-

ter Sibusiso Ndebele earlier this year, the

programme will create new opportuni-

ties for jobs and emerging contractors

throughout the country. In partnership

with all the provinces, it will repair pot-

holes and improve access to schools,

clinics and other social and economic

opportunities.

The S’hamba Sonke - Moving Togeth-

er programme is a new and innovative,

nationwide drive to focus on the main-

tenance of secondary road infrastruc-

ture using labour-intensive methods

of construction and maintenance. The

programme sets out to create 70 000

jobs this year and a total of 400 000

jobs by 2014.

Government has set aside R22,3 bil-

lion for the project, broken down as

follows: R6,4 billion in 2011/12, R7,5

billion in 2012/13 and R8,2 billion for

2013/14.

ZIBAMBELE

“The jobs created during 2011 is a

target in relation to the routine main-

tenance of roads and infrastructure

in line with the Zibambele initiative,”

said Minister Ndebele.

Zibambele, which means “doing it

ourselves”, is a routine road mainte-

nance project which started in Kwa-

Zulu-Natal, using labour intensive

methods. It is contracted to a family

or household, through a provincial de-

partment, to maintain a specific length

of road on a part-time basis.

The national roll-out of Zibambele

will form part of S’hamba Sonke -

Moving Together.

IntErnAtIonAL BEnchMArk

Previously South Africa has invested

mainly in the building of roads with-

out striking a balance between mainte-

nance and construction.

The international benchmark is a 60/40

split between maintenance and con-

struction. Through programmes such

as S’hamba Sonke - Moving Together,

South Africa will be able to match the

international benchmark.

PAtchIng PothoLEs

S’hamba Sonke includes a massive pot-

hole-patching programme throughout

the country. A national pothole hotline

will also be launched for road users to

report potholes anywhere.

This will help to arrest the decline of

infrastructure while creating thousands

of much-needed jobs.

roAds EngInEErs

Roads engineers and superintendents

will be deployed all over the roads net-

work to deal with potholes and infra-

structure maintenance.

This will include driving through

stretches of road every morning to

determine the condition of roads. Pot-

holes will thus be identified and re-

paired before they become dangerous

to motorists.

Building a united front against crime

supplement:Employment news

Four-page pull-out P7 - 10

Brought to you by Government Communications (GCIS) July 2011

Vuk’uzenzele is FREE . . . but please pass it on when you are done

in KwaZulu-Natal P4

For more information, call the

department of transport:

012 309 3000

The S’hamba Sonke - MovingS’hamba Sonke - Moving

Together road construction and

maintenance programme has

been modelled on the successful Kwa-

Zulu-Natal-based Zibambele Road

Maintenance Contract System.

Zibambele, which means “doing

it ourselves” was started in 1999 by

the KwaZulu-Natal Transport De-

partment as a poverty-relief project

under the Expanded Public Works

Programme (EPWP).

Its main aim is to provide work

opportunities for rural households

headed by women. It currently em-

ploys 40 000 contractors, the major-

ity of whom are women.

rurAL roAds

The objective of the project is

maintenance of approximately

1 200 km of rural roads. Activities

include cleaning of the road surfaces

and edges and clearing of drains and

channels.Each woman-headed household is

tasked with the maintenance of a spe-

cific length of community access road

in the rural areas where they live.

kAMoso AwArds

The project has won a Kamoso EPWP

Award for four years in a row. The

Kamoso Awards is an annual event

of the Public Works Department to

recognise excellence in the carrying

out of EPWP projects.

sAvIngs cLuB

The 12-year old road-maintenance

project has also seen the formation of

Zibambele Savings Club programme

through which contractors organise

themselves into savings clubs. To

date, they have collectively saved

more than R6 million.

Doing it ourselvesMbulelo Baloyi

“Many of our people will now get much-needed assistance in the form of EPWP

projects. Some of the work opportunities include repairing and maintenance of

roads...” - President Jacob Zuma, State of the Nationa Address, 2011

President Jacob Zuma and Minister of Transport S’bu Ndebele

? JUNE EDITION

TWO 2016

LOOK

Vuk’uzenzele Look out for

the new and improved

Download App on:

Vuk'uzenzele is also available in Braille and on:

http://www.vukuzenzele.gov.za

1

2

#Vuk100

Page 3: Iphepha 5 Iphepha 10 Ukomelezwa kwenkqubo yezempilo · inani labantu abaya ezikliniki,” utshilo. UMphathiswa Motsoaledi uqhube wathi ukuza kuthi ga ngoku zimalunga nama- 400 000

Vuk’uzenzele EyeSilimela 2016 Ushicilelo 1 5

URHULUMENTE WEMIMANDLA

Thandeka Ngobese

Abemi boMzantsi Afrika bavuna iz iphumo zephulo e l ikhulu likarhulumente lokutyala imali kulwakhiwo lweziseko ezingundoqo,

ngokuba kukho izikolo ezitsha, amanzi, ukufakelwa kombane kunye nemisebenzi, phakathi kwezinye izinto.

Ukudalwa kwemisebenzi, uphuhliso lwezakhono, uphuhliso loqoqosho likamasipala nokwakhiwa kwezindlu yimiba ephambili kuMasipala waseThekwini, utshilo uSodolophu wesi sixeko uJames Nxumalo ngethuba esenza

iNtetho engoBume besiXeko kutshanje.USodolophu uNxumalo uthe uhlahlo

lwabiwo-mali oluzibhiliyoni ezingama-41.6 zeerandilalonyaka-maliwama-2016/17luzakusetyenziselwa ukujongana nemiceli mngeni yokwakhiwa kweziseko ezingundoqo, ukuliwa kokunqongophala kwemisebenzi, uphuhliso lwezakhono kwanokukhuliswa koqoqosho.

“Isixa-mali esikhulu solu hlahlo lwabiwo-mali siza kusetyenziselwa uphuhliso uqoqosho lwalo masipala. Sibekele bucala imali ezizigidi ezingama-28 eerandii ukulungiselela ukuphuhliswa kwelokishi yaseHammarsdale ukuba ibe ngummandla wezoqoqosho,” waleke watsho.

Ezinye i i lokishi eziza kuphuculwa zibandakanya:• Isipingo–izigidiezili-17zeerandi• Indawoyokhenkethoyase-Umgababa–

izigidi ezingama-32 zeerandi • Ukuphuculwa kommandla wakwa-V

e-Umlazi – izigidi ezingama-20 zeerandi • Indawoyamashishiniasakhasayoe-Umlazi

– izigidi ezili-13 zeerandi• Indawo kaMasipala yamaShishini

e-eMagabheni – izigidi ezili-10 zeerandi.“Ngolu hlahlo lwabiwo-mali sifuna

ukubona uphuhliso olubonakalayo no-luya kukhokelela ekudalweni kwezithuba zemisebenzi. Sifuna isixeko esikumgangatho wehlabathi nesiya kutsala abakhenkethi kwanokwenza ukuba esi sixeko sibe yindawo emnandi ekunokuhlaliwa kuyo. Sifuna uqoqosho olomeleleyo noluya kuqhubeka ithuba elide ukuze ngokwenza njalo lu-vulele ulutsha amathuba emisebenzi,” utshilo.

UKUDALWA KWEMISEBENZI NOPHUHLISO LWEZAKHONOEsi sixeko sineenkampani zabatywini ezingama-943 ezenza umsebenzi wokulolongwa kwamanzi nezitshintshanayo xa zisenza lo msebenzi.

“Sikwaceba nokuqesha ezinye iingcibi zamanzi khona ukuze umsebenzi ube nokwenziwa ngokukhawuleza. Kuqeshwe i-1 250 lookhala bethutyana kwiindawo zokuhlamba nokuzinceda eziphantsi kukaMasipala ukanti ke nonyakanje kuza kuphinda kuqeshwe abanye abangama-50 nanjengoko kugqitywa ukwakhiwa kwezinye.

“Sikwanazo neenkampani zasekuhlaleni

ezingama-366 zona eziqeshe abasebenzi abali- 1770ukuthuthainkunkuma.Inkquboyokulwaubuhlwempu i-Zibambele Poverty Alleviation Programme yona idale imisebenzi engaphezulu kwama-6 200,” waleke ngelitshoyo uSodolophu.

IPROJEKTHI YOKUPHUHLISA AMAGCISAEsi sixeko siza kuqeqesha abasebenzi bezobugcisa abangama-10 000 kule minyaka mithathu izayo. USodolophu uNxumalo uthe lo msebenzi uza kuxhaswa ngezimali ezithe azasetyenziswa kwimali ebiyabelwe umsebenzi wokulungiswa kwezinto ezonakaleyo.

“Abecandelo lamanzi, ugutyulo lwelindle nelobunjineli sele bebekele bucala isixa-mali esizizigidi ezili-11 zeerandi eza kusetyenziswa kulo msebenzi kulo nyaka-mali uzayo. Injongo kukuba sibe nabasebenzi bobugcisa abaza kuncedisa kumsebenzi wokukhanda nokulungisa kumasipala.”

USodolophu uhlaba ikhwelo kuwo onke amacandelo anento yokwenza nokulungiswa kwezinto ezonakeleyo ukuba athathe inxaxheba kweli phulo. Lo msebenzi uza kwenziwa ngezigaba ezahlukeneyo kule minyaka mithathu izayo yaye imali iza kwabiwa ngolu hlobo: Izigidi ezingama-223 zeerandi kunyaka wokuqala, ezingama-260 kowesibini nezingama-260 kowesithathu.

UPHUHLISO LOLUTSHAEsi sixeko kulo nyaka-mali sibekele bucala isixa esizizigidi ezingama-77.53zeerandi ukuphuhlisa ulutsha. Le mali iza kusetyenziselwa uphuhliso lolutsha kuzo zonke iindawo eziphantsi kwalo masipala.

“Kwezinye iindawo, iza kusetyenziselwa uphuhliso lwezakhono ezinqabileyo ukanti kwezinye ukuphuhliswa kobo bugcisa ulutsha sele lunabo.

“La malinge akwabandakanya iNgxowa-mali kaSodolophu yokuXhasa abaFundi kunye neebhasari, ukunikwa ulutsha amathuba okufunda emsebenzini/iinkqubo zokuphuhliswa kwezakhono kunye noPhando ngeZakhono ekuHlaleni Jikelele: uphuhliso lwamakhondo kunye nenkxaso; ukunikwa inkxaso kwabo banemfundo enomsila kodwa bengaphangeli kwanezinye iinkqubo.

Ngabantu abatsha abamalunga nama-2 968 ekulindeleke ukuba baxhamle kwezi nkqubo.

“Kulo nyaka uphelileyo sivule i-Ofisi yoLutsha nejongene nemicimbi yolutsha. Le OfisiyoLutshayabelweimaliezizigidiezisi-9.9zeerandi. Phakathi kwezinye izinto, le mali iza kusetyenziswa kwiinkqubo zophuhliso lolutsha, iNgqungquthela yoLutsha ngezoShishino, iNyanga ye-Afrika yesiKhumbuzo soLutsha kunye noSuku loMlindo weziPhumo zeBanga le-12,” utshilo.

UKULWA INDLALALiyanda inani labantu abaxhamla kumsebenzi wesi sixeko wokutyiswa kwabantu into ke ebangele ukuba wandiswe lo msebenzi ukuze ube nokumelana nalo mceli mngeni. “Kungoku nje sinamaziko okupheka angama-36 kodwa kulo nyaka eli nani liza kwandiswa liye kutsho kuma-54. La maziko ancediswa ngamavolontiya angama-353 abandakanya abaqhubi abangama-36 namanye amavolontiya angama-317.”USodolophu uthe eli nani liza kwandiswa liye kuma-486.

UPHUHLISO LWAMAPHANDLE NOKUQINISEKISA NGOKUTYA OKWANELEYOIcandelo lezolimo lesixeko libekelwe bucala isixa-maliesizizigidiezingama-27.5eerandi.Isixeko sinezitiya zoluntu ezingama-85 ezibonelelwa ngezichumisi, umgquba, ucingo lokubiya, iindawo zokugcina izixhobo, izindlu zangasese neziseko ezingundoqo zamanzi.

“Zonke ezi z i t iya zikwabonelelwa ngezixhobo zokusebenza. Ngokuphathelele neePaki zezoLimo, kubekelwe bucala imali ezizigidi zeerandi ezihlanu kulungiselelwa ukucwangciswa ukanti kukwakho nenye imali eza kunikezelwa nje ukuba kugqitywe uphando ngokusebenza kwezi paki,” waleke ngelitshoyo uSodolophu.

UKWAKHIWA KWEMEKO ENGCONO YOKUPHILAEsi sixeko sibekele bucala isixa esizibhiliyoni eziyi-3.4 zeerandi amaphulo okwakhiwa kwezindlu ukuqinisekisa ukuba abahlali baso banikwa izindlu eziphucukileyo nezinesidima. “Ukunikezelwa kwezindlu, iinkonzo ezisisiseko nezentlalo kuhambisana ngqo nokwakhiwa kweendawo zokuhlalisa abantu ezizinzileyo nezinako konke,” utshilo.

IsiXeko sase-Ekurhuleni siphucula ubomi babantu

USodolophu wase-Ekurhuleni uMondli Gungubele ngethuba etyelele kwikliniki iVilla Liza esanda kwakhiwa eBoksburg.

Nonkululeko Mathebula

IsiXeko sase-Ekurhuleni senze inkqubela encomekayo yaye s iz iphumezi le izithembiso zaso kubantu balapho. Oku kubonakele kakuhle kwiNtetho yoBume

besiXeko apho ukudalwa kwamathuba emisebenzi kube ngumba ophambili.

USodolophu wase-Ekurhuleni uMondli Gu-ngubele uthethe ngemingeni kwanenkqubela esele yenziwe ukuza kuthi ga ngoku kwakunye nengxaki yentswela-ngqesho kulo mmandla watsho eqinisekisa abahlali ukuba urhulumente uthe gqolo ukulwa oku yaye uyazama ukudala amathuba emisebenzi.

“Kumalinge ethu okudala imisebenzi nokulwa indlala, sivule amathuba emisebenzi angekho ngaphantsi kwama-200 000 kule mi-nyaka mihlanu idlulileyo ukanti ke ngenkqubo zikarhulumente sivule amathuba emisebenzi engama-52 856 ngeNkqubo yemiSebenzi yo-Luntu eyoNgezelelweyo kwaneNkqubo yemi-Sebenzi yasekuHlaleni.”

Uhambise wathi icandelo lezoqoqosho lona lidale ezinye izithuba zemisebenzi ezingama- 148 589 kulo mmandla kwangeli xesha linye.

“Ngaphezu koko, esi sixeko sibe nokunika izingxungxo zeminyaka emibini kubantu abatsha abangama-5 000 kwiinkampani ezahlu-keneyo. Oko akwenzelwanga ukudala imise-benzi kuphela koko nokubakrobisa kwimeko yemisebenzi khon’ ukuze babe nokuqesheka kwixesha elizayo.”

UKUKHULISWA KOQOQOSHO LWASEZILOKISHININgokuhambelana namalinge okudalwa kwezithuba zemisebenzi kwimpuma yeRhawuti, isixeko sase-Ekurhuleni sime mantsantsa sivuselela uqoqosho lweelokishi zayo ukuqinisekisa ukuba ushishino luyaphila ezilokishini.

Ukuphumeza oku, kuvulwe amaziko amahlanu amatsha oshishino ezilokishini kubandakanya ne-Etwatwa, iVosloorus, iDuduza naKwaThema. Ukugcina la maziko esebenza kuza kuxabisa imali ezizigidi ezingama-90 zeerandi ngonyaka.

K u k w a n i k e z e l w e k w i i n k a m p a n i ezisakhasayo imisebenzi exabisa izigidi ngezigidi zeerandi, oko kusenziwa ngeenjongo zokudalela abahlali balo mmandla amathuba emisebenzi.

Kukwanikezelwe ngesixa-mali sezigidi ezithandathu zeerandi kumashishini ali-128 amancinci, aphakathi namakhulu ukuncedisa ekuwaphuhliseni.

Le yinxalenye yemisebenzi eyenziwe sesi sixeko nekwayinxenye yemali ezibhiliyoni eziyi-2.9 zeerandi ebekelwe bucala ukulungisela uphuhliso phantsi kwenkqubo i-Mintirho ya Vulavula Community Empowerment Programme.

IZINDLU EZISEMGANGATHWENIUSodolophu uGungubele ukwakhankaye nokubaluleka kokuqinisekiswa ukuba abahlali banezindlu ezisemgangathweni.

“Ukuzalisekisa imbono yokuba bonke abantu babe nezindlu eziphucukileyo, ukususela ngowe-1994 ukuya kutsho kowama-2006 kwakhiweizindluezingama-112781.

“Nakubeni kunjalo, zizindlu ezingama- 14 781 ezakhiwe phakathi kowama-2011nowama-2016 nakulo nyaka-mali ngemali efunyenwe kuRhulumente wePhondo. Sesiqalisile ukwakha izindlu ezingama-471kwezingama-526 ekucetywa ukuba zakhiwe.

“Ngaphezu koko, sele sifakele iinkonzo

kwiziza ez imalunga nama-124 758kwangeli xesha linye. Kukwanikezelwe nangeziqinisekiso zobunikazi-mhlaba kubantu abangama-124758ngokuthikwakhiweiilokishiezili-112 futhi amakhaya angama-32 544 sele ezifumene iziqinisekiso zobunini-mhlaba” utshilo uSodolophu Gungubele.

Waleke ngokuthi i-ofisi yakhe isebenza ngamandla izama ukuphelisa amatyotyombe nokubonelela abo bahlala emagumbini angemva kumawabo ngokubakhela izindlu.

UKWANDISWA KWEENDAWO EZIFAKELWE UMBANEUSodolophu uGungubele udandalazise ukuba esi siXeko sifakele umbane kumakhaya asisibonelelo sikarhulumente angaphezu kwama-27 000 ukanti ke kukwafakelwenezinye izibane zasesitalatweni ezingama- 6972ukususelangowama-2011.Esinye isixa-mali esiyibhiliyoni yeerandi eyi-1.6 sisetyenziselwe ukuphuculwa kweziseko ezingundoqo zombane.“Njengoko uvimba wombane wesizwe utsala nzima, amalinge ethu okuncedisana naye abandakanya ukuveliswa kombane ohlaziyekayo ozimegawathi ezingama-300 ngowama-2020.“Ukuphumeza loo njongo, esi sixeko siqalise ngeNkqubo yabaVelisi boMbane abaZimeleyo nto leyo eza kwenza ukuba esi sixeko sibe nokuthenga umbane kumaziko aliqela azimeleyo avelisa umbane,” utshilo uSodolophu Gungubele.

Amalinge okukhuliswa kwesixeko saseThekwini

Ngamakhulukhulu abantu abazuzayo kwiphulo likaMasipala wase-eThekwini lokupheka.

INkqubo yeziNdlu yase-Cornubia ibonelela abantu baKwaZulu-Natal ngezindlu ezifuneka kakhulu.