iindaba zase · pdf fileeziwelwe ngumqa esandleni kulonyaka ibeyi nozulu, diya, mzwandile,...

12
EYOMQUNGU - EYESILIMELA 2017 Kubekwa Uluntu Phambili Iindaba zase MnqumA Iindaba zase MnqumA

Upload: nguyenbao

Post on 31-Mar-2018

293 views

Category:

Documents


5 download

TRANSCRIPT

Page 1: Iindaba zase · PDF fileeziwelwe ngumqa esandleni kulonyaka ibeyi Nozulu, Diya, Mzwandile, Mpumalanga eGcuwa. JM Boltina, Lower Ngqamakhwe, Toboyi, Hlobo e- Ngqamakhwe. ... Iindaba

EyoMqungu - EyESiliMEla 2017Kubekwa Uluntu Phambili

Iindaba zase MnqumAIindaba zase MnqumA

Page 2: Iindaba zase · PDF fileeziwelwe ngumqa esandleni kulonyaka ibeyi Nozulu, Diya, Mzwandile, Mpumalanga eGcuwa. JM Boltina, Lower Ngqamakhwe, Toboyi, Hlobo e- Ngqamakhwe. ... Iindaba

Obekekileyo uSodolophu uCeba Thobeka Bikitsha wenza intetho yobume buka masipala.

Abahlali bathatha inxaxheba bebonisana nenkokheli zase Mnquma kwinkqubo ye-IDP

Obekekileyo uSodolophu uCeba Thobeka Bikitsha (qelele ekunene) unikezela iyunifomu kubafundi abasweleyo.

2 | Iindaba Zase Mnquma

OKUNGAPHAKATHI KWIPHEPHA IPHEPHAINTETHO YOBUME BUKAMASIPALA IGXILE EKUHANJISWENI 3 KWEENKONZO

IQALILE INKQUBO YE -IDP 4

USODOLOPHU UNIKELE NGEE-YUNIFOMU KUBAFUNDI 5ABASWELEYO

LUBHIYOZELWE UTHWESO LOSOMASHISHINI 6ABASAKHULAYO BASEMNQUMA

USODOLOPHU WASE - MNQUMA 7UHLINZEKA INKQUBO YEMBIZO IPHULO LOCOCEKO LIVULE AMATHUBA EMISEBENZI 8

OOSOMASHISHINI ABASAKHULAYO BALOLWE 8KWIZAKHONO ZOKUPHATHA IMALI

ABAQULUNGQI BEPHEPHA NDABA Umhleli: Loyiso MpalantshaneUsekela Mhleli : Sibongile MadalaneUmbhali nomfoti: Pumlisa Bikitsha

EyoMqungu - EyESiliMEla 2017

Page 3: Iindaba zase · PDF fileeziwelwe ngumqa esandleni kulonyaka ibeyi Nozulu, Diya, Mzwandile, Mpumalanga eGcuwa. JM Boltina, Lower Ngqamakhwe, Toboyi, Hlobo e- Ngqamakhwe. ... Iindaba

inTETHo yoBuME BuKaMaSiPala igXilE EKuHanJiSWEni KWEEnKonZo

NGU SIBONGILE MADALANE

U-Sodolophu woMasipala i-Mnquma uCeba Thobeka Bikitsha wothule intetho yakhe yobume buka Masipala (SOMA) kunyaka ka 2017. Elitheko elimbhetshe mbhetshe belizinyaswe ngamakhulu-khulu endwalutho ezinxibe iimpahla zika nokutsho ezisuka kwiindawo-ngendawo. Intetho yolusuku eyothulwe ngoka Bikitsha yamkelwe ngabantu abakumyinge wamakhulu amahlanu abebedibene kwiHolo yoluntu iMsobomvu nebihonjiswe ngemibala kamasipal: eluhlaza, orenji kunye nombala othyeli. USodolophu, ube vathe isuti emhlophe we okwekhephu kulomsitho obuzinyaswe luluntu oluxhamle kwincitho engange zigidi ezingama-60 ekwakhiweni kweendlela zokufikelela kumaphandleni ase Mnquma, kunye neholo yoluntu kulonyaka mali (2016/17).

Kwakhona uSodolophu uphinde wabhengeza ukuba zizindlu ezingama 2 280 ezifakelwe umbane ngabakwa Eskom, kwakhiwa izindlu ze RDP ezingama-282 e-Extension 14 nezingama 376 e-Siyanda New Rest. Ukukhawulelana nomceli-mngeni wendlala, intswela-ngqesho kunye nokungalingani, loka-Bikitsha uthe isixa semisebenzi esingama-2 499 adalwa ngaxesha nye.

Oku kwamkelwe ngentswahla nehlombe libhunga elibandakanya abameli bemibutho ephikisayo, iinkokheli zemveli, icandelo likarhulumente, iinkokeli zoshishino kunye nabahlali baseMnquma. “Kwilinge lokugcina izibonelelo zokusebenza ukunikezela iinkonzo kubantu bethu, iSebe leMisebenzi yoLuntu, isebe eli liye lagcina umgama ongange 4 130 km’s kweendlela kwinginqgi ezisithoba kwi wadi eziyi 31 xaziphelele, lemimandla ithe qelele kwiindawo ezingaphezu kwee Wadi ezili-12,” utshilo uSodolophu. UMasipala waseMnquma (remove ke ngoku) ugqibezela ulwakhiwo lwebala lwezemidlalo eTeko-Kona kunye nerenki yeetekisi. Yomibini lemisebenzi yenziwa ku Centane, wongeze ngelitshoyo. Ephefumla kulentetho, inkokeli yeqela eliphikisayo eliphambili kwiBhunga laseMnquma, i-United Democratic Movement (UDM), u-Ceba uZamindawo Mqolo uyamkele intetho ka Bikitsha, esithi oku kubonisa ukuba uMasipala waseMnquma ubeka ubomi boluntu phambili. “Siyayamkela intetho ka Sodolophu. ibonisa ukuba umasipala ukhokelelwa kwicala elilungileyo. Nangona ibekho imixethuka nophazamiseko, sincoma ibhunga ngempumelelo kumalinge okuphucula impilo yoluntu. Sithatha uxanduva ngokupheleleyo koku okuqulathwe yintetho ka Sodolophu kuba thina sonke besikho siyinxalenye yenkqubo ezikhokelela ekuphunyezweni kwalamabala engwe akhankanywe ngu Sodolophu” utshilo oka Mqolo. U-Bikitsha, wenze intetho yakhe ngomhla wama-23 ku Canzibe emva kweziganeko zokugetyengwa kubulawe abantwana namakhosikazi, usikhalimele naso nasiphina isenzo sokuhlukunyezwa koluntu olumpilo isengciphekweni. “Masikhusele abasetyhini kunye nabantwana bethu kwiziganeko zongonyamelo nogetyengo oluvamileyo kwizwe lomzantsi kutsha nje,” watsho oka

Bikitsha. Kwakhiwe iibhulorho eziluqilima ezintathu zikanokutsho zalemihla, ezibizwa ukuba yi Bailey, zaye zagqitywa kwiimandla wese Mnquma (kwilali yase Bawa, Zazulwana kunye Mazizini) emva kokuba yakhiwe ngamalungu oMkhosi Wezokhuseleko looMzantsi Afrika (SANDF). Baphathisene kunye nesebe lesizwe likarhulumente Lemisebenzi Yoluntu kwinkqubo yokuphucula indlela neziseko zasemaphandleni. Sekumbhovu ukuba igqitywe ipuli yokuqumba kanokutsho yase Gcuwa, yona yakhiwe ngendlela zalamaxesha kwaye umsebenzi osele wenziwe ukumyinge we pesente eziyi 99%. Kulindeleke ukuba inikezelwe eluntwini ngokusesikweni kwisithuba seveki ezingephi, utshilo oka Bikitsha. Ecacisa isicwangciso sexa elizayo, uSodolophu Bikitsha ujike wagxila kumaphulo amiselwe unyaka-mali ozayo 2017/2018. Uthe uphuculo lwee ndlela kunye neziseko zibekwe phezulu kwezizicwangciso ingakumbi ukususela ngomhla wokuqala kwinyanga Yekhala 2017 ukuya phambili. Iziko lombane lwakwa Eskom lizakubonelel ngombane izindlu eziyi 5 721, kukho amakhaya ayi 200 azakibonelelwa ngombane kwimithombo yandla ombane ka Masipala kube ngaxesha nye kusongiwa kwimveliso yamandla ombane. Isebe loPhuhliso loQoqosho Lokuhlala kuMasipala libekele bucala imali engange R 860 000 ukujongana nonuvelisa amathuba engqesho, nokuliswana nentlupheko kunye nokunqongophala kwezakhono, watsho. “Ngokusebenzisana singenza ngakumbi kubantu bethu,” waqukumbela u-Bikitsha. Intetho engobume buka masipala epheleleyo, abafundi mabavule kwi-website kamasipala ethi wwww.mnquma.gov.za / kwi-Facebook page kamasipala:MnqumaMunicipality okanye i-ofisi kaSodolophu kwa nombolo- 60 Kwisitalato i-Blyth, eGcuwa.

Obekekileyo uSodolophu uCeba Thobeka Bikitsha wenza intetho yobume buka masipala - Ifoto ithatyathwe ngu Sinethemba Jenkins

3Iindaba Zase Mnquma|

Page 4: Iindaba zase · PDF fileeziwelwe ngumqa esandleni kulonyaka ibeyi Nozulu, Diya, Mzwandile, Mpumalanga eGcuwa. JM Boltina, Lower Ngqamakhwe, Toboyi, Hlobo e- Ngqamakhwe. ... Iindaba

iyaqHuBa inKquBo yE -iDP NGU SIBONGILE MADALANE

UMasipala waseMnquma uqalise ngenkqubo ye IDP / PMS kunyaka-mali omiyo. Le nkqubo iqale ukususela ngoMvulo umhla wesithathu uyakuthsho ngoLwesihlanu umhla wesixhenxe ku Tshazimpunzi kwii-Wadi eziyi-31 zonke zaseMnquma.

Le nkqubo esindlekwa minyaka le iyinxalenye yesicwangciso sikamasipala ekubandakanyeni abahlali kuhlahlo - biwo mali lwaseMnquma.

Esenza intetho ephambili kumakhulu-khulu abantu abebezimase lemisitho, uSodolophu uCeba Thobeka Bikitsha uchaze uyilo lwe-IDP 2017/2022, Ingeniso Yaphakathi Enyakeni kunye Nemida Yencitho (MTREF) 2017/2018, ulwakhiwo loluhlu lweerhafu kunye nemigaqo-nkqubo enxulumene nohlahlo- biwo mali ukuze uluntu luvakalise izimvo zalo.

Kwakhona uSodolophu uchaze impumelelo yokunikezelwa kweenkonzo zonyaka odlulileyo kwi Wadi nganye.

Ngethuba lalomsitho, uluntu lunikwe ithuba lokubeka izinto zabo ukuze luphembelele ngefuthe kwisisicwangciso se-IDP 2017/2018 nohlahlo-lwabiwo mali.

“Kubalulekile kakhulu ukuba bonke abahlali bathathe inxaxheba kule nkqubo njengoko kubanika ithuba lokuba bavakalise izimvo zabo kwi-IDP nakuhlahlo-biwo mali phambi kokuba ithiwe thaca phambi kweBhunga ukuba liyamkele.

Izimvo zoluntu ziya kuqokelelwa ukuze zibandakanywe kumnqulu we-IDP & MTREF “, uCeba Bikitsha uthethe njalo kwizihlwele ebezizimase lo- msitho.

UCeba Bikitsha uthe kuluvuyo ukubhengeza ukuba kunyaka-mali ka 2017/2018, lo masipala engxoweni ufumene eyi-R68 776 350 kuhlahlo-biwo mali oliyi nkunzi kunye neR71 069 751 kuhlahlo-biwo mali lwezemisebenzi.

Ngethuba lothethwano kuzo zonke ii-Wadi zase Mnquma ezingama 31, ukunqongophala kwamanzi ngenxa yembalela, umbane kunye nezibonelelo zendlela zibalulwe njengemiba ephambili kuhanjiso lweenkonzo. Ukuphendula, uCeba Thobeka Bikitsha uthe izisombululo kulemiceli-mingeni zifumanekile.

“Izithintelo kulemiceli-mngeni zibekiwe njengokuba u-Masipala weSithili i-Amathole ebekele bucala imali engange R155 800 000 ezakusetyenziswa kubonelelo lwamanzi kunye nokuphuculwa kweziseko. ISebe leMisebenzi yoLuntu labe imali engange R51 500 000 ezakusetyenziselwa ukulungiswa nokwakha ngokutsha indlela, logama iziko lakwa-Eskom libeke bucala imali engange R 162 300 101.62 ezakusetyenziselwa ubonelelo lombane kumakhaya ayi 8 391 “, uthethe watsho uSodolophu.

Abahlali bathatha inxanxeba ebonisana nenkokheli zase Mnquma kwi nkqubo ye-IDP.

4 | Iindaba Zase Mnquma

Page 5: Iindaba zase · PDF fileeziwelwe ngumqa esandleni kulonyaka ibeyi Nozulu, Diya, Mzwandile, Mpumalanga eGcuwa. JM Boltina, Lower Ngqamakhwe, Toboyi, Hlobo e- Ngqamakhwe. ... Iindaba

uSoDoloPHu uniKElE ngEE-yuniFoMu ZESiKolo KuBaFunDi aBaSWElEyo

NGU SIBONGILE MADALANE

UCeba Thobeka Bikitsha ekunye nesigqeba seBhunga laseMnquma liqalise ngephulo lokubuyela esikolweni lika 2017.

Oku kwenziwe ukuze kuqinisekiswe ukuqala kakuhle unyaka wesikolo omtsha.

Eli phulo laseMnquma libonelele abafundi abangathathi ntweni abali-120 abakwizikolo zaseNgqamakhwe, kuCentane nalapha eGcuwa. Ababafundi bakhulule ngoko nangoko izihlangu ebesele zidlakadlaka, ihempe neejezi ezigugileyo baza banxiba ezo zintsha kraca abazibonelelwe ngumasipala wase Mnquma.

Eli phulo neliqhuba minyaka le, likhuthaza imfundo kwaye kulonyaka liqhube ukususela kumhla wama-28 kwinyanga yoMdumba ukuya kumhla wokuqala kwinyanga yoKwindla.

Liyinxalenye yeenkqubo zokufikelela kuwonke - wonke kwe-ofisi kaSodolophu apho abafundi abasweleyo kwizikolo zasekuhlaleni baxhamla kwinkxaso nge yunifomu entsha, izihlangu kwanezixhobo zokufunda ukuze bakhuthazeke kwaye babenokuzethemba phakathi kwabanye abantwana.

Uchongo lwabaxhamlayo likhokhelwa ngoo-nontlalontle beSebe lezoPhuhliso loLuntu kunye nootitshala abasebenza ngokusondeleyo kwiintsapho zabafundi abasweleyo. Izikolo eziwelwe ngumqa esandleni kulonyaka ibeyi Nozulu, Diya, Mzwandile, Mpumalanga eGcuwa. JM Boltina, Lower Ngqamakhwe, Toboyi, Hlobo e- Ngqamakhwe. Sezela, kuloMbombo, Jojweni kunye ne-Ndoqa kuCentane.

Ethetha nabafundi, amagosa aphuma kumasebe ngamasebe kunye nabazali uSodolophu uCeba Thobeka Bikitsha ubongoze ooceba baseMnquma ukuba bathabathe inxaxheba kumaphulo ophuhliso lwemfundo kwiiwadi abasebenza kuzo kwaye babeke phambili njengenxalenye yokunikezelwa kweenkonzo.

Abazali ndawonye nabafundi basamkele isipho sikamasipala ngothakazelelo.

Obekekileyo uSodolophu uCeba Thobeka Bikitsha (qelele ekunene) unikezela iyunifomu kubafundi abasweleyo - Ifoto ithatyathwe ngu Loyiso Mpalantshane.

5Iindaba Zase Mnquma|

Page 6: Iindaba zase · PDF fileeziwelwe ngumqa esandleni kulonyaka ibeyi Nozulu, Diya, Mzwandile, Mpumalanga eGcuwa. JM Boltina, Lower Ngqamakhwe, Toboyi, Hlobo e- Ngqamakhwe. ... Iindaba

Ngoosomashishini abali-18 abasakhulayo baseMnquma abathe banikwa iizetifikethi kutsha nje xa bekubanjwe umsitho wothweso lwabo emva kokuba bethabathe inxaxheba kwizifundo ngoshishino. Ezi zifundo ziziqhamo zobudlelwane obuphakathi komasipala waseMnquma kunye neziko lemfundo yezakhono zobuchweli i-King Hintsa Technical and Vocational Education and Training (TVET) College.

Abanini bamashishini baxhotyiswe ngezakhono zokuphatha amashishini abo. Esi siyunguma setheko besibanjelwe kwiholo yoluntu iMsobomvu.

Amanye amaziko anobudlelwane kunye noMasipala wase Mnquma aquka Oku ziziphumo zesivumelwano phakathi kwesikolo semfundo yezakhono zezandla i-Fort Hare University, Walter Sisulu (WSU), Nelson Mandela Metropolitan University (NMMU), kwakunye nesikolo sabalimi i-Fort Cox College.

Abo bebezimase lomnyhadala kanokutsho bebezele luchulumanco nemivuyo lelinyathelo lophuhliso loosomashishini.

Ngethuba ikhwele eqongeni, inqununu yeKing Hintsa TVET College uNoluthando Balfour uthe: “Ubuhlwempu, intswela-ngqesho, ukungabikho kwe mfundo kunye nokunqongophala kwezakhono ngumceli-mngeni ochaphazela lonke ilizwe loMzantsi Afrika. Iziko lethu ngokwenjenje lisabela kwee-zomfuno zoluntu apho likhoyo. Kungoko ke kukho lentsebenziswano nomasipala waseMnquma”. Uye wanqwenela abafundi okuhle kwixesha elizayo. Uthethe wenjenje kubafundi ababekekileyo, “Oku sisiqalo kuhambo olude, ezizakhono enizifumeneyo kule kholeji kufuneka nincede uluntu ngazo. Ndiyavuyisana nani ngempumelelo yenu”, watsho lo kaBalfour.

Umfundi obenwabile luvuyo uMasibulele Fatyi no-ngusomashishini osakhasayo uthe, “Ndivuya kakhulu. Ndiqinisekile ukuba ndiya kuba nako ukukhulisa ivenkile yam ibe-ngubhaza-bhaza ngokusebenzisa izakhono nolwazi endilifumene eKing Hintsa,”.

OkaFatyi uthe, “Le nkqubo iqwalasele ukuba bakhulise ngayo inzuzo, indlela yokulondoloza ngexesha amaxabiso axhomileyo ngalo kushishino namaxesha anzima kwaye ndiyakubanako ukumelana nemiceli mngeni kwishishini lam”.

Okhokhele icandelo lwezophuhliswa kwezimali e-kuhlaleni, uCeba Ndyebo Skelenge ukhuthaze abafundi ukuba basebenzise ulwazi abanalo ukuze babe nefuthe elibonakalayo kuluntu. Uqhube wathi, “Ezi ziqinisekiso ezizifumanayo namhlanje ayikuko ukufikelela ekugqibeleleni kwezinto, nto nje sisiseko ekufanele nakhe phezu kwaso. Ngoku nibekwe kwisitha sokhanyiselo ngolwazi”.

luBHiyoZElWE uTHWESo loSoMaSHiSHini aBaSaKHulayo BaSEMnquMa NGU SIBONGILE MADALANE

Hard work pays off to the new graduates - Pictures by: Sibongile Madalane.

U-Masipala waseMnquma uthe wayinxalenye yomsitho wesikhumbuzo samaxhoba engozi yendlela kunye nalowo wesikhumbuzo se-Kumkani yamaXhosa.

LoMasipala ubuphathisene neSebe LezeMisebenzi yoluntu kwakunye noMasipala wase Mbashe, Indlu Yasebukhosini bakwaXhosa, isikolo sezakhono zezandla ukuze le-misitho yomibini ibe yimpumelelo.

Kwaba yimincili kunye neenyembezi ngethuba uMphathiswa weSebe Lezemisebenzi yoluntu uNathi Nhleko kunye noSodolophu wase Mnquma, obekekileyo uCeba uThobeka Bikitsha bekhokhele igqiza likarhulumente kuthyilo-litye lesikhumbuzo sabo bathi barhaxwa ngethuba inqwelo yabo yatshona ngethuba iwela ibhulorho eyayiphuphuma ngamanzi kude kufuphi naseBawa ngonyaka ka 1993. Lo msitho ubu kwazinyaswe ngamalungu eentsapho zamaxhoba, iinkokheli zemveli kunye ngeCawa umhla we-14 kuCanzibe.

Eli litye sisikhumbuzo lesenzo esingumqondiso karhulumente ukunika imbeko kwanokulondolozwa kweenkumbulo zabasutywa kukufa kwesisihelegu.

Ukuqinisekisa ukuba lentlekele ayiphinde yehle, urhulumente wakhe ibhulorho ephakamileyo nekhuselekileyo yohlobo olubizwa i-Bailey Bridge eyakhiwe ngamajoni omkhosi wezokhuseleko emZantsi Afrika.

Ukanti owesibini umsitho ibingulowo wemfundiso malunga nobomi kunye namaxesha okuphila kweKumkani uHintsa, “Aah Zanzolo”.

Esisifundo sothulwe nguNjingalwazi wezifundo ngeelwimi kwidyunivesithi ethiywe ngo i-Nelson Mandela e Bhayi, u-Ncedile Saule, nobethetha nenginginya ibizalise iholo lase Butterworth Christian Centre ngoLwesihlanu umhla we-12 ku Canzibe.

UMasipala waseMbashe, owo Mnquma ububambisene izandla neSebe Loorhulumente baseMakhaya kunye neMicimbi yeMveli (CoGTA) elikhokhelwa ngumphathiswa u-Fikile Xasa owayekhona naye kuloo msitho.

Abanye abebeyinxalenye yalomsitho bebequka unobhala jikelele wequmrhu kubuNkokheli beMveli loMzantsi Afrika (Contralesa) Xolile Ndevu, izifundiswa, abantu bezoshishino, abezopolitiko, abefundisi, iintatheli namanye amagosa aphezulu karhulumente. Esamkela iindwendwe kulomsitho, uCeba Ndyebo Skelenge uhlabe ikhwelo lokuba kutshintshwe amagama ezitalato zase Gcuwa ngamagama abantu abamnyama bakule ngingqi. Le ndedeba kaSkelenge ithe oku makwenziwe ukuze kugcinwe imbali etyebileyo kwinginqi yaloMasipala kulungiselelwe nezizukulwane ezizayo ziyifumane. Esisiphakamiso samkelwe ngentswahla ngabo bebegcwalise iholo.

UNjingalwazi Saule uxelele le ndimbane okokuba ulwazi oluninzi kwaye oluyinyaniso ngembali ka kumkani uHintsa alukapheleli.

“Kusekho okuninzi kwimbali okungaxelwanga yaye okufumanekayo esidlangaleleni kugqwethekile kuze kulahlekiswe uluntu. Yimbali yababulali baka Kumkani u Hintsa, abantu abamhlophe,” utshilo oka Saule.

U-Kumkani u Hintsa wadutyulwa ngasemva entloko kufutshane nomlambo uMbhashe yaye intloko yakhe neendlebe zanqunyulwa ngonyaka ka 1835, kwiminyaka eyi 182 eyadlulayo. Ukhakhayi lwakhe zange lifumaneke.

Inzala yesizukulwane sika Kumkani Hintsa, ophetheyo u-Kumkani Mpendulo Sigcau udize okokuba umzi ka Zanzolo usamile kwilali yase Mission cebu kuhle kwidolophu yase Gcuwa, kwaye olusapho liyathetha-thethana norhulumente ukuze lomzi uguqulwe ube yindawo yembali.

u-MnquMa uSingaTHE iMinyaDala yEMBali NGU LOYISO MPALANTSHANE

From left, Public Works Minister Nathi Nhleko, Mnquma Executive Mayor Cllr Thobeka Bikitsha, Provincial Public Works Mec Thandiswa Marawu

and Bisho Mpl Nomawethu Gqiba

6 | Iindaba Zase Mnquma

Page 7: Iindaba zase · PDF fileeziwelwe ngumqa esandleni kulonyaka ibeyi Nozulu, Diya, Mzwandile, Mpumalanga eGcuwa. JM Boltina, Lower Ngqamakhwe, Toboyi, Hlobo e- Ngqamakhwe. ... Iindaba

Obekekileyo uSodolophu uCeba Thobeka Bikitsha esenza intetho kubahlali bakwa wadi 28.

Abahlali bakwa Wadi 28 bebonisana nenkokheli ngelixa le Imbizo – Ifoto ithatyathwe ngu Sibongile Madalane.

USodolophu kumasipala waseMnquma, uCeba Thobeka Bikitsha uye waqinisekisa abahlali base Mnquma ukuba imiba abanayo malunga nokunikezelwa kweenkonzo izakuqwalaselwa ngokukhawuleza.

Ukuthethe oku ngethuba ebehlinzeka inkqubo yembizo ebibanjelwe eNcerhane Junior Secondary School kufuphi nolwandle lwase Wavecrest kuCentane kwiWadi 28 ngoLwesibini umhla wesixhenxe kwinyanga yoKwindla.

Kulembizo ibizinyaswe luthotho lwabantu abatsha nabadala, uCeba Bikitsha wenze amavandlakanya ngemitsi yophuhliso eyenziweyo kunyaka mali odlulileyo ka (2015/2016).

Lemitsi ibandakanye ukwakhiwa kweendlela ezifikelela phakathi kwelali yaseMvandaba ukuya eMoyikwa naseLichi ukuya e-Qolweni, e-Ngqusi Water Scheme naseNgxaxho – Cebe Water Scheme.

Kwiilali ezintathu (Macibe, Mgobhozi kunye Ncerhana) babesele beqalile ukusebenzisa umbane ekukhanyiseni xeshikweni amakhaya ali-145 acwangciselwe ukuba aqalise ukusebenzisa umbane ekupheleni kwenyanga yesiLimela kulonyaka ka 2017.

Kule mbizo uCeba Bikitsha uphelekwe nguSihlalo wecandelo lolwakhiwo lwezindlu uCeba Nokuku Dube, uSihlalo kwicandelo locwangciso kwizibonelelo kunye noPhuhliso, uCeba Maliza Ntshonga, uCeba wakwa Wadi 28 uMonwabisi Mxoko kunye namagosa kamasipala.

Umhlali wase Qolweni uRantjies Neku wamkele utyelelo lukaSodolophu phakathi kwabo. Uthe ubukhulu beenkonzo ezingundoqo ezifana namanzi, ucoceko kunye nombane sele zifikile ku Wadi 28, uqhube wabongoza nabanye abahlali ukuba balinde ngomonde nabo bazakulungiselelwa. Uthethe wenjenje, “Ubomi ngoku bulula kakhulu,

nangoku kumaxhaphetshu apha kulelali yethu kwakhiwa iindlela. Kufike ixesha ngoku lokuba urhulumente azise iinkonzo kubantu bonke, “watsho okaNeku.

“Kunyaka mali olandelayo (2017/2018), umyinge wamakhaya angama-700 kummandla waseNgcingane, eNgqingqini, KwaJoni, Takazi, Mcwasi, Mngweskolo, Ngqosi kunye naku noNombanjana uzakufakelwa umbane,” utshilo uCeba Bikitsha.

“Mna ndothuswa kukuba kusekhon’ izindlu ezingaka ezingenambane emva kwexesha elide kangaka kukhululekiwe. Nkqu iintsalela zikatat’uMandela ziya kunyikima emangcwabeni ukuba singasilela ekufakelweni kombane kwiindawo zamaphandle. Siya kuhlala sinxibelelana nabeziko lombane kwa-Eskom ukuqinisekisa ukuba amandla ombane ayafikelela

nakumaphandle,”utshilo uCeba Bikitsha.

USodolophu uqukumbele intetho yakhe wathi (remove comma) uMasipala waseMnquma uzakusebenzisana namanye amacandelo asebu-Rhulumenteni ekuncedisaneni nabahlali kuphuhliso kwezolimo, amatanki ediphu, ukubiya kunye namaphepha mvume okuloba.

UCeba Bikitsha ubongoze abahlali ukuba basebenzise amanzi ngokonga ukunciphisa ifuthe lembalela ekhoyo.

Wazise abahlali ngemali nkxaso ezizigidi eyi R170m ephuma kwi-Ofisi yeNkulumbuso uPhumulo Masualle ukulwa nokunqongophala kwamanzi kuMasipala waseMnquma. UCeba Bikitsha uthembise ngokusungula uphando ngee projekthi ezingagqitywanga, kwaye inkampani yekontraka entsha izakuchongwa ze igqibezele umsebenzi wendlela yaseQolweni.

UCeba Bikitsha uxelele abemi bakwa Wadi 28 ukuba iBhunga lakhe lisebenza ngokuzinikela ukuzisa ucwangco kumasipala waseMnquma.

uSoDoloPHu WaSE MnquMa uHlinZEKE inKquBo yEEMBiZo

NGU LOYISO MPALANTSHANE

7Iindaba Zase Mnquma|

Page 8: Iindaba zase · PDF fileeziwelwe ngumqa esandleni kulonyaka ibeyi Nozulu, Diya, Mzwandile, Mpumalanga eGcuwa. JM Boltina, Lower Ngqamakhwe, Toboyi, Hlobo e- Ngqamakhwe. ... Iindaba

iPHulo loCoCEKo liVulE aMaTHuBa EMiSEBEnZi

NGU PUMLISA BIKITSHA

Iphulo lokucoca izitalato zaseMnquma lususe ikati eziko ngokuthi lidale amathuba omsebenzi kubahlali abangama-80 nabefudula bengasebenzi.

Abo bathe baxhamla kweliphulo bathunyelwe kwicandelo elisebenza ngenkunkuma ephathekayo kunye nolondolozo lwendalo. Eli phulo ligcina imimandla yaseMnquma kunye nendawo eziselunxwemeni zicocekile maxa onke.

UMphathi olibambela kwicandelo lenkunkuma nolondolozo lwendalo u-Asanda Masinyane uthe, “Enye yezona nkalo zethu esiziqwalasela phambili singu- Masipala kukubonelela ngenkonzo engenachaphaza kucoco lwenkunkuma kunye neenkonzo zokusingqongileyo kuluntu lwethu. Umasipala uqhuba eliphulo kubekanye ngenyanga ukunikezela iinkonzo kuluntu. Ngeli phulo, sixhobisa amalungu oluntu ngezakhono zokugcina ezendalo kunye nolawulo lwenkunkuma”.

La mathuba omsebenzi athatha ithuba elingangeenyanga ezintandathu kuxhomekeke ekubeni ziyakuhlaziywa na izivumelwano zengqesho leyo.

Omnye wabasebenzi, uNothemba Sihlabeni, ominyaka engama 41 ohlala kwawadi 1 uthe, “Mna ngokwenene ndiyawuthanda lomsebenzi njengoko sele kulithuba elide ndihleli ekhaya ndingenzi nto. Ngaphezu koko, bendingazi ngokubaluleka kokugcina okusingqongileyo kucocekile”, utshilo uSihlabeni.

Uthi uyazingca ukuba abe yinxalenye yeqela elisebenza ukuqinisekisa okusingqongileyo kulungile yaye kuthintela izifo. “Okusingqongileyo nezempilo luxanduva lwabo bonke abahlali baseMnquma”, utshilo uSihlabeni.

Uthi uyazingca ukuba abe yinxalenye yeqela elisebenza ukuqinisekisa okusingqongileyo kulungile yaye kuthintela izifo. “Okusingqongileyo nezempilo luxanduva lwabo bonke abahlali baseMnquma”, utshilo uSihlabeni.

ooSoMaSHiSHini aBaSaKHulayo BalolWE KWiZaKHono ZEMPHaTHo-Mali NGU SIBONGILE MADALANE

UMasipala waseMnquma ubambe uqeqesho kulawulo mali ukunceda oosomashishini abancinci, abaphakathi kunye noosomashishini asele bekhulile (SMME’s) ndawonye nabanikazi bookopolotyeni. Oluqeqesho likwenzelwe ukukhulisa ixabiso lezomnotho lwabo kwanokwakha amaqhina entsebenziswano alulutho.

UMasipala waseMnquma uyakuqonda ukubaluleka kwecandelo le SMME’s ekuphuculeni nasekuqiniseni ezoqoqosho lwenginqi ukuze kulwiswane nendlala, kudalwe amathuba emisebenzi.

UManenjala we SMME’s kunye nookopolotyeni uPortia Mhaga uthi umasipala uyayiqonda imfuneko yokutyala kwi SMME’s kunye nookopolotyeni njengoko benegalelo eliphambili ekukhulisweni kwezoqoqosho kunye nokudalwa kwemisebenzi.

Ngokusekelwe kuphicotho lwezakhono, uqeqesho kulawulo lwezemali lichongwe njenge sakhono ezingundoqo esifunekayo koosomashishini basekuhlaleni.

UNkosazana Zoliswa Mnqokoyi, ongumququzeleli woluqeqesho nosuka kwiCandelo Lophuhliso Loluntu apha eMpuma Koloni uthe uqeqesho lwezakhono likhuthaza ukuzimela geqe nokuzithemba koo-somashishini basekuhlaleni.

“Ukunqongophala kwezakhono ezingundoqo yenye yemingeni emikhulu leyo echaphazela ngqo ukukhula kwezoqosho kunye nozinzo kumashishini”, watsho uNksk Nomajama Qamza, olilungu

likakopolotyeni i-Amathole 4960. “Ndiyambulela u-Masipala waseMnquma ngethuba asinike lona lokuba siqeqeshwe kulawulo lwezimali. Oluqeqesho ngokuqinisekileyo luzakusinceda sigcine iinkcukacha ngokusetyenziswa kwemali kumashishini ethu”, uqukumbele watsho.

Abaqali bezoshishino base Mnquma bebonakalisa iziqinisekiso zolwazi - Ifoto ithatyathwe ngu Sibongile Madalane.

Abasebenzi becoca izitalato zase Mnquma – Ifoto ithatyathwe ngu Pumlisa Bikitsha.

8 | Iindaba Zase Mnquma

Page 9: Iindaba zase · PDF fileeziwelwe ngumqa esandleni kulonyaka ibeyi Nozulu, Diya, Mzwandile, Mpumalanga eGcuwa. JM Boltina, Lower Ngqamakhwe, Toboyi, Hlobo e- Ngqamakhwe. ... Iindaba

The Executive

9Iindaba Zase Mnquma|

Executive Mayor- Cllr T. Bikitsha

Council Speaker - Cllr Z.M Mnqwazi Chief Whip - Cllr Z. Mkiva

Page 10: Iindaba zase · PDF fileeziwelwe ngumqa esandleni kulonyaka ibeyi Nozulu, Diya, Mzwandile, Mpumalanga eGcuwa. JM Boltina, Lower Ngqamakhwe, Toboyi, Hlobo e- Ngqamakhwe. ... Iindaba

Mayoral Committee

Ward Councillors

10 | Iindaba Zase Mnquma

UDM PR Cllr K.G. Magwaca

DA PR Cllr Z. Bomela

AIC PR Cllr A.A. Krakri

ANC PR Cllr G.N. Nombil

UDM PR Cllr M. Mkhilili

EFF (PR) Cllr B. Kave

ANC PR Cllr T.Z. Xhongwana

UDM PR Cllr N.M. Mpambani

EFF (PR) Cllr G. Guqaza

PR ANC Cllr N. Thandaphi

UDM PR Cllr S.N Tshazi

EFF PR Cllr N.H Kendle

PR ANC Cllr S. Matutu

DA PR Cllr S.L Mafanya

COPE PR W.M Ntongana

Portfolio Head Community Services Cllr N. Layiti

Portfolio Head Water and Sanitation Cllr T. P Ntanga

Portfolio Head Corporate Services Cllr N. Sheleni

Portfolio Head Infrastructural Planning & Development - Cllr M.E. Ntshonga

Portfolio Head - Cllr N.P Dube

Portfolio Head Local Economic Development Cllr N.H Skelenge

Portfolio Head Budget & Treasury Office - Cllr L. Mgandela

Portfolio Head Special Programmes Cllr C. Mtsi

Portfolio Head Communications Cllr N. Jiya - Ward 09

Portfolio Head Strategic Management - Cllr T. Nkamisa

Chief Whip - UDM (PR) Cllr Z.A. Mqolo

DA PR Cllr N. Ntolosi

PAC PR Cllr N. Lusizi

Page 11: Iindaba zase · PDF fileeziwelwe ngumqa esandleni kulonyaka ibeyi Nozulu, Diya, Mzwandile, Mpumalanga eGcuwa. JM Boltina, Lower Ngqamakhwe, Toboyi, Hlobo e- Ngqamakhwe. ... Iindaba

Ward Councillors

11Iindaba Zase Mnquma|

Cllr M Ndungane- ward 16 Cllr M. Mxhoko - Ward 28 Cllr N Plaatjie- PR Councillor ANC Cllr N. G Ndongeni - Ward 24 Cllr N. Lusizi - Ward 31

Cllr N. Monakali - Ward 12 Cllr N. R. Tshona - Ward 7 Cllr N.L. Zaba - Ward 26 Cllr N.N. Nqolomlilo - Ward 23 Cllr N.Q. Sukwana - Ward 8

Cllr S. Lilise - Ward 25 Cllr T. Makeleni - Ward 30 Cllr T. Ntyinkala - Ward 27 Cllr T.C. Nkutu - Ward 21 Cllr T.H. Mpeta - Ward 20

Cllr V. Nkehle - Ward 19 Cllr W.W. Mbadlanyana - Ward 6 Cllr X.I Pupuma - Ward 17 Cllr Y. Mngonyama - Ward 4 Cllr Z. Gade - Ward 18

Cllr A.B. Madikane - Ward 3 Cllr L Tsipa -Ward 22 Cllr L. Mbentsula - Ward 29 Cllr L.M Mtalo - Ward 11 Cllr L.S Sobekwa - Ward 10

Page 12: Iindaba zase · PDF fileeziwelwe ngumqa esandleni kulonyaka ibeyi Nozulu, Diya, Mzwandile, Mpumalanga eGcuwa. JM Boltina, Lower Ngqamakhwe, Toboyi, Hlobo e- Ngqamakhwe. ... Iindaba

Chief B. VusoMabheleni Butterworth

Chief B.L Ntleki- Fingo Centane

Chief D. MpangeleImidange Centane

Chief M. MagodlaMazizini Ngqamakhwe

Chief M. NguzaMahlubini Ngqamakhwe

Chief N. NyhilaMazizini Butterworth

Chief N.S.NgxiyaMazizini Ngqamakhwe

Chief N.V.G DondasheNqusi Centane

Chief P. NguzaMazizini Butteworth

Chief V.L MbasaMabheleni Ngqamakhwe

Chief W.M. MahlangeniMabheleni Butterworth

Cllr Z. Mnqokoyi - Ward 14 Cllr Z. Sobekwa - Ward 5 Cllr Z.C. Mfazwe - Ward 13 Cllr Z.Siyo - Ward 1 Cllr. S.M Molosi - Ward 2

Traditional leaders

Chief Z.M DyantyiMatshaweni Centane

Ward Councillors

Cllr S. Ncetezo - Ward 15

12 | Iindaba Zase Mnquma