isigaba esiphakathi iishedyuli zomsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo...

28
ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi IBakala 5 EzoBugcisa neNkcubeko

Upload: others

Post on 11-Aug-2020

0 views

Category:

Documents


0 download

TRANSCRIPT

Page 1: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

ISig

aba

esiP

haka

thi

IiShe

dyul

i zoM

sebe

nzi

IBakala

5EzoBugcisa

neNkcubeko

Page 2: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

AMAGQABANTSHINTSHI Ukumisela umgaqonkqubo kuba namagingxi-gingxi. Yinkqubo yokuqonda nokucacisa ukuba lo mgaqonkqubo uthini kanye kanye kunye neyokubonisana nabantu, nkqubo leyo ethatha ixesha elide. Siye sifunde kule nkqubo ze simana siyitshintsha ngokwezimvo esizifumanayo ukwenzela ukuba le nkqubo ilungele iimeko ngeemeko ezahlukileyo. Into esiyifundileyo kule minyaka ilishumi nangaphezulu idlulileyo kukuba kufuneka sibonisane, simamele ze sifumane isisombululo kwimingeni esijongene nayo. Iishedyuli zomsebenzi zisisiphumo saloo mgaqonkqubo kunye nalo nkqubo ethe yasifundisa izinto ngezinto. Isifundo seLitheresi neseziBalo kwakunye nezinye izifundo zeSigaba seSiseko kunye nesiPhakathi zizifundo ezibalulekileyo esigxininise kuzo siliSebe lezeMfundo leNtshona Koloni. Sifuna ukuqinisa izikolo zamabanga aphantsi ze sidale amathuba esiseko esomeleleyo ukuze siphucule amathuba abafundi okuphumelela kumakhondo abafuna ukuwalandela. Sikholelwa ukuba esi siseko singaziphucula iziphumo zelitheresi nezesifundo sezibalo, nezinga lokupasa ngokubanzi. UMzantsi Afrika lilizwe elisakhulayo yaye sivile ukuba, kule minyaka yeenkqubo ezichaphazela ihlabathi lonke, amazwe asaxakeke nenkqubo yokuzilinganisa namazwe aphuhlileyo kufuneka evelise izakhono ezifunekayo. Ngoko ko ilizwe elifana neli lethu lingakwazi ukukhuphisana nala mazwe makhulu yaye lingazinza. Into ebalulekilyo kukuba sibe nabafundi abakwaziyo ukufunda, ukubhala kwakunye nabakonwabelayo ukufunda okanye ukuhamba isikolo. Ixabiso lezentlalo lesikolo linokuphuculwa ukuba ngaba iinzame zezikolo zinokukhuliswa. Iishedyuli zomsebenzi ziza kuthathwa njengenxalenye yezixhobo zePhulo, iFoundations for Learning. Zithathwa njengesixhobo sokuxhasa nokunika intsingiselo kweli phulo. Nanjengokuba kukho uluvo lokuba amaphulo zizinto nje ezimana ziphinda-phindwa, iishedyuli zomsebenzi ziza kuba sisixhobo senkxaso eza kunika intsingiselo ekwakhiweni kweziseko zelitheresi kunye nesifundo sezibalo. Lilinge lokubonelela ngezikhokelo kootitshala ngendlela yokufundisa kusuku ngalunye lwesikolo. Iishedyuli zomsebenzi ziza kuthunyelwa ezikolweni ukuze izikolo zinike izimvo okanye iingxelo zazo malunga nazo. Kananjalo ziza kuvavanywa kwizikolo ezithile ezikhethiweyo. La maxwebhu aza kukhutshwa njengesikhokelo ngoJanuwari 2009 yaye kucelwa ukuba izikolo zingenise izimvo zazo ngazo ngoJulayi 2009. Ezi shedyuli zomsebenzi ziza kuvavanywa ezikolweni kwangoJulayi 2009. Zonke izimvo ezingenisiweyo ziya kunceda ekubeni ziphinde zisetyenzwe okanye ziphuhliswe ngakumbi ezi shedyuli zomsebenzi. ISebe lezeMfundo leNtshona Koloni liziko elisafundayo yaye lizama ngawo onke amaxesha ukuba liyiqonde imeko elingqongileyo. Le nkqubo yokufunda iyaqhubeka ngenxa yento yokuba izinto zisoloko zitshintsha ngokukhawuleza. Xa ke sikuthathela ingqalelo oku, masazi ukuba isimemo sokufumana izimvo kunye nesovavanyo lilinge elibonisa into yokuba siliziko elifundayo ngokuthi siphuhlise amaxwebhu asekelwe kwizimvo zootititshala kwakunye nezabantu abakwamanye amacandelo ahlukileyo kwiphondo lethu. Siyazi ukuba ukusebenza ngendlela efanayo akusebenzi okanye akubi naziqhamo zihle. Siyazi kananjalo ukuba kufuneka simamele, sithethe ze sifumane izisombululo kwimingeni yethu. Uvavanyo lwezi shedyuli ezikolweni kunye nesimemo sokuba nisinike izimvo zenu kuza kusenza ukuba sibonisane, simamele ze sifumane izisombululo njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu.

Gqr. S. Naicker, Umlawuli oyiNtloko: Icandelo loPhuhliso lweKharityhulamu

Page 3: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

ISHEDYULI YOMSEBENZI – UBUGCISA NENKCUBEKO

ISIGABA ESIPHAKATHI

IBAKALA LE-4 ukuya kwele-6 INTSHAYELELO INkalo yesiFundo sezobuGcisa neNkcubeko ibandakanya imisebenzi yobugcisa neyenkcubeko kuMzantsi Afrika jikelele. Amacandelo ezobuGcisa neNkcubeko ayinxalenye edibeneyo yobomi, equka iimeko zomoya, eziphathekayo, zengqiqo nezemvakalelo kwiinzame zoluntu ekuhlaleni. Inkalo yobuGcisa neNkcubeko ibandakanya amacandelo ezifundo amane - umdaniso, idrama, umculo nobugcisa obubonwayo. Eyona njongo iphambili yale nkalo yesifundo kukubonelela ngemfundo jikelele kumsebenzi wobuGcisa neNkcubeko kubo bonke abafundi.

ULWAZI OLUJOLISWE KUTITSHALA NGENDLELA YOKUSEBENZISA LE SHEDYULI YOMSEBENZI

Ezi shedyuli zomsebenzi zibhalwe ngenjongo yokunika ingxam kwiziphumo zesifundo nakwimigangatho yovavanyo. Njengotitshala osebenzisa ezi shedyuli zomsebenzi, kufanelekile ukuba ukulungele ukufundisa le nkalo yesifundo ucacise ngakumbi nangokuzithemba. Iishedyuli zomsebenzi zijoliswe koku: ukuqinisekisa ukuba ootitshala baziqonda ngokufanayo iziphumo zesifundo kunye

nemigangatho yovavanyo; ukuqinisekisa ukuba ootitshala bayasisebenzisa isikhokelo ekugxilwe kuso solwazi

olumiselwe kuxwebhu lweNgxelo yeKharityhulamu yeSizwe kunye nokuphumelela ukusebenza ngesantya esilinganayo kweli phondo.

Umxholo weeshedyuli zomsebenzi ucwangciswe ngenyameko ukuthintela uphindaphindo kunye nokuvumela iqondo elongeziweyo lemisebenzi entsonkothileyo kwesi sigaba siphela. Izikhokelo zootitshala, ezicacisa umxholo nezinika iingcebiso ngeendlela zokufundisa, zisetyenziswa ngaxeshanye neeshedyuli zomsebenzi. Xa kucwangciswa imisebenzi yonyaka omiyo, iinombolo zamaphepha ezikwiincwadi ezifundwayo zingabonakaliswa kuluhlu olungasekunene kwishedyuli yomsebenzi. Kananjalo qaphela ukuba iishedyuli zomsebenzi zilungiselelwe iiveki ezingama-40 kunye nokuba umxholo wazo usasazwe ngocoselelo kwisithuba seeveki ezili-10 kwikota nganye. Ootitshala mabajonge uXwebhu loMgaqo-nkqubo weNgxelo yeKharityhulamu yeSizwe njengesikhokelo kwiziphumo zesifundo, imigangatho yovavanyo kunye nesikhokelo solwazi ekugxilwe kuso. Sinethemba lokuba olu xwebhu luya kuba luncedo. IMIBULELO Sidlulisa umbulelo ongazenzisiyo kootitshala nakumagosa anika iingcebiso ngekharityhulamu athe aqulunqa ishedyuli yomsebenzi elungiselela iSigaba esiPhakathi. ICandelo loLawulo: kwiKharityhulamu : GET

Page 4: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

- 1 -

ISHEDYULI YOMSEBENZI WOBUGCISA NENKCUBEKO

IBAKALA 5

IKOTA 1

Izinto eziphambili ezisetyenziswayo: Umzimba, ilizwi, ulwimi, izinto zendalo kunye nezinye izinto ezifumanekayo

IVEKI ISIPHUMO

SESIFUNDO IMIGANGATHO YOKUVAVANYA KUNYE NOMXHOLO OFUNDISWAYO

TG

LO 1, 4

UMCULO 5.2.3.2, 5.1.3.2

Chaza ukubaluleka kweenowuthsi ze-crotchets, ze-minims kunye neze-quaver

Sebenzisa intshukumo yomzimba ukubonisa ukubaluleka kweenowuthsi: i-crotchet (ikota-nowuthi), i-minum (ihafu-nowuthi) kunye ne-quaver (i-eyiti-nowuthi) kwakunye ne-time signature.

UMDANISO 5.1.1.1

Yiba nenkqubo yokufudumeza umzimba ukulungiselela intsebenziswano kunye nolawulo

UMDLALO (DRAMA) 5.1.2.1

Yenzisa umthambo wokuyekelela ukuphefumla ukulungiselela ukuzifudumeza nokuzipholisa.

1

UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.1.4.1

Bonisa imizobo yemilo yendalo kunye neyejometri umz. yezinto eziphilayo = ezendalo, yezinto ezingaphiliyo /ezenziwe ngumntu = yejometri

Iveki

1

2

LO 1, 3

UMCULO 5.1.3.2 Sebenzisa intshukumo yomzimba:

Yila iculo elifutshane elinesingqisho esine-crotchets, kunye nee-crotches rests.

Yila iculo elifutshane elinesingqisho esine-quavers kunye nee- quaver rest.

Yenzani intshukumo yomzimba ngokwamaqela nize niyenze ngokuhambelana nomculo orekhodishiweyo.

Iveki

2

Page 5: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

- 2 -

UMDANISO 5.1.1.1, 5.1.1.2

Chaza uthelekiso kulandelelwano lomculo Bonisa indlela yokutshintsha ukusuka kwenye imilo

yentshukumo ukuya kwenye ugqalise kwi; o isithuba (phezulu/ezantsi, sikhulu/sincinci/ phambili/

ecaleni/emva/kufuphi/kude/sibhityile/sibanzi); o ixesha (khawuleza/cotha, kaninzi/manqapha-nqapha); o amandla (kakhulu/kancinci,thambileyo/ngentlokomo).

Yila ulandelelwano lomdaniso oluquka indawo, ixesha kunye namandla entshukumo

UMDLALO 5.1.2.2

Ncedisa ukwenza umdlalo kunye nemithambo ehambelana nesandi kunye nemvakalo.

UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.1.4.1

Yazisa ubuchule bokubona kunye nokukopa iimilo ezizotyiweyo

Bonisa indlela yokukhuphela ephepheni into oyivileyo.

UMCULO 5.1.3.2 Sebenzisa intshukumo yomzimba:

Qamba ingoma emfutshane enesingqisho esine-minim kunye neminim rests.

Yenzani intshukumo yomzimba ngokwamaqela nize niyenze nakuwuphi na umculo

UMDANISO 5.1.1.1, 5.1.1.2

Fumanisa uze uchaze ngomdaniso waseMzantsi Afrika Cacisa umahluko kwiindlela ekudaniswa ngazo uthathela

ingqalelo indawo, ixesha kunye namandla entshukumo.

UMDLALO 5.1.2.2

Veza imifanekiso ebonakalayo kunye nemibala

3

LO 1,3

UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.1.4.1

Chaza imilo zezinto eziphilayo kunye nezinemilo yejometri Jonga kwaye uzobe iimilo zezinto eziphilayo kunye nezejometri

Iveki

3

Page 6: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

- 3 -

UMCULO 5.1.3.2 Sebenzisa intshukumo yomzimba:

ukuqamba ingoma emfutshane ene-quavers kunye ne-quaver rest.

ukwenza intshukumo yomzimba ngokwamaqela nakuwuphi na umculo orekhodishiweyo.

UMDANISO 5.1.1.1, 5.1.1.2

Yenza umdaniso wolandelelwano: kwindawo, kwixesha nangamandla entshukumo

UMDLALO 5.1.2.2

Ncedisa ukwenza umdlalo kunye nemithambo ebonisa ukubamba kunye nemvakalo.

4

LO 1, 3

UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.1.4.1

Xoxa uze uyile iphatheni ngokuphindaphinda ukhetha imilo enye yento ephilayo kunye nemilo enye yejometri.

Yenza iphatheni ngokuphindaphinda usebenzisa imilo enye yento ephilayo nemilo enye yejometri.

Iveki

4

UMCULO 5.1.3.1

Cacisa ‘izingqisho kunye ‘nezingqisho ezininzi’ Yenza izingqisho kunye nezingqisho ezininzi usebenzisa

intshukumo. UMDANISO 5.1.1.1, 5.1.1.3

Qhuba ngokuyila ulandelelwano lomdaniso olugqalise; o kwintshukumo yelungu ngalinye lomzimba kunye o nolungelelaniso kwanolawulo ngokwentshukumo

yamalungu omzimba awahlukeneyo.

UMDLALO 5.1.2.3

Ncedisa ukwenziwa kwemidlalo kunye nomsebenzi ojongene nezandi kunye nemvakalo ngokungcamla

5

LO 1,3

UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.1.4.1

Cwangcisa uze uyile umphandle wepotifoliyo, usebenzisa iipatheni ezikhethiweyo.

Iveki

5

Page 7: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

- 4 -

UMCULO 5.1.3.1

Yila izingqisho kunye nezingqisho ezininzi usebenzisa intshukumo yomzimba.

UMDANISO 5.1.1.3

Qhuba usenza ulandelelwano lomdaniso uze uquke neengqiqo zejometri ezimbalwa ezinjengokunxusana, ulingano-macala, umgama, umthamo kunye nobunzima, iingxande, iimbombo-ntlanu, unxantandathu, iimbombo-sibhozo.

UMDLALO 5.1.2.3

Ncedisa ukwenza umdlalo kunye nemisebenzi efuna ukuba kuthethwe yaye kumanyelwe.

6

LO 1, 3

UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.1.4.

Qhuba ngokuyila umphandle wepotifoliyo ngokugqalisa koonobumba nakubungakanani bamagama nisebenzisa iimagazini ezindala.

Iveki

6

UMCULO 5.1.3.1 5.1.3.2

Yila izingqisho nezingqisho ezininzi usebenzisa izixhobo zendalo.

UMDANISO 5.1.1.1, 5.1.1.4.

Ziqhelaniseni ukudanisa ngokwamaqela.

UMDLALO 5.1.2.3

Sebenzisa iinkcukacha zamalungu oluvo (isandi, imvakalo, intetho, ukumamela, ukuva ngesandla) udibanise kunye nokubonisa imvakalelo, kumdlalo ongasebenzisi mazwi.

7

LO 1, 3

UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.1.4.1

Qhubani ngokuyila ipotifoliyo nigqalise kwiziphumo

Iveki

7

Page 8: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

- 5 -

UMCULO 5.1.3.1

Uvavanyo lwezingqisho nezingqisho ezininzi nisebenzisa intshukumo yomzimba, ukubetha emzimbeni kunye nezixhobo zendalo

UMDANISO 5.1.1.1 , 5.1.1.4.

Yenzani umdaniso ngokwamaqela

Phononongani nixoxe okwenzekayo. UMDLALO 5.1.2.3

Sebenzisa ezi zinto, ubungakanani, imilo kunye nobunzima zidityaniswe kunye neenkcukacha zamalungu oluvo (imvakalo, isandi, umlomo, ilungu lokuva njl. njl) ukwenza umdlalo wokulinganisa ongasebenzisi mazwi.

8

LO 1, 3

UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.1.4.1

Xhomani iipotifoliyo nize nenze uvavanyo.

Iveki

8

UMCULO 5.1.3.1

Nika ingxelo yophononongo lwezinto ngezinto zesingqisho nezezingqisho ezininzi.

Uvavanyo

UMDANISO 5.1.1.4, 5.2.1.1

Chaza ngolandelelwano lomdaniso uze wenze izindululo. Uvavanyo

UMDLALO 5.2.2.1

Phonononga usetyenziso lwazo zonke izinto ezisetyenziswe kumdlalo ongasebenzisi mazwi.

9

LO 2

UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.1.4.2

Bonisani ngeepotifoliyo

Ukuvavanyana kwabafundi besebenzisa uluhlu lokuhlola

Iveki

9

Page 9: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

- 6 -

UMCULO 5. 2 3.

Bhala malunga nengxelo kwidayari yakho. UMDANISO 5.1.1.4, 5.2.1.1

Bhala malunga nengxelo kwidayari yakho.

UMDLALO 5.2.2.1

Nika ingxelo yohlalutyo lomdlalo ongasebenzisi mazwi. Bhala malunga nale ngxelo kwidayari yakho.

10

LO 2

UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.1.4.1

Nika ingxelo ngalo mdlalo

Iveki 10

Page 10: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

- 7 -

ISHEDYULI YOMSEBENZI WOBUGCISA NENKCUBEKO

IBAKALA 5

IKOTA 2

Izinto eziphambili ezisetyenziswayo: Sebenzisa umzimba, ilizwi, ulwimi, izinto ezisetyenziswayo zendalo kunye nezinye izinto ezifumanekayo

IVEKI ISIPHUMO

SESIFUNDO IMIGANGATHO YOKUVAVANYA KUNYE NOMXHOLO OFUNDISWAYO

TG

UMCULO 5.2.3.1. Oonobumba bamagama eenowuthsi

Fundisa uze uchaze ukuba i-staff =yimiqolo emi-5, nezikhewu ezi-4

Fundisa nge-treble cleff

UMDANISO 5.1.1.1, 5.2.1.1

Xoxani ngomdaniso ebeniwubukele okanye ebeniwubone kumabonakude.

Cacisa ngamasolotya oyilo lwawo, injongo kunye nodidi lomdaniso

UMDLALO 5.1.2.1

Zifudumezeni, nizipholise nize nenze nomdlalo: o Yekelelani nikhulule izihlunu o Zikisani nigqalise o Tsalani umphefumlo nize nivule iimbambo nize

niwukhuphe umphefumlo

11

LO 2 - 4

UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.2.4.1

Cacisa isigama esitsha : o Umzobo o Umfanekiso opeyintiweyo o Ubuchule bokwakha

Yahlula phakathi kwezi ntlobo zobugcisa zingentla ngokubonisa imizekelo

Iveki 11

12

LO 1 – 4

UMCULO 5.2.3.1

Hlaziya isifundo se- staff kunye ne-treble cleff Fundisa ngamagama oonobumba okt. Izikhewu = F, A, C,

E, Imiqolo = E, G, B, D, F

Iveki 12

Page 11: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

- 8 -

UMDANISO 5.1.1.1, 5.2.1.2

Makulandelwe indlela yokuzifudumeza ekhokelwa ngutitshala

Fundisa ze nixoxe ngendlela ezahlukeneyo zemidaniso eMzantsi Afrika nisebenzisa imathiriyeli ebonwayo (umz. iincwadi, imifanekiso/iifoto, ividiyo/iiDVD)

UMDLALO 5.1.2.1 Zifudumezeni ukulungiselela umdlalo

Umthambo woyekelelo lwezihlunu Umthambo wokuphefumla Umthambo wentlokomo

5.2.2.1 Umdlalo wezeNkcubeko nezeNtlalo

Cacisa ingqiqo yomdlalo wenkcubeko o Qwalaselani umboniso womdlalo. o Chazani malunga nokufaneleka kwesihloko,

abalinganiswa, indawo, okwenziwayo, imo yemvakalelo kunye nexesha

o Chazani ngeeyantlukwano zamajelo eendaba o Chazani ngezihlo ezipahambili zalo mdlalo o Cacisa ukuba kutheni kuye kwasetyenziswa ubuchule

obuthile bomdlalo, umz. ithoni, ukunyuka kwelizwi, ukukhupha ilizwi, nokubiza amagama.

UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.2.4.1 Umahluko phakathi komzobo,.umzobo opeyintiweyo kunye nobugcisa bokwakha

Cacisa isigama : o ukukrola o Ukuyila o Umsebenzi wobugcisa o Ubugcisa bokuzoba

Yahlula phakathi kwezi ntlobo zingentla zobugcisa ngokubonisa imizekelo

13

LO 1 – 4

UMCULO 5.2.3.1

Hlaziya i-staff, i-treble cleff kunye namagama oonobumba Thathela ingqalelo amagama oonobumba kwimiqolo

nakwizikhewu kwi-staff.

Iveki 13

Page 12: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

- 9 -

UMDANISO 5.2.1.2

Fundisa ngomdaniso weli xesha Khetha umdaniso othile waseMzantsi Afrika Yenzani uphando ngokwamaqela

o Imvelaphi (Imbali) o Umculo o Izinxibo o Usetyenziso lwezixhobo o Owangaphakathi kwesakhiwo/ owangaphandle

kwesakhiwo o Umdaniso wakwantu / owale mihla o Injongo zomdaniso

UMDLALO 5.1.2.1 Yenzani imidlalo yomdlalo :

Yekelelani nikhulule izihlunu Zikisani nigqalise Gqalisani kwiindlela zokuphefumla ezifanelekileyo umz.

ukungenisa umphefumlo ngeempumlo, ukuvula iimbambo, kunye nokukhupha umphefumlo ngokuvula umlomo

5.2.2.1 Umboniso wezeNkcubeko nowezeNtlalo

Phanda iinkalo zomdlalo umz. owomtshato, owomngcwabo njl. njl,

UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.2.4.1 Yahlula phakathi kweentlobo ezahlukeneyo zobugcisa

Qinisela iiyantlukwano phakathi kwazo zonke iintlobo zobugcisa uze ufake imifanekiso engqinelana neentlobo zobugcisa.

UMCULO 5.2.3.1

Yazisa ngokuphakama kwelizwi umz. phantsi / phezulu Thathela ingqalelo umahluko ekuphakameni kwelizwi

o Ukunyuka = ukubheka phezulu (ngokwenqwanqwa) o Ukuhla = ukubheka ezantsi

14

LO 1 – 4

UMDANISO 5.2.1.2

Yazisa umdaniso wala maxesha: “ezomngqungqo” Qhubani ngophando lomdaniso eMzantsi Afrika.

Iveki 14

Page 13: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

- 10 -

UMDLALO 5.2.2.1 Umdlalo wezeNkcubeko nowezeNtlalo

Phanda ngeenkalo zomdlalo wezentlalo, umz. Ubukulo lwabantu bamazwe angaphandle, iHIV/ AIDS njl. njl.

UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.2.4.2 Izimvo malunga nomfanekiso kunye nemisebenzi yobugcisa

Phonononga uze uchaze eyona nkcubeko iphambili (inkcubeko eyahlukeneyo / indibanisela yeenkcubeko), umz. intengiso yeCOKE, umfanekiso weRobben Island, ibrowutsha yamaso yeHIV.

Bhala umhlathi omfutshane ubhekisa kumzekelo

UMCULO 5.2.3.2

Thathela ingqalelo ukuphakama kwelizwi = ukunyuka / ukuhla

Thathela ingqalelo amagama oonobumba kwinowuthi ye-crotchet kunye neye-minum kwiinowuthsi

Thathela ingqalelo ukubaluleka kwenowuthi kunye nokuphakama kwelizwi

UMDANISO 5.2.1.2

Fundisa ngomdaniso wala maxesha:i-‘ballroom’ Qhubani ngophando lomdaniso eMzantsi Afrika

UMDLALO 5.3.2. UKuzikisa, ukuqonda ngokoluvo kunye nokuqonda ngokwemo yendawo

Cacisa ukuqonda ngokoluvo kumdlalo, umz. Ukusebenzisa ukulinganisa ukwenza ibali apho incasa, ivumba kunye nemvakalo yento ziboniswa kungakhange kusetyenziswe mazwi.

Cacisa ukuqonda indawo okuyo xa usenza umdlalo, umz. yenza intshukumo ukusebenzisa indawo okuyo kungasetyenziswa mazwi.

Gxininisa ukubaluleka kokugqalisela xa usenza umdlalo, ukwenza bukhali amalungu oluvo xa uchaza, umz. ukubalisa ibali ungasebenzisi lizwi (magama)

15

LO 1 - 4

UBUGCISA OBUBONWAYO (VISUAL ART) 5.2.4.2 Izimvo malunga nemifanekiso kunye nemisebenzi yobugcisa

Fundisa ngenjongo malunga nemifanekiso /neefoto / nemisebenzi yobugcisa

Iveki 15

Page 14: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

- 11 -

UMCULO 5.2.3.2

Thathela ingqalelo uze ucule iinowuthsi (Sebenzisa indlela yokucula u- G = soh ; E = mi A = lah)

UMDANISO 5.2.1.2

Fundisa ngomdaniso wala maxesha: i- ‘hip-hop’ Ukuchaza ngomlomo / umboniso wophando lwamaqela

UMDLALO 5.3.2.1 Yenza umdlalo

Yenza umsebenzi womdlalo ukumisela ugqaliselo kunye nosetyenziso lwamalungu oluvo umz.khetha isihloko somdlalo “ipikiniki” – bonisa ngaphandle kwamazwi, indawo, imozulu, Okuphi ukutya, injani incasa yako, kunuka njani, imvakalo yako kwaye kuthandwe kangakanani na.

16

LO 1 - 4

UBUGCISA OBUBONWAYO 5.2.4.2

Thathela ingqalelo uze uchaze injongo kunye nokuqulathiweyo, uze ufakele inkangeleko, uthelekiso kunye nentsingiselo yomfanekiso / yefoto / yomsebenzi wobugcisa.

Iveki 16

UMCULO 5.2.3.2

Thathela ingqalelo uze ucule iinowuthsi kunye nokuphakama kwelizwi kwiinowuthsi

(Sebenzisa indlela yokucula u- G = soh ; E = mi A = lah) Fakelela ekuculeni , u-C ophakathi= doh Fundisa ngemigca ye-leger = Imigca engezantsi kunye

nengentla kwenowuthi Thathela ingqalelo i-crotchet kunye ne-minim kuloo ngoma

ikhethiweyo

17

LO 1 - 4

UMDANISO 5.2.1.2

Fundisa ngomdaniso wesintu onjenge ‘gum boot’ okanye i-‘sokkie’ njl. njl.

Qhubani inkcazo ngomlomo / umdlalo wophando lwamaqela

Iveki 17

Page 15: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

- 12 -

UMDLALO 5.3.2.1 Yenza umdlalo

Khetha umxholo usebenzisa amaphephandaba okanye ividiyo njengesikhuthazi ekwenzeni umdlalo.

UBUGCISA OBUBONWAYO 5.3.4.1. Umsebenzi weProjekthi

Khetha iprojekthi (umz. ipowusta, ikholaji (collage), imiqondiso) kumbandela wezentlalo (umz. iHIV/AIDS) okanye umbandela wobume obusingqongileyo (umz. UKONGA AMANZI)

Cwangcisa iprojekthi: Cacisa indlela yokucwangcisa iprojekthi

UMCULO 5.2.3.2

Thathela ingqalelo uze ucule iinowuthsi (sebenzisa indlela yokucula G = soh ; E = mi ; A = lah ; u-C ophakathi = doh)

Thathela ingqalelo imigca ye-leger Thathela ingqalelo i-crotchet kunye ne-minim kweli culo

18

LO 1 - 4

UMDANISO 5.2.1.2, 5.2.1.1

Gqibezela ingcaciso yomlomo / umsebenzi wophando lwamaqela

Xoxa uze unike ingxelo ngemisebenzi eyenziweyo

Iveki 18

UMDLALO 5.3.2.1 Yenza umdlalo

Yenza umdlalo womxholo okhethiweyo weveki ye- 17. Gxininisa iqondo lokuzithemba.

UBUGCISA OBUBONWAYO 5.3.4.1 UMsebenzi weProjekthi

Yenza iprojekthi esekelwe kumbandela wezentlalo (umz. iHIV/AIDS) okanye umbandela wobume obusingqongileyo (umz. UKONGA AMANZI)

Page 16: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

- 13 -

UMCULO 5.2.3.1 Uvavanyo

Thathela ingqalelo amagama oonobumba kunye namaxabiso eenowuthsi njengovavanyo olusesikweni (uvavanyo)

Nika ingxelo

UMDANISO 5.2.1.2, 5.2.1.1

Qhuba ngokuxoxa unika ingxelo ngemidlalo UMDLALO

5.3.2.1 Yenza umdlalo Yenzani umdlalo nigqalise ekuqondeni nisebenzisa

amalungu oluvo nasekuqondeni indawo

Vavanya umsebenzi weqela

19

LO 1 - 4

UBUGCISA OBUBONWAYO 5.3.4.1

Chaza ngokucokisekileyo ngeprojekthi

Iveki 19

UMCULO 5.2 3 4

Chaza ingxelo kwidayari yakho

UMDANISO 5.2.1.1

Chaza umsebenzi weqela (uphando) kwidayari UMDLALO 5.3.2.1 Yenzani umdlalo

Chaza ngomdlalo kwidayari yakho Uvavanyo

20

LO 1 - 4

UBUGCISA OBUBONWAYO 5.3.4.1 Umsebenzi weProjekthi

Chaza ngeprojekthi

Iveki 20

Page 17: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

- 14 -

ISHEDYULI YOMSEBENZI WOBUGCISA NENKCUBEKO

IBAKALA 5

IKOTA 3

Izinto eziphambili ezisetyenziswayo: Sebenzisa umzimba, ilizwi, ulwimi, izinto ezisetyenziswayo zendalo kunye nezinye izinto ezifumanekayo

IVEKI ISIPHUMO

SESIFUNDO IMIGANGATHO YOKUVAVANYA KUNYE NOMXHOLO OFUNDISWAYO

TG

LO 1- 4

UMCULO 5.1.2.1, 5.1.3.4

Fudumezani amazwi o Yekelelani nikhulule izihlunu o Zikisani nigqalise o Tsalani umphefumlo nivule iimbambo nize niwukhuphe

umphefumlo Culani isicatshulwa kwingoma Culani nokuba yiyiphi na ingoma ngexesha eliyi- ¾ okanye

eliyi-3/8 UMDANISO NOMDLALO 5.1.1.1, 5.1.2.1

Lungiselelani umzimba ngokuwufudumeza njengesiqhelo Nilungiselela ulungelelwaniso nolawulo lomzimba Fudumezani umzimba nelizwi ngokwesiqhelo Yenzani intshukumo yezihlunu zomzimba Yenzani umthambo wokuphefumla ukuzipholisa

21

UBUGCISA OBUBONWAYO 5.4.4.1

Bonisa uze ucacise: o Umbala – okumgangatho osezantsi, okumgangatho

wesibini, okumgangatho wesithathu kunye nemibala ephakathi

Phonononga iphatheni (eyendalo kunye neyejometri) kwizinto ezisekhaya (umz. kwikhethini, kwimpahla, kwifenitshala, kwiithayile)

Iveki 21

22

LO 1- 4

UMCULO 5.1.2.1, 5.1.3.4

Fudumezani ilizwi o Yekelelani nikhulule izihlunu o Zikisani nigqalise o Tsalani umphefumlo nivule iimbambo nize niwukhuphe

umphefumlo Culani isicatshulwa kwingoma

Culani nokuba yiyiphi na ingoma ngexesha eliyi-3/4okanye eliyi-3/8

Iveki 22

Page 18: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

- 15 -

UMDANISO KUNYE NOMDLALO 5.1.1.1, 5.1.2.1, 5.3.1.1

Yenzani umsebenzi oqhelekileyo wokufudumeza umzimba ngexesha eliyi-¾

Yenzani intshukumo yezihlunu zomzimba: o Ukolula nokujiwula iingalo o Ukugoba nokolula amadolo kunye nokuxhuma nokuhla

ngobunono Yenzani umthambo wokuphefumla ukuzipholisa Yenzani umdlalo onjenge”Zipili” (Linganisa omnye umntu

ugqalise kucoselelo, kwingcombolo usebenzisa iimbonakalo zobuso, zomzimba kunye nezemvakalelo)

UBUGCISA OBUBONWAYO 5.4.4.1

Phonononga : Iimpawu – umz. iimpawu ezisetyenziswa kwihlabathi (iimpawu zezendlela, impawu zokuba akutshaywa, iimpawu zezindlu zangasese) Imiqondiso – umz. HIV/AIDS. uxolo, iflegi yeSizwe, imiqondiso yezenkolo

LO 1- 4

UMCULO 5.1.2.1, 5.2.3.3, 5.1.3.4, 5.1.3.4

Fudumezani ilizwi o Yekelelani nikhulule izihlunu o Zikisani nigqalise o Ukuginya umphefumlo nokuvula iimbambo kunye

nokukhupha umphefumlo Culani ingoma ngexesha eliyi- ¾ neliyi-3/8 Phulaphulani iintlobo ngentlobo zomculo weekwayara,

umz.iikwayara zabantwana, ezabantu abadala kunye nezegospeli

Phononongani niphulaphhule amazwi awahlukeneyo Yazisa uze uchaze ubume besandi –ithoni yemvakalo-zwi

23

UMDANISO KUNYE NOMDLALO 5.1.1., 1 5.1.2.1, 5.3.1.1.

Abafundi mabazifudumeze bekhokelwa ngutitshala Yenzani umsebenzi oqhelekileyo wokufudumeza umzimba

ngexesha eliyi -¾ Yenzani intshukumo yezihlunu zomzimba:

o Tsiba-tsibani Yenzani umthambo wokuphefumla ukuzipholisa Yenzani umthambo wokuphefumla ukuzipholisa

Yenzani umdlalo womdlalo (umz. “ukulinganisa”, ukulandela ”inkokeli”)

Iveki 23

Page 19: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

- 16 -

UBUGCISA OBUBONWAYO 5.4.4.1

Bonisa ucacise ukusetyenziswa kwemibala, iphatheni, isiyilo, iimpawu kunye nemiqondiso kwiinkcubeko ezahlukeneyo (umz. kwisiNdebele, kwinkolo yama-Islam, nakwinkolo yamaJuda)

UMCULO 5.1.2.1, 5.1.3.4, 5.2.3.3

Fudumezani ilizwi Culani ingoma ngexesha eliyi- ¾ okanye eli-3/8 Chaza nge-treble cleff kunye ne-staff Fundisa ngokungena kwelizwi le-soprano kunye nele-alto Phulaphula umculo wezi zinto zikhankanywe ngasentla

UMDANISO 5.2.1.1

Fundisa uhlobo lomdaniso wexesha i- ¾ umz. i-waltz Chaza injongo zolu hlobo lomdaniso Chaza usetyenziso lwezinto ezinjengokuphefumla,

ukuzolula, ulungelelwaniso, ulawulo ukubhalansa kunye nokuqinisa

UMDLALO 5.3.1.1

Yenzani umdlalo womdlalo (umz. ‘isipili’ “ukukopa”, ”nilandele inkokeli”)

24

LO 1- 4

UBUGCISA OBUBONWAYO 5.4.4.1

Bonisa uze ucacise ukusetyenziswa kwemibala, iphatheni, isiyilo, iimpawu kunye nemiqondiso kubume obuningqongileyo (umz.imiqondiso, amagama abonisa uhlobo, ezendlela, iimpawu, izakhiwo)

Iveki 24

25

LO 1- 4

UMCULO 5.1.2.1, 5.1.3.4, 5.2.3.3

Fudumezani ilizwi Culani isicatshulwa kwingoma Culani ingoma ngexesha eliyi-¾ okanye eliyi-3/8 Thathela ingqalelo uze wahlule iindawo zelizwi le-soprano

kunye nele-alto Faka iindawo zelizwi letinara kunye nebhesi Mamela iindawo zala mazwi akhankanywe ngasentla

Iveki 25

Page 20: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

- 17 -

UMDANISO 5.1.1.1, 5.1.1.4

Zifudumezeni njengesiqhelo Fundani izitephu ze-waltz ninika ingqwalasela

kwingcombolo. UBUGCISA OBUBONWAYO 5.4.4.1, 5.3.4.1 Umsebenzi weProjekthi

Cacisa ukhetho lweempawu nemiqondiso usebenzisa inkcubeko yekhaya kunye / okanye ubume bokusingqongileyo

Cwangcisa isiyilo sekholaji kwiphepha le- A3 usebenzisa iimpawu kunye / okanye imiqondiso

UMCULO 5.1.2.1, 5.1.3.4, 5.2.3.3

Fudumezani ilizwi o Culani isicatshulwa kwingoma

Culani ingoma ngexesha eliyi-¾ okanye eliyi-3/8 Thathela ingqalelo uze wahlule iindawo zelizwi le-soprano

kunye nele -alto Faka iindawo zelizwi letinara kunye nebhesi Mamela iindawo zala mazwi akhankanywe ngasentla

UMDANISO 5.1.1., 1 5.1.1.4

Fudumezani ilizwi oluqhelekileyo Ziqhelaniseni nezitephu ze- waltz ninika ingqwalasela

kwingcombolo.

26

LO 1- 4

UBUGCISA OBUBONWAYO 5.4.4.1, 5.3.4.1 Umsebenzi weProjekthi

Cacisa ukhetho lweempawu kunye/okanye lwemiqondiso kwikhaya, kwinkcubeko yakho kunye / okanye kwimo ekungqongileyo

Cwangcisa isiyilo sekholaji kwiphepha le-A3 usebenzisa iimpawu kunye / okanye imiqondiso

Iveki 26

27

LO 1- 4

UMCULO 5.1.2.1, 5.1.3.4

Fudumezani ilizwi o Zikisani nize nigqalise Chazani ngokucula ngazwinye

Fundisa ukucula indawo ethile –ngokujikeleza kumaqela

Iveki 27

Page 21: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

- 18 -

UMDANISO 5.1.1.1, 5.1.1.4

Zifudumezeni njengesiqhelo Ziqhelaniseni nezitephu ze- waltz ninika ingqwalasela kwingcombolo.

UBUGCISA OBUBONWAYO 5.4.4.1, 5.3.4.1 Umsebenzi weProjekthi

Ukwenza ikholaji nisebenzisa iintlobo zobuchule ezahlukeneyo, iiphatheni, isiyilo esibonisa iinkcubeko ezahlukeneyo.

28

LO 1- 4

UMCULO 5.1.2.1, 5.1.3.4, 5.2.3.3 Uhlalutyo-vavanyo

Chazani ngomjikelo wokucula kumaqela Chaza ngenkqubo yokucula kwiqela kwijenali yakho

Iveki 28

UMDANISO 5.1.1.4

Vavanya umdaniso

UBUGCISA OBUBONWAYO 5.4.4.1, 5.3.4.1

Xhoma ikholaji uze uchaze inkqubo elandelweyo ngokwezinto eziqulathiweyo, injongo, uhlobo, uthelekiso kunye nentsingiselo.

UMDANISO 5.2.1.1

Chaza ngemidaniso eniyenzileyo

29

LO 1- 4

UBUGCISA OBUBONWAYO 5.1.4.2, 5.2.4.2

Hlalutya isiphumo okt. ikholaji uze unike ingxelo.

Iveki 29

30

LO 1- 4

UMDANISO 5.2.1.1

Chaza ngemidaniso eniyenzileyo

Iveki 30

Page 22: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

- 19 -

UBUGCISA OBUBONWAYO 5.1.4.2, 5.2.4.2 Uhlalutyo lwekholaji

Xhoma ikholaji uze uchaze ngenkqubo malunga noko ikuqulathileyo, injongo, uhlobo, uthelekiso kunye nentsingiselo.

Page 23: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

- 20 -

ISHEDYULI YOMSEBENZI WOBUGCISA NENKCUBEKO

IBAKALA 5

IKOTA 4

Izinto eziphambili ezisetyenziswayo: Sebenzisa umzimba, ilizwi, ulwimi, izinto ezisetyenziswayo zendalo kunye nezinye izinto ezifumanekayo

IVEKI ISIPHUMO

SESIFUNDO IMIGANGATHO YOKUVAVANYA KUNYE NOMXHOLO OFUNDISWAYO

TG

UMCULO 5.1.2.1, 5.1.3.4, 5.4.3.1

Fudumezani ilizwi Yekelelani izihlunu

o Zikisani nize nigqalise (focus) o Tsalani umphefumlo nize nivule iimbambo nikhuphe

umphefumlo o Yenzani izandi (umz. mah, moh, neeh, noh) kwisikali

seenowuthsi ezintlanu (do, re, mi, so, la, so, mi, re, do) ninyuka ngokwe-semitones (halftones)

Culani ingoma ngokucothayo (3/4) Khethani umxholo (ezentlalo kunye / okanye ezobume

obusingqongileyo) Fundisanani nize nicule iingoma zoluntu neenkcubeko

ezahlukeneyo

UMDANISO KUNYE NOMDLALO 5.1.1.1, 5.1.2.1

Yenzani umsebenzi oqhelekileyo wokufudumeza umzimba kunye nelizwi

Yenzani intshukumo yezihlunu zomzimba: Yenzani umthambo wokuphefumla ukuzipholisa

31

LO 1- 4

UBUGCISA OBUBONWAYO 5.2.4.1

Yahlulani phakathi kweentlobo ezahlukeneyo zobugcisa

o Ukuzoba

o Umzobo opeyintiweyo

o Ubugcisa bokwakha

o Ukukrola, o Uyilo, o Umsebenzi wobugcisa,

Ukuzoba

Iveki 31

Page 24: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

- 21 -

32

LO 1- 4

UMCULO 5.1.2.1, 5.1.3.4, 5.4.3.1

Fudumezani ilizwi o Yenzani izandi (umz. mah, moh, neeh, noh) kwisikali

seenowuthsi ezintlanu (do, re, mi, so, la, so, mi, re, do) ninyuka ngokwe-semitones / halftones

Culani iingoma ngokwesiqhelo (3/8) nge-triplet Khethani umxholo (ezentlalo kunye / okanye ezobume

obusingqongileyo) Fundisanani nize nicule iingoma zoluntu neenkcubeko

ezahlukeneyo

Iveki 32

UMDANISO KUNYE NOMDLALO 5.1.1.1, 5.3.1.1, 5.1.2.1, 5.3.2.2, 5.2.4.1

Yenzani umsebenzi oqhelekileyo wokufudumeza umzimba kunye nelizwi

Yenzani intshukumo yezihlunu zomzimba: o Ukolula nokujiwula iingalo o Ukugoba nokolula amadolo kunye nokuxhuma nokuhla

ngobunono Yenzani umthambo wokuphefumla ukuzipholisa Yenzani umdlalo / umdaniso (umz. “umbuzo kunye

nempendulo”)

UBUGCISA OBUBONWAYO 5.1.4.1, 5.2.4.2

Yila umsebenzi wobugcisa onemilinganiso emibini okanye emithathu usebenzisa iimilo zejometri

Yahlula iphepha le-A4 libe yimilinganiselo emine elinganayo

UMCULO 5.1.2.1, 5.4.3.1

Fudumezani amazwi o Yekelelani nikhulule izihlunu

Culani iingoma zoluntu kunye neenkcubeko zeentlobo ezahlukeneyo ukuchaza uluvo oluthile

33

LO 1- 4

UMDANISO KUNYE NOMDLALO 5.1.1.1, 5.3.1.1, 5.1.2.1, 5.3.2.2

Yenzani umsebenzi oqhelekileyo wokufudumeza umzimba kunye nelizwi

Yenzani intshukumo yezihlunu zomzimba: o Ukolula nokujiwula iingalo o Ukugoba nokolula amadolo kunye nokuxhuma nokuhla

ngobunono Yenzani umthambo wokuphefumla ukuzipholisa Yenzani umdlalo / umdaniso (umz. “umbuzo kunye

nempendulo”)

Iveki 33

Page 25: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

- 22 -

UBUGCISA OBUBONWAYO 5.2.4.2

Yila ikholaji usebenzisa iphepha elibhaliweyo (umz. amaphepha-ndaba, iimagazini). Sebenzisa iphepha eliyi-A4

UMCULO 5.4.3.2

Khethani umbandela otshisayo ngoku kwezentlalo / okanye kubume obusingqongileyo (umz. Abantu abaphethe abanye kakubi (bullies), uxinzelelelo lwabalingane, ukutshiniza, ungcoliseko, inkunkuma)

Phonononga umbongo ohlekisayo onemiqolo emine kwisihloko esikhethiweyo

UMDANISO KUNYE NOMDLALO 5.2.1.1

Xoxani ngomdaniso oqhubekayo okanye umdaniso owubona kumabonakude

Xoxani ngezinto ezikhoyo kwisiyilo somdaniso, injongo kunye nendlela owenziwa ngayo umdaniso

Chazani ngomdlalo obonisa umdaniso

34

LO 1- 4

UBUGCISA OBUBONWAYO 5.2.4.2

Bukelani nize nizobe ikholaji kwibhloko eyayamileyo nisebenzisa ipensile

Iveki 34

UMCULO 5.4.3.2

Yenzani umbongo ohlekisayo onemiqolo emine (onemvano-siphelo) kwisihloko esikhethiweyo

UBUGCISA OBUBONWAYO 5.2.4.2

Kopani umzobo wepensile okwibhloko elandelayo, nisebenzisa umbala (iikrayoni zepensile, iitshokwe ezinemibala, iipeyinti zombala wamanzi)

UMCULO 5.4.3.2

Yenzani umbongo ohlekisayo onemiqolo emine (onemvano-siphelo) kwisihloko esikhethiweyo

35

LO 1- 4

UBUGCISA OBUBONWAYO 5.2.4.2

Kopani umzobo wepensile okwibhloko elandelayo, nisebenzisa umbala (iikrayoni zepensile, iitshokwe ezinemibala, iipeyinti zombala wamanzi)

Iveki 35

Page 26: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

- 23 -

UMCULO 5.4.3.2

Yenzani umbongo ohlekisayo onemiqolo emine (onemvano-siphelo) kwisihloko esikhethiweyo

UBUGCISA OBUBONWAYO 5.2.4.2

Kopani umzobo wepensile okwibhloko elandelayo, usebenzisa umbala (iikrayoni zepensile, iitshokwe ezinombala, iipeyinti zombala wamanzi)

UMCULO 5.4.3.2

Chazani ngombongo ohlekisayo onemiqolo emine (onemvano-siphelo) kwisihloko esikhethiweyo

Yongeza ingoma eqanjwe nguwe okanye utshintshe ingoma eqhelekileyo

37

LO 1- 4

UBUGCISA OBUBONWAYO 5.2.4.2

Kopani umzobo onombala okwibhloko yokugqibela, nisebenzisa ubuchule bokuzoba ngamachokoza

Iveki 37

UMCULO 5.4.3.2

Ncedisa imvano-siphelo ngentshukumo, ngezixhobo kunye nezixhaso.

38

LO 1- 4

UBUGCISA OBUBONWAYO 5.2.4.2

Kopa umzobo onombala, okwibhloko yokugqibela, usebenzisa ubuchule bokuzoba ngamachokoza

Iveki 38

UMCULO 5.1.3.1

Sebenzani ngokwamaqela nichaze kwijenali ngendlela enisebenze ngayo.

39

LO 1-3

UBUGCISA OBUBONWAYO Uvavanyo 5.1.4.2, 5.2.4.2

Xhomani imizobo nize nichaze kwijenali indlela enisebenze ngayo.

Iveki 39

Page 27: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

- 24 -

40

LO 4

UMCULO 5.1.3.1

Sebenzisani ii-crotchet rests, ii-minims, ii-minim rests, iii-quavers kunye nee-quaver rest.

Sebenzani ngokwamaqela nize nichaze kwijenali indlela enisebenze ngayo.

Iveki 40

Page 28: ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi · njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu. Gqr. S. Naicker, Umlawuli

UX

WEB

HU

LO

KURE

KHO

DA

LW

ESIF

UN

DO

SO

BUG

CISA

NEN

KCU

BEKO

UNYA

KAIN

KALO

YESIF

UNDO

IBAK

ALA 4

, 5, 6

IKLA

SIUT

ITSHA

LA

UBUG

CISA N

ENKC

UBEK

O:LO

1

Ukwe

nza,

ukuc

acisa

nokw

enza

inkc

azo-

ntet

hoLO

2

Ukuz

ikisa

ukuc

inga

LO 3

Uk

utha

tha i

nxax

heba

noku

sebe

nzisa

naLO

4

Ukut

heth

a nok

unxib

eleke

na

IIKHO

WUD

I ZOK

UREK

HODA

:4

Uphm

elele

emag

qabin

i / ng

okug

qwes

ileyo

(70 –

100%

)3

Uphu

mele

le ng

okwa

nelis

ayo (

50 –

69%

)2

Uphu

mele

le ez

inye (

35 –

49%

)1

Akap

hum

elelan

ga (0

– 34

%)

UMSE

BENZ

I 1UM

SEBE

NZI 2

UMSE

BENZ

I 3UM

SEBE

NZI 4

IKHO

WUD

I YO

NYAK

A W

OKUG

QIBE

LA

a = ak

akho

x = ak

ange

niswa

nga

l = an

genis

we em

va kw

exes

ha

Iikho

men

ti

100

100

100

100

K

Iziph

umo z

okuF

unda

Imiga

ngat

ho lo

Vava

nyo

Uhlob

o loV

avan

yoUm

hla n

oVav

anyo

IGam

a1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24