umbhashe wethu news isssu
DESCRIPTION
ÂTRANSCRIPT
IDLULE NEMIPHEFUML’ ELIQELA IHOLIDE YEPASIKA – Mbhashe Wethu News
LOCAL NEWS, SPORT AND VIEWS Sithetha sonke
NewsIindaba zenu zindaba zethu Issue 1 Mbhashe ‘s online community newspaper
Email: [email protected]
Mbhashe Wethu
10 April 2015 Cell: 081 335 3343/ 074 448 8143 Fax: 086 606 5937
Ngu: Mbhashe Wethu News Source
Mbhashe – Ku masipala wase Mbhashe, Kubhubhe abantu abane ngoko nangoko Kwingozi yemoto nalapho kuquka amadodaAmabini, kwakunye nabasetyhini ababini Kumajiko-jiko endlela yaku Luvundu kwakunyeNase Nyokana nebisingise kwidolophu yaku Gatyana. Abahlanu nabasindileyo, kwaba bebekhwele nesisine sibhubhileyo kuleveni babalekiselwa kwisibhedlele sase Dutywa. Iingxelo eziphuma kwisithethi samapolisa zithe iphume endleni imoto le ngethuba ikhwelise abantu isiya edolophini, ibonakala ukuba yoyiswe ngamajikojiko akulandawo yaku Luvundu. Iminyaka yalamaxhoba ibingekaziswa ngamapolisa kwaye avule ityala ngakumqhubi weveni. Kwelinye icala kubhubhe abantu abasixhenxe bebonke kwingozi ezahlukeneyo
kumasipala waseMnquma kwakunye noMbhashe kulempela- veki yePasika esisuka kuyo. Kwenye yazo ezingozi, yenzeke ngoMgqibelo kuhola wendlela uN2 phakathi kwelokishi yaseBika kwakunye nelali yaseThanga, kulengozi yaseBika kubhubhe abantu bomzi omnye nalapho kuquka umninawa kwakunye nomkhuluwa. Aba babhubhileyo bathathu, ngumntu nomnakwabo bekunye nogxa wabo bebekhwele bonke ngethuba kusehla lengozi besendleleni egodukayo. Ingxelo ngabe Isolezwe
Mbhashe FM Online radio By: Mbhashe Wethu News Source
Dutywa - A 35 year-old-man from Dutywa in the Eastern Cape has appeared in court resently for allegedly raping a mentally challenged woman. He was apprehended on after family members reported the incident to police. The suspect was arrested at his home in Exeni Village in Dutywa the following day. Algoa News
Mbhashe Wethu News
Iindaba zenu zindaba zethuNgazo zonke iindaba ezitshisa ibunzi ezenzaka
ekuhlaleni kulo mmandla woMbhashe, silume indlebe ngokutsalela okanye ubhalele oonondaba bethu nantsi idilesi kancwadi zeposi: [email protected]
okanye utsalele ku: 081 335 3343 okanye 074 448 8143.
Date: 10 April 2015 Pg 2 Mbhashe Wethu News
Mbhashe - Mbhashe FM is an online radio station broadcasting from Mbhashe to the world from the rural areas of the Eastern Cape at Mbhashe Municipality. Mbhashe FM is all about uplifting the community of Mbhashe Municipality through the use of radio. The station is a brainchild of Mfuras Mfondini who has been involved in radio industry for more than a decade as a radio presenter. But due to lack of funding we broadcast certain hours a week. Any good Samaritan who would like to partner with us we are still open for negotiations.
We are currently broadcasting on the internet but with hope that one day we will get a terrestrial radio licence from the country’s regulator - ICASA . The aim of having a radio station in the region is because other radio station who broadcast within our region doesn’t include much of Mbhashe in their programming unless it is a negative story that happened in our area to report about. Visit us at www.surejoe.wix.com/mbhashe-fm or www.surejoe.wordpress.com
Mbhashe: Lo msasazi simbona apha ngowejelo losasazo Elizinze eNtshona Koloni nongumakade enetha kwezosa-sazo kodwa uyinzalelwane yaku Gatyana, uMfuras Mfondini uthi zange kube
lula tu ukufezekisa iphupha lakhe kodwa wanyame zela, ngoku uthi lixesha lokuba siphucule indawo esiphuma kuzo. By Staff Repoter
Outside Meetings will come to an end at Ward 22
Mahasana - This is how we meet in Hlabizulu, our meetings are outside. We have to check the weather before we confirm a date for the meeting. This will come to an end very soon. A consultant to design and monitor construction of Beechamwood Community Hall had been appointed by Mbhashe Municipality. The site next to Hlabizulu JSS had been identified by the community. The consultant had finished designs. The community will be consulted on the designs in the next meeting. We care, we serve, we are a working nation, said the councillor of ward 22 at Mbhashe Local Municipality when he was addressing community members who attended the meeting.
Date: 10 April 2015 Pg 3 Mbhashe Wethu News
Abahlali bakwa ward 22 bethe nqwadala kwintlanganiso ebibanjwe ngu ceba wabo kutshanje bezokuzivela amalungiselelo amatsha malunga ne holo loluntu ebekuthenjiswe ngalo ngabasemagunyeni nanjeko iintlanganiso maxawambi ziye zibanjelwe phandle kule ward.
By: Mbhashe Wethu News Source
Ungathanda ukuba yinxalenye yolusana lusakhasayo, u Mbhashe Wethu News ngokuthi usithumelele iindaba? Wamnkelekile
ISAZISO
Ngomhla we 11 apha ku April kuzakube kubanjwe intlanganiso ngama lungu eWillowvale Civic Group kwi Holo le dolophu elidala laku Gatyana, nge miba ezakuxovulwa ndwendwela elikhasi ku facebook. Kwelikhasi kuthi kuxovulwe imiba edla umzi kweli laku Gatyana.
Page
Ikasi la Ma Kasi no: Nonzwakazi “Miranda” Mgudlwa
uMbhashe FM sisikhululo sosasazo esifumaneka kumnatha weinternet kuphela. Sisasaza umculo, kunye nenkqubo ezishicilelweyo.Ukuba nawe unomdla wenkqubo yakho isasazwe kwelijelo ungathiushicilele inkqubo leyo ze uyithumele kuthi ukuba isemgangathweniWokusasazwa sakukwazisa siyidlale.surejoe.wix.com/mbhashe-fm ze ucofe ku Listen Live kungenjalo surejoe.wordpress.com ukhethe iqhosha Mbhashe FM Live
Date: 10 April 2015 Pg 4 Mbhashe Wethu News
NONZWAKAZI MGUDLWA – Umalitshon’ ilanga
http://www.reverbnation.com/nonzwakazimgudlwa
Artist : Nonzwakazi “Miranda” MgudlwaAlbum : uMalitshon’ ilangaFrom : Willowvale (eMthokwane)Recorded: : MJZee Studio
Nqabara - UNonzwakazi Mgudlwa yimvumi yomculo we vangeli esa khulayo kulo mculo wevangeli. Uthi unqwenela ukuzibona elandela ekhondweni labaculi abafana no sisi Lusanda Mcinga, Kholeka Dubula kunye no Bethusile Mcinga abathe bakwazi ukuzenzela igama nangona besuka kwindawo ezingajongelwanga ntweni ezifana no Gatyana. Ungakwazi ukuthi umamele ezinye zengoma zakhe apha ku reverbnation: http://www.reverbnation.com/nonzwakazimgudlwaxa ufuna inkcukacha malunga necwecwe lakhe ungathi usibhalele kule email: [email protected]
Ngu: Mfuras Mfondini
Feel It - Love It – Sithetha sonke
ULUVO LWAM – IN MY VIEW MBHASHE NE NKCUBEKO YETHU
Ngu: Mfuras Mfondini
Nqabarha: Amadoda ase Matshaweni
nasazidlayo ngobuXhosa bawo, xeshikweni
efake izivatho zawo ezimbejembeje ethetha
nabalele ukuthula. iPhoto ithunyelwa
COMMENTS, LETTERS AND EMAIL
we invite our readers to comment on mistakes in the newspaper and shall correct significant errors as soon as possible. Send info to the editor: [email protected]
Date: 10 April 2015 Pg 5 Mbhashe Wethu News
“Mbhashe” “Mbashe” “Bashee” Tyhini bethunaNgoko luvo lwam ingathi ikhona ingxaki apha kupelo lweli gama lalo mmandla udume ngenkcubeko, ngobuhle bendalo notyebe de wateketeke ku lwimi lwesiXhosa. Ndithe ngenye imini xa ndiqwalasela indlela esibhala ngayo nesibiza ngayo lengingqi ndabona ukuba Kusekhona nje okuncinci okufuna ukuchwethelwaecaleni okwephela emasini. Kuba kaloku sisenazo indawo ezipelwe gwenxa kulo masipala wethu, nezinye ezibizwa ngempumlo njengo “Bashee Motors” Xa ndiqwalasela kakuhle iSebe Lezendlela, ingathi kwathunyelwa idyongwana eteketayo ukuba ibhale eligama. Zenibaxele bayothatha Itshintshi yabo kulamntu wayebafundisa ubhala isiXhosa kuba kaloku thina bonomthina sino mlambo uMbhashe nesikwaziyo ukuwubhala. #SENDITSHILO ANDIZOCELA XOLO #MBHASHE
Mbhashe FM
Omama bakwaXhosa beqhumisa imibheka phesheya yabo
Page
Akuntsuku zatywala yombathiswe iKumnkani
yamaXhosa
Would you like to support the Mbhashe Wethu News? Ungathanda ukufaka inkxaso kweliphephandaba ukuze likhule?
Iindaba zenu, ziindaba zethu – online newspaper
Date: 10 April 2015 Pg 6 Mbhashe Wethu News
Gatyana - Sele eme ngobume amalungiselelo okombathiswa KweKumkani yama Xhosa uKumnkani uZwelonke Sigcawu, nekungumsitho ozakubanjelwa kwiKomkhulu lamaXhosa, eNqadu ku Gatyana. Lo mcimbi kulindeleke ukuba ubanjwe ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga izayo. uKanti uKumkani uZwelonke Sigcawu ukuqinisekisile oku watsho eyicacisa eyokuba akazubekwa koko uza kwambathiswa kuba ubuzalelwe ubukhosi. “baninzi abantu abazakuzimasa lomcimbi nanjengoko silindele oMongameli bamazwe angaphandle kuquka nowo Mzantsi Afrika, Abaphathiswa bangaphandle kunye nabalapha. Kwakhona sijonge ukuba kubekho iiKumkani ezisuka kwindawo ezahlukeneyo eziza kuzimasa lo mcimbi” wokubeka uKumkani Sigcawu. Ulebele ngelithi baya qhubeka namalungiselelo ukuqinisekisa ukuba umcimbi lo uhamba kakuhle ngolu suku. Ingxelo Isolomzi Express
UKumkani uZwelonke Sigcawu uza kombathiswa
ingubo yobukumkani.Photo Isolomzi Express
Ngu: Mbhashe Wethu News Source
Kusisanxwe ku Gatyana ngenxa yemeko ye sakhiwo esidala
By: Mbhashe Wethu News Source
Gatyana - “Esisakhiwo siyoyikisa andikho lelwa ukuba kukho abantu abahlala apha ngaphakathi kuso” lawo ngama zwi ka Pinkie Mashabane ebhala isihloko ngxoxo kwikhasi lezonxibelelwane laku Gatyana nelibizwa Willowvale Civic Group ku facebook. Esisihloko ngxoxo sibengathi kudala silindelwe ngabalandeli belikhasi bebhala behlomla ngabakwaziyo malunga nesisakhiwo, okuvele tanci kukuba kuhlala nezinxiba mxhaka zaseburhulumenteni kwelipomakazi lamhlamnene nditsho amapolisa. Omnye wosaziwayo kulommandla uhlomle wathi “Yindlu ehlala amapolisa azizinxiba mxhaka kanti le kwaye iphantsi kwe Sebe lakwa Public Works” lamazwi angqinwe nangu ceba ka ward 22 phantsi ko Masipala wase Mbhashe watsho esithi phantsi kohlolo lwezindlu kulo masipala elipomakazi sele lifuna ukulibaleka libalwa phantsi korhulumente wephandle elalisakuba yi Transkei, ngamafutshane lelakwa Public Works lingu nombolo Erf 1
Owazibonela ngokwakhe isimo salendlu utyatyadule wathile xa ebebhala kwelikhasi “Ndothuka xa ndibona abantu besenza I washing kulendlu, ndakhe ndacela ukuzibonela ngaphakathi, ngamaplanga phantsi kwezinye iindawo awasekho kula mingxuma yawo ingathi kungaphuma into eyoyikekayo kwaye andazi ubuthongo behla njani ebusuku” Ityatyadule yatsho le nzwakazi ikhwanqisiwe. Ingxoxo phakathi kwala maGatyana iqhube yathi kukwakho nabantwana besikolo abafihla intloko kwesisakhiwo abafunda eHB. Kananjalo ezinye ingcebiso zisithi uMasipala woMbhashe ufanele ukuba angenelele kwimeko ezikumila kunje ngala mithetho kuthiwa zi by laws.
ISAZISO KWEZEMIDLALOIqela lakho lezemidlalo lingathi lipapashwe kweliphephandaba uMbhashe Wethu News mahala, thumela imifanekiso nengxelo ngokuthe vetshe enikwenzileyo. Cell: 081 335 3343 thumela nango whatts app okanye [email protected]
Date: 10 April 2015 Pg 7 Mbhashe Wethu News
Mbhashe Wethu Sport
By: Mfuras Mfondini
Willowvale – Amanye amaqela ebhola ekhatywayo kwi Mbhashe Mayors Cup. Nakulona unyaka amaqela ebhola etywayo alommandla athi kuzokucaca amakhwenkwe emadodeni Kumabala ezemidlalo, ekhuphisana kukhangelwa iintshatsheli zalonyaka.
Amaqela omnyazi nawo aweziyekelanga kuleTumente yezemidlalo. Nakulo unyaka ibonakalisa ukuba kuzokuqhuma uthuli emanzini kushiywana Ngotyefezo.
EMSENGENI WHOLESALE & HARDWARE
R82.20 R25.90R18.90
2 High Street Willowvale 5040 Tel: 047 499 1022
Mbhashe Wethu News
Page 8 10 April 2015
To advertise with us contact:Cell: 081 335 3343 or 074 448 8143
Fax: 086 604 2606Email: [email protected]
Ngumsitho obanjwa rhoqo lo phaya e Tenza
Beach kwa ward 22, Beach, Sport, Arts &
Cultural Festival