xho60-0515e ukwenziwa oonyana #1 vgrdownload.branham.org/pdf/xho/xho60-0515e adoption 1 vgr.pdf ·...

30
Ukwenziwa Oonyana Isiqendu I ` Kulungile, kuqhelekile, njengokuba ndakhe ndatsho ngaphambili, “Ndavuya bakuthi kum, ‘Masiye endlwini kaYehova.’” Ndiyakholwa ukuba yayinguDavide owakhe wakuthetha oko ngethuba elithile, “Masiye endlwini kaYehova.” Andiyazi enye indawo engcono endinokuba kuyo, ingaba uyayazi wena, kunokuba sendlwini kaYehova. 2 Ngoku, ngokuhlwanje si^sinabahlobo apha abavela kude lee eGeorgia. Ngokuphandle bayakuba beqhuba besihla emva_emva kwesidlo ngokuhlwanje. Ukuze ke sibe^Abanye babo bavela emazantsi, ndiyathemba ukuba niyakulalisa. Kwaye amagumbi esinawo avulelekile kuni. 3 Ukuze ngoko ngoLwesithathu ngokuhlwa siyakuqhubela phambili, ngokufunda ukuze ke, iNkosi ithandile, kwiCawe ezayo. 4 Ukuze ke i-Chatauqua iqalisa ngowesithandathu. Ngoko bonke abasebecebe iholide, silindele ukuba nethuba elimnandi e-Chatauqua. Kulapho apho sihlala siba namathuba amnandi kangaka. Ingezozihlwele zikhulu, esiqhuba nazo ngamanye amaxesha^Iyakuthanda malunga^Ndiyacinga ukuba sinokufaka ishumi lamawaka kuyo, ngokulula. Kodwa esiqhelweni, kunyaka ophelileyo ndiyacinga ukuba besinamalunga namawaka asixhenxe, into elolo hlobo. Yayiyindawo ezeleyo, kodwa maninzi amagumbi ekunokumiwa kuwo. Kwaye kunokuhlalwa konke ukuya kuphuma. Ngoko ke siyayilangazelela. 5 Kwaye sinovuyo ukubona abaninzi babazalwana bethu abangabalungiseleli bekhona. A_andikwazi kulicinga igama lakhe lo, lomseki mabandla, uMzalwana uHumes noDade Humes, ingaba nguwe lo uhleli apha kanye, nabancinane, siyavuya ukuba kunye nabo, umseki mabandla. Nabanye, uMzalwana uPat, uMzalwana Daulton, nabanye, owu, baninzi kakhulu, uMzalwana uBeeller. Ndibone uMzalwana uCollins kwimizuzu embalwa edlulileyo. Kwaye, owu, kunganzima ukubabiza bonke. Kodwa sivuya kakhulu ukuba nani endlwini yeNkosi ngokuhlwanje. Lo Mzalwana uthandekayo uNeville uhleli emva kwam ukuze andithandazele ngeli thuba sizakufundisa iLizwi. Charlie, siyavuya ukukubona noDade uNellie apha ngokuhlwanje, abancinane. Oku ku^kwaye ukufundisa iBhayibhile kudla ngokuba kakhulu^Ewe, Mzalwana Welsh, ndi^bendikukhangela, ndiyakubona uhleli apho emva ngoku.

Upload: dinhdiep

Post on 06-Sep-2018

218 views

Category:

Documents


0 download

TRANSCRIPT

UKWENZIWA OONYANA, ISIQENDU I 1

Ukwenziwa OonyanaIsiqendu I

` Kulungile, kuqhelekile, njengokuba ndakhe ndatshongaphambili, “Ndavuya bakuthi kum, ‘Masiye endlwini

kaYehova.’” Ndiyakholwa ukuba yayinguDavide owakhewakuthetha oko ngethuba elithile, “Masiye endlwinikaYehova.” Andiyazi enye indawo engcono endinokuba kuyo,ingaba uyayazi wena, kunokuba sendlwini kaYehova.

2 Ngoku, ngokuhlwanje si^sinabahlobo apha abavela kudelee eGeorgia. Ngokuphandle bayakuba beqhuba besihlaemva_emva kwesidlo ngokuhlwanje. Ukuze ke sibe^Abanyebabo bavela emazantsi, ndiyathemba ukuba niyakulalisa.Kwaye amagumbi esinawo avulelekile kuni.

3 Ukuze ngoko ngoLwesithathu ngokuhlwa siyakuqhubelaphambili, ngokufunda ukuze ke, iNkosi ithandile, kwiCaweezayo.

4 Ukuze ke i-Chatauqua iqalisa ngowesithandathu. Ngokobonke abasebecebe iholide, silindele ukuba nethuba elimnandie-Chatauqua. Kulapho apho sihlala siba namathuba amnandikangaka. Ingezozihlwele zikhulu, esiqhuba nazo ngamanyeamaxesha^Iyakuthanda malunga^Ndiyacinga ukubasinokufaka ishumi lamawaka kuyo, ngokulula. Kodwaesiqhelweni, kunyaka ophelileyo ndiyacinga ukubabesinamalunga namawaka asixhenxe, into elolo hlobo.Yayiyindawo ezeleyo, kodwa maninzi amagumbiekunokumiwa kuwo. Kwaye kunokuhlalwa konke ukuyakuphuma. Ngoko ke siyayilangazelela.

5 Kwaye sinovuyo ukubona abaninzi babazalwana bethuabangabalungiseleli bekhona. A_andikwazi kulicinga igamalakhe lo, lomseki mabandla, uMzalwana uHumes noDadeHumes, ingaba nguwe lo uhleli apha kanye, nabancinane,siyavuya ukuba kunye nabo, umseki mabandla. Nabanye,uMzalwana uPat, uMzalwana Daulton, nabanye, owu, baninzikakhulu, uMzalwana uBeeller. Ndibone uMzalwana uCollinskwimizuzu embalwa edlulileyo. Kwaye, owu, kunganzimaukubabiza bonke. Kodwa sivuya kakhulu ukuba nani endlwiniyeNkosi ngokuhlwanje. Lo Mzalwana uthandekayo uNevilleuhleli emva kwam ukuze andithandazele ngeli thubasizakufundisa iLizwi. Charlie, siyavuya ukukubona noDadeuNellie apha ngokuhlwanje, abancinane. Oku ku^kwayeukufundisa iBhayibhile kudla ngokuba kakhulu^Ewe,Mzalwana Welsh, ndi^bendikukhangela, ndiyakubona uhleliapho emva ngoku.

2 ILIZWI ELITHETHIWEYO

6 Ukufundisa iBhayibhile kudla ngokuba buthathakakancinane, ngokuncinane, uyazi, kube ngathi kukuhambaphezu kolwantwentwe lomkhenkce, sikubiza olo hlobo. Kodwasiziva ingathi mhlawumbi, kule ndawo nangelithuba,kusenokuba kulungile ukuba sibe bulizisa i_ibandla kwintoendicinga, ku_kukuqonda okupheleleyo, ngokwendawo,kwento esiyiyo kuKristu Yesu. Kwaye ngamanye amaxeshandicinga ukuba ukushumayela kuyinto emangalisayo, kodwandiyakholwa ukuba ngamanye amaxesha, Mzalwana Beeller,ukuba ukufundisa kuhambela ngaphaya koko, kwaye^ingakumbi kwibandla. Ngoku, ukushumayela kudlangokubambisa umoni, kumzise ekubeni agwetywe liLizwi.Kodwa ukufundisa kumbeka umntu ngokwendawo yokoakuko. Kwaye asingeze sibenako ukuba nokholo ngenene sidesibe ngokwendawo siyazazi ukuba siyintoni na.

7 Ngoku, ukuba i-United States, yalo mhlaba apha,indithumele ngaphesheya eRussia, njengonozakuzakuwesisizwe eRussia, ngoko ukuba bandithumelengokusemthethweni eRussia, lonke igunya i-United Statesenalo liyandixhasa. Ilizwi lam lilunge kanye njengokubalinjalo ele-United States, ukuba ndingulowo wonyulwenjengonozakuzaku.8 Ukuze ke ukuba uThixo usithumile ukuba sibengonozakuzaku baKhe, lonke igunya laseZulwini, konkeakuko uThixo, zonke iiNgelosi zakhe nawo onke amagunyaaKhe axhasa amazwi ethu ukuba ngokuchanekileyo simiselwe,singabathunywa ebantwini. UThixo umelwe kukulihlonelaiLizwi, kuba Wabhala ngokunyanisekileyo, ukuba “Enithenakubopha emhlabeni, oko Ndiyakubopha eZulwini. Enithenakukhulula emhlabeni, oko Ndiyakukhulula eZulwini.Kwaye Ndininika izitshixo zoBukumkani.” Owu, amadingaanjalo Athe wawanika ibandla!9 Kwaye mna, emva kolwa suku, njengokuba abaninzi benundicinga ukuba be-balapha kusasanje ukuza kuva njengokubandizama, ngendlela yam, ethobekileyo, elula, ukucacisau_umbono endawubonayo weZulu.

10 Andingeze nangaluphi na uhlobo ndizame ukuthandabuzanantoni na nabani na owakhe wandixelela yona ukubanguThixo omxeleleyo. Ndingayikholelwa nokuba andiyibonieSibhalweni, ndingafuna ukulikholelwa ilizwi laloo mzalwana.Ndi_ndisenokuhlala nje kanye neBhayibhile, kodwa nangokondingakholwa mhlawumbi ukuba lo mzalwana akayiqondanganje ngandlela ithile, ukuze abe nokuba uyiphixanisilekancinane. Nangoko ndingakholwa ukuba u_ukubaungumzalwana wam.11 Kwaye ukuba kukho nantoni na evuthayo entliziyweniyam, kwaye ndiyathemba ukuba ayinakumka kwiminyaka yam

UKWENZIWA OONYANA, ISIQENDU I 3

ezayo, ukuze ndingaze ndiyilibale into eyenzeka kwintsasayeCawe ephelileyo, kwiveki ephelileyo. Yenze into ethile kumebubhukuqileyo ubomi bam. A_andoyiki. A_andinaloyikongokufa. Ukufa akoyikeki konke. Kwaye a_akoyikeki nakuweukuba unokuqonda. Ngoku, mhlawumbi ukuba^Umelwekukuba ube naloo mava ukuze wazi, kuba akukho ndlelayakuyicacisa. Awunakuwafumana amazwi, ngokuba akakhokwisichazi-magama sesiNgesi; okanye nakusiphi na isichazi-magama, ngokuba nguNaphakade, akukho zolo, kungekhomso, lixesha elimiyo lilonke. Kwaye asikokuthi, “Ndizivakamnandi kakhulu,” ukuze kwiyure ukusuka ngoku,“Andiziva kamnani olo hlobo,” ukuze ngenye iyure, “uzivekamnandi kwakhona.” Lixesha elimiyo lonke ixesha. ’Yabona?Akupheli, lolo xolo luzukileyo nobunjalo.

12 Kwaye akunakubakho sono, akunakubakho mona,akunakubakho kugula, apho_apho akunakubakho nanye intoenokufika kolwaa nxweme lweZulu. Kwaye ukubandinganelungelo lokuthetha oku, ntoleyo, mhlawumbiandinalo. Kwaye ukuba andinalo, ngoko ndiyamthanda-zauThixo ukuba andixolele. Kodwa ukuba ndinalo ilungelo, ibeikukuba uThixo wavuma ukuba ndixwilwe ukuzendiyokubona okuthile, ndingathetha ngaMazulu okuqala.Ukuze ke ndiyakholwa, omnye eBhayibhileni, ogama,ndiyakholwa yayinguPawulosi, owaxwilwayo wayokutshokuMazulu esithathu. Kwaye ukuba kwakungamangalisakangako kuMazulu okuqala, ingaba yintoni anayo aMazuluesithathu? Akumangalisi engazange athethe ngaloo nto njeisithuba seminyaka elishumi elinesine! Uthi wayengazi nokubawayesemzimbeni na okanye ephumile emzimbeni. Kunye naloompostile mkhulu, ingekuko nokuze ndabelane naye ngesakhe_sakhe_sakhe isikhundla, okanye hayi ngokuzama ukubasizenze nantoni na efana nokuba wayenjalo, kodwa ndingatshokunye naye, andazi nokuba ndandikulomzimba na okanyendiphumile kulo mzimba. Inye into, yayiyinene kanyenjengokuba ndinijongile.

13 Kwaye bendihlala ndimangaliswa ukuba xa ndinokuzendidlule ndibe nokubona ilifu elincinane lindanda lidlula,umoya, ndize ndithi, “Nanko umzalwana nodade behamba,uCharlie noNellie. NguMzalwana noDade Spencer abayabahamba phaya.” Ibihlala indixaka loo nto. Ukuba amehlo amphakathi engcwabeni, ayadumba, ayabola, ukuba iindlebe zamazikho ukuze ndive ngazo kwakhona, ukuba igazi lam limkelonke baze baliqhola, labe ke lisemanzini okanye emhlabeni,namajelo engqondo am, iiseli zam zobuchopho zibe zimkile,ngoko ndingathini ukuba yenye into engaphandle kokubandibe ngumoya nje ondandayo ujikeleza? Kwaye loo ntoyandihlupha. Indlela endinokuthanda ngayo ukuthi, “Bhota,Mzalwana Pat, owu, ndiyavuya ukukubona! Bhota, Mzalwana

4 ILIZWI ELITHETHIWEYO

Neville, indlela endinqwenela ngayo ukukubona!” Kodwandacinga, “Kulungile, ukuba andinayo nantoni naendinokubona ngayo, ndingenamlomo ndinokuthetha ngawo,ubolile, uluthuli, ndingaze ndibe nako njani ukuthi, ‘Bhota,Mzalwana Pat,’ ‘Bhota, Mzalwana Neville,’ okanye njalo njalo,‘kunjani, Charlie’?”14 Kodwa ngoku ndiyazi ukuba oko kuphosakele. Kubakubhaliwe eZibhalweni, endithi aziphikisani, “Kuba ukuba lomnquba uyachithwa, sinomnye osele ulindile,” omnyeumnquba onamehlo, indlebe, imilebe, imithambo yengqondo.“Ukuba lo mnquba wasemhlabeni uyachithwa!” Ungumzimbaendinokuva ndinokuchukumisa, unokuthetha.15 Kwaye ngoku kuyafika kum, khona ngoku, ukubauMosewayesele efe ekwingcwaba elingaphawulwanga isithubasamakhulu asibhozo eminyaka, no-Elisha wayeye eZulwinikumakhulu amahlanu eminyaka ngaphambi koko, kodwakwiNtaba yoTshintsho bafunyanwa bethetha noYesu.16 Emva kokuba uSamuweli wayesele efe isithuba ndingathiseminyaka emithathu ukuya kwemihlanu, laze igqwirha lase-Endore lamnyusa, laze lawa ngobuso balo, laze lathi,“Undiqhathile, ngokuba unguSawule wena, ngokwakho.”Lathi, “Ngokuba ndibona iminyanya!” Lalingumhedeni,uyabona. “Ndibona iminyanya inyuka.”17 Waze uSawule akabinakumbona kwangoko, waze wathi,“Ukhangeleka njani na? Khawumchaze apha kum.”

Lathi, “Unomzimba omncinane, kwaye unenguboemagxeni akhe.”18 Wathi, “NguSamuweli lowo, umprofeti, mnyuse ezephambi kwam.” Ndifuna ukuba uqaphele ukuba uSamuweliwayengalahlekwanga nayinto enye kubuntu bakhe.Wayesengumprofeti, wamxelela uSawule kanye loo ntoyayizakwenzeka kusuku olulandelayo.19 Ngoko, uyabona, ukufa akusiphelisi ngokupheleleyo xasilila sikhala simbambazela engcwabeni. Kutshintsha njeindawo yethu yokuhlala. Kusithatha kusisusa endaweniukuya^Yintoni ubudala? Ukuba ndithe ndaphila iyure enyeukudlula koku, ndiyakuba ndiphile ndadlula abaninziabaneminyaka elishumi elinesithandathu abantu, ndiyakubandiphile ndadlula abaninzi abaneminyaka emihlanu ubudalaabantu. Ubudala asiyonto. Sibekwe nje apha ngesizathuesithile, ukuba kubekho into esiyenzayo.20 Ke, ngoku, abaninzi baba mama banobuso obuhle bahleliapha, abanye babo bekumashumi amathandathu okanyeamashumi asixhenxe ubudala, bangathi, “Ke, ndenzeni,Mzalwana uBranham?” Ukhulise abantwana bakho. Wenzeoko ubumelwe kukuba ukwenzile.

UKWENZIWA OONYANA, ISIQENDU I 5

21 Mhlawumbi uTata omdala ohleli apha, athi, “Ke, ndilimeamasimi, ndenze oku. Andizange ndishumayele.” Kodwawenze kanye oko uThixo wakuthumelela kona ukuba ukwenze.Ikho indawo yakho.22 Bendithetha nogqirha omdala, izolo, omnye wabahlobobam abangoogqirha, iitshomi, amashumi asibhozo anentoeminyaka ubudala. Udade wenkosikazi yakhe ulaphaenkonzweni ngokuhlwanje, ebebuhlupheka kancinane_kancinane ehlupheke malunga naye. Ndaze ndaya kumbona.Kwaze kwathi nje ukuba ndiqalise ukuncokola naye,watyhileka, wandixelela ngohambo lokuya kuzingela awakhewalithatha kwiminyaka emininzi eyadlulayo esiya emantlaeColorado, kwilizwe elinye eli ndizingela kulo. Ekrele-kreleonwabile! Ndaze ndathi, “Gqirha, lithuba elingakananiuqhuba ubugqirha?”23 Wathi, “Ngokuya wawusancanca.” Emazantsi ndathi^“Amaxesha amaninzi,” wathi, “Ndaqhuba ubugqirha,ndithabatha umthwalo wam ndibeke esalini iibhegi zam phezukwehashe. Ndithabathe isingxotyanyana ndihambe.”24 Ndaze ndathi, “Ewe, ukuhla ngonxweme lomfula, ekuseningentsimbi yesibini, uphethe isibane sakho, uzama ukufumanaindlu apho kukho khona umntwana omncinane okhathazwasisisu okanye umama olunywayo.”

Wathi, “Kunjalo.”25 Ndaze ndathi, “Uyazi, gqirha, ndiyakholwa, ukuba ngaphakwalo mgca wahlule apha, phakathi kokubhubha nokungabinakubhubha, uThixo unendawo ayilungiselele oogqirhaabadala abalungileyo abasebenza ngolo hlobo.”26 Iinyembezi ezinkulu zaphuma emehlweni akhe wazewaqala ukulila, wakhupha izandla zakhe ezomileyo wathi,“Mzalwana, ndiyathemba ukuba kunjalo.” Ngaphayakomhlaba, uThixo ugweba umphefumlo womntu, into ayiyo.27 Ndaza ndamnika esi Sibhalo sanelisayo. Ngamaxeshaamaninzi, ukulima loo masimi amnyama anodaka ngobusuku,uzama ukunceda umntu othile, mhlawumbi ungafumaninepeni ngaloo nto, kodwa kulungile. Ndathi, “UYesu wathieZibhalweni, ‘Banoyolo abanenceba, ngokuba bayakwenzelwainceba.’” Kwaye yinyaniso leyo.28 Kwaye ngokuhlwanje sifuna ukumisa ibandla, kwezizifundo zithathu, ukuba uThixo uyavuma, indlelaesinokukhangela ngayo koko, sikuko. Sizakuqala isahluko so-1seNcwadi kaPawulosi kuma-Efese. Size sithabathe izahlukoezithathu zokuqala kwizifundo zethu ezithathu ezilandelayo,sizama ukufumana isahluko ngorhatya ngalunye, ukubasinokuba nako. Ngokuhlwanje, uLwesithathu, ukuze kwiCaweelandelayo kusasa. Ama-Efese, isahluko so-1. Ngokunjengokuba sifundisisa kunye, ndingathanda ukuthetha oku,

6 ILIZWI ELITHETHIWEYO

ukuba le Ncwadi yama-Efese ngokugqibeleleyo ingqamananoYoshuwa weTestamente eNdala. Ama-Efese, iNcwadi yama-Efese.29 Ngoku, khumbula, ukuba kungenzeka ukuba siphumekancinane, kwimfundiso yakho, sixolele nje unyamezeleumzuzwana. Phambi kokuba siyivule, masiMcele ukubaasincede, sisathoba iintloko zethu.30 Nkosi, sisondela kuMbhalo waKho ongcweleosulungekileyo, Enguwo oyindawo ekhuselekileyo kunawoonke amazulu nehlabathi. Kuba sifunda kweli Lizwi, libizwangokuba yiBhayibhile, okokokuba “Kokubini izulu nomhlabaliyakudlula, kodwa iLizwi laM alisayi kusilela.” Ngoko, phezukwale yure inyanisekile ndize ngayo kule pulpitingokuhlwanje, phambi koko kuthengwe ngeGazi laKho,ezizithandwa zithandekayo zaba nokubhubha zihleli aphangokuhlwanje zisolulela izandla kulo naliphi na ithembaelincinane abanokuba nako, ukuze babambelele kulo ngenxayoko kuKhanya kuyakuza. Kwanga kunganela, ngokuhlwanje,ukuba lonke ikholwa elilapha libe nokuyibona indawo yalo,kwaye wonke umntu ongekangeni kobu budlelane bukhulu,anganyanzela ukuya eBukumkanini, Nkosi, ankqonkqozeemnyango ade umgcini-sango avule ucango. Siphe oko, Nkosi.31 Sifunda apha apho le Bhayibhile ingezingakuzicombululela. Thixo, yala ukuba mna sicaka saKhookanye nasiphi na isicaka saKho sibe nokuzama ukubekaingcaciso yaso eLizwini. MasiYifunde nje siYikholelwe, ngalendlela Ibhalwe ngayo. Kwaye nangakumbi thina balusibemihlambi, thina balungiseleli abayakuthi ngenye iminibahlanganiswe ngaphesheya kuloo Mhlaba wozukonemihlambi emincinane, kwaye siyakuma Phambi kweNkosiuYesu sibone eso sizukulwana sivela, sikaPawulosi,nesikaPetros, nesikaLuka, noMarko, noMateyu, nabo bonke,size sibabone begwetywa apho namaqela abo. Thixo, ndipheukuba ndibe ndinokubeka ishumi lezigidi zeendebe ezinyawenizaKho ngeli thuba ndirhubuluza ngokuthobekileyo ukunyukanokubeka izandla zam phezu kweenyawo zaKhoezithandekayo, ndithi, “Nkosi, bangabaKho.”32 Owu Thixo, sizalise ngokutsha ngoMoya waKho,nangothando lwaKho nangokulunga kwaKho. Kwaye sanga,njengokuba imbongi yacacisayo eculweni kwiminyakaemininzi eyadlulayo, “Mvana ebekekileyo efayo, iGazi laKhoelithandekayo alisayi kuphelelwa ngamandla alo, lide lonkeiBandla elithengiweyo likaThixo lisindiswe ukuze lingabi sona.Kwaye ukusukela ngoko, ngokholo, ndawubona umfula ohlayoowakhutshwa linxeba laKho; uthando oluhlangulayo lubengumxholo wam, kwaye kuyakuba njalo ndide ndife. Ukuzengendlela ephucukileyo, iculo elimnandi kunoko,” uqhubelaphambili athi, “Ndiyakucula ngamandla aKho okusindisa; xa

UKWENZIWA OONYANA, ISIQENDU I 7

olu lwimi lulisizana, luthintithayo luyakuthi luthuleengcwabeni.” Ngoko, ingcwaba alinakufa likuqulathileyokubantwana baKho. Liyindawo nje yokuphumla yethu, okanyeindawo yokuzimela, apho okonakalayo kuyakwambatha khonaukungonakali.33 Sanga ngokuhlwanje singabona oku, Nkosi, ngokucacileyo,njengokuba sinikiwe eLizwini. Sinike ukuqonda. Usibekeendaweni, Nkosi, kwindawo yethu yokusebenza, ukuze sibenokukukhonza ngokunyaniseka ude Ubuye. Sikucela okueGameni likaYesu, nangenxa yaKhe. Amen.34 Ngoku, iNcwadi yama-Efese, njengokuba bendisatsho,ndi^kokwam ukuqonda, yenye yeeNcwadi ezibalulekileyozeTestamente eNtsha. Isishiya, apho ubuKalvin bubalekabuphumele kwelinye isebe, nobu-Arminia bubalekabuphumele kwelinye isebe, kodwa iNcwadi yama-Efese izobaidibanise ibeke ngendawo iBandla.35 Ngoku, ndiyizekelise noYoshuwa. Ukuba uyaqaphela,uSirayeli wanyuswa ekhutshwa eYiphutha, kwaye zithathuizigaba zohambo lwabo. Isigaba sokuqala, yayikukushiyaiYiphutha. Isigaba esilandelayo, yayiyintlango. Ukuze isigabaesilandelayo, yayiyiKanana.36 Ngoku, iKanana ayimelanga isigaba seMillenium. Imelekuphela isigaba someyisi, isigaba sokweyisa, ngokubaeKanana babebulala betshisa bethimba izixeko. Kwayeakusayi kubakho kufa kwi-Millenium.37 Kodwa enye into eyenzayo, izisa ugwetyelo ngokholo, emvakokuba bekholiwe kuMosisi baze bayishiya iYiphutha.Ungcwaliso, ekulandeleni phantsi kweNtsika yoMlilonokuxolela kwemvana yedini entlango. Ukuze ke ibekukungena kwilizwe ababelithenjisiwe.38 Ngoku, yintoni ilizwe ledinga kwikholwa leTestamenteeNtsha? Idinga nguMoya oyiNgcwele. “Kuba kuyakuthingemihla yokugqibela,” uYoweli 2:28, “Ndiwuthulule uMoyawaM phezu kwayo yonke inyama. Oonyana benu neentombizenu ziprofete. Kwaye naphezu kwabakhonzi baMnabakhonzazana baM. Ndiyakuwuthulula uMoya waM,baprofete. Ndandiya kwenza izimanga emazulwini phezulu.Nasemhlabeni, iiNtsika zoMlilo, umsi, nomphunga.” KwayeuPetros wathi, ngoMhla wePentekoste, emva kokuthabathaumxholo wakhe nokushumayela, “Guqukani, nonke ngabanye,nibhaptizwe eGameni likaYesu Kristu ukuze nixolelwe,”ukuxolela, ukuxolela, ukususa zonke izigqitho ezidlulileyo.39 Ingaba uqaphele, uYoshuwa, phambi kokuba baweleiYordane, uYoshuwa wathi, “Hambani phakathi kwenkampinicoce impahla zenu nizingcwalise nonke ngabanye, indodaingasondeli kumfazi wayo, kuba kwiintsuku ezintathuniyakubona uBuqaqawuli bukaThixo.” ’Yabona? Kuyi_

8 ILIZWI ELITHETHIWEYO

kuyinkqubo yokuzilungiselela ukudla ilifa idinga. Ngoku,idinga kuSirayeli, lali, uThixo wanika u-Abraham idingalelizwe, lasePalestina, kwaye lilo elalizakuba yinto eyeyabongonaphakade. Kwaye babemelwe kukuthi njalo bahlale kwelolizwe.40 Ngoku, beza ngezigaba ezithathu, besiza kweli lizweledinga. Ngoku khangela, oku ngokugqibeleleyo kuzekeliswekwiTestamente eNtsha.41 Ngoku oku, njengokuba benditshilo, ukuba akuvumelaninokucinga kwabanye benu. Abanye benu bantu bathandekayobamaNazarene, iBandla likaThixo, njalo njalo,mayinganikhathazi, kodwa yikhangeliseni kufutshanenikhangele imizekelo. Khangelani nibone ukuba yonke indawoayithi ngqo ngokugqibeleleyo na.42 Zazizithathu izigaba zohambo lwabo, kwaye zithathuizigaba zolu hambo. Kuba, siyagwetyelwa ngokholo,ngokukholwa kwiNkosi uYesu Kristu, sishiya ilizwelaseYiphutha, siphuma. Ukuze ngoko singcwaliswengokunikelwa kweGazi laKhe, sihlanjwe ezonweni zethu, sibengabahambi nabasemzini, sibanga ukuba sizingela ilizwe,isixeko esizayo, okanye idinga.43 Wenza njalo noSirayeli entlango, abaphambukeli,bengenandawo yakuphumla, behamba ubusuku nobusuku,belandela iNtsika yoMlilo, kodwa ekugqibeleni baya kufikakwilizwe ledinga apho bathi bazinza khona.44 Nantso indawo afika kuyo okholwayo. Okokuqala ufikaekuziqondeni ukuba ungumoni; ukuze ahlulwe ngamanzi,ukuhlanjwa ngamanzi, ngeGazi, kwaye^okanye ukuhlanjwangamanzi angaweLizwi, gxebe, ngokukholwa kwiNkosi uYesuKristu. Ngoko, akuba egwetyelwe ngokholo, ubangonokuxhamla, abe noxolo noThixo, ngoKristu, ebhaptizelweeGameni likaYesu Kristu, ukumfaka kolo hambo.Uyayifumana? Ukungemnisa eluhambeni! Ukuze ke abengumphambukeli nowasemzini. Useluhambeni oluya entweni?Kwidinga awalenzayo uThixo.45 USirayeli wayengekalamkeli idinga, kodwa babesendleleniyokuya kulo. Kwaye ngangaphandle kokukhulisa^Nincedeniqonde. Kulapho nina, maNazarene namaPilgrim Holiness,nabanye, nawa khona, ngokukuba, uSirayeli, bathi bakufikakwindawo yaseKadesh-Barnea, ngethuba zawelayo iintlolazathi, “Ilizwe likhulu.” Kodwa abanye babo babuya bathi,“Asinakukwazi ukulithabatha, ngokuba isixeko sakhelweiindonga, njalo njalo.” Kodwa uYoshuwa noKalebhi bemaphaya, bathi, “Singaphaya kokuba nako ukulithabatha!”Ngenxa yamaxwebhu abo eengxelo ayesele esayiniwe,bakholwa kwimisebenzi emibini yobabalo, ugwebelonongcwaliso, baze ababinakuhambela phambili. Kwaye,

UKWENZIWA OONYANA, ISIQENDU I 9

phulaphula, eso sizukulwana siphela satshabalalela entlango.Kodwa ababini ababewelile bayakufika kwilizwe ledingababuya nobungqina bokuba yayililizwe elihle, “kwayesingaphaya kokuba sinokuba nako ukulithabatha, ngokubayayilidinga likaThixo.” Ngoko endaweni yokuba abantubaqhubele phambili, besamkela uMoya oyiNgcwele, bethethangeelwimi, besamkela amandla kaThixo, uBhaptizo loMoyaoyiNgcwele, imiqondiso, izimanga, imimangaliso, beva ngathiloo nto iyakwaphula imfundiso yabo yezithethe. Kwazakwenzeka ntoni kuyo? Yatshabalala kwelo lizwe! Injalo loo nto.46 Kodwa amakholwa, abodidi lukaKalebhi noYoshuwa,ababesiya kwelo dinga, bahambela phambili bangena kwelolizwe, balithabatha ilizwe bazinza kwelo lizwe, njengentoeyeyabo. Kwaye asimi kugwetyelo, ungcwaliso. Masiye phambilielubhaptizweni loMoya oyiNgcwele. Masingemi ekukholwenikwiNkosi uYesu, ekubhaptizweni. Masingemi ngokubawasihlambululayo kubomi besono. Ngoku masinyanzelelephambili kwindawo, kwidinga lobhaptizo loMoya oyiNgcwele.Kuba uPetros wathi, ngoMhla wePentekoste, “Kuba idingalikuni, nakubantwana benu, nakubo bonke abakude, esukubaiNkosi uThixo wethu iyakubabiza.”47 Ngoko, apha e-Efese sihlaliswa njengoYoshuwa,ngendawo. Uyaqaphela, uYoshuwa, emva kokuwelela kwelolizwe, walithabatha ilizwe, waze walaba ilizwe. “U-Efrayimapha, uManase apha, nalo apha, uGati apha, uBenjamin apha.”Walaba ilizwe.48 Kwaye qaphela! Owu, oku kuyavutha ezintliziyweni zethu!Ngamnye kwabo mama bamaHebhere, ekuzaleni kwabo abobantwana, wathetha kwaloo ndawo, ekulunyweni kwakhe,apho bayakuthi babekwe khona kwilizwe ledinga. Owu,kukufunda okunzulu! Ukuba nje besinokuyingena nzulu,ntoleyo ibiyakusithabatha iyure emva kweyure. Ngenye iminixa seyilungisiwe inkonzo, ndingathanda nje ukuza ndithabatheinyanga yonke okanye zibe mbini, ndihlale nje kuyo. Bajongengethuba, nga mnye kwabo mama, wathi ekubizeni kwakhe,“Efrayim,” ngethuba wayelunywa, wambeka ngokwendawoyakhe apho iinyawo zakhe zazihleli emafutheni.Ngokuchanekileyo kanye ngamnye kubo indawo ababekuyo!49 Kwaye uYoshuwa, engakwazi oku, kodwa ngempefumlelo,ekhokelwa nguMoya oyiNgcwele, emva kokuba eyokungenakwilizwe ledinga, wanika ndoda nganye idinga layo,ngokuchanekileyo loo nto uMoya oyiNgcwele wayithembisayongokuzalwa phaya kudala.50 Indlela awathi ngayo uThixo wababeka abanye ebandleni,ngokulunywa kwabo! Owu, ziyamangalisa ngamanyeamaxesha. Xa lithi ibandla lincwine phantsi kwentshutshisoyehlabathi langaphandle, likholwa kwiNkosi uYesu, ukubaidinga loMoya oyiNgcwele liyinene kanye kuthi njengokuba

10 ILIZWI ELITHETHIWEYO

lalinjalo kwiPentekoste, indlela abathi bancwine ngayo balileekulunyweni kwabo! Kodwa bakuzalwa, bazalelwe kwindawoyabo eBukumkanini bukaThixo, ukuze uMoya oyiNgcweleabeke ebandleni, abanye babengabapostile, abanyebabengabaprofeti, abanye babengabafundisi, abanyebabengabalusi, abanye babengabashumayeli beendabaezilungileyo. Aze ke Aphise apho, ngokuthetha ngeelwimi,ukucaciswa kweelwimi, ulwazi, ubulumko, isipho sempiliso,nazo zonke iintlobo zemimangaliso.51 Ngethuba ibandla lithe^Ngoku nantso injongo yamyokwenza oku. Ibandla lihlala njalo lizama ukuthabathaingxingwa yomnye umntu. Kodwa musa ukuyenza loo nto.Awunako ukuvelisa ingqolowa kwingxingwa ka-Efrayim,ukuba unguManase. Umelwe kukuthatha indawo yakhokuKristu, uyithathe ngokokuba iyindawo yakho. Owu, iya ibanzulu ityeba sakufika kule ndawo, indlela awathi ngayouThixo wabeka ngamnye ebandleni ukuba athethe ngeelwimi,omnye^Ngoku, sifundiswe oku ngamathuba amaninzi,“simelwe kukuba sithethe ngeelwimi sonke.” Yimposiso leyo.“Simelwe kukuba siyenze sonke.” Hayi, asimelwanga.Abazange benze into enye bonke. Ngamnye waye^52 Ngamnye, umhlaba wabonelelwa wahlulwangempefumlelo. Kwaye, mhlaba ngamnye, ndingathathaiZibhalo ndinibonise ngokuchanekileyo, ngokuba wababekakwindawo ababefanele ukuba kuyo, ngokweendawo zabo,indlela ekwathi ngayo izizwe ezibini ezingagqibanga ukubaluhlanga kwamela ukuba zihlale ngaphesheya komlambo,nendlela ekwathi ngayo oomama babo bazibiza ekuzalwenikwazo, nendlela indawo nganye eyayimelwe ukuba yiyo.53 Kwaye ngoku emva kokuba ungene, oku akuthethi kuthiungaphandle ukhululekile kwimfazwe. Usamelwe kukuthiuyilwelwe i-intshi nganye ome phezu kwayo. Ngoko, ’yabona,iKanana yayingamelanga iZulu elikhulu, ngokuba yimfazweneenkathazo nokubulala nokulwa, njalo njalo. Kodwa eneneniyayimele oku, ukuba mayibe yihambo egqibeleleyo.54 Nako apho ibandla lisilela khona namhlanje, kolo hambo.Uyazi ukuba nkqu nesimilo sakho singangquba omnye umntusimkhuphe ekubeni aphiliswe? Ukuziphatha kakubi kwakho,kwezono ezingavunywanga zenu makholwa, zingenza ukubaeli bandla lisilele ngokukrakra. Kwaye ngoMhla woMgweboniyakuba nobutyala ngesuntsu ngalinye laloonto. Owu, nithi,“Ngoku, yima umzuzu, Mzalwana Branham.” Kulungile,yiNyaniso leyo. Yicinge nje!55 UYoshuwa, emva kokuwela angene kwelo lizwe, uThixowamnika idinga lokuba^Yicinge nje, ukuba alwe imfazweepheleleyo ngaphandle kokulahlekwa yindoda, ngaphandlekokuba abe nawo nomkrwelo, ngaphandle kokuba abenomongi, okanye uncedo lokuqala okanye ibhandeji. UThixo

UKWENZIWA OONYANA, ISIQENDU I 11

wathi, “Ilizwe lelenu, yiyani kulwa.” Cinga, ukulwa imfazwe,kube kungekho Red Cross ikufutshane konke, akukho mntuuyakwenzakala!56 Baze bawabulala ama-Amori namaHeti, kodwakwakungekho namnye wenzakalayo phakathi kwabo bonke deisono sangena enkampini. Waze u-Akan wathabathaisambatho saseBhabhilon nala mlinganiselo wegolide,wayifihla phantsi kwenkampi yakhe, kwaze ngosukuolulandelayo balahlekelwa lishumi elinesithandathulamadoda. UYoshuwa wathi, “Yimani! Yimani! Yimaniumzuzu, kukho undonakele! Ikho into engalunganga apha.Sizakubiza inzila yeentsuku ezisixhenxe. UThixo wasinikaidinga, ‘Akukho nto iyakusenzakalisa konke.’ Intshaba zethuziyakuwa ezinyaweni zethu. Ke kukho undonakele apha. Ikhointo engenzekanga ngendlela eyiyo ndaweni ithile, kubasineshumi elinesithandathu lamadoda angqengqe apha.Angabazalwana bakwaSirayeli, kwaye afile.”57 Afa ngenxa yantoni, amadoda angenabutyala? Ngokubaindoda enye yaphuma emgceni. Uyasibona isizathu sokuba okukumelwe ukufundiswa? Ibandla lima emgceni, lingqamaneneLizwi likaThixo, lime emgceni kunye noThixo lize limeemgceni omnye nomnye, lihamba ngokugqibeleleyo ngokuthengqo, ngobungcathu, phambi komntu wonke, lisoyika uThixo.Ngokuba indoda enye eyaba isambatho, yenza intoeyayingamelwe kukuyenza, yathabatha ubomi bamadodaalishumi elinesithandathu! Ndiyacinga ukuba yayilishumielinesithandathu, mhlawumbi nangaphezulu. Ndiyakholwaukuba yayilishumi elinesithandathu lamadoda awafayo.58 UYoshuwa wakhwaza, wathi, “Kukho into eyonakeleyo!UThixo wasibekela idinga, kwaye kukho into eyonakeleyo.”59 Xa sisizisa abagulayo phambi kwethu, baze basileleekubeni baphiliswe, simelwe kukuba senze inzilaenyanisekileyo, sibize ibandla. Kukho undonakele ndaweniithile. UThixo wenza idinga, uThixo umelwe kukunamathelakwelo dinga, kwaye Uyakulenza.60 Waze wabiza inzila. Baze bafumanisa, benza amaqashiso.Waze u-Akan wayivuma loo nto. Baze balubulala usapho luka-Akan nabo bonke, balutshisa uthuthu lwabo, balushiya aphoukuze lube sisikhumbuzo. Waze uYoshuwa waya kuphumelakanye emadabini, ethabatha yonke into, ngaphandlekomkrwelo okanye inxeba. Nantso ke.61 Ngenye imini wayenento ayisweleyo, ixeshana elincinci,ixesha elongezelelweyo. Ilanga lalitshona, amadodaayengenakulwa kakuhle ngobusuku. UYoshuwa, lo mlwimkhulu, uthanjiswe nguThixo, ebekwe ngokwendawo yakheelizweni, njengama-Efese kwiBandla elitsha, uyalwa,ukulawula, elawula ilizwe, elithabatha. Waswela ixesha,

12 ILIZWI ELITHETHIWEYO

ngoko wathi, “Langa, yima ndaweni nye!” Laza lema ndaweninye isithuba seeyure ezilishumi elinesibini, wade walithabathailizwe. ’Yabona?62 Ngoku incwadi yama-Efese yasibeka ngokwendawo zethukuKristu, laa nto babeyiyo kwiLizwe eliNgcwele. AsibekwangakwiLizwe eliNgcwele, kodwa kuMoya oyiNgcwele! Ngokumasifunde nje iLizwi, sibone indlela eligqibelele ngayo ibandla.

UPawulosi, umpostile kaYesu Kristu ngokuthandakukaThixo,^

63 Owu, ndiyayithanda loo nto! NguThixo owamenzaumpostile. Akukho madoda makhulu ambeka izandla, akukhooobhishophu abamthumela naphi na, koko uThixo wambizawamenza umpostile.

UPawulosi, umpostile kaYesu Kristu ngokuthandakukaThixo, ubhalela abangcwele (abangcwalisiweyo)abase-Efese, abakholwayo kuKristu Yesu:

64 Khangela indlela akubhekisa ngayo oku. Oku akuyikwabangakholwayo. Oku kuya kwibandla. Kuyakwababiziweyo, abangcwalisiweyo nababiziweyo abakuKristuYesu.65 Ngoku, ukuba ufuna ukwazi ukuba singena kanjani nakuKristu uYesu, ukuba uyakutyhila ku I Korinte 12, yathi,“Kuba sabhaptizelwa Mzimbeni mnye ngaMoya mnye sonke.”Njani? Sabhaptizwa ngantoni? NgoMoya oyiNgcwele. Hayingobhaptizo lwamanzi, nina bantu beBandla likaKristu, kokongamnye u-M-o-y-a, ngaMoya mnye. Hayi ngakubambanaisandla kunye, ngancwadi inye, hayi ngakufefwa kunye. KokongaMoya mnye sabhaptizelwa sonke Mzimbeni mnye, ilifalethu, ilizwe athe uThixo wasinika lona ukuba siphile kulo,uMoya oyiNgcwele. Kanye njengokuba Wayinikelayo iKananakumaYuda, Usinike uMoya oyiNgcwele thina. SabhaptizelwaMzimbeni mnye ngaMoya mnye. Niyayifumana?66 Ngoku, uthetha kumaKanana angowomoya, uSirayeli,uSirayeli ongowomoya othe walidla ilifa ilizwe. Owu, awuvuyikuba uphumile kwikonofolo yaseYiphutha? Awuvuyi kubauphumile entlango? Kwaye, khumbula, babemelwe kukudlaimana, ukudla kweeNgelosi okuphuma eZulwini, badebawelele kwelo lizwe. Kwaye bathi bakuwelela ngaphakathikwelo lizwe, imana yapheza ukuwa. Babekhulengokupheleleyo ngoko, baze badla ingqolowa endala yelizwe.Ngoku, ngoku njengokuba ningasezontsana, ngoku ngenxayokuba anisafuni lubisi lwenene lweVangeli, kuba anifanelwekuteketiswa, nimbanjazelwe, nicengwe ukuba nizeenkonzweni, ngoku ngenxa yokuba ningawenene aMakristuakhulileyo, nilungele ukudla iinyama eziqinileyo ngoku.Nilungele ukungena entweni, watsho. Nilungele ukuqonda intoethile enzulu etyebileyo. Owu, sizakungena kuyo ngqo. Kwaye,

UKWENZIWA OONYANA, ISIQENDU I 13

owu, yayifihliwe ukusukela ekusekweni kwehlabathi. Wathi,“Ngoku ukuze ningene koku, ndikubhekisa kuni oku.” Hayikwabo bashiye nje iYiphutha, hayi kwabo baseseluhambeni,koko kwabo baselizweni ledinga, abo balamkeleyo idinga.67 Ngoku bangaphi abalamkeleyo idinga loMoya oyiNgcwele?Owu anivuyi kuba nikulo ilizwe elingaphesheya apha ngoku,nisidla ingqolowa endala, nisidla izinto eziqinileyo zikaThixonaze naqonda ngokucacileyo. Ezenu_ezenu iingqondozokomoya azadideka. Niyazi ngokuchanekileyo ukubaUngubani na. Niyazi ngokuchanekileyo ukuba Uyintoni na.Niyazi ngokuchanekileyo apho niya khona. Nisazingokuchanekileyo konke ngaWo. Niyamazi Lowo nikholwekuye neyisekile ukuba Unako ukugcina oko niMphathise konaase kuloo mini. Owu, ngabo abo, ngabo aba uPawulosiathetha nabo ngoku. Phulaphulisisa. Ngoku khangela.^Abanyanisekileyo kuKristu Yesu:68 Ngoku, mandifumane ibandla ukuba likuphinde oko.Singena njani kuKristu? Ngokujoyina inkonzo? Hayi.Ngokubhalwa kwegama lakho encwadini? Hayi.Ngokubhaptizwa ngokuntywiliselwa? Hayi. Singena kanjanikuKristu? NgaMoya uyiNgcwele mnye sabhaptizelwa sonkekwidinga elinye, uMzimba, kwaye sizindlalifa zako konkeokukokwelolizwe. Amen! Owu, ndi_ndiyayithanda loo nto.Ukuba bendingatshelwanga lilizwi, ngendikhwaza. Bethu,ndakungena kweli lizwe, lilelam. Ndisekhaya ngoku;ndiseKanana. Ndithobela nayiphi na into uThixo afunaukundisebenzisela yona. Ndihamba kwimihlaba engcwele,ndingumntwana woKumkani, ndinxityisiwe ndonke ndalunga.Ndiphumile eYiphutha, ndaphumelela kwilizwe ledinga,ndamelana nezilingo, ndanqumla iYordane ndaza kweli dingalozuko. Owu, ndiyifumane njani loo nto? NgaMoya mnye.Kwangendlela enye uPawulosi awaWufumana ngayo, usebenzekum ngaloo ndlela inye Wasebenza ngayo kuye, ngaloo ndlelainye Usebenze ngayo kuwe. Sabhaptizwa ngaMoya mnye.Asifefwanga, hayi ukutshizwa nje kancinci ngaWo, kuzekuvakale kulunge ngenene; koko sintywiliselwe ngaphantsi!Konke okufunekayo kukudada ngaphantsi, kuMoyaoyiNgcwele. Nalo idinga.69 Ama-Efese ethu, uYoshuwa wethu, onguMoya oyiNgcwele,UYoshuwa uthetha “Yesu, Msindisi.” UYoshuwa uthethauMoya oyiNgcwele umele ngokomoya njengokuba kwakunjalongokwenyama, ukuba Yena uliJoni lethu elikhulu.UnguMkhokeli wethu omkhulu. Njengokuba uThixowayenoYoshuwa, ngokunjalo uThixo (kuMoya oyiNgcwele)uyasijikelezisa. Sithi ke isono sakungena ententeni, uMoyaoyiNgcwele anyanzelise ukuba kumiwe, “Yintoni undonakeleapha ebandleni? Ukho undonakele.” Owu, aniboni indlelaesithe sanoonyana bakaKishe abaninzi kakhulu ngayo ngoku?

14 ILIZWI ELITHETHIWEYO

OoSawule abaninzi bayavela bephuma kumaziko emfundoezibhalo nezikolo zezakwalizwi bephuma befundisa ezi zintozigwenxa, njengokuba iBhayibhile yathi bayakwenza njalo,kubonakala olo hlobo, bengenalo uKholo, bezahlula kuni,bengenabudlelane nani, njalo njalo, benokumila kokuhlonelauthixo bewakhanyela aMandla ako, kwabo ke khwebuka.”Abazi ukuba bavela phi na, abanakunika nasizathu.70 Ndikuthethe oku kuMzalwana uBooth Clibborn, umhlobowam, ukuba kukho nantoni na engu-^mgqwakhweengadalwanga nguthixo kuyo yonke into ehlabathini, yimeyile.Imeyile yiyona ikudidi oluphantsi kuzo zonke izinto. Yonai^a_ayizazi ukuba iyintoni na. Ayinakubuya izizalekwakhona. Imeyile ayinako ukuhlanganiswa nenye imeyile izeibe yimeyile. Iphelile. Ayimazi uyise apho avela khona,ingamazi nonina, kuba yencinane_imbongolo nemazi yehashe.UThixo akazange ayenze loo nto. Ungakhe ubeke into elolohlobo kuThixo. UThixo akazange ayenze loo nto. UThixowathi, “Yonke into mayiveliswe okohlobo lwayo.” Ewe,mhlekazi. Kodwa imeyile i_i^uyise wayeyimbongolo wazeunina waba yimazi yehashe, ngoko ayizazi ukuba iyeyeliphi naicala. I_i_ilihashe elizama ukuba yimeyile, okanye imeyile^okanye ilihashe lizama ukuba yimbongolo, imbongolo izamaukuba lihashe. Ayizazi icala eyeyalo. Kwaye iyeyona nto iqineintloko ikhoyo ehlabathini. Awunako nokubeka elincinaneithemba lokuthembela kuyo.71 Kwaye yiloo ndlela abantu abaninzi abayiyo enkonzweni.Abazi ukuba ngubani na uyise wabo, bengazi ukuba ngubanina umama wabo. Inye into abayaziyo, kukuba bangabangamaRhabe, amaWisile, amaBhaptizi, okanye amaPentekoste,okanye enye into. Abazazi apho bavela khona. Kwayeimbongolo endala, ungayikhwaza kangangoko ufunaukuyikhwaza, iyakusuka ime apho ithe gqi ezo ndlebe zinde,ijonge. Ungabashumayeza ubusuku bonke, kwaye akukhonencinci into eyenye abayaziyo ukumka kwabo kunokubabebenjalo ukufika kwabo. Ngoku, injalo kanye loo nto.Andizami kuba krwada, koko ndifuna ukunixelela iNyaniso.72 Kodwa inye into ezikwaziyo ukuyenza, zingabasebenziabalunge kakhulu. Owu, zisebenza nje, zisebenze, zisebenze,zisebenze. Loo nto indikhumbuza ngalama-Arminia ahlalaezama ukusebenza indlela yawo yokuya eZulwini. Injalo,imeyile. Owu, uMbutho woNcedo lwamaNenekazi, nesidlosangokuhlwa senkukhu, ukuze babenokuhlawula,umshumayeli. “Kwaye kufanele sibe nalo mdaniso,nokukuhlanganiswa kwabantu.” Ngumsebenzi nje, umsebenzi,umsebenzi, umsebenzi, umsebenzi, umsebenzi, umsebenzi.Kwaye, bona, basebenzela ntoni?73 Babuze, “Nakhe namamkela uMoya oyiNgcwelenakholwayo nje?”

UKWENZIWA OONYANA, ISIQENDU I 15

74 Bathi gqi iindlebe zabo, bengazazi nokuba bayaphi na,“Uthetha ukuthini? Kuvela phi oku? Uthetha ukuthiningoMoya oyiNgcwele? Andizange ndive kwanto ngaWo. Owu,unokuba uluhlobo oluthile lombaxi.” ’Yabona, abazi ukubauyise wabo wayengubani na okanye umama wabowayengubani na, naye. Kwaye umelwe kukuba ubabethe kuyoyonke into abayenzayo, ubethe apho ubethe phaya ubetheapha ubethe phaya. Injalo loo nto, imeyile endala.

75 Kodwa, ndiyakuxelela, awumelwe kukuba wenze loo ntokwihashe elizelwe ngokukuko lenene. Ukhalisa njeisabhokhwe phezu kwalo, kwaye mzalwana, limkile. Liyayaziinto eliyenzayo. Owu, kulunge kunjani ukukhwela kwihasheelizelwe ngokukuko! Kumnandi kunjani ukuthi, “Yiza,mfana.” Owu, ndoda, ’Yabona, kungcono ubambelele,liyakuyishiya emoyeni isali.

76 Kuyiloo ndlela kuMakristu enene azelwe ngokukuko.Haleluya! “Yamkelani uMoya oyiNgcwele. Guqukani, nonkengabanye, nibhaptizwe eGameni likaYesu Kristu, ukuzenixolelwe izono.” Emkile, ngokukhawuleza kangangokoenokuba nako ukuya emanzini, emkile. Abanakuphumla imininobusuku bade bamkele uMoya oyiNgcwele. Ngoba? Uyazi,uMkristu uyazi ukuba wayengubani na uYise. ’Yabona,kuthabatha abantu ababini ukuze kubekho uzalo. Injalo loonto, umama notata. Imeyile ayazi ukuba yayingowuphi nautata, okanye ingowuphi na umama. Kodwa thina siyaziukuba wayenguBani na uTata noMama, kuba sazalwangeLizwi elibhaliweyo likaThixo, langqinelwa nguMoya.UPetros wathi, ngomhla wePentekoste, “Ukuba niyakuguqukanibhaptizwe, nonke ngabanye, eGameni likaYesu Kristu,ukuze nixolelwe izono zenu, niyakwamkela isipho soMoyaoyiNgcwele.”

77 Kwaye, mzalwana, uMkristu wenene ozelwe ngokutsha,(owu, bethu) umoya wakhe, nje ukuba afumane iLizwiwamkela uMoya oyiNgcwele. Mbuze into ngoko! Uyazi ukubaumi phi na. “Uyakholwa kwimpiliso eNgcwele?” “Amen!”“Uyakholwa eKuzeni kweSibini?” “Amen!”

78 Buza imeyile loo nto. Unqulo lwemeyile, “Aha, andazi.UGqirha Jones wathi ngelinye ixesha^” Aha! Nako, hambaulandele uSawule. ’Yabona? “Owu, abazi. Kulungile,ndiyakuxelela, ibandla lam aliqinisekanga ngaWo.”

79 Owu, mzalwana, kodwa indoda nokuba ngumfazi ozelwengokutsha uqiniseke kangako ngokuza kweNkosi uYesu,baqiniseke kangako ngokuba banawo uMoya oyiNgcwelenjengokuba uMoya oyiNgcwele enokunikwa.

80 Ngoku, uYesu wathi^Umfazi owayesequleni, “Sinqulakule ntaba thina, aye amaJuda anqula eJerusalem.”

16 ILIZWI ELITHETHIWEYO

81 Wathi yena, “Mfazi, yiva aMazwi aM! Iyure iyeza, kwayeikho ngoku, apho uBawo afuna abo bayakuMnqula ngoMoyanangeNyaniso.”82 ILizwi lakho liyiNyaniso. Kwaye wonke umntu oyakufundaiBhayibhile akholwe lilo lonke iLizwi eliyithethayo iBhayibhile,alandele imiyalelo yaYo, amkele laa Moya uyiNgcwele mnyebawamkelayo, kwangendlela enye nale baWamkela ngayo,iziphumo zibe zinye nezo zaxa baWamkelayo, amandla amanyeababenawo ekuWamkeleni kwabo, uyazi ukuba wayengubanina uYise noMama wakhe. Uyazi ukuba uhlanjwe ngeGazilikaYesu Kristu, uzelwe ngoMoya, uzaliswe ngokuthambisakukaThixo. Uyazi ukuba umi phi na. Ngokuqinisekileyo!UseKanana. Uyazi ukuba uvela phi na. Uyiloo ndlela uMkristuwokwenene. Mbuze, “Wake wawamkela uMoya oyiNgcwelewakholwayo nje?” “Amen, mzalwana!”83 Ndandimi ngenye imini ngakwingcwele endala, amashumialithoba anesibini eminyaka ubudala, ndithetha nomlungiselelionamashumi asibhozo eminyaka ubudala, ndathi, “Makhulu?”

Ngokukhanya kangangoko enokuba njalo, wathi, “Ewe,nyana wam.”84 Ndathi, “Lithuba elingakanani ukusukela oko wamkelauMoya oyiNgcwele?”

Wathi, “Uzuko kuThixo! Malunga namashumiamathandathu eminyaka eyadlulayo ndinaWo.”85 Ngoku, ukuba wayeyimeyile, ngewathi, “Ngoku, yimaumzuzu, ndazaliswa ndafefwa ngethuba endandina^Kulungile, abathile, kwaye bandithatha bandisa enkonzwenindaza ndathatha incwadi ndayisa kusibani-bani.” Owu, yibanenceba kum! Abazi nokuba bangabeliphi na icala.86 Kodwa yena uyazi ukuba ubuzibulo bakhe buvela phi na.Wayekho ekwenzekeni kwaloo nto. Wazalwa ngamanzinangoMoya. Wazi, aze amanzi ngokuhlanjwa ngamanzingeLizwi, kuthabatha iLizwi.87 Ngoku khangela ukuba kubhekiswa kanjani na oku,“Kwabo bakuKristu uYesu.” UPawulosi, ngoku, khumbula^Ndithabatha ixesha elide, kodwa andizukusigqiba esi sahluko.Kodwa ndizakukhawulezisa^Niyasithanda! Owu, sisixelelaukuba siphi na, kodwa asinako ukusigqiba ngobusuku obunye.Siswele inyanga okanye zibe mbini kule ndawo, busukungabunye, sihambe siyokuphuma ngapha kwaSo, iLizwineLizwi. Sibuyele emva sinyuke naso ngezembali sisandlale,iLizwi neLizwi, sinibonise ukuba Lona liyiNyaniso. Ngokumandifunde laa mqolo ngokukhawuleza kwakhona.

UPawulosi, umpostile kaYesu Kristu ngokuthandakukaThixo (hayi ngokuthanda komntu), ubhalelaabangcwele abase-Efese, nabo (isihlanganisi)abakholwalwayo kuKristu Yesu:

UKWENZIWA OONYANA, ISIQENDU I 17

88 Oko kuthetha, “Abababiziwe bakhutshwa, bahlulwa,kwaye ngoku babhaptizwe ngoMoya oyiNgcwele, kwayebakuKristu Yesu. Ndibhekisa le Ncwadi kuni, bathandekayobam.” Owu! Ndicinga ngoPawulosi ngaphaya ekunye nabokhona ngoku, owu, wonwabe kanjani! Laa mpostile mncinanemdala wanqunyulwa intloko phaya ezantsi. Ndakhe ndemangakwindawo apho wanqunyulwa khona intloko yakhe.Kodwa, owu, intloko yakhe ihleli kulaa mzimba mtsha, kwayeayinakuze inqunyulwe kwakhona. Kwaye umi apho ekunyenabo ngawo lo mzuzu, loo mpostile mnye wabhala Oku. Kwayewathi, “Oku kuya kuni bakuKristu Yesu! SabhaptizelwaMzimbeni mnye ngaMoya mnye.” Ngoku khangela.

Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixoubawo wethu, ne^neNkosi yethu uYesu Kristu.

Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesuKristu, lowo wasisikelelayo ngeentsikelelo zonke^(Owu, uyayiva loo nto, Charlie?)^wasisikelelayongeentsikelelo zonke zoMoya^

89 Hayi ukuthi ezithile ziya kubapostile, ezinye ziya koku,koko Usisikelele ngazo zonke iintsikelelo zokomoya. Loo MoyauyiNgcwele mnye wawa ngoMhla wePentekoste ukwanguMoyaoyiNgcwele omnye olapha ngokuhlwanje. Loo MoyaoyiNgcwele mnye wenza uMariya ukuba akhwaze athethengeelwimi, abenethuba elimnandi evuya, nezinto ezininziawazenzayo, ikwanguMoya oyiNgcwele omnye olaphangokuhlwanje. Loo Moya uyiNgcwele mnye wathumauPawulosi kula mkhombe mdala, apho wakhangelekangokungathi wawungenwa ngamanzi umka, iintsukuezilishumi elinesine nobusuku, kungekho nyanganankwenkwezi. Wakhangela phaya phandle abe onke amazaenedimoni phezu kwawo, imgxezule, ibengezelisa amazinyoayo, isithi, “Ndizakukuntywilisela, ntwana ndini indala,ngoku. Ndikufumene ngoku.”90 Kwaze ngethuba uPawulosi wehlayo ukuya kubanomthandazo omncinane, kwema iNgelosi, yathi, “Musaukoyika, Pawulosi. Lo mkhombe mdala uzakuqhekekakwisiqithi esithile. Hamba udle isidlo sakho sangokuhlwa,kulungile konke ngoku.”91 Nanko esiza enalomixokelelwano kwingalo zakheezincinane ezindala, eyirhuqa ngeenyawo zakhe, wathi,“Yonwabani, madoda, kuba uThixo, iNgelosi kaThixo,endingumkhonzi wakhe mna, ibimi ngakum yathi, ‘Pawulosi,musa ukoyika.’” Loo Moya oyiNgcwele mnye ulaphangokuhlwanje, loo Moya mnye kaThixo, usilungiselela kwa ezontsikelelo zinye zomoya.

^wasikelela ngeentsikelelo zonke zoMoyakwezasemazulwini iindawo^

18 ILIZWI ELITHETHIWEYO

92 Owu, masime apha okomzuzu omnye kwakhona.“Kwezasemazulwini iindawo.” Ngoku, aziphumi nje nokubakuphi na, kodwa kwezasemazulwini iindawo. Sihlanganisenekwe”zasemazulwini,” oko kuthetha indawo efanelekileyoyekholwa. Ukuba, xa ndithandazile, uthandazile nawe, okanyeibandla lithandazile, sibe silungele uMyalezo, sibesizihlanganisile sisonke njengabangcwele, ababiziweyobakhutshwa, sabhaptizwa ngoMoya oyiNgcwele, sizaliswengeentsikelelo zikaThixo, sibiziwe, sinyuliwe, sahlanganiswakwiindawo zaseMazulwini ngoku, singabaseZulwiniemiphefumlweni yethu. Umoya wethu usisize kwimoyaseZulwini. Owu, mzalwana! Nantso ke, imo yaseZulwini!Owu, kungenzeka ntoni ngokuhlwanje, kungenzeka ntoningokuhlwanje kunokuba sihleli kwimo yaseZulwini, noMoyaoyiNgcwele uhamba phezu kwayo yonke intliziyo ezelwengokutsha yaba sisidalwa esitsha kuKristu Yesu? Zonke izonoziphantsi kweGazi, ekudumiseni okugqibeleleyo, izandla zethusiziphakamisele kuThixo nentliziyo zethu ziphakanyisiwe,sihleli kwezaseMazulwini iindawo kuKristu uYesu, sidumisakunye kwiindawo zaseMazulwini.

93 Wakhe wahlala kuyo? Owu, ndakhe ndahlala ndade ndalilaluvuyo ndathi, “Thixo, ungaze wenze ndimke kule ndawo.”Kwindawo zaseMazulwini nje kuKristu Yesu!

94 Esisikelela ngantoni? Ngempiliso engcwele, ukwazikwangaphambili, isityhilelo, imibono, amandla, iilwimi,ukucaciswa kweelwimi, ubulumko, ulwazi, zonke iintsikelelozaseMazulwini, novuyo olungathethekiyo sizelebuBuqaqawuli, yonke intliziyo izaliswe nguMoya, sihambakunye, sihleli kunye kwiindawo zaseMazulwini, kungekhonanye ingcinga engcolileyo phakathi kwethu, kungekhonamnye umtshayi womdiza, kungekho namnye unelokhweezimfutshane, kungekho namnye woku, nokuya, okanye okuya,kungekho nanye ingcinga engcolileyo, kungekho mntu unayonantoni na ngakomnye, wonke umntu ethetha ngothandonangokundiliseka, wonke umntu emoya mnye kwindawo enye,“kwaze ngequbuliso kwaphuma eZulwini isandiesinjengosomoya ovuthuza ngamandla.” Nantso ke,“Wasisikelela ngeentsikelelo zonke zomoya.”

95 Ngoko uMoya oyiNgcwele usenokuhla phezu komntuothile, aze athi, “ITSHO INKOSI. Yiya kwindawo ethile wenzeinto ethile.” Uyikhangele isenzeka ngoloo hlobo. [UMzalwanauBranham uqhwakraza umnwe kathathu_Mhl.] ’Yabona?“ITSHO INKOSI. Yenza into ethile kwindawo ethile.”Uyikhangele isenzeka ngoloo hlobo. [UMzalwana uBranhamuqhwakraza umnwe kabini.]

96 “Wasisikelela sonke ngeentsikelelo zaseMazulwinisikwindawo zaseMazulwini.” Khangela!

UKWENZIWA OONYANA, ISIQENDU I 19

Njengokuba wasinyulayo^97 Ingaba sithi esaMnyulayo, okanye nguYe owasinyulayo?Nguye owasinyulayo. Nini? Ngobusuku esathi samaMkelangabo? Sanyulwa!

Njengokuba wathi, ngaphambi kokusekwakwehlabathi, wasinyulela kuye, ukuba sibe ngcwele,singabi nasiphako phambi kwakhe othe^(ngamahlelo?)^ngokusithanda:

98 Wasinyula nini uThixo? Wakunyula nini uThixo wenaunoMoya oyiNgcwele? Wakunyula nini Yena? Ngaphambikokusekwa kwehlabathi. [Yindawo engenanto leekhasethini_Mhl.]^kokusekwa kwehlabathi, Wakunyula.Wathumela uYesu ukuze Abe sisicamagushelo sezono zethu,akubizele uxolelaniso, naYe, ngothando. Owu, ndinqwenelaukuba sibe besinemizuzu embalwa yexesha.99 Mandithi, ngaphambi kokuba sibhekele phambili, sibuyeleemva, kwiGenesis 1:26. Ndizakuyithabatha ngoLwesithathu.Ngethuba uThixo wenza umntu^Ngaphambi kokuba Abewamenza umntu, WayeZibiza ngokuba “El,” E-l; El; “Elah,”“Elohim.” Elo gama lithetha, kwisiHebhere, “okho kuyengokwakhe,” konke kungaYe. Akukho nto yabakho ngaphambikwaKhe. Wayekuko konke okwakhe kwakho, ngokhongokwaKhe! U-El, Elah, Elohim, othetha “owanele konke,onegunya lonke, Onamandla onke, okho kuye ngokwaKhe.”Owu!100 Kodwa kwiGenesis 2, ekwenzeni kwaKhe umntu, Wathi,“Ndinguye,” Y-a-h-u, J-u-v-u-h. Jvhu, “Jehovah.” Yayithethantoni loo nto? “Ndingu-Lowo ukho ngokwaKhe odale intoiphuma kuM, ukuze ibe nguNyana ongowam okanyeeyeyomzuzwana, okanye engosafundayo omncinaneongowaM.” Uzuko! Ngoba? Wanika umntu^UYehovauthetha ukuba Wanika umntu ukuba abe nguthixo osafundayo.Ngokuba Yena unguYise, uThixo, Waze wenza umntu ukubaabe nguthixo osafundayo, ngoko Akasenguye okho ngokwakhekwakhona, Ukho kunye nosapho lwaKhe. Elah, Elah, Elohim.Ngoku, ngoku Yena unguYehova. UJehovah, othetha, lowo“Ukho kunye nosapho lwaKhe.” Ngoku, uThixo wenza umntuukuba ongamele wonke umhlaba, waba nobunganga. Wazaumhlaba waphantsi kolawulo lomntu. Ingaba siSibhalo eso?Ngoko ukuba ngumhlaba olawulwa nguye lowo, wabanguthixo phezu komhlaba. Wayenokuthetha, kube njalo.Wayenokuthetha oku, kuze kube njalo. Nanko ke Yena, uThixo,uYehova, Lowo Wathi ngaphambili wakho kuye ngokwakhe,kodwa ngoku ukho kunye nosapho lwaKhe, kwaye abantwanabaKhe bakunye naYe. Nantso ke.101 Ngoku, funda loo nto. Sizakungena kuyo ngokuhlwangoLwesithathu, sakufumana ixesha elithe chatha.

20 ILIZWI ELITHETHIWEYO

Sinamalunga neshumi elinesihlanu lemizuzu kwaye siza^Bendicinga ukuba siyakufika kwindawo ethile apha, kodwaasingekhe, apho siyakuthi sitywinwe ngoMoya oyiNgcwelewedinga. Kulungile.102 Ngoku, sabizwa nini ukuba sibe ngabakhonzi bakaThixo?Wabizwa nini u-Orman Neville ukuba abe ngumkhonzikaThixo? Owu, bethu! Kuyandigabangxa oku.Ndizakunixelela, masifumane iZibhalo. Ndifuna ukubanifumane uPetros wokuQala 1:20. Wena, Pat, fumanaiSityhilelo 17:8. Ndizakufumana iSityhilelo 13 mna. Ngokusifuna ukuphulaphula apha, nifuna ukwazi ukuba uThixowakubiza nini na ukuba ube nguMkristu. Owu, ndiyayithandalento. Oku kukuthi, “Umntu akayi kuphila ngasonka sodwa,kodwa ngaMazwi onke aphuma emlonyeni kaThixo.”Kulungile, Mzalwana Neville, umfumene uPetros wokuQala1:20. [UMzalwana uNeville uthi, “1:20.”_Mhl.] Ngoko, fundakweso-1:19 neso-1:20. Phulaphula koku. [“1:19 nama-20.”] Ewe.[UMzalwana Neville ufunda uPetros wokuQala 1:19-20_Mhl.]:

Kwakungegazi elinqabileyo likaKristu,njengelemvana engenasiphako engenabala:

Owaziwayo ngenxa engaphambili okunene,ngaphambi kokusekwa kwehlabathi, kodwawabonakalaliswa ekugqibeleni kwamaxesha la ngenxayenu.

103 Wanyula kwangaphambili nini Yena? Ngaphambikokusekwa kwehlabathi. Mzalwana Pat, ndifundele iSityhilelo17:8. [UMzalwana uPat ufunda iSityhilelo 17:8_Mhl.]:

Irhamncwa elaye likho, alikho; lizakunyuka liphumeenzonzobileni, limke liye entshabalalweni.Bayakumangaliswa abo bemiyo phezu komhlaba,abamagama angabhaliweyo encwadini yobomikuseloko kwabasekusekweni kwehlabathi, belibonanje irhamncwa elaye likho, elingekhoyo, likho noko.

104 Ngubani oyakulahlekiswa? Ngubani oyakulahlekiswangulo mntu ungowenkolo njengokuba wayenjalo uSawule?Owayenokucinga elumke kangako wade waba nokulahlekisanabatheni? Bona ka^[Ibandla liyaphendula,“-nyuliweyo”_Mhl.] Ukuba^[“ukuba bekunokwenzeka.”]ukuba bekunokwenzeka. Kulungile, iSityhilelo 13:8,mandinifundele sona.

Bayakulinqula bonke abo^bonke abo bemiyophezu komhlaba, abamagama angabhalwangaencwadini yobomi yayo iMvana, exheliweyo ukususelaekusekweni kwehlabathi.

105 Abekwa nini amagama ethu eNcwadini yoBomi yeMvana?Ekuxhelweni kweMvana ngaphambi kokusekwa kwehlabathi.Ngethuba uThixo wayenguYehova, u-El, u-Elah, u-Elohim,

UKWENZIWA OONYANA, ISIQENDU I 21

lowo wayekho ngokwaKhe. Kanye njengeDayimani enkuluebalulekileyo, kwaye Wayengenakuba yiyo nayiphi na enyeinto, kodwa ngaphakathi kule Dayimani izibonakaliso zaKhezazinguMsindisi. Kwezi zibonakaliso, ngaphakathi kuYe,wayenguMphilisi. Ke, kwakungekho nto anokuyisindisa nantoanokuyiphilisa, kodwa izibonakaliso zaKhe zakuvelisa oko.Ukuze, ngoko ngaphambi kokusekwa kwehlabathi, ngethubaWayesazi, ukuba ukubonakalisa okukhulu apha kuYe, ukubaWayeya kuba nguMsindisi, nokuba wayeya kuza Enziweinyama ahlale phakathi kwethu, kwaye Wayesazi ukubangemivumbo yaKhe sasiya kuphiliswa, Wayixhela iMvanaeNcwadini yaKhe ngaphambi kokusekwa kwehlabathi,wabhala igama lakho kuloo Ncwadi ngaphambi kokusekwakwehlabathi. Owu!106 Phulaphu Oku! Unyulo lwakwangaphambili lukhangelekulwazi lokwangaphambili, ndithetha unyulo. Unyulolukhangele emva kulwazi lwakangaphambili, ukuze unyulolwakwangaphambili lukhangele kwindawo esibheka kuyo.Ungayilibali loo nto, olo nyulo lukhangele emva apha, nalundandilukhula. “Ndazalelwa esonweni, ndakhawulelwaebugwenxeni, ndeza ehlabathini ndixoka, ndizalelwe phakathikwaboni. Ubawo noma nalo lonke usapho lwakuthi, ngaboni.Ndandilukhula. Kodwa, kwathi ngequbuliso, ndaba lukhozolwengqolowa. Yenzeka njani loo nto?” Oko, yintoni leyo?Lunyulo. UThixo, ngaphambi kokusekwa kwehlabathi,wanyula oko ukuze olo khula lube lukhozo lwengqolowa.“Ngoku ndiyazi ukuba ndilukhozo lwengqolowa, ngokubandisindisiwe. Ndiyenza njani loo nto?” Ndikhangela emvandibone ukuba Wayimisela kwangaphambili, ixesha elideeladlulayo. Kulwazi lwakangaphambili Wabona ukubaNdiyakumthanda, ngoko Wandenzela isicamagushelongonyana OngowaKhe, ukuze ngaYe ndisuke ekubeni lukhulundiye ekubeni lukhozo lwengqolowa. “Ngoku, ndiphi ngoku?”Ndisindisiwe, ndihamba kubabalo lukaThixo. “Lukhangeleemini unyulo lwakangaphambili?” Kwindawo oya kuyo.“Uyakundisaphi Yena, kuphi apho ndiya khona?” Okokukumfumana. Nantso ke.107 Ngoku masifunde nje sibheke phambilana, ukuze ke sivalekwamsinya kakhulu.

Njengokuba wathi, ngaphambi kokusekwakwehlabathi wa^sinyulela kuye, ukuba sibengcwele^singabinasiphako phambi kwakhe othengokusithanda:

Wasimisela ngenxa engaphambili, ukuba senziweoonyana kuye ngokwakhe uYesu Kristu,ngokwenkolelo yokuthanda kwakhe,

108 Wenza ntoni Yena? Yena, ukwazi kwakhekwangaphambili, wasibona kwangaphambili, esazi ukuba

22 ILIZWI ELITHETHIWEYO

Yena wayenguMsindisi, okho kuye ngokwakhe. KwakungekhoziNgelosi, kungekho nto; inguThixo yedwa, u-Elah, Elohim,okho kuye ngokwakhe eMnye, kungekho nto inguYe yedwa.Kodwa kuYe kwakukho uMsindisi. Ke, Uza kusindisa ntoni,akukho nto ilahlekileyo? Esazi oko, ngoko Wayesazi ukuba esisibonakaliso sikhulu singuYe siyakuvelisa into phayaphesheya Ayakuyisindisa. Ngoko yathi yakwenza njalo,ngokwazi kwangaphambili kwaKhe wakhangela phantsi wazaWabona wonke umntu onokuYamkela. Kwaze kwathingokwenza njalo, Wathi, “Ukusindisa okuya, inye indlelaEndinokuyenza ngayo, kukuba ndihle ngokwaM ndenziweinyama ndithabathele isono somntu phezu kwaM, ndimfele,ukuze Ndibe nguLowo unqulwayo,” ngokuba YenaunguThixo, into yokunqulwa.

109 Ngoko Wehla wathabathela kuYe. Wathi xa Esenza oko,Wakwenzela ukuze Abe nokusindisa wena ufuna ukusindiswa.Niyayibona le ndiyithethayo? Ngokwazi kwangaphambili,uThixo ongenasiphelo, Owayesazi zonke izinto, wabonaiMvana, waza Wayixhela iMvana ngaphambi kokusekwakwehlabathi, waze Wabhala igama lakho eNcwadini yoBomiyeMvana. Waze Wabona ubuqhinga bukaSathana, intoayakuyenza. Ngoko Wabeka igama lakho apho. Kwaye Wathiumchasi-kristu uyakuba ngokwenkolo, ngokulunge kangako,abe ngumfo olunge kunene, indoda elunge kangako, indodaeyeyenkolo yabo, ukuze abe nokulahlekisa nabanyuliweyoukuba bekunokwenzeka. Kodwa yinto engenakwenzeka,ngokuba amagama abo ayemiselwe kwangaphambi kokusekwakwehlabathi. Ngonyulo Wabanyula, ngoku lwakwangaphambilibayazi ukuba bayaphi na.

110 Ngoku, ngubani onokuyithandabuza loo nto? Yintoeyathethwa nguPawulosi leyo. SiSibhalo sikaPawulosi.Umbhalo kaPawulosi. Nantso into awayifundisa ibandla lakhe.Ibandla, ngokwendawo yalo, ngaphambi kokusekwakwehlabathi. Ngethuba uThixo, ekulunyweni kwaKhe,wayevelisa, evelisa wena, esazi ukuba uyakukwenza njalo,Wakubeka ngokwendawo yakho eMzimbeni OngowaKhe,ukuba ube yinkosikazi, ukuba ube ngumlimi, ubengumshumayeli, ube ngumprofeti, ube koku okanye okuya.Wakubeka ngokwendawo yakho. Ngoko xa siphuma kwilizwelekonofolo laseYiphutha, ngokungcwaliswa, kwayelubhaptizelo kwilizwe ledinga^Kuba, idinga likaThixonguMoya oyiNgcwele. Ama-Efese 4:30, athi, “Musaniukumenza buhlungu uMoya oyiNgcwele kaThixo enathi ngayenatywinwa naqiniselwa imini yentlawulelo.” UThixo, elinyulekwangaphambili ibandla, Wathi, “Kwaye bonke abantu,kuyakubakho izigidi eziphindwe ngezigidi eziyakuhambangokwenkolo kangako zilahlekiswe.” Abangasayikulahlekiswa ngabo kuphela bathe beza kwilizwe ledinga,

UKWENZIWA OONYANA, ISIQENDU I 23

abathi ngaphambi kokusekwa kwehlabathi banamagamaabhalwe eNcwadini yoBomi yeMvana, baye bafike kwilizweledinga, balixhamla.111 Abantu abaninzi bayoyika ukuba kuyakusuka benze nge-ndlela ephoxakeleyo. Abantu abaninzi boyika uMoyaoyiNgcwele ukuba uyakubenza benze izinto o_oyakubanentloni ngabantu. Abantu abaninzi boyika ukuba bayakulila,size isithandwa sakho sibabone ulila, okanye umama, okanyeummelwano wakho, okanye umqeshi wakho akubone.112 Mandikuxelele ngendoda ethile ngexesha elithile, phambikokuba ndivale. Kwakukho indoda eyayibizwa ngokubanguDavide, kwathi isakuba ityeya kaThixo isezantsi kumhlabawamaFilisti, yaze Yawezwa yabuya, yazalwa ngetyeya, inkabiendala yayizitsala, wathi uDavide akubona ityeya isiza,wayenxibe ingutyana yokulala, waphuma waya phandle apho,wakhabalazisa imilenze yakhe emoyeni, waxhuma ejikeleza,ekhala exhuma, exhentsa exhuma exhentsa. Kwaye, yena,ukumkani wakwaSirayeli! Inkosikazi yakhe ke yakhangelangefestile yambona esenza ngendlela engaqhelekanga olohlobo, yamdela. Ngoba, inokuba yathi, “Isihiba! Mkhangelephaya phandle, indlela aqhuba ngayo, ejula imilenze yakhephezulu emoyeni, exhuma ejikeleza esenza olo hlobo. Ngoba,unokuba uphambene!” Kwathi ngobo busuku akungena, yathi,ngamazwi aloluhlobo, “Ngoba, undenza iintloni. Kuba, wena,ukumkani, myeni wam, phaya phandle wenze ngoluya hlobo,uqhube kanjeya!”113 UDavide wathi, “Ngomso ndiyakwenza ngcono kunoko.Ewe, mhlekazi!” Wathi, “Awazi ukuba bendixhentsa phambikweNkosi?” Wayewelela ngaphaya! Wayekwilizwe ledinga.Wayelahlekiwe zizimbo zokuziphatha nodaka lwehlabathi.Wavuya kakhulu ukwazi ukuba ityeya yayisiza kwisixeko sakhe.114 Kwaye, owu, ndiyakuxelela, abantu abaninzi boyikaukwamkela uMoya oyiNgcwele, boyika ukuba bayakuthethangeelwimi. Boyika ukuba umntu othile uyakuthi, “Ngoku,ungomnye wabafo beelwimi.” Boyika ukuba baya kuyaenkonzweni babhaptizwe eGameni likaYesu Kristu, ngokubabaneentloni nguWo. Aha! Owu!115 Omnye umntu wathi kuyakufuneka ndiwabize abuyeamakhasethi am, ngokuba ndishumayele ngokubhaptizaeGameni likaYesu Kristu. Andiwabizi. Ndenza amaninzikunawo! Injalo loo nto, kunjalo, ndenza angaphezulu!YiBhayibhile leyo. Ukuba akayithandi into esiyenze izolo, uzeukhangele nje esiyakuyenza ngomso! Nantso into esimelwekukuyenza, ’yabona, siqhubele phambili nje. Akukho kuphelakuloo nto, ngokuba yeyeNkosi. InguThixo.116 Uyazi into eyenziwa nguThixo? UThixo wakhangelaphantsi eseZulwini, Wathi, “Davide, uyindoda enga ntliziyo

24 ILIZWI ELITHETHIWEYO

EyeyaM.” UDavide wayengenantloni. WayengumkhonziweNkosi. Wayeyithanda iNkosi. Kwaye wavuya kangako,wavuya ngokungaphezulu, wade akabinakucingangokubaluleka kwakhe kobuntu.117 Uyabona, njengokuba benditshilo kwintshumayelo yamkusasanje, soyika kakhulu, ukuba, sifuna uSawule othileukuba asifundise, sifuna uSawule othile ovela kwizikolemfundo ukuba asixelele ukuba singalwenza njani na ukhololwethu nokuba singalwenza kanjani na. Apho ke kukwelinyeicala leYordane. Kweli cala, ng-uMoya oyiNgcweleokhokelalayo. Kweli cala ungaphandle kwelo daka. Kweli calaakukhathali nokuba bacinga ntoni na. Kweli cala ufile, kwayeubomi bakho bufihlwe kuKristu ngo^batywinwa ngoMoyaoyiNgcwele. Awukhathali. Uphila eKanana. Unako ukumelananengqolowa eyiyo. Usisidalwa esitsha kuKristu Yesu. Uyangqo kwilizwe ledinga.118 Ndiyakhumbula ndimi phaya ngaphesheya noMzalwanaCollins, kumashumi amathathu eminyaka eyadlulayo,ngethuba lenkonzo ingekakhiwa. Yayiyinkonzo yententeencinane ndihleli apha ekoneni, inkonzo yam yokuqala.Ndandishumayela kwale Vangeli inye, into enye, ubutyebiobungaphandekiyo bukaKristu, ubhaptizo lwamanzi eGamenilikaYesu Kristu, nokukholelwa lonke iLizwi ukubaliyiNyaniso, ubhaptizo loMoya oyiNgcwele, impilisoeNgcwele, amagunya kaThixo, kanye njengokubandiYishumayela ngoku, andizange ndiphume ecaleni nange-intshi enye kuyo nayiphi na kuLo. UThixo utyhile okuthechatha kwaLo kum, ngoko, njengokuba EliTyhila, ndihlalandiLizisa. Akaze asuse nto koko sekukho, Uhlala njaloesongeza kuLo.119 Ndema phaya ezantsi xa malunga namakhulu amahlanuabantu ayemi elunxwemeni, ecula, “Kunxwemeolunesitshingitshane lweYordane ndimi, ndiphosa ilisoelinqwenayo, kwilizwe lolonwabo elihle laseKanana, aphoizinto ezizezam zikhoyo. Ndiyakufika nini kolo nxwemelobomi ndonwabe ngonaphakade, ndiyakufika nini ndibekokukaBawo^ndiphumle ngonaphakade?” Bathi bakuqalaukucula elo culo, ndandithabatha inkwenkwe ndiyingenisaemlanjeni ndizakuyibhaptiza apho eGameni leNkosi uYesu.Ndathi, “Bawo waseZulwini njengokuba ndisizisa lenkwenkwe kuWe ngokuvuma kwawo^” Ndiyinkwenkwe nje,okukwam, ndinayo imifanekiso yaloo nto ekhaya. Ndathi, “Xandiyibhaptiza ngamanzi, Nkosi, ngokuvuma kwayo, eGamenilikaYesu Kristu uNyana kaThixo, Wena yizalise ngoMoyaoyiNgcwele.” Kwaze kwathi malunga neloo lixa iNto ethileyajikeleza, nantso Isiza ijikeleza isihla, iNkwenkwezi yokuSaeKhanyayo yema apho. Nako kumi apho okwaKukhanyaukubona kanye phaya emfanekisweni. Nako Kumi apho.

UKWENZIWA OONYANA, ISIQENDU I 25

120 Wajikeleza ihlabathi, wayokutsho phezulu eCanadanajikelele. Bathi, “Inqaba yokuKhanya kuvele phezukomlungiseleli walapha ekhaya ongumBhaptizi ngethubaebhaptiza.”

121 Kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo, ngethuba uGqirhaLammsa weza kum, engazi kwanto ngaloo nto, wandiziselaumfanekiso, awathi uMzalwana wawufumana apho ukuyengoku. Unawo loo mfanekiso? Uyiphethe loo Bhayibhile,ilapho, usencwadini yakho? Kulungile. Kwakukho umfanekisoowawunomqondiso wakudala omdala wamaHebhere kaThixo,kanye njengokuba wawukho ngemihla kaYobhi, ngaphambikokuba iBhayibhile ibe yabhala. UThixo ngezibonakalisozaKhe ezithathu, hayi oothixo abathathu. UThixo omnyeekwizibonakaliso ezithathu. UYise, Nyana, noMoyaoyiNgcwele, izikhundla ezithathu uThixo awasebenza ekuzo.Hayi oothixo abathathu, izibonakaliso ezithathu! KwayeyayiyiYo leyo. Xa laa ndoda inkulu, uGqirha Lammsa,inguqulelo yeBhayibhile kaLammsa, xa wathetha oko ngaloontsasa. Xa ndamxelela oko. Ndathi_ndathi, “Yintoni loomqondiso?”

122 Wathi, “Ngumqondiso wakudala kaThixo, kumaHebhere.UThixo omnye ekwizibonakaliso eziThathu.”

Ndathi, “EzinjengoYise, Nyana, noMoya oyiNgcwele?”

123 Wema, wayibeka phantsi ikomityi yakhe yekofu,wandijonga. Gene, ndiyakholwa ukuba wawukho, Leo. Wathi,“Uyakholwa kuloo nto?”

Ndathi, “Ngentliziyo yam yonke.”

124 Wathi, “Phezolo, ndimi enkonzweni yakho, MzalwanauBranham, ndilubonile olwa calulo lweentliziyo. Andizangandilubone ngaphambili e-Melika, na-kwilizwe lakuthi.” Wathi,“Aba bantu base-Melika abayazi neBhayibhileyabo. Inye intoabayaziyo ngamahlelo abo. Abazazi nalapho bemi khona.”Wathi, “Akukho nto bayaziyo.” Wathi, “Kodwa xa bendimiphaya phezolo,” wathi, “ndathi^” Ngoku, Mzalwana Gene,ndikuthetha oku ngentlonipho nothando nokunjalo. Wathi,“Ndithe, ‘Inokuba ngumprofeti lowa.’ Kodwa ndithendakubona ukuba ukholelwa laa Yise, Nyana, noMoyaoyiNgcwele yayingengothixo bathathu, yayizibonakaliso,ngoko ndazi ukuba unguye umprofeti kaThixo, kungenjaloibingenakutyhila kuwe ngoloo hlobo.” Wathi, “Ngumqondisoogqibeleleyo lowo.” Wathi, “Andizange^” Wathi,“Awungowobunye?”

125 Ndathi, “Hayi, mhlekazi. Andinguye owobunye.Ndikholwa kuThixo ukuba unguThixo onamandla Onke,nezibonakaliso ukuba zizizikhundla nje ezithathu uThixoawahlala kuzo.”

26 ILIZWI ELITHETHIWEYO

126 Wathi, “Isikelelwe intliziyo yakho!” Wathi, “Ngenye iminiuyakuchitha igazi lakho emhlabeni ngenxa yoko, kodwa,”wathi, “abaprofeti bahlala beyifela injongo yabo.”127 Ndaze ndathi, “Ngoko makube njalo, ukuba oko kukholisaiNkosi yam.” Inguqulelo yeBhayibhile kaLammsa.128 Owu, iyinyaniso kangako. Mangaphi amathuba, ndisitshokweli bandla, njengokuba uSamweli watshoyo phambikokuba bakhethe uSawule, “Ngaphambi kokuba uphumeuyokujoyina ihlelo elithile ngoku, uze uzibophelele kwintoethile yonqulo, kutheni ungavumeli uMoya oyiNgcweleakukhokele nje?” Kutheni ungathabathi uThixo ukuba abenguMkhokeli wakho nje aze Akusikelele, ulibale ngehlelolakho. Ngoku, anditsho ukuba musa ukuba ngowalo naliphina ihlelo lenkonzo, ungangowalo naliphi na olithandayo.Kukuwe. Kodwa ndiyakuxelela, njengomntu ngamnye,umelwe kukuvumela uMoya oyiNgcwele akukhokele. FundaiBhayibhile. Ukuze into ethi iBhayibhile yenze, wenze yona.UThixo Akusikelele.129 Kwaye ngoku ndilinde ithuba elide. Andazi nokubabakhona na apha ababefuna ukuza kumgca wokuthandazelwaukuze bathandazelwe. Ukuba bakho, bangaphakamisa izandlazabo. Mnye nje, babini, bathathu. Kulungile. Nyukani nonkenize apha nime apha ukuba nithanda njalo, ngeli thuba,kwaye_kwaye sizakuthandaza. Ukuze si^Andifuni ukubanihambe kwangoku. Ndifuna ukwenza enye into ethilengokusesikweni apha phambi kokuba si_sivale.130 Bangaphi abakuthandayo ukufundwa kweNcwadiyamaGalati^owu, ndithetha yama-Efese? NgokungoLwesithathu ngokuhlwa, sizakungena kwiTywina. Ukuzengokulandelayo kwiCawe ezayo kusasa, sizakungenaekubekweni ngokwendawo kwebandla. Owu, ukuba^Sizakungena ngokuqinisekileyo kuloo nto, kulo Lwesithathuuzayo ngokuhlwa, kuni bantu balapha eJeff. Ukubekwangokwendawo kwebandla kwindawo eyeyalo, mntu ngamnye.Nendlela esibizwe ngayo ngokwenziwa oonyana. UThixousenze abantwana ukuze sibe ngoonyana, singoonyanangokuzalwa. Senziwe oonyana sabekwa ngokweendawo zethungoMoya oyiNgcwele. Khangela! Bonke ngabanyebabengamaHebhere, ukuwela kwabo unomlambo, kodwauYoshuwa wabahlulela ilizwe wanika mntu ngamnye umhlabawakhe ngokokutsho kukanina ekuzalweni, apho uMoyaoyiNgcwele wamxelelayo.131 Khangela uYakobi ekufeni kwakhe, umprofeti, eyimfama,wolula iinyawo zakhe ebhedini, wathi, “Yizani boonyanabakaYakobi kwaye ndiyakunixelela ngokuba niyakubaphi nangomhla wokugqibela.” [UMzalwana uBranham uqhwabaizandla kabini_Mhl.] Owu, ndiyazi ukuba ndingakhangeleka

UKWENZIWA OONYANA, ISIQENDU I 27

ngokungaqhelekanga. Abantu bangakhangelekangokungaqhelekanga. Kodwa, owu, ukuba nje benisazii_isiqiniseko, i_ukuvutha okusentliziyweni! “Yizanindizakunixelela ukuba niyakubaphi na ngemihlayokugqibela.” Kwaye ndingathatha kwa eso Sibhalo sinye,ndithabathe i-maphu yokuba ahleli phi na amaJuda namhlanjendinibonakalisele ukuba bakuloo ndawo kanye uYakobi wathibayakuba kuyo ngemihla yokugqibela. Kwaye abazange, apho,abazange babelapho kuloo ndawo bade babuyela ukusukelangoMeyi umhla we-7, 1946, ngoba busuku iNgelosi yeNkosiyavelayo kum phaya phezulu yathetha ngolu lungiselelo.Ndinganibonisa loo nto, ngethuba bebuyela ngaphakathikumhlaba omtsha, bayakuchatha kanye ezo ndawo uYakobiwathi bayakuhlala kuzo. Kwaye bahleli apho namhlanje. Owu,owu, bethu, owu, bethu! Sisondele ngemini enye eKhaya,kuphelele apho.132 Nina bantu bathandekayo, niyagula, kungenjalongeningemanga apho nisenzela nje ukuma. Ndingumzalwanawenu. Ndinomyalelo ovela kuThixo ukuze ndithandazeleabagulayo. Kungengokwam^ngokungathi ndinegunyalokuphilisa, andinalo. Kodwa ndinegunya lomthandazo.Njengokuba benditshilo kusasanje, uDavide kwakungekho ntoanayo ngaphandle kwesilinge sokudubula esincinane, kodwawathi, “Ndiyayazi into esinokuyenza ngamandla kaThixo xaekuso.” ’Yabona? Ndinomthandazo omncinane kuphelaendinokuninika wona, nezandla zam ndizibeke phezu kwenu,kodwa ndiyazi ngokuba ukuba yintoni na ukukholwa kuThixokuyakwenza ntoni na. Lubenzele abanye, luyakunezela nani.Ukholwe nje yiloo nto ngoku njengokuba unyuka usiza, njekancinane kule ndawo.133 Ngoku, mhlawumbi, ukuze sikwenze okungokuchanekileyo kakhulu, andinako ukucela umzalwanaukuba eze apha abathambise nge-oli. Ungayenza loo nto,Mzalwana Neville? Ndiyakucela ibandla libe nokuthobaemthandazweni.134 Ngoku khumbula, kwiveki ephelileyo ngethuba ebendigulakakhulu ndinalaa kastroyile, ndandinokukhupha nantoni naukuba umntu wayenokufika andibeke izandla. Ukubakwakukho umntu okufutshane, owayenokuthi uThixo abeumsikelele wamnceda, ndandinokuyivuyela loo nto. Inokubaniziva ngolo hlobo nonke njengokuba ndandiziva ngoko.Niziva ngoku ukuba nifuna ndibe njengokuba bendifunakubekho umntu owenza ngoloo hlobo kum ngoko. UThixomakale ukuba ndibe nokuwuphepha umsebenzi. Mandihlalenjalo, nokuba ndidiniwe, apho ndiphele khona, aphondingenako nokuphakamisa nonyawo lwam kwelinye,mandihambe, ngokuba ndiyakuphinda ndihlangane naninonke kwakhona, ngaphesheya kwela Lizwe lingaphaya.

28 ILIZWI ELITHETHIWEYO

135 Ukuze nina bafazi badala namadoda amadala, alupheleyo,iinwele zingwevu zisiwa, zivuthuluka ngokwentyatyambo i-rose yakuvulwa intyantyambana yayo, ichitha amagqabi ayoisiwa, niba ngamasuntsu nje, akunjalo? Injalo loo nto. Nje^Inye kuphela ke into enifuna ukuhlanganela yona kukukhanyangenxa yozuko lukaThixo. Ukuze lwakufika utshaba lumxwileluphume lubaleka, ndiza ndiphethe isilinge sokudubulasikaThixo, nokholo, nesipho awathi uThixo wandinika sona.Nantsi into endayithethayo, ukuze nibe nokuqonda. Ndathi,“Ukuba uPetros angangena nje, okanye omnye wabo.” Musaukuyithetha loo nto. Awumelwe ukuba uthandazele mna.Ngena nje ngoluhlobo, uthi, njengakulo mfazi uthi, “UnguDadeuSibani-bani?” Ngubani igama lakho? Dade Howard uthi,“UnguDade Howard. Ulikholwa, Dade Howard? Niyakholwa,ulikholwa? Ngoko, uyabona, unawo amalungelo kuzo zonkeiintsikelelo zentlangulo.” Kulowo ndingathi, “Dade Howard,yonke into iyakulunga,” ndiphume ndihambe. Owu, indlela^Ndathi, “Ndingakhala, ndingakhwaza.” Ndingathi, “Nkosi,imelwe kukuba yenzeke nje. Imelwe nje kukuba yenzeke.”

136 Ndaze ndacinga, “Kulunge, abantu bacinga kwaloo ntoinye xa ndizakubathandazela.” Ngoko yiloo nto ebalulekileyo.Uyabona ndithetha ukuthini na?

137 Kwaye ndiye ndema, amathuba amaninzi, ndabathathaabantu, ndathi, “Owu dade othandekayo, ungakholwa yileNto?Owu, ungakholwa yileNto?” “Nkosi, Owu Thixo, benze ukubabaYikholwe. Benze ukuba bayikholwe ukuba baYikholwe.”“Owu, nceda, Ungayamkela ngoku?” Asiyiyo leyo. Ndidlulekuloo nto. Ndidlule kudala kuloo nto.

Ndithetha nje oku, “Dade Howard, uyakholwa?”

“Ewe, ndiyakholwa.”

138 “Kulungile, Dade Howard, ukuba uyakholwa uyindlalifakuyo yonke into ekuThixo anayo.” Ndibambe nje isandlasakhe. ’Yabona, ndiyakholwa yiloo nto. Ndihlangana noDadeuHoward ngokubeka isandla sam phezu kwakhe. UYesuakazange athi, “bathandazeleni,” Wathi, “bayakubeka njeizandla zabo phezu kwabo.” Yiyo leyo, aze ke aphiliswe.Angathi, “Konke kuyakulunga,” Dade Howard. Ngokoungagoduka uphile. UThixo akusikelele.

139 Ungudade^[Lo dade uthi, “Hampton.”_Mhl.] DadeHampton, ulikholwa, awulilo? Uyindlalifa kuyo yonke intoAnayo. UThixo abe nawe, Dade Hampton. Ungagoduka uphile,uYesu Kristu ukuphilisile. [UMzalwana uBranham uqhubelaphambili ethandazela abantu.] `

Le Miyalezo kaMzalwana uWilliam Marrion Branham yashunyayelwa ekuqaleni ngesiNgesi kuMnquba kaBranham eJeffersonville, e-Indiana, eMelika. Zonke iinzame zenziwe ukususa ngokuchanekileyo uMyalezo othethiweyo kumakhasethi kazibuthe ukuwuzisa kwiphepha elishicelelweyo, yaze yashicilelwa apha ingafinyezwanga yasasazwa ngabe Voice of God Recordings. Ibhalwe kwakhona ngowe 2011.

VOICE OF GOD RECORDINGSP.O. BOX 950, JEFFERSONVILLE, INDIANA 47131 U.S.A.

www.branham.org

UKWENZIWA OONYANA, Isiqendu I ..................... Iphepha 1Ama-Efese Angqamana NoYoshuwa, inani lekhasethi 60-0515E

Meyi 15, 1960, Ngorhatya NgeCawe

UKWENZIWA OONYANA, Isiqendu II .................. Iphepha 29Oonyana BakaThixo Bebonakalalisiwe, inani lekhasethi 60-0518

Meyi 18, 1960, Ngorhatya NgoLwesithathu

UKWENZIWA OONYANA, Isiqendu III ................ Iphepha 77Indawo KuKristu, inani lekhasethi 60-0522M

Meyi 22, 1960, Kusasa NgeCawe

UKWENZIWA OONYANA, Isiqendu IV................ Iphepha 123Ukwenziwa Oonyana, inani lekhasethi 60-0522E

Meyi 22, 1960, Ngorhatya NgeCawe

Ilungelo lombhali elilelakhe lokushicilela

Onke amalungelo agciniwe. Le ncwadi ingaprintwa kwiprinta yasendlini ukwenzela ukuba isentyenziswe okanye kunikezwe ngayo, ngaphandle kwentlawulo, njengesixhobo sokukhawulezisa iVangelli kaYesu Kristu. Le ncwadi ayinakuthengiswa, yenziwe kwakhona ngesixa esikhulu, ifakwe kwi website, igcinwe kwindawo apho inokukhutshwa khona, itolikelwe kwezinye iilwimi, okanye isetyenziselwe ukurhwebesha imali ngaphandle kwemvume echaziweyo ngombalo ephuma eVoice Of God Recordings®.

Ngeechukacha ezithe vetshe okanye malunga nezinye izinto eziphathekayo, nceda qhagamshela:

VOICE OF GOD RECORDINGSP.O. BOX 950, JEFFERSONVILLE, INDIANA 47131 U.S.A.

www.branham.org