xho62-1209 ukukhumbula inkosi vgrdownload.branham.org/pdf/xho/xho62-1209 remembering the lord...

25
UKUKHUMBULA INKOSI ` Enkosi, Mzalwana Neville. Ndivuya kakhulu ngokuba lapha, Mzalwana Neville, noku_nokuba nethuba lokuhlala kwezi ndawo zaseMazulwini kwakhona, kuKristu Yesu. Kwaye amanani asiyonto yakhe yandihlupha leyo, kuhlala kundivuyisa njalo oko. Uyazi, ndonwaba_ndonwaba ngakumbi xa ndikunye nenani elincinci, kakade yiloo nto endicinga ukuba liyiyo iBandla. Ewe, ndinaso iSibhalo soko, esithi, “Musani ukoyika, mhlambi mncinane, ku_kukuthanda kukaYihlo ukukunika uBukumkani.” Kwaye ndingathanda^nguloo mhlambi mncinane endifuna ukubalwa kunye nawo ngaloo mhla, lowo Wathi, “Mawungoyiki.” Kwaye sivuya kakhulu ngenxa yethuba lokuhla kusihlwa nje. 2 Bendingazanga ndinanjongo yakuthetha ke. Kwimizuzu nje embalwa edlulileyo kubekho umntu othe wafika emnyango, ngethuba bendisekufundeni okuthile, ndilungisa umongo othile ukulungiselela umxholo endifuna ukuwusebenzisa kanye ngoku kwezi nkonzo zizayo zase Phoenix naseTucson, nakuyo yonke loo ndawo. Bendilungisa ke ndizondla kakhulu kuMoya, uyazi, ngezinto ezilungileyo zikaThixo, malunga noQobo, nengongoma yoQobo. Yaze inkosikazi yam yandixelela ukuba kukho umntu othile oze kundibona, anda_andabi nakuyifumanisisa ke, kwaze emva koko, wathi, “Ingaba uyakubakho enkonzweni phaya ngokuhlwanje?” 3 Ndaze ndathi, “Ndicinga njalo.” Ndaqhubela phambili ndizama ukungena kumoya waloo nto bendiyenza. Yaze yaphinda yabuya yathi ibiyindoda egulayo ebize kuthandazelwa. Ndathi, “Kulungile, ngoko, ndizakuhla ndiye enkonzweni, nakanjani na, ’yabona, ndithandazele abagulayo.” Ndihlala njalo, loo nto^Uyazi, ezo zinto zinjalo^simelwe kukufika kuzo ngokukhawuleza kangangoko sinokuba nako xa abantu begula beswele. Nabani na owakhe wagula uyazi ukuvuyela into ekuthetha yona ukuphiliswa ngamandla empiliso amakhulu kaThixo. Yinto emangalisa kakhulu ke leyo, lelinjani icham. 4 Ngoku, kwiCawe elandelayo ezayo, ukuba iNkosi ithandile, uMzalwana Neville namnye kubo engenanto ithile ingxamisekileyo, ndicinge ukuba kwiCawe elandelayo kusasa ndi_ndiyakuzisa umyalezo wam weKrismesi ebantwini, ngokubanika_ngokubanika^Abanye babo bavela kude kakhulu, uyazi, njengaseGeorgia nakwiindawo ezahlukeneyo, loo nto iyakubanika ithuba lokuphindela kwangexesha ekuthengeni kwabo kweKrismesi nezinto ezinjalo.

Upload: others

Post on 26-Jul-2020

1 views

Category:

Documents


0 download

TRANSCRIPT

Page 1: XHO62-1209 Ukukhumbula INkosi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO62-1209 Remembering The Lord VGR.pdfAdam. ’Yabona, yaye ndiyayithanda inkonzo yangokuhlwa. Kodwa, nendlela eziyiyo

UKUKHUMBULA INKOSI 1

UKUKHUMBULA INKOSI

` Enkosi, Mzalwana Neville. Ndivuya kakhulu ngokubalapha, Mzalwana Neville, noku_nokuba nethuba

lokuhlala kwezi ndawo zaseMazulwini kwakhona, kuKristuYesu. Kwaye amanani asiyonto yakhe yandihlupha leyo,kuhlala kundivuyisa njalo oko. Uyazi, ndonwaba_ndonwabangakumbi xa ndikunye nenani elincinci, kakade yiloo ntoendicinga ukuba liyiyo iBandla. Ewe, ndinaso iSibhalo soko,esithi, “Musani ukoyika, mhlambi mncinane, ku_kukuthandakukaYihlo ukukunika uBukumkani.” Kwayendingathanda^nguloo mhlambi mncinane endifunaukubalwa kunye nawo ngaloo mhla, lowo Wathi,“Mawungoyiki.” Kwaye sivuya kakhulu ngenxa yethubalokuhla kusihlwa nje.2 Bendingazanga ndinanjongo yakuthetha ke. Kwimizuzunje embalwa edlulileyo kubekho umntu othe wafikaemnyango, ngethuba bendisekufundeni okuthile, ndilungisaumongo othile ukulungiselela umxholo endifunaukuwusebenzisa kanye ngoku kwezi nkonzo zizayo zasePhoenix naseTucson, nakuyo yonke loo ndawo. Bendilungisake ndizondla kakhulu kuMoya, uyazi, ngezinto ezilungileyozikaThixo, malunga noQobo, nengongoma yoQobo. Yazeinkosikazi yam yandixelela ukuba kukho umntu othile ozekundibona, anda_andabi nakuyifumanisisa ke, kwaze emvakoko, wathi, “Ingaba uyakubakho enkonzweni phayangokuhlwanje?”3 Ndaze ndathi, “Ndicinga njalo.” Ndaqhubela phambilindizama ukungena kumoya waloo nto bendiyenza. Yazeyaphinda yabuya yathi ibiyindoda egulayo ebizekuthandazelwa. Ndathi, “Kulungile, ngoko, ndizakuhla ndiyeenkonzweni, nakanjani na, ’yabona, ndithandazele abagulayo.”Ndihlala njalo, loo nto^Uyazi, ezo zinto zinjalo^simelwekukufika kuzo ngokukhawuleza kangangoko sinokuba nako xaabantu begula beswele. Nabani na owakhe wagula uyaziukuvuyela into ekuthetha yona ukuphiliswa ngamandlaempiliso amakhulu kaThixo. Yinto emangalisa kakhulu keleyo, lelinjani icham.4 Ngoku, kwiCawe elandelayo ezayo, ukuba iNkosiithandile, uMzalwana Neville namnye kubo engenanto ithileingxamisekileyo, ndicinge ukuba kwiCawe elandelayo kusasandi_ndiyakuzisa umyalezo wam weKrismesi ebantwini,ngokubanika_ngokubanika^Abanye babo bavela kudekakhulu, uyazi, njengaseGeorgia nakwiindawo ezahlukeneyo,loo nto iyakubanika ithuba lokuphindela kwangexeshaekuthengeni kwabo kweKrismesi nezinto ezinjalo.

Page 2: XHO62-1209 Ukukhumbula INkosi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO62-1209 Remembering The Lord VGR.pdfAdam. ’Yabona, yaye ndiyayithanda inkonzo yangokuhlwa. Kodwa, nendlela eziyiyo

2 ILIZWI ELITHETHIWEYO

5 Waze uBilly waphuma wandixelela, wathi udade wethu,uDelors, ngorhatya lweCawe ezayo kanye phambi kwenkonzo,unohlotyana_uhlotyana oluthile lwezipho zabantwana,inkqubo encinane apha abaya kuyo, uyazi, umdlalwanaweKrismesi abafuna ukuwuqhuba phambi kokuba iinkonzoziqale. Ndaze ndathi, “Kulungile, loo nto iyakuba ngokuhlwangeCawe akunjalo?”

Wathi, “Ewe.”Ndathi, “Loo nto ayisayi kuphazamisa nakancinane,

ngoko.”6 Ngoku, ’yabona, ulwesiBini olulandelayo lusukuolwandulela iKrismesi, ngoko ukuba^okanye ulwesiBiniolandelayo kwiveki ezayo, yiKrismesi. Loo nto ingabaxakanisaabantu, uyabona, kuze kufuneke bagoduke ngosukuolwandulela iKrismesi, nangoMvulo, ngoko ndacinga ukubandakuba ndiyaku^Ewe, ziiveki ezimbini. Kunjalo, iivekiezimbini zilungile. Ngoko ndacinga ukuba ndingezangokuhlwanje ukwenzela ukuba abantu bazi, ukuba iNkosiithandile, noMzalwana uNeville engenanto ingxamisekileyo.Kuba, esiqhelweni ndithanda ukulinika umyalezo wamweKrismesi ibandla, nomyalezo wam wePasika, nayo nantonina iNkosi eyibeka entliziyweni yam ukuba ndiyikhuphe. KekwiCawe ezayo, iNkosi ithandile, kusasa ngeCawe ezayondiyakunika^7 Yaye isizathu sokuba ndiwuthabathe ngentsasa endaweniyangokuhlwa, apho kukho abantu abavela kude kakhulu,banenjikalanga abanokuhamba ngayo ukuze bayokufikaekhaya, uyabona. Bendinokuthanda ukuba ndiwuqhubeebusuku, ndicinga ukuba urhatya lolona lungcono kakhulu.Ndi_Ndiyayithanda inkonzo yangokuhlwa, xa litshona ilanga,into ethile, eyenye. YayinguThixo eMyezweni wase-Eden, ku-Adam, owayesiza ekupholeni kwangokuhlwa athethe no-Adam. ’Yabona, yaye ndiyayithanda inkonzo yangokuhlwa.Kodwa, nendlela eziyiyo iimeko apha, kuba kuyakuba ngconoukuba ndiwukhuphe kusasa, ukuze abantu babe nokuhamba.8 Yaye ndiyavuya ukuba lo mnquba ube uyandiswauphumele apha ukungena kwindawo elandelayo ngaphayaudlule apha, kusongezwa igumbi elilelinye kuwo. Emva kwakokonke ukuxoxa nokuxambula, ekugqibeleni siyifumenenangoko. Uyazi, uMzalwana uBosworth omdala wayedlangokuhlekisa, athi, “Olona sana lukhala ngokungxola kakhululufumana okona kuhoywa kukuko.” Kulolo hlobo kakhulu ke,uyazi, kwaye ndicinga ukuba kuyasihlawula ukukhala kwethukancinane kanye ethubeni, anicingi njalo?9 Ngoko, kananjalo ndifuna ukuncoma uMzalwana Anthonynabasebenza kunye naye apha ngala mculo uthandekayo.Ndithe ndingena nje ndawuva. Kwaye, uyazi, eza zixhobo

Page 3: XHO62-1209 Ukukhumbula INkosi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO62-1209 Remembering The Lord VGR.pdfAdam. ’Yabona, yaye ndiyayithanda inkonzo yangokuhlwa. Kodwa, nendlela eziyiyo

UKUKHUMBULA INKOSI 3

ngamaxilongo. Bendihleli ndifuna omnye kubantwana bam,abemnye nje kubo, ukuba adlale ixilongo, ndi_ndi^nezizixhobo zomculo zivuthelwayo.10 UBecky uqalise ngepiyano, kodwa ukulaa nto yokufikakubudala ubuphakathi kancinane, uyazi, kwaye, ufunaukuyiyeka ngoku. Waze_waze waqalisa^Utishala uthebamelwe kukuqalisa ngomculo odumileyo. Hayi, ngoku,andithethi^niyazi ukuba ndithetha ukuthini na, imiculoyaphambi komdlalo, njalo njalo, nomculo wodidi oluphambili,ukuze bafake umculo wezenkolo kulowo. Akufika kumabangaakhe aphezulu kuloo nto, ngoku ucinga, “Ke, ndizakusukendiyeke.” Ndaze nda_nda^abantwana bayingxaki. Kwaye,nakanjani na, kumele ukuba ibe lubizo lukaThixo, indawoyokuqala. Ndiyakholwa ukuba udade wabo uSara, lowauphaya emva uzakudlula kuye, nakanjani na, abe akazangeafumane sifundo. Ngoko, ke ngoko ubizo lukaThixo lolonangcono xa enesiphiwo esilolo hlobo.11 Kodwa ndiyalithanda ixilongo. Ndikhumbula xabanikezela lo mnquba phaya phandle ekujikeleni, amaxilongoakhala isiqingatha sonke semini phaya phandle, “Ezantsiemnqamlezweni apho wafa khona uMsindisi wam, aphoezantsi ndakhalela ukuxolelwa kwisono, apho iGazi lafakwaentliziyweni yam,” xa ndandifaka oko kungumxholo wamngaphakathi kwilitye lembombo.12 Kwaye ndikhumbula ngobunye ubusuku kwicaweyamaMethodist angamaTriniti, xa uGqirha Morrisonwakudala^Abaninzi kuni bantu balapha babephila phayakudala ngemihla yam bayamkhumbula uGqirha Morrison,indoda endala engcwele. I-Asbury yalahlekelwa yenye yawonamadoda abalulekileyo oko yabakhoyo i-Asbury, xayalahlekelwa nguGqirha Morrison, ngokobudala bakhe,indoda endala yakwaThixo. Kwaye ndandihlala ndikuthandaukumphulaphula eshumayela. Ndandiye ndiwele ukuyakumphulaphula ngaphaya kwinkonzo iTrinity Methodist apho.Ngobo busuku ke, amakhwenkwe amabini aphumakumngqameko omncinane njengokuba kanye inkosikazi namsasinyuka, aye ewaphethele phezulu amaxilongo awo ngolohlobo, ezo zixhobo zomculo zilapho, baze badlala yona leyo,“Ezantsi emnqamlezweni apho wafa khona uMsindisi wam!”Kukho laa mnqamlezo mkhulu phaya phezulu, ujikeleza.Ndema nje apho esitratweni ndaphulaphula, izandla zamndiziphakamisele emoyeni, ndaqalisa ukudumisa uThixokanye apho. Ndandingenakuyinceda loo nto.13 Kukho uhlobo oluthile lwemihlali kuMkristu ozelengokutsha, xa kuthe Kwangongoza, kukho into emelwekukwenzeka, nantso kuphela into ekuyiyo. Owu, mna^Akukho nto ifana namava akudala oMkristu! Akukho ntondinokuyithatha endaweni yawo, amava am,

Page 4: XHO62-1209 Ukukhumbula INkosi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO62-1209 Remembering The Lord VGR.pdfAdam. ’Yabona, yaye ndiyayithanda inkonzo yangokuhlwa. Kodwa, nendlela eziyiyo

4 ILIZWI ELITHETHIWEYO

andinakuwatshintshisa ngabutyebi behlabathi, ihlabathiliphela okanye izinto ezisesibhakabhakeni nako konke, ngentouYesu awandifundisa yona ngaYe.14 Kukho indoda ethile ehlala kunye nathi, njalondakukhangela emva intliziyo yam iyaxhuma. Indodaendayibona ithabatha umthendeleko ngobunye ubusuku,ihamba ngentonga yomntu oqhwalelayo. Ingaba kukho umntuowakha wakuxelela ukuba ufana no-Oral Roberts?Ndiyakuxelela, lonke ixesha ndi^Bangaphi^Nakhenambona u-Oral Roberts, phantse ninonke. Akafani no-OralRoberts! Kwenzekile ndajonga phaya emva. Kwaye ndicingaukuba uyindoda enkulwana kunokuba enjalo u-Oral. Kodwaukubona nje indlela achaza ngayo iinwele zakhe, nebunzilakhe nokumila kwakhe, ehleli eluhlobo lomntu okhangelekaenesidima, ehleli njengo-Oral. Ngoko ke ndi_ndihlalandicinga, “UMzalwana Oral?” Ukhangeleka nje ngokufananaye.15 UMzalwana u-Oral uqalisa uhlobo oluthile lwesikoloseBhayibhile phaya ngoku, ndiyakholwa, okanye enye into.Ndikhe ndeva malunga naloo nto ngenye imini. Yintoni?Yidyunivesiti. Ewe. UMzalwana uCarl Williams ungomnyewabenza izigqibo ngaloo nto, ngandlela ithile, andazi kakuhleukuba yintoni na ngoku.16 Ngoku, ngoku nikhumbule, ngeCawe, iNkosi ithandile,sizakuqalisa, ndinawo owePasika^okanye umyalezokweKrismesi. Kungoko ndi_ndinombulelo malunga nalomnquba ukuba ube uqalisiwe. Kwaye ndiyathemba ukuba okuayisayi kukuba kukongezeka ngokwenani kuphela, kokoiyakuba kukongezeka kobabalo ayakuthi uThixo alipheibandla lethu, inkqubo yethu, okanye, ingeyonkqubo, kokoilibandla lethu njengokuba sithe sahlangana. Siyayithanda loonto.17 Kwaye_kwaye ndingathanda ukuthetha nje oku. Andizikuthabatha thuba lide. Kodwa, ndinezinto ezininzi endimelwekukuzithetha, kodwa andizi kuzithetha, singathabatha ixeshaelininzi kakhulu. Kodwa, ndingathanda ukuthetha oku, yintoethile endingenakukwazi ukuyithetha. Kukho izinto(eziqondwa nguwonke-wonke) ozaziyo, zibe ziseGamenileNkosi, ukanti awunako ukuzithetha. Uyabona, umelwekukuba uzigcine kuwe. ’Yabona? Kodwa isiganeko esithileesisondelayo, kwaye kulithuba sisenza njalo, esizakwenzeka,xa ndithe ndalunyukiswa ukuba ndikhangele uMoyaoyiNgcwele uhamba-hamba phakathi kwabantu ukuya kuloondawo, babe bona bengazi nanye into kwezasemhlabeni,’yabona, koko ubonwe uMoya oyiNgcwele usiya kuloo nto.Ndizakuyityhila, iNkosi ithandile, ngexesha elithileelifanelekileyo. Ngoku, khumbula, loo nto ibonisa ukubauThixo uphakathi kwabo.

Page 5: XHO62-1209 Ukukhumbula INkosi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO62-1209 Remembering The Lord VGR.pdfAdam. ’Yabona, yaye ndiyayithanda inkonzo yangokuhlwa. Kodwa, nendlela eziyiyo

UKUKHUMBULA INKOSI 5

18 Njengokuba umntu othile, ndiyakholwa, mzalwana, ewe,etshilo kumzuzwana odlulileyo, uMzalwana Neville etshiloukuthi, “UThixo, engakubaleli kuthi okwethu_okwethu_okwethu ukungabi nalungelelwano phakathi kwethu, okanyeukungaziphathi kakuhle kwethu phambi kwaKhe.” Oko yathiimboni eyaya kukhangela uSirayeli, yaba nokukubonangamehlo wayo enyama, indlela ekwakungekho lungelelwanongayo, indlela ababenze ngayo phosakeleyo bemelwekukuqalekiswa. Kodwa into awasilelayo ukuyibonaubhishophu lelaa Liwa labethwayo kunye nalaa NyokayoBhedu, ’yabona, isenza intlawulelo. Ngoko, uyabona, xa_xauBhileham wakhangela kuSirayeli, wabona isizathu sokubaabaqalekise. ’Yabona? Kodwa xa uThixo wabakhangelayo,Wabona intlawulelo. Wathi, “Unjengophondolunye.” Amen.“Ngubani na oyakukuthintela? Zilungile, zinobulungisaiintente zakho!” Nantso indlela awababona ngayo uThixo.’Yabona? Hayi indlela awayebabona ngayo umntu, hayi indlelai_izihlonitshwa ezikhulu ezibabona ngayo; koko indlelaawayebabona ngayo Yena.19 Kwaye, Owu Thixo, mayibe sisabelo sam eso! Mayibesisabelo sam eso, kuba andinanto mna ngokwamendinokuyibanga. “Andinanto esandleni, ndibambelelakuphela kumnqamlezo waKho.” ’Yabona, yiloo nto kuphelaesinayo.20 Ke, obu bubusuku bomthandazo, okanye asibobusukubomthandazo, koko eli liqela eliphantse ukuba lelokuvangela.Si_Sithanda ukubeka iLizwi ngentlonipho. Mhlawumbi kendingathanda ukuthetha nani ngokuhlwanje okwemizuzuembalwa. Abaninzi kuni abaya kuthanda ukutyhilaeSibhalweni^Kulungile, uyazi, into engumnqa, ivulekekanye kuso, kule ngongoma bendiza kuyifunda. Ewe,mhlekazi. Ngumnqa. Leyo ibingamaKorinte I, isahluko se-11,nemibhalwana ebendiyibhale apha, kwindawo ethile apha,ebendicinga ngayo, ukuba ndinokuyifumana nje ngoku,kumaKorinte I, i_i_isahluko se-11. Nantsi kanye, kanye apha.Ewe, mhlekazi.21 Ngoku, phambi kokuba sisondele eLizwini, masisondelekuMbhali, ’yabona, OliLizwi, ukuze sibe nokuzicelela incebaneentsikelelo zaKhe ngeli thuba sifundisisa ngaYe lowoUliLizwi. Masithandaze.22 Owu Nkosi Thixo, ozele lubabalo nenceba, Othe wathandakuso sonke isigaba sexesha, emva kokuba umntu wonayo wazewabeka loo msantsa mkhulu phakathi kwakhe naWe,owayengenakuwuwela ngokwakhe. Wayethe ngokupheleleyo,walahleka ngokupheleleyo, engenandlela yakubuyela. KodwauThixo we^ozele lubabalo, wakulungela ukuthabathaiSibambelo endaweni yakhe, wambuyisa kwakhona. Loo ntoizivuyisile iintliziyo zabo bonke abathi baKwazi, Nkosi,

Page 6: XHO62-1209 Ukukhumbula INkosi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO62-1209 Remembering The Lord VGR.pdfAdam. ’Yabona, yaye ndiyayithanda inkonzo yangokuhlwa. Kodwa, nendlela eziyiyo

6 ILIZWI ELITHETHIWEYO

indlela othe ngayo ngothando lwaKho olukhulu nobabalolwaKho wathabatha ngayo iSibambiso! Kwaye njengokubasisandula ukuyigxininisisa loo nto, Nkosi, kukweso Sibambisoesithe sathembela kuso ngokuhlwanje, kuLowo Wafa endaweniyethu boni, lowo Ulilungisa Wathabathela kuYe ukungalungisikwethu. Sithembele kuYe lowo.

23 Ngoku siza kwiLizwi laKhe ngokusulungekileyo,sineentliziyo ezithotyiweyo neentloko, ekuhloneleninasekuhlonipheni nangombulelo. Kwaye siyacela ukubaUthumele kuthi ngokuhlwanje, ubabalo, ngoMoya oyiNgcwele,uze usiphe i_iSonka soBomi esisisweleyo ukuze sisixhamle.Uyazi ngokuchanekileyo ukuba yintoni na esiswele yona,kwaye siyazi ukuba Wena uthembisile ukuba ukuba siyakucelasiyakwamnkela.

24 Sithanda ukukhumbula ngokuhlwanje, Nkosi, bonke abosaziyo ukuba bayagula beneentswelo, ukuze ubabalo lukaThixobaluphiwe ngokomlinganiselo omkhulu. Kwaye, Bawo,sithandazela abo bawileyo bemnka, ukuze ngeli thuba lizayoleholide uzise iinkumbulo entliziyweni yabo, yokukhumbulaapho babekhe bakhona, baze bawela kwisithuba esingaphandlekobudlelane naWe. Thixo, sithandazela ukuba babuye (sipheoko, Nkosi), ukuba babuyele ebandleni, kwi_kwiNtlanganoyaMazibulo babuyele apho kukho ubabalo nenceba khona,nothando nobubele, nempiliso yemiphefumlo yethu, ingqondoyethu nomzimba wethu. Siphe oko, Nkosi. Sikelela iLizwingokuhlwanje. Someleze sonke, usiphe kwiintsikelelo zaKho,njengoko sikucela oku eGameni likaYesu. Amen.

25 Ngoku, okwemizuzwana embalwa ndingathandaukutsalela imidla yenu kumaKorinte I, isahluko se-11, umqolowama-23, 24, nowama-25.

Kuba mna ndakwamnkela kuyo iNkosi okondikunikelayo nokukunikela kuni, Okokuba iNkosiuYesu ngobusuku eyanikelwa ngabo yathabathaisonka:

Yaza yakuba ibulele, yasiqhekeza, yathi, Thabathani,nidle: ngumzimba wam lo, owaphulelwa nina: okukwenzeleni ukundikhumbula.

Kwangokunjalo yathabatha nayo indebe, emvakokuba kudliwe, isithi, Le ndebe ingumnqophisoosegazini lam: oku kwenzeleni, ngamaxesha onkeenisukuba niyisela, oku kwenzeleni ukundikhumbula.

26 Ukuba oku ndingakubiza njengomxholo omncinaneendingathanda ukubhekiselela kuwo, ingangulo:Ukukhumbula INkosi. Uvakala ngokungathi bubusuku bo^okanye ngumyalezo obumelwe kukushunyayelwa kwiCaweephelileyo, kwisidlo sangokuhlwa seNkosi. Kodwa ndifuna

Page 7: XHO62-1209 Ukukhumbula INkosi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO62-1209 Remembering The Lord VGR.pdfAdam. ’Yabona, yaye ndiyayithanda inkonzo yangokuhlwa. Kodwa, nendlela eziyiyo

UKUKHUMBULA INKOSI 7

ukuwuvela ngendlelana eyahlukileyo okwemizuzwanaembalwa, ngeli thuba siqokelela ezethu_ezethu iingcingasizihlanganisa, nasekudumiseni iNkosi.27 Besinokuba nako, kakade, ukuqala ngesithebe seNkosi,ngokuba leyo yindawo eyona ilungileyo apho sikhumbulakhona sisonke. Ukukhumbula iNkosi kwisithebe saYo, ntoleyo,eneneni, le ngongoma ibhekiselela kuloo nto. Kodwa, okokukuthi, uPawulos wathi simelwe kukuyithabatha indebeno_nokusela i_igazi, nokudla isonka sekosher,ekukhumbuleni, ukukhumbula oko Yasenzela kona. Yayenjengokuba niyenza loo nto, anifuni ukuyenza nje ibeyintoeqhelekileyo, into yemihla ngemihla; nifuna ukuza ngenene,nikhumbula iNkosi. ’Yabona? Nikhumbula ukuba yayilubabalolwaYo nenceba yaYo, iyiloo nto kuphela ke, ethi ininikeithemba ekuphela kwalo eninalo. Kungenamsebenzi nokubayintoni na owakhe wayenza, akukho nto kwandawo enokuthinangaluphi na uhlobo isondele kuloo nto uKristu wakwenzelayona.28 Ndikhe ndafumana amava alusizi kule veki, ukanti keikwangazukileyo, ndingawabiza ngolo hlobo, ndingcwabeumntakwethu owakhe wahlala kunye nathi apha. Abaninzibenu ke bayasazi eso siganeko. IbinguMzalwana wethuothandekayo uRogers, uBusty Rogers, njengokuba besimbiza,Everett. NoMzalwana Banks Wood lo, kunye noMzalwanaSothmann, besiye kunye kwinkonzo yomngcwabo.29 Kwaye_kwaye ndiqhube ekhephini, ndaya kufika kuloondawo indala apho ndandimngcwabe khona kuqala, malunganamashumi amabini anesihlanu eminyaka eyadlulayo. Ngelothuba ekumngcwabeni kwam, kwakukumanzi amdaka,eGameni leNkosi uYesu Kristu. Sithe xa sidlula kuloobhulorho iqhelekileyo indala apho eTotten’s Ford, bendithethanabazalwana bam, ndathi, “Ngenye imini xa umlungiseleliothile wehlelo waye_wayenentente enkulu apho, wathi, ‘Laandlavini incinane phaya ezantsi kulaa nkonzo yaseBhaptizi,ibhaptiza abantu eGameni likaYesu Kristu.’ Wathi, ‘Ukubakukho umntu nje othe wabhaptizwa ngendlela enjalo,akanakwamnkeleka nokwamnkeleka phantsi kwentente yam.’”30 Yaye ke ngeloo xesha kwenzeka ukuba kubekho abathileababehleli apho ababebhaptizwe eGameni leNkosi uYesu, lowoke yayinguMzalwana George Wright nosapho lwakhe. Basukanje^Inye into ababenokuyenza kukungaphindeli.31 Ngoko ngaloo mhla phaya ezibukweni, owu, washiyaintente yakhe nje wehla ukuza kuba bugada, nebandla lakhelimi apho. Ndaze ndenyukela kuloo ndawo. Kwakune imvulaphaya phezulu ezindulini phezulu, loo mathafa anodakaayekhukulisekile angena apho, yayingamasetyana amancinaneawayengene kuMlambo iBlue enodaka kakhulu. Ndahamba

Page 8: XHO62-1209 Ukukhumbula INkosi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO62-1209 Remembering The Lord VGR.pdfAdam. ’Yabona, yaye ndiyayithanda inkonzo yangokuhlwa. Kodwa, nendlela eziyiyo

8 ILIZWI ELITHETHIWEYO

ndangena emanzini, ndamela esinqeni ubunzulu. Waze wathiomnye wamathenjwa, kungenjalo amadikoni, gxebe,wandinika iBhayibhile, ndaze ndafunda apho uPetros wathingoMhla wePentekoste, “Guqukani, nonke ngabanye,nibhaptizwe eGameni likaYesu Kristu ukuze nixolelwe isono,naye niyakusamnkela isipho soMoya oyiNgcwele.”32 Kwakungaloo mini wathi ngayo uGeorgie Carter wabeelele apho, ezama ukuphakamisa izandla zakhe, enobunzimaobumalunga namashumi amathandathu anento eepontikuphela, iyiminyaka elithoba eneenyanga ezisibhozoesebhedini, engakwazi kushukuma. Nabantu bakowabo,ibandla awayengowalo, bethe, ukuba kukho nabani na okheweza enkonzweni yam, baya kukhutshelwa ngaphandlekubudlelana babo kwelo bandla. Ngoko kwakungolo rhatyalunye wathi waphiliswa ngephanyazo ngalo. Wabe ke efunaukubhaptizwa njengalaa ntombazana yakwaNale incinaneyayiphaya phezulu; ndandithe ndabona umbono, yaye niyalazielo bali, izandla zayo nemilenzana yayo itsalelwe phezulu;ndangena kumbono namandla kaMoya, ndabeka izandla phezukwayo, nantso iphuma yaze yaphiliswa. Ngoko nayewayengowaloo nto inye. Ke, yayilibandla lobuWisile.Umlungiseleli womWisile, uMzalwana Smith, yayinguyeowayemi apho enxwemeni kunye nebandla lakhe.33 Ndaqalisa ukubhaptiza eBhayibhileni, ubhaptizoloBukristu. Kwaze malunga nethuba endabhaptiza ngaloabahlanu okanye abantu abathandathu, kwathi ngequbulisoyavuleka imigca, apho phezulu endulini. Nako kusiza eloo qelalamaWisile lisihla kanye linxibe iimpahla zalo ezizezonazintle, lisiza kubhaptizwa eGameni leNkosi uYesu. Kwayengabanye ngabanye, amanenekazi ekwizinxibo zawo ezintlezesilika zasehlotyeni, ehamba ukunqumla kwelo daka, esosulaiinyembezi emehlweni, iziqabi zemilebe zihlambeka, ephumaesiza ku_kwenza_kwenza isivumo sezono noku_nokuzeabhaptizwe.34 Kwathi kunye neloo qela, kwakho owomeleleyo, omagxaabanzi, enohlobo lokuchetywa kweenwele i-GI, ubusoobuvulekileyo, umfo okhangeleka omelele waphuma wezaapho eneyakhe entle, isuti yoboya eluhlaza okwesibhaka-bhaka. Wathi, “Nam, okwam, ndisenzile isigqibo sam.”YayinguBusty Rogers, kungekho mntu wakhe wamxelela nto.Ndamngcwaba apho eGameni leNkosi uYesu Kristu,ngokokuvuma kwakhe.35 Kwiveki ephelileyo ke ndimfake phantsi kwegadeeMilltown. Ndaze ndathetha ngentshumayelo yo: KugqibelelaKoVuko. Ndakhe ndangumseki mabandla, ndabona iintlobozezithixo nezazi nzulu ezininzi; kwaye kuphela kwaloo ntoekhoyo, ngaphandle koBukristu, lulwazi nzulu kuphela,indlela abakholwa ngayo kule, kuleya, okanye kwenye. Kodwa

Page 9: XHO62-1209 Ukukhumbula INkosi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO62-1209 Remembering The Lord VGR.pdfAdam. ’Yabona, yaye ndiyayithanda inkonzo yangokuhlwa. Kodwa, nendlela eziyiyo

UKUKHUMBULA INKOSI 9

nguMdali omkhulu Owadala indalo! Kunyanzelekile ukubakubekho uMdali ukuze kubekho indalo. Yaye ukuba kukhoindalo, yenziwa nguMdali. Yaye nawuphi na umsebenziwomntu ubonakalalisa loo mntu. Ungumchweli onguye, nguye,wenza umsebenzi omhle, uyakha. Yaye ukuba ungumlungisiweenqwelo-mafutha, wenza umsebenzi olungileyo. Umsebenziwakho ubonakalalisa wena kuphela. Kwaye indalo kaThixoibonakalalisa uThixo. Yaye uThixo wayenza ngenjongo ethileyonke into. Kwaye yonke into eyenzayo injongo kaThixo,yakuba ifile, imelwe kukuza kuvuko. Ndixelele into ibenye.Kwaye ndingenise izinto ezininzi, ezinjengeentyatyambonemithi.36 Indlela eliphuma ngayo ilanga kusasa, usana oluncinaneluzelwe, libuthathaka, imitha yalo. Malunga nentsimbiyeshumi, ungumntwana ofikelela ebudaleni. Ukuze ngentsimbiyeshumi elinesibini likhanye ngamandla alo, kubuhle bobufaziokanye bobudoda. Ukuze malunga nentsimbi yesibini emvakwemini, liye lifana nam. Ukuze malunga nentsimbi yesihlanuemva kwemini, liye lisiba ngutata omkhulu, liyangqengqa.Ukuze ekugqibeleni imitha yalo iphole ukusuka emhlabeni,lize life. Ingaba sisiphelo eso? Liyenzile injongo kaThixo.Libuvelisile ubomi bezityalo njengokuba linqumla umhlaba.Zonke izityalo engezifile kunyaka ongaphambili lizivusile.Ingaba sisiphelo salo elo xa liyenza injongo kaThixo?Liyaphuma kwakhona ngentsasa elandelayo, linobomiobutsha! Wonke umthi wenza kwaloo nto, yonke enye into,yonke into, inyanga, iinkwenkwezi, izinto ezisesibhakabhakeninjengelanga, yonke into iyathembisa.37 Ukuba umntu uyikhonzile injongo kaThixo, lukho uvukongokuqiniseke njengantoni na nje. Inye into omelwekukuyenza, kukuthi, uThixo ulindele nje ixesha, kanyenjengokuba Enjalo ngoku.38 Amagqabi amakhulu asandula ukuwa emthini,evuthulukile, gxebe. Apho bekukho abomvu, aluhlazaokwengca, aluhlaza okwesibhaka-bhaka, amdaka, nayo yonkeimibala eyahlukileyo inqumleze isifuba esikhulu somhlaba,apho indalo kaThixo ingqengqe khona ifile phantsi kwaloonto, uThixo utyale nje apho isipha saKhe seentyatyambo.Kodwa Uyazi ukuba xa Athe watyala isipha, lukho uvukoentwasahlobo! Ihlabathi limelwe nje kukuthi lijikekumjikelezo walo lide libuyele kanye kwindawo enelangakwakhona, kwaye siyakuthi siphume kwiintyatyambozomngcwabo.39 Akazange athi, “Sisiphelo esi,” kanye njengokubaamagqabi, indawo emdaka emthini, isithi sisiphelo. Inyekuphela into emelwe kukuyenza, kukuba umjikelo wexeshalikaThixo uphaphatheke ujikele, kude kufike ixesha lokubuyakoNyana kaThixo. Kwaye sonke isidalwa esiphilayo esathi

Page 10: XHO62-1209 Ukukhumbula INkosi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO62-1209 Remembering The Lord VGR.pdfAdam. ’Yabona, yaye ndiyayithanda inkonzo yangokuhlwa. Kodwa, nendlela eziyiyo

10 ILIZWI ELITHETHIWEYO

safela kuKristu siyakuvela kwakhona. KuBukho baKhe,ukukhumbula Yena. Owu, ndakufika ekupheleni kwendlelayam, ndifuna ukufela kuBukho baKhe, ndiMkhumbule, ukubanguYe uvuko noBomi. Unguye Lowo.40 Ukuze njengokuba sifika kwisithebe seNkosi. IsithebeseNkosi, njengokuba bendisicacisile apha ngaphambili,asikoku^Siyakholwa ukuba sonke sisibiza ngokuba“ngumthendeleko” si_sikukudla isonka. Sibekaephosakeleyo_i_ephosakeleyo^Sibeka into eyiyo kwindawoengeyiyo. Ayisosonka eyona nto ibalulekileyo, asiyowayinieyonanto ibalulekileyo, sisonka nje sekosher newayini. Kodwaeyonanto kukuba, kukuba, u-communion uthetha “ukuthethakunye,” kwaye, ekuthetheni naYe, ukhumbula Yena. Ndicingaukuba lelona xesha lisikelelekileyo leenkonzo. ’Yabona? Iyurenganye kubomi bethu imelwe kukuba yeyothethwano.41 Ukuthethana neNkosi kunjengohlaza olunamanzi entlango.Kunjengomthombo ongaphantsi kwesiziba, kuze kube laphou_umhambi adlula khona, emise asele amanzi ade aqabuleunxano lwakhe. Kukukhumbula iNkosi oko. Ukuzangokomyalelo wesithebe saYo, apho athi khona umhambiodlulayo o_ongumhambi apha emhlabeni kunye nathi,sisonke, ukuze sibe nokudlula ngakwisithebe saYo, sithi aphosisele kwiintsikelelo zaYo nobabalo lwaYo nakwiLizwi laYo,kubudlelane ngeLizwi laYo, ide imiphefumlo yethuenxaniweyo yaneliseke. Size ke siyishiye loo ndawoyobudlelane, sihlaziyekile, sanelisekile; siphuma sisiyakuhlangabezana neengxaki zasentlango kwakhona, iingxakizentlango yobomi. Ewe, indawo enohlaza phakathi entlango,sizihlaziya, sizanelisa xa sinxaniwe.42 Loo nto imelwe kukubakho kuye wonke umkhonzi.Kukwa-^Ikumkhonzi wenene ngamnye, ukuba balangazeleleukuhlangana. Kukho nto ithile malunga nobudlelane o_obuNgcwele, bumiselwe nguThixo, kwaye bungcwele, buyintoengcwele. Amalungisa ke anxanelwa bona.43 Njengokuba uDavide watshoyo, ukuba owakhe“umphefumlo unxanelwa uThixo, njengokuba ixhama lenzayokumfula wamanzi.” Ixhama elincinane elingxwelerhekileyoezithe izinja zokuzingela zagqobhoza amanxeba avuzayoecaleni lalo, laze la_laxhuzula ukusuka kulo. Libe limi,lisezela likhangele. Apho, lijoja ngoluvo lwalo athe uThixowalinika lona, linokuwava ngevumba amanzi kwiimayile. Lizeliyiphakamisele emoyeni intloko yalo encinane ngeli thubalisopha kuphuma ubomi balo. Kwaye liyazi, ukuba lingakheliyokufika kulaa mthombo utsawulayo ukuba linokuphila.Akukho mntu uyakulibamba ngoko. Ukuba lingakhe liyekufika kulaa manzi, liyakulahla umkhondo kuyo yonke injaonokuyibeka emva kwalo, kuba liyazi ukuba li_lifumeneumthombo onika ubomi.

Page 11: XHO62-1209 Ukukhumbula INkosi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO62-1209 Remembering The Lord VGR.pdfAdam. ’Yabona, yaye ndiyayithanda inkonzo yangokuhlwa. Kodwa, nendlela eziyiyo

UKUKHUMBULA INKOSI 11

44 Kwaye xa ibandla lifikelele kuloo ndawo, yokuba uKristuathethe lukhulu kangako kuthi ngokokude sinxanelwe ukufikaeBusweni baKhe sibe kunye omnye nomnye, lowonguMthombo onika uBomi. Akukho Mtyholi unokuze adlulekuwe. Nokufa ngokwako koyisiwe apho. Owu, lelinjaniithemba! Enjani yona indawo! Ukuzihlaziya kwethu. Kwaye,ekwenzeni njalo, ekukhumbuleni uKristu ukuba UnguLowowenza ukuba oko kube nokubakho kuthi. YayinguYeOwasenzela ezi zinto, simelwe kukuMkhumbula. Kuba,khumbula, sasikade singabasemzini singenaThixo, iiNtlanga,sikhukuliselwe kwizithixo ezingenakuthetha. Kodwa,khumbula, uKristu akazange afele iJuda, koko wafela sonkeisidalwa sohlanga oluwileyo luka-Adam, uKristu wasifela.45 Njengokuba sisiza ekuMkhumbuleni kuloo mthomboutsawulayo waKhe we_wesidlo, oko_oko kumelwekukusikhumbuza emva ngexesha elinjenge likaSirayeli xawayeseluhambeni. Baze bafika, ukanti babesemgceniwomsebenzi wabo kanye, kwindlela yabo yokusuka eYiphuthaukuya ekuhlangulweni kwabo, kwilizwe ledinga, kwaye,kwakweso senzo sabo somsebenzi kanye, baswela amanzi.Kwakome kuyo yonke indawo ekunokukhangelwa kuyo, yonkeindawo, konke^phantsi kwayo yonke induli apho kwakumeleukuba kukho imithombo etsawulayo khona, kwakungekhonamnye. Yaye babetshabalala entlango. Kwaze ke kwavela aphoiLiwa, awathi uMoses wabetha eli Liwa, kulo ke kwaphumaamanzi amaninzi. Yonke indoda enxaniweyo, wonke umfazionxaniweyo, umntwana, nkqu naso sonke isilwanyanaesinxaniweyo, sasinokusela amaninzi wona amanzi.46 Njengokuba uYohane 3:16, owona mxholo ubalulekileyoweBhayibhile, wathi, “Njengokuba uThixo wathanda ihlabathikangaka, Walinika uNyana waKhe okuphela kwamzeleyo,ukuze wonke okholwayo (okholwayo, ononxibelelwano,oMkhumbulayo) angatshabalali, koko abe noBomiobunguNaphakade.” Ukhumbule ukuba uKristu wayeliLiwalethu elabethwayo, ukuze asindise ihlabathi elitshabalalayo,iNtlanga etshabalalayo, iJuda elitshabalalayo, ihlabathielitshabalalayo. UKristu wanikela ngoBomi baKhengokuzeleyo, ukuze wonke umntu olambileyo enxaniwe, wathiumprofeti, “Yabona, yizani emthonjeni, thengani kuM ubisinobusi ngesisa.” Yizani, ngokuba bubudlelane, yizaniekukhumbuleni iNkosi.47 Ndicinga ngokukhumbula iNkosi kwakhona endaweniyokuzihlaziya, kwiqula elalibizwa ngokuthi yiBeerlahairoi,ntoleyo ithi ngolwimi lwesiHebhere, “Iqula laLowo uphilaendibona.” UHagare, akazange aqondwe kakuhle, kodwaesemgceni womsebenzi. Akaqondwa kakuhle, kwagqitywangokungekuko, waze walahlelwa ngaphandle, engenandawoanokuya kuyo, enomntwana otshabalalayo, amanzi ayephelile

Page 12: XHO62-1209 Ukukhumbula INkosi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO62-1209 Remembering The Lord VGR.pdfAdam. ’Yabona, yaye ndiyayithanda inkonzo yangokuhlwa. Kodwa, nendlela eziyiyo

12 ILIZWI ELITHETHIWEYO

embodleleni. Wabe umfo omncinane elila. Kwaye yintliziyokamama kuphela enokwazi ukuba kwakuthetha ntoni naukuva eso sikhalo sikhalela amanzi, ulwinyana lwakheludumba, imilebe yakhe ixwebile, usana lwakhe lusiya lubabuthathaka mzuzu ngamnye. Elahlelwe ngaphandle,ekwindawo amelwe kukuba kuyo kanye, engenandawoanokuya kuyo. Wayenze ngako konke, kwayena, wadewafunxa nethontsi lokugqibela elifincelelela kwimilebeemincinane yomntwana eyomileyo. Yaze ke ibhotile yoma,walubeka phantsi waqalisa ukuhamba. Umfo omncinane keekhalela amanzi, waya ephelelwa ngamandla ngokuphelelwangamandla; ingumntwana wakhe ekuphela kwakhe.48 Akuthandabuzeki ukuba intliziyo yakhe emsulwa yayiyakukhala, “Owu Thixo, ndenze ntoni na? Ndenze ntoni?”Wayengenakumelana nokubona umntwana wakhe esifelaezingalweni zakhe, ngoko wambeka phantsi phantsi kwetyholo.Waze wahamba kangangokuhamba kotolo, eneneni inokubayayilikhulu leeyadi okanye ngaphezulu, wabona umthiomncinane, waze waguqa phantsi apho ke waqala ukulila. Ke,wayemangaliswa, “Kutheni?” Ukuba wayenze oko kulungileyo,kwakutheni ukuze ahlelwe yilento? Ngamaxesha amaninzisicinga ukuba izigulo zethu nokuxhwaleka kwethu, ’yabona,kodwa mhlawumbi konke kwenzelwa ukuze kuboniswe ubabalonenceba. Kwaye esacinga, weva eso sikhalo sincinane siyasisihla njengokuba ekugqibeleni sathi saphela, sikhalela amanzi.49 Weva iZwi lithetha lathi, “Ulilelani na? Yintoni leuyililelayo?”50 Waze wakhangela phezulu, waze wabona isizibasidlwabhazela. Onjani wona umthombo otsawulayowokuzihlaziya! Beerlahairoi, ndisenokuba ndilibiza ngendlelaengeyiyo. B, e,r-l-a-h-a-i-r-o-i, ntoleyo ithetha, “Iqula laLowouphilayo endibona! Lowo ungenakufa! UMelkitsedeke! U-ElShaddai! Lowo uphila endibona, ezazi iintswelo zam,Undikhumbule. Kwaye apho Wandikhumbula njengokubandaMkhumbulayo, kwaye ndiyazi ukuba Uyaphila yayeUvelise k-wahluma apho entlango, eli qula.”

51 Owu, ingaba loo nto singayifaka kumyalezo welixa kanyengoku, kulo mhla ngoku, xa intlango yamabandla, amahleloeemvaba, ne_ne a_a_abashumayeli beVangeli yasekuhlalenine_nehlabathi leefashoni lichwechwe langena, laza lenzaubuhlelo beemvaba laphula yonke into.52 Ukuze nje sakucinga ukuba kumi kwakhonangokuhlwanje, equleni laLowo uphila endibona. Yiloo ntoukukhumbula uKristu ekumele ukuthetha yona konqulayo.Ewe. Owu, loo mfazi wayengazange aqondwe walahlelwangaphandle. UYesu wathi, xa Wayelapha phezu komhlaba,“Ndim aManzi aphilileyo, Ndim aManzi oBomi.”

Page 13: XHO62-1209 Ukukhumbula INkosi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO62-1209 Remembering The Lord VGR.pdfAdam. ’Yabona, yaye ndiyayithanda inkonzo yangokuhlwa. Kodwa, nendlela eziyiyo

UKUKHUMBULA INKOSI 13

53 Yaye ndifuna ukuzoba enye ingcinga encinane apha ethiqatha engqondweni yam. Ngethuba uYesu wayesematyaleni,yaye kungekho nto wayeyiyele ngaphandle kwesizathusokuphoxisa, nga^Wathunyelwa kuPilato nakuHerode.Ngoku, uPilato wayenganyanzelekanga ukuba ayenze loo nto,yaye, uyazi, njengokuba wazama ukuzihlamba izandla zakhekuloo nto. Kodwa nje ukuba libe sesandleni sakho, umelwekukuba wenze isigqibo. Awunako ukulityhalela komnyeumntu. Nguwe, njengomntu ozimeleyo. Kodwa Yena,Wathunyelwa kuHerode, ukuya ku_kwenza i_isiphoxo,ngokuba Wayenegama lokuba wayengumenzi wemimangalisonjalo njalo, kwaye Wayengumlahlelwa ngaphandle ebandleni.Ngoko uPilato ngokwakhe, wacinga ukuba uyakuMthumelangaphaya kuHerode, ukuze mhlawumbi ibe bulungiswa loo ntoisisixhiba esidala ababenaso, omnye komnye.

54 Yaye ngoko uYesu wathathwa waweliswa izitrato wehlakwiindawo ezininzi wade Waya kuhlangana nenkundlaephakamileyo, uHerode. Waze wathi Akuhlangana noHerode,noHerode wayenikwe ekukuphela kwalo ithuba lakhe!Angakhe abe sisidenge kangako umntu? Ukuba uHerodewayazile nje ukuba lowo wayemi phambi kwakheyayiyinzaliseko yakhe wonke umprofeti wamaHebhereakudala^nebandla lehlabathi, lowo wayemi phambi kwakhe,inzaliseko yayo yonke inkonde nomprofeti owakhe wathetha.Ithuba lokuba ngewanelisa intliziyo yakhe enesono ngobabalonenceba. Waba yindoda esisidenge njani!

55 Ukanti akasosidenge kangako kunendoda namhlanjeeziselwa kwaloo nto inye kuba sibe neminyaka engamawakaamabini ethe chatha yemfundiso yaKhe, ngenceba yaKhe.Kodwa yinto e_ebubudenge kangakanani awathi uHerodewayenza xa wayemi phambi kwaKhe waze akaMcela ukubaamnike ubabalo nenceba, akazange acele xolelo lwesono.Wayengayazi loo nto yayimi^Andicingi ukuba loo ndodayaqonda ukuba kwakumi apho phambi kwayo uMntu onje.Masikhe siyiyeke loo nto ihle nzulu okomzuzwana. Ngokubaloo Ndoda yayingena_nagama nje lasekuhlaleninokuhlonitshwa okukhulu ekuhlaleni, yimibutho eyahlukileyone_nemibuthwana, njalo njalo, Awayethi azimanye nayo.Wayengenagama linjalo.

56 Kodwa Wayenanto ithile, phakathi kwabantu ababeyaziiBhayibhile belazi idinga. Kwaye ukuba ndingaba ngqongqokancinane, abo babemiselwe kuBomi obunguNaphakadengenxa engaphambili, baqonda ngaloo mzuzu Wayemi apho.

57 Kodwa uHerode akazange ayifunde lento, akazange ayazi.Yinto elusizi njani leyo. Bonke abaprofeti abathethayo isithubasamawaka amane eminyaka, inzaliseko yesililo sehlabathiyayimi phambi kwakhe. Apho phambi kwakhe kwakumi yonke

Page 14: XHO62-1209 Ukukhumbula INkosi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO62-1209 Remembering The Lord VGR.pdfAdam. ’Yabona, yaye ndiyayithanda inkonzo yangokuhlwa. Kodwa, nendlela eziyiyo

14 ILIZWI ELITHETHIWEYO

inzaliseko. Kwaye njengokuba ndisenokuthi ndiyiphinde lentokwakhona, sinokucinga ukuba wayesisidenge sendoda kubawenza isigqibo sobudenge, kuba, uyaqaphela akazange acelenceba kuye. Wamcela ukuba a_amonwabise. “Owu, ndivileukuba Ungu_ngumsebenzi wemimangaliso.” Wacelaukonwatyiswa endaweni yenceba.58 Nantso into ihlabathi, namhlanje, eligxininisa livelisa kwaeso sigqibo sikaHerode ngayo, xa bebona uKristu osebenzaimimangaliso esenza kwaloo nto inye namhlanje Wayenzayongoko, kuphela ke kwezinto abazifunayo, “Masikubone usenzaokuthile-thile.” Uthi uHerode uyakuma kwindawo embi?Umntu walo mhla uyakuma kwembi nangaphezulu indawo!UHerode wayenamawaka amane eminyaka yamava, abaprofetikunye neenkonde. Thina sinamawaka amathandathu,sinemfundiso eyeyona iphambili kunaleyo babenayo ngoko.Ngokuqinisekileyo. Kwenza enjani into ke! Kunjalonamhlanje, ikwayinto enye!59 Kwakonakele phi? UHerode akazange azikise ukucinga.Akazange eme ukuze aqaphele.60 Kwaye kuyiloo nto ebantwini namhlanje. Babona lentoithile inkulu, ibenze bamatsheka, kodwa abemi thuba lidengokwaneleyo. Bazama ukuphulaphula kurabi othile okanyekwisifundiswa sezakwalizwi esiYicacisa iyonke. Ukanti, xa njendicinga ngeJeffersonville, kufuthi kangakanani na ndithandaukunibutha njengoko isikhukukazi siwabutha amantshontshoaso, kodwa anavuma. Kufuthi kangakanani ndithandaukunihlanganisa? Kufuthi kangakanani na ndisenza ukubale_le ndawana yesitiya ukuba kubelapho zonke izizweezinokubhabha zingene kuyo, naze anavuma. ’Yabona? ’Yabona?61 Ngoku, uyabona ukuba uHerode kuyakufunekaekhumbule ntoni na ngaloo mini? Elona thuba limnandilakhe, walitshikilela. Kwaye phaya ngaphesheya kwindawoethile kwiingingqi zabalahlekileyo, ngokuhlwanje,uyayikhumbula loo nto wayenzayo ngalo. Seliphele kakhuluixesha ngoku.62 Masingavumeli ukuba oko kube sithi. Eli lixeshalokutyelelwa kwethu. Masikhumbule uKristu, ukuba Yenausekwanguye izolo, namhlanje, nangonaphakade. AmaHebhere13:8. Musa ukulinda ude ube kwiingingqi eziphayangaphesheya, kwabagwetyiweyo, kuloo mo apho ungenakoukuya kubakho kuBukho bukaThixo, libe ixesha lakho lilaphaphezu komhlaba, kwimo eyoyikekayo yemimoyauyakukhumbula ukuba wawulifumene ithuba wazewalimangala. Mabayiqaphele loo nto abantu abatsha.Mabayiqaphele bonke abantu.63 UHerode akazange azikise ukucinga. Isiganeko sakhe eku-kuphela kwaso, wacela nje ukuba makonwatyiswe, nokuze

Page 15: XHO62-1209 Ukukhumbula INkosi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO62-1209 Remembering The Lord VGR.pdfAdam. ’Yabona, yaye ndiyayithanda inkonzo yangokuhlwa. Kodwa, nendlela eziyiyo

UKUKHUMBULA INKOSI 15

uYesu abe nokwenza uhlobo oluthile lobuqhinga, athabatheumvundla awukhuphe emnqwazini, okanye, uyazi, okanye enyeinto. Wayecinga ukuba Usenokuba, ngenye indlela,Wayeyithatha njengomntu onobugqi. “Sivile ukuba Unakoukwenza imilingo. MasiKubone usenza umlingo waKho ngoku.”

64 Yaye makhe ndithethe oku ngentlonipho. Kodwa mangaphiamathuba abo babizwa ngokuba bangabalungiseleli balo mhla,abaye bathi, “Ukuba kukho uMoya oyiNgcwele, ukubauyakholwa ukuba uMoya oyiNgcwele ufana kanye nokubawawunjalo ekuqalekeni, masikubone uthabatha uSibani-banilowa umdala phaya, okanye oku, owu, le ndoda ingaphaya, lomfazi ungaphaya. Ndizakuya kubalanda. Masikubone uyenzaloo nto.”

65 Ingaba bayaqaphela ukuba ikwanguloo moya mnye lowo(hayi, abaqapheli) ukuba bathi kuYesu, “Ukuba UnguNyanakaThixo, thabatha, yenza la matye abe zizonka. UkubaUnguNyana kaThixo, sixelele ukuba ngubani na oKubetheentloko. Ukuba UnguMprofeti, sixelele ukuba Ubethwengubani na,” emgqume ngesiziba ubuso baKhe. Bambetheentloko, baze badlulisele intonga komnye, bathi, “Sixelele,ukuba UnguMprofeti. Sixelele ukuba ngubani naoKubethileyo, siyakukholwa kuWe ngoko. Sixelele, ukubaUnguNyana kaThixo. Sinyanisekile ezintliziyweni zethu.Ukuba UnguNyana kaThixo, yihla emnqamlezweni yayesiyakukholwa ukuba UnguNyana kaThixo.”

66 Ingaba abaninzi abantu namhlanje, kokubini, amadoda,abafazi, abatsha nabadala, abemanga kuloo ndawo inye na.Kwaye niyakukhumbula, ngamhla uthile, ukuba naniPhambikwaKhe, eMthonjeni waKhe; naze nafuna umlingo, okanyenafuna iqhinga okanye into ethile eyenye, “Oko kuyakundenzandikholwe kuYo. Mandibone ukungcangcazela emqolo kum,kwaye mandenze oku okanye okuya, ndiyakukholwa kulooNto.” ’Yabona, ukuvakalelwa okuthile, kukukhonza izithixookucacileyo! Mandi^

67 Uyazi, uYesu wathi kwesinye isiganeko, Wabuza umbuzo.Ndingathanda ukubuza ibandla lento ngokuhlwanje. UYesuwathi, “Kutheni? Kutheni? Kutheni ukuba niNdibize ngokubandiyi ‘Nkosi,’ yenu, nibe ningazenzi izinto endiniyalela ukubanizenze? Kungani na ukuba niNdibize ‘Nkosi,’ ningaligciniiLizwi laM? Ningathini ukuNdibiza ‘Nkosi,’ nize niziphikeizinto endiniyalele ukuba nizishumayele nizifundise?” Yintonina? Yintoni eyenza loo nto? Kungokuba isithethe esithilesemvaba simi phakathi kwabo neLizwi. Yaye nantoni na emaphakathi kwakho noThixo, isisithixo, ithabatha indawokaThixo. Kutheni ukuba nibize “Nkosi”? UNkosi uthetha“ubunini,” iNkosi yeyayo indawo nokuba yinto. Kwaye ukubauThixo ndingowakhe, ukuba ndingowaKhe, kwaye Wandijika

Page 16: XHO62-1209 Ukukhumbula INkosi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO62-1209 Remembering The Lord VGR.pdfAdam. ’Yabona, yaye ndiyayithanda inkonzo yangokuhlwa. Kodwa, nendlela eziyiyo

16 ILIZWI ELITHETHIWEYO

ngenye imini xa ndandikwindlela ephosakeleyo, wandibizangenjongo ethile, ndiyakwenza ntoni ingekuko ukuzalisekisaumnqweno waKhe, njengokuba Wenzayo kuPetros.Ndingathini ukwenza into eyenye kunokuba ndigcine iLizwilaKhe? “Kutheni ukuban niNdibize ‘Nkosi’?”68 Ndifuna ukubiza omnye umfo apha, sibone malunga naye.Nithini ngoJudas, yintoni amelwe kukuMkhumbula ngayo?Sithetha ngokukhumbula iNkosi. UJudas ngokuhlwanjekwaye, owu, ade angabikho kwakhona, umelwekukukhumbula ukuba wathengisa ngobuzibulo bakhe.Wathengisa uYesu ngenxa yenzuzo yesiqu sakhe. SiyamgxekauJudas_uJudas. Sithi wayengcolile, engumfo ombi, akafanelekubakho ndawo okanye abekho nakuliphi na uluntu,akalilungelanga iZulu. Kuba? Wathengisa iNkosi yakhe, emvakokuba wayelifumene ithuba neli lokuba abe ngu_ngumfundi,abe ngumpostile, olona bizo luphezulu eBhayibhileni,lungaphezu kokuba ngumprofeti. Wayenethuba lokubangu_ngumpostile, waze wathengisa elo lungelo ngokuzifunelainzuzo. Ke ngoku umelwe kukuyikhumbula loo nto. Yiloondlela amkhumbula ngayo uYesu: ukuzifumanela inzuzo.69 Yaye ndicinga ukuba bangaphi na ngokuhlwanjeabasekhoyo epulpitini, babe besazinxiba izivatho zekwayala,behlala esihlalweni sobudikoni, okanye bathabathe indawoyobugcini-mali, ubuthenjwa, okanye nantoni na ekunokubayiyo, isikhundla sakhe enkonzweni, okanye umlungiseleliepulpitini, abe esathengisa ngethuba lakhe ngenxayokudunyiswa, “Gqirha, Bhishophu uSibani-bani,” ngenxayokudunyiswa, ukuzifumanela inzuzo.70 Kukho indoda eyathi kum ngaxesha lithile, “Ndiyakholwaukuba yiNyaniso leyo. Kodwa ukuba ndingashumayela loo nto,ndingangqiba phaya esitratweni.”

71 Uyayikhumbula indoda esisityebi noLazaro, into eyabayiyo indawo yabo ekugqibeleni neqonga labo laNaphakadeapho laba khoyo? Nakuba omnye wayene^wayengumngqibi,omnye eyindoda esisityebi, kodwa umfanekiso waguqukangenye imini wabo bobabini ukuze babe nokukhumbula.Ngoko, abantu kusihlwanje bakhwaza ngoJudasowaMthengisa ngenxa yenzuzo, babe abaninzi kangakobesenza kwaloo nto inye namhlanje, beMthengisa ukuzebazifumanele inzuzo.72 Umbingeleli waloo mihla naye uyakukhumbula ukubabathengisa ngethuba ababenalo malunga naYe, ithuba labolokuba babe ngabakhonzi baKhe, lokuba babe ngabafundibaKhe, abe ngoguqulweyo nguYe. Balithengisa elo thubangenxa yomona oluhlaza ityhefu. Babenomona ngeMfundisoyaKhe. Kuba, xa Wayeneminyaka elishumi elinesibini ubudalanje, Wayenako ukubanyathela nakanjani na; baze

Page 17: XHO62-1209 Ukukhumbula INkosi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO62-1209 Remembering The Lord VGR.pdfAdam. ’Yabona, yaye ndiyayithanda inkonzo yangokuhlwa. Kodwa, nendlela eziyiyo

UKUKHUMBULA INKOSI 17

bangayiqondi loo nto, ukuba lowo yayinguMesiya.Babengakwazi ukwenza izinto Awayekwazi ukuzenza. Kwayebabesoyika ukuba bayakulahlekelwa liwonga labo phambikwabantu bodidi oluphezulu kakhulu, baze bathengisangethuba labo. Kananjalo banetyala kanye njengokubauHerode wayenalo.

73 Nelungu lebandla namhlanje likwayinto enye. Ukubababethembele kwihlelo lemvaba yabo njalo njalo, ngaloomihla, baze boyikela elabo iwonga, babeya kulahlelwangaphandle kwesynagogue, yayiyintoni ke leyo?Yayikukukhonza isithixo! Ukukhonza isithixo somgaqookanye isithixo sonqulo lwecawe, endaweni yokwamnkelaiLizwi eliphilileyo elalibonakaliswe phambi kwabo.

74 Yaye balibona iLizwi likaThixo. IBhayibhile ithe,“SaMbona saMphatha ngezandla.” Abantu abayinyamabebeka izandla ngenene, ephila, iLizwi elibonakalalisiweyolikaThixo ophilileyo; baze bavumele izithethe nemigaqo imephakathi kwabo, ukuhlanjwa kweembiza namapani, intoengcole olo hlobo ime phakathi kwabo noThixo ophilileyo.Ewe.

75 Yayiyintoni leyo? Babenekratshi. Babenekratshi kweyaKheecocekileyo, iVangeli yeSibhalo engqalileyo Awayeyifundisa,iLizwi likaBawo. Babenomona nguYe. Babenekratshi kuYe.Kwaye okoko benako nje ukukhumbula, ntoleyo,nasesihogweni apho bayakukhumbula, nantso indlela abayakukhunjulwa ngayo. Yiloo ndlela abaya kunyanzeleka ukubabaMkhumbule ngayo.

Uthi, “Owu, yayingabaFarisi abo.”

76 Kukho inenekazi elincinane elalikade lisiza kule nkonzo.Owu, ndiyaqonda mhlawumbi abaninzi kuni bayalazi, lihlalaphaya ezantsi kwesi sitrato phaya. Lawa lemnka. Kwaye lonkeixesha ndilibona, libaleka lize kum, izandla zalo zikwezam,“Mzalwana Bill, ndithandazele. Ndikreqile.” Umyeni walou^Hayi, ndicinga ukuba uhlala apha phezulu kwesi sitrato.Ndakhe ndalibona likuMoya, ndawubona uMoya kaThixoephezu kwalo, lona liduda, livuya, njalo njalo. Laze ke lawalemnka. Lalilele kutshanje esibhedlele phaya, lisifa, lacinga.Laza lathumela kum ukuba ndiye kulithandazela.

77 Ililo nomyeni walo babelunge kakhulu kwinkosikazi yam,ngethuba inkosikazi yam, incinane, idlakadlaka, intombazanaenobuso obumdaka, babeye ke bayithengela ilokhwe encinaneokanye into ethile njalo ethubeni, ukuyinceda ukuba iyeesikolweni. Akunamsebenzi nokuba incinane kangakanani,akukho nento enye onokuyenzela uThixo aze Angayikhumbuli.“Oko nikwenze kwaba bangona bancinana baM, nikwenzekuM.” Kwaye njengesonka emanzini, siyakubuya.

Page 18: XHO62-1209 Ukukhumbula INkosi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO62-1209 Remembering The Lord VGR.pdfAdam. ’Yabona, yaye ndiyayithanda inkonzo yangokuhlwa. Kodwa, nendlela eziyiyo

18 ILIZWI ELITHETHIWEYO

78 Lalilele apho olo sizi, luncinane, umfazi okreqileyo, ekhala,ebambe isandla sam. Kwaye waye^Ndathi, “Kulungile,dade, ndi_ndizakukuthandazela.”79 Kwakulele ke kwibhedi esecaleni kweyakhe umfazi eleleapho enqamleze izandla zakhe, ekhangele kum. Unyana wakhewayehleli ecaleni kwakhe, emalunga namashumi amabini,ekhangeleka enobu-ricky bangoku.80 Ngoko, ingekuko ukungabi nantlonipho ukuba kukhoumntu ongu-Ricky, kodwa ndithetha ukuba leyoyi^awuzange uve igama elinjalo kwimihla eyadlulayo. U-Elvis noRicky ligama nje ke leli xesha, uyabona. Ukubaunomntwana omthiye ngaloo nto, mbize ngelinye igamaeliphakathi, ngoko, kungenjalo mthiye elinye.81 Ngoko yathi ihleli apho ngolo hlobo, wakhangelangaphaya, ndaqalisa ukuthoba yam, ndambona ekhangelekangenene^Wathi, “Yima umzuzu! Tsala lo mdiya-diya!”82 Ndathi, “Bendizakuthandazela eli nenekazi.A_Awulo_lokholwa na?”83 Wathi, “Ndizakukuxela ngoku, thina singamaWisile, yayesifuna ukuba utsale loo mdiya-diya!”

“Ewe, nkosikazi,” ndaze ndatsala umdiya-diya.84 ’Yabona, ikwayinto enye. Yiloo nto inye namhlanje,banekratshi kangako! Wayesazi njani ukuba ndiloluphi nauhlobo lomlungiseleli? Ndandingazange ndimbone loo mfazingaphambili. Kodwa ngokuqinisekileyo wayeve mntu uthileowathi ndikholelwa empilisweni yabagulayo, kwaye yenaefundiswe ngokuchaseneyo naloo nto. Akananto yakwenzanoko, wahlamba izandla zakhe kuyo. Waba nexhala lokubaingamwela. Ungakhathazeki, ayisayi kwenza njalo, kanyenjengokuba uPilato wayenokuyihlamba isuke ezandleni zakhe.85 Ngoku, loo nto asikokuthetha nto ngokuhlazisa abantuabangamaWisile; yayingumfazi omnye nje lowo, ’yabona,kungenzeka ukuba yayiyindlela nje yakhe aqhuba ngayo.Andicingi ukuba bonke abantu abangamaWisile banjalo, kubandikhe ndathandazela abaninzi babo. Baye bandibiza ukubandibathandazele, yaze imiqondiso nemimangaliso yenzekaphakathi kwabo. Asingabo ngokupheleleyo abo bantu bakwezocawe; yinkqubo le baphantsi kwayo, nantso into eyenzekayo.Kodwa wayelolunye lolo hlobo yena. Yayiyintoni? Yityhefu njeeluhlaza ngokupheleleyo, likratshi nokuzaliswa nguMtyholi.86 Ndingathetha into ethile. Kwi_kwinkonzo ethileeyayilapha esixekweni ngaxesha lithile, baze babuza ukubakutheni ndingabizelwa kuyo nje. Kodwa ndizakuyitsiba ke loondawo kuba kusekhaya apha. Kodwa, nakanjani na, akukhosizathu, ngumona nje, ngumgaqo, kukukhonza izithixo. Indlelaebesinokuthanda ngayo ukugaxela iingalo zethu kuye wonke

Page 19: XHO62-1209 Ukukhumbula INkosi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO62-1209 Remembering The Lord VGR.pdfAdam. ’Yabona, yaye ndiyayithanda inkonzo yangokuhlwa. Kodwa, nendlela eziyiyo

UKUKHUMBULA INKOSI 19

umntu, kodwa xa wenziwe ikheswa^UYesu wayefunaukwenza njalo. Khumbula, ngamhla uthile unyanzelekileukuba uyikhumbule loo nto. Unyanzelekile ukubauyikhumbule.87 Loo nto indikhumbuza ubungqina obe busenziwakutshanje. Wayekwigunjana elizihambelayo enyuka, aphangaphesheya kwiSakhiwo iHeyburn. Kwabe kukho amadodaamathathu emileyo kunye nalo mlungiseleli kwe_kweligunjana lizihambelayo, wona ke_wona ke ayengayazi le ndodaukuba ngumlungiseleli, ndiyaqonda ayengazi. Baze bathibenyuka, bonke baya kuma kumgangatho wesibhozo. Enyeindoda yaphunguza ibhekisa kumlungiseleli, yaze yathi,“Uyazi yintoni? Xa silapha sisondele kangangoko sinokubanako eZulwini.”88 “Ke,” watsho umlungiseleli, “Ndi_ndiyacinga ukubaunyanisile. Ndi_Ndiyacinga ukuba yinyani leyo, okoko njesisathembele ngokuphelela koko kunokwenziwa sithi,siyakusondela siphelele nje kule ndawo.” Injalo loo nto. Okokonje usathembele kwinto oyenzayo, ukhumbula oko kwenziwenguwe. Kwaye ndiqinisekile ukuba abaninzi bethu bayaziukuba akukho nto sayenzayo, akukho nto sinelungelo layokonke. Wathi, “Ndiyaqonda xa sithembele koko sinakoukukwenza ngokwethu, singaphelela apha ke singenakudlula.”Ke, ukuba sithembele, sizakuhamba nje siphelele apha.89 Kodwa, owu, ndingathanda ukuthetha into. Ukubandinokulibala into endandiyiyo, ndikhumbule into Ayiyo,ukuba ndinokukhumbula uYesu, ukuba ndinokuMkhumbulaemnqamlezweni, ukuba ndinokukhumbula oko Wandenzelakona, ndize ndibe nokukhumbula ilixa Awahlamba ngaloizono zam, wandinika uMoya oyiNgcwele ukuba andikhokele,ngoko ndinyuselwe ngentla kwayo yonke into ebambe lomhlaba. Ndinyuselwe ngentla kwayo yonke intoyasemhlabeni, ndaya kungena kwiindawo zaseMazulwinikuKristu Yesu, apho ndinokuba nobudlelane naYe. AphokuBukho baKhe, ndilibale oko ndakhe ndakuko, ndilibalezonke izono zam nayo yonke into, kuba zikulwandlelokulibala. Ndilibale konke okudlulileyo kum, ndilibale yonkeinto, ndikhumbule ukuba Wandenza ndangowaKhe Buqu,ngokufa OkukokwaKhe. Wathabatha indawo yam. Yayekwakungekho ndawo ndandilungele ukuya kuyo kokokusesihogweni, Wathabatha indawo yam wandinyusawandikhupha esihogweni. Wandiyela khona. Wandinyusawandikhupha ngobuninzi bobabalo lwaKhe, kude kube ngokusingoonyana neentombi zikaThixo, sibe sihleli kwiindawozaseMazulwini kuKristu Yesu, sivuya okoko sikhumbula YenaLowo uze kusimisa apha sikhuselekile. Nangokholoolundondozayo emiphefumlweni yethu, lusinyanzela,nangobabalo Uyakusiqhubela phambili.

Page 20: XHO62-1209 Ukukhumbula INkosi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO62-1209 Remembering The Lord VGR.pdfAdam. ’Yabona, yaye ndiyayithanda inkonzo yangokuhlwa. Kodwa, nendlela eziyiyo

20 ILIZWI ELITHETHIWEYO

90 Kwaye ngamehlo okholo ndibona iSibhalo saKhesizalisekile, “Bonke Awabazi ngenxa engaphambili, Wababiza;bonke Awababizayo, Ubangcwalisile; nabo bonkeAwabangcwalisayo, Ubazukisile.” Ngoko ke xa ndinalengcinga, ndima kwintlanganisela yabantu, apho uMoyakaThixo ukhoyo, sibe siphakanyiselwe phezulu sihlelikwiindawo zaseMazulwini kuKristu uYesu. Silindele elo lixakuyakuthi ngalo le mbonakalo ingendawo yobomi bobuntuobunentliziyo enokufa ebethayo, neyakuthi ime ngamhlauthile, xa iyakuguqulwa inikwe intliziyo yoMoya eyakubethangako konke okwexesha elingenasiphelo ngaphaya koko.Kungekho kugula, kungekho ntsizi, kungekho kwaluphala,okanye nantoni na.91 Khumbula uYesu. Lakungabi nanto igubu endlwini, naxakungekho mgubo wangqolowa, khumbula uYesu. Xa ugqirhaesithi akusekho thuba, khumbula uYesu. Xa uMtyholiekulinga; kwaye siyalicula iculo lethu lokwahlukana, “xaizilingo zisingqonga, phefumla elo Gama liNgcweleemthandazweni.”92 Khumbula uYesu, ukhumbula ukuba Uyakubuyakwakhona. Kwaloo Yesu wenyuswayo wemnka kuthiuyakubuya kwakhona kwangaloo ndlela njengokuba siMbonileesiya kungena eZulwini. Khumbula, Uyakubuya ebuyela abobangabaKhe Buqu.93 Masithandaze, iintloko zethu ke sizithobile. Nalo Myalezomncinane waphukile usesentliziyweni yakho, awunakuthandaukuba Akukhumbule ngoku? Ukuba uyafuna, phakamisa njeizandla zakho, nento ethile ekhethekileyo, “Nkosi,ndikhumbule.” Njengoko imbongi yathi, “Ndikhumbule xaiinyembezi ziqukuqela ukuhla.”94 Bawo wethu oNgcwele Kakhulu, sixhamle ngokuvuyelaokukhulu uBukho boMoya oyiNgcwele, njengoko EsibonisileiLizwi loBomi, njengoko sikhumbula umngxuma esembiwakuwo sabe ngoku sithatyathiwe ukususwa kuloo mhadisaxonxelwa ekubeni ngabantwana bakaThixo, ngobabalolukaYesu Kristu. NdiyaMkhumbula, xa ugqirha wakhangelakum ebusweni wathi, “Kusele nje imizuzwana embalwaeyeminye,” ndikhumbula uYesu. Ndikhumbula uYesu, xandandisesiguqweni ndililela inceba umphefumlo wam uvuthauphela, ndiyawukhumbula umthwalo owesukayo kum. UYesuwathabatha umthwalo wam. Kwiinyanga ezimbalwaezidlulileyo, ndihleli kwisitulo eside, ndikhangele ezantsingombhobho wombaxa wompu, ukuze ndidubule intoebendiyibekile, yaye inokuba uSathana ucinge, “Lithuba lameli ngoku.” Waze wathi w-akudubula loo mpu, yaze le ndawoingumbaxa nentonga nompu uqhubela phambili wabhekamacala, kwabakho umlilo wandijikeleza, ndazamaukuphephisa iinyawo zam, labe limpompoza igazi,

Page 21: XHO62-1209 Ukukhumbula INkosi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO62-1209 Remembering The Lord VGR.pdfAdam. ’Yabona, yaye ndiyayithanda inkonzo yangokuhlwa. Kodwa, nendlela eziyiyo

UKUKHUMBULA INKOSI 21

ndiyakhumbula ukuba yayinguYesu. Xa ugqirha wathiakundikhangela wabona kungekho ngozi yenzekileyo, wathi,“Inye kuphela into endiyaziyo, kukuba iNkosi inokuba ibihleliapha, nayo, ikhusela umkhonzi waYo, ebemelwe kukubaudutyulwe wathi saa lolunjalo udubulo.” Owu Thixo, indlelaesithi sonke sizikhumbule ngayo ezo zinto!95 Siza eMthonjeni ozaliswe liGazi, elatsalwa kwimithamboka-Imanuweli. Sisikelele, Nkosi, sisonke ngokuhlwanje.Uyayazi i_injongo nokuzimisela okukwintliziyo yonkeephakamise isandla. Uyawazi umnqweno noko kuswelweyo.Ke njengomkhonzi waKho, Nkosi, ndi_ndiza nabo,na_naphaya phezulu ngaphandle kwalo mnquba ngoku(ngokholo) siyaya, ngaphaya kwamafu nenyanga,neenkwenkwezi no_nomnyele omhlophe wezulu, ke ngokusiyafika kuBukho bukaThixo. Kwaye kuthe natya phambikwam isibingelelo segolide, nalo phezu kwaso iDiniesilikhumbulayo, uYesu, owathi, “Celani nje kuBawo nantonina eGameni laM, Ndi_Ndiyakuninika.” Malungasileli ukhololwethu, Nkosi, koko masikhumbule ukuba samnkela okosikucelileyo, ukuba siyakholwa yiloo nto, njengokubasikhumbula ukuba uYesu wafela ukuze oko kulunge kuthinokwenza ukuba kube kokuqinisekileyo.96 Nkosi, siyabona ukuba Uyasandisa isakhiwo sethu. NguWeowasenzela oku, othe wasinika esi sandiso senkonzo. Kwayesiyazi ukuba yayinguWe, Nkosi, Owasinika le nkonzoekuqalekeni. Siyathandaza ukuba Usikelele la malinge.

97 Nkosi, sithandazela umlungiseleli wethu, uMzalwanaNeville, owaKho onobubele, umkhonzi wakho othembekileyo.Ulungele ukukhonza nakusiphina isikhundla, akunamsebenzinokuba kukwisihlalo esisemva na kungenjalo ikukucocainkonzo, ulungele ukuKukhonza naphi na apho Ubizela khona.Siyathandaza, Thixo, ukuba_ukuba Umsikelele.98 Thixo, eli tyala lokuvavanywa ndisandula ukuphuma kulo,kunye naba bantu basayinela izimali bebemi kunye nam, nelibandla li_lindithandazeleyo, kwathi ekugqibeleni kwafikauloyiso. Owu Thixo, ndiyabathandazela. Ndiyabakhumbula,nabo, Nkosi, ndaye ndiqinisekile ukuba Uyabakhumbulangokuqinisekileyo.99 Siyazikhumbula iintsikelelo Obezizo kuthi. Kwayesikhumbula iLizwi laKho, ukuba Awusayi kusishiyaungenakuze usilibale. Ukwaluphala akuyi kuba nanto kuloonto, Usaya kusikhumbula, xa lingasekho ihlabathi nexeshaliyakunyamalala lingene kwiNaphakade. Kubhalwe into eloluhlobo, “Ingaba umama angalulibala na usana lwakheolwanyayo? Andingeze ndikulibale. Ukrolwe kwintendezezandla zaM,” izikhonkwane ezikrola igama lethu. Siyaziukuba Uyasikhumbula, Nkosi.

Page 22: XHO62-1209 Ukukhumbula INkosi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO62-1209 Remembering The Lord VGR.pdfAdam. ’Yabona, yaye ndiyayithanda inkonzo yangokuhlwa. Kodwa, nendlela eziyiyo

22 ILIZWI ELITHETHIWEYO

100 Kananjalo Wanga ungahlala ukwinkumbulo zethuezizezona zithandekayo, njengoMsindisi wethu, uMphilisiwethu, uKumkani wethu, iSithandwa sethu, uBomi bethu,uMtha welanga wethu, oKuko konke kubo Bonke kuthi, loomthombo ungatshiyo wobabalo nothando lukaThixo kuthibantu bawileyo bosapho luka-Adam. Siphe oko, Nkosi,njengoko sizinikela kuWe ngoku, simnka kulo Mnqubakusihlwanje, sikhumbula uYesu, Amen.101 NiyaMkhumbula? NiyaMthanda? Ngoku ndiyacinga ukuba,kulo Myalezwana wethu waphukileyo, sinokukuthetha oku.UPawulos wathi, “Nokuba senza ntoni na, masiyenzesikuMoya.” Kwizinto zonke simelwe kukuMkhumbula.Makungabikho sigqibo sisenzayo de siMkhumbule;makungabikho nto siyenzayo, kuba iyakuba yintoeyeyengqondo. Ukuba utshaba lubetha elinye icala lesidlele,masikhumbule oko Wakwenzayo phambi kokuba siphindise.Masikhumbule isenzo saKhe. Ukuba kukho isigqiboemasenziwe, masilinde, sikhumbule ukuba loluphi na uhlobolwesigqibo esicinga ukuba Ebeya kusenza, ngoko ibe sisigqibosethu eso. Ukuba sithe sangxama, masikhumbule ukuba Yenaakazange angxame. ’Yabona? Ukuba sithe sanexhala kakhulu,masikhumbule ukuba Yena uhleli ngoNaphakade, ixeshaalithethi nto kuYe. Kukuzimisela nenjongo yentliziyo yethu.Masikhumbule Yena.102 Kwaye masiMkhumbule ngoku njengoko sicula eli culosikumoya eBusweni baKhe, “NdiyaMthanda.” Ukuba nithenahlala eluthandweni, nihleli kuThixo, kuba uThixouluthando. Abo bahleli kuThixo bahleli eluthandweni.’Yabona? Uthando ke alunantiyo. Uthando alunamona.Uthando alunampakamo. Uthando alwenzi okuzintloni.Uthando luhlala lunobunono, lulungile, luxolela, lunobubele.Akunamsebenzi nokuba omnye ukhohlakele kangakanani na,uthando luhlala lululo. Uthando yeyona njongo iphambiliyobabalo. Uthando luyeyona njongo iphambili kaThixo ngathi.Emva kokuba zonke ezinye izipho nezinto ezinjalosezinyamalele, ukuprofeta kwethu, iilwimi zethu, ukutolikakwethu, konke esakha sakwenza, kungenjalo nantoni naeyenye, lwakungena uthando, luyingqibelelo. Lungaphezukwako konke, kuba zonke ezinye ziyasilela. Lu_lusisigqiboseNkundla ePhakamileyo. LusiSibonda sokuxhathisa.LuyiNkwenkwezi yangeNtla egcina oomatiloshe kwindawoelungeleleneyo. LuyiKhampasi yokusikhokela. Uthandolungundoqo. Masiyikhumbule loo nto sisacula,“NdiyaMthanda.”

NdiyaMthanda, NdiyaMthandaNgokuba Wandithanda kuqalaWathenga usindiso lwamEKalvari emthini.

Page 23: XHO62-1209 Ukukhumbula INkosi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO62-1209 Remembering The Lord VGR.pdfAdam. ’Yabona, yaye ndiyayithanda inkonzo yangokuhlwa. Kodwa, nendlela eziyiyo

UKUKHUMBULA INKOSI 23

NdiyaMthanda, NdiyaMthandaNgokuba Wandi^(Ngoku khumbula,

Wandithanda wanikela ngoNyana waKhe)Wathenga usindiso lwamEKalvari emthini.

103 Ngoku ngeli thuba udade wethu esifakela isingqi kweliculo, [UMzalwana Branham uqalisa ukungqumshela“NdiyaMthanda”_Mhl.] masithi nje ngobumnandibobudlelane, ngoku sihleli kunye kwiindawo zaseMazulwinikuKristu, ngoku thabatha konke, yonke into isuke entliziyweniyakho. Uze ukhumbule, iLizwi likaThixo litsho.Ndingumkhonzi waKhe mna. Ulapha Yena. Ngokomasibambane isandla nomnye umntu, sithi, “UThixoakusikelele, mzalwana.” Ukuba unotshaba, phakama uye kulo,’yabona, “UThixo akusikelele mzalwana,” njengoko siliculaikhorasi kwakhona sibambana izandla. Aninakuyenza loo ntongoku, ngokumnandi ngenene kuMoya.

NdiyaMthanda, NdiyaMthandaNgokuba Wandithanda kuqalaWathenga usindiso lwam[UMzalwana Branham ubamba izandla_Mhl.]

Siziphakamisile izandla zethu ngoku.NdiyaMthanda, NdiyaMthandaNgokuba^(Khumbula uYesu!)Wathenga usindiso lwamEKalvari emthini.

104 Ngoku masithobe iintloko zethu silingqumshele.[UMzalwana uBranham uqalisa ukungqumshela u“NdiyaMthanda”_Mhl.] Ukukhumbula uYesu! [UMzalwanauBranham uqhubela phambili ngokungqumshela]“Wandithanda kuqala.” [UMzalwana uBranham uqhubelaphambili ngokungqumshela] “EKalvari emthini.”105 Ngoku njengoko udade wethu ebetha isingqi,ngokumnandi nangokuzola, ndizakucela umzalwana wethuolungileyo^uMzalwana Neville, ingaba unezwi ofunaukulithetha? Ndizakucela uMzalwana Collins lowa uphayaemva, owethu othembekileyo, lo mzalwanana mncinane,omnye wamadlelane ethu, ukuba asindulule ngomthandazo.Ngeli thuba sithoba iintloko zethu, Mzalwana Collins.[UMzalwana Collins uyathandaza_Mhl.] `

Page 24: XHO62-1209 Ukukhumbula INkosi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO62-1209 Remembering The Lord VGR.pdfAdam. ’Yabona, yaye ndiyayithanda inkonzo yangokuhlwa. Kodwa, nendlela eziyiyo

24 ILIZWI ELITHETHIWEYO

UKUKHUMBULA INKOSI XHO62-1209(Remembering The Lord)

Lo Myalezo kaMzalwana uWilliam Marrion Branham owawushunyayelweekuqaleni ngesiNgesi ngeCawe ngokuhlwa ngo-mhla we-9 kuDisemba, ngowe-1962,kuMnquba kaBranham, eJeffersonville, e-Indiana, eMelika, wathatyathwakwisishicileli-mazwi washicilelwa ungafinyezwanga ngesiNgesi. Le nguquleloyesiXhosa ipapashwe ngowe-2002 ngabe:

C2002 VGR, ALL RIGHTS RESERVED

VOICE OF GOD RECORDINGS

P.O. BOX 950, JEFFERSONVILLE, INDIANA 47131 U.S.A.

Page 25: XHO62-1209 Ukukhumbula INkosi VGRdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO62-1209 Remembering The Lord VGR.pdfAdam. ’Yabona, yaye ndiyayithanda inkonzo yangokuhlwa. Kodwa, nendlela eziyiyo

Ilungelo lombhali elilelakhe lokushicilela

Onke amalungelo agciniwe. Le ncwadi ingaprintwa kwiprinta yasendlini ukwenzela ukuba isentyenziswe okanye kunikezwe ngayo, ngaphandle kwentlawulo, njengesixhobo sokukhawulezisa iVangelli kaYesu Kristu. Le ncwadi ayinakuthengiswa, yenziwe kwakhona ngesixa esikhulu, ifakwe kwi website, igcinwe kwindawo apho inokukhutshwa khona, itolikelwe kwezinye iilwimi, okanye isetyenziselwe ukurhwebesha imali ngaphandle kwemvume echaziweyo ngombalo ephuma eVoice Of God Recordings®.

Ngeechukacha ezithe vetshe okanye malunga nezinye izinto eziphathekayo, nceda qhagamshela:

VOICE OF GOD RECORDINGSP.O. BOX 950, JEFFERSONVILLE, INDIANA 47131 U.S.A.

www.branham.org