isigaba esiphakathi iishedyuli zomsebenzi · 2019. 9. 23. · 4.2.2 hlela ulwazi: umfundi uhlela...
TRANSCRIPT
ISig
aba
esiP
haka
thi
IiShe
dyul
i zoM
sebe
nzi
IBakala
4
IISayensi zezeNdalo
AMAGQABANTSHINTSHI Ukumisela umgaqonkqubo kuba namagingxi-gingxi. Yinkqubo yokuqonda nokucacisa ukuba lo mgaqonkqubo uthini kanye kanye kunye neyokubonisana nabantu, nkqubo leyo ethatha ixesha elide. Siye sifunde kule nkqubo ze simana siyitshintsha ngokwezimvo esizifumanayo ukwenzela ukuba le nkqubo ilungele iimeko ngeemeko ezahlukileyo. Into esiyifundileyo kule minyaka ilishumi nangaphezulu idlulileyo kukuba kufuneka sibonisane, simamele ze sifumane isisombululo kwimingeni esijongene nayo. Iishedyuli zomsebenzi zisisiphumo saloo mgaqonkqubo kunye nalo nkqubo ethe yasifundisa izinto ngezinto. Isifundo seLitheresi neseziBalo kwakunye nezinye izifundo zeSigaba seSiseko kunye nesiPhakathi zizifundo ezibalulekileyo esigxininise kuzo siliSebe lezeMfundo leNtshona Koloni. Sifuna ukuqinisa izikolo zamabanga aphantsi ze sidale amathuba esiseko esomeleleyo ukuze siphucule amathuba abafundi okuphumelela kumakhondo abafuna ukuwalandela. Sikholelwa ukuba esi siseko singaziphucula iziphumo zelitheresi nezesifundo sezibalo, nezinga lokupasa ngokubanzi. UMzantsi Afrika lilizwe elisakhulayo yaye sivile ukuba, kule minyaka yeenkqubo ezichaphazela ihlabathi lonke, amazwe asaxakeke nenkqubo yokuzilinganisa namazwe aphuhlileyo kufuneka evelise izakhono ezifunekayo. Ngoko ko ilizwe elifana neli lethu lingakwazi ukukhuphisana nala mazwe makhulu yaye lingazinza. Into ebalulekilyo kukuba sibe nabafundi abakwaziyo ukufunda, ukubhala kwakunye nabakonwabelayo ukufunda okanye ukuhamba isikolo. Ixabiso lezentlalo lesikolo linokuphuculwa ukuba ngaba iinzame zezikolo zinokukhuliswa. Iishedyuli zomsebenzi ziza kuthathwa njengenxalenye yezixhobo zePhulo, iFoundations for Learning. Zithathwa njengesixhobo sokuxhasa nokunika intsingiselo kweli phulo. Nanjengokuba kukho uluvo lokuba amaphulo zizinto nje ezimana ziphinda-phindwa, iishedyuli zomsebenzi ziza kuba sisixhobo senkxaso eza kunika intsingiselo ekwakhiweni kweziseko zelitheresi kunye nesifundo sezibalo. Lilinge lokubonelela ngezikhokelo kootitshala ngendlela yokufundisa kusuku ngalunye lwesikolo. Iishedyuli zomsebenzi ziza kuthunyelwa ezikolweni ukuze izikolo zinike izimvo okanye iingxelo zazo malunga nazo. Kananjalo ziza kuvavanywa kwizikolo ezithile ezikhethiweyo. La maxwebhu aza kukhutshwa njengesikhokelo ngoJanuwari 2009 yaye kucelwa ukuba izikolo zingenise izimvo zazo ngazo ngoJulayi 2009. Ezi shedyuli zomsebenzi ziza kuvavanywa ezikolweni kwangoJulayi 2009. Zonke izimvo ezingenisiweyo ziya kunceda ekubeni ziphinde zisetyenzwe okanye ziphuhliswe ngakumbi ezi shedyuli zomsebenzi. ISebe lezeMfundo leNtshona Koloni liziko elisafundayo yaye lizama ngawo onke amaxesha ukuba liyiqonde imeko elingqongileyo. Le nkqubo yokufunda iyaqhubeka ngenxa yento yokuba izinto zisoloko zitshintsha ngokukhawuleza. Xa ke sikuthathela ingqalelo oku, masazi ukuba isimemo sokufumana izimvo kunye nesovavanyo lilinge elibonisa into yokuba siliziko elifundayo ngokuthi siphuhlise amaxwebhu asekelwe kwizimvo zootititshala kwakunye nezabantu abakwamanye amacandelo ahlukileyo kwiphondo lethu. Siyazi ukuba ukusebenza ngendlela efanayo akusebenzi okanye akubi naziqhamo zihle. Siyazi kananjalo ukuba kufuneka simamele, sithethe ze sifumane izisombululo kwimingeni yethu. Uvavanyo lwezi shedyuli ezikolweni kunye nesimemo sokuba nisinike izimvo zenu kuza kusenza ukuba sibonisane, simamele ze sifumane izisombululo njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu.
Gqr. S. Naicker, Umlawuli oyiNtloko: Icandelo loPhuhliso lweKharityhulamu
INkalo yobuNzululwazi ngezeNdalo iSigaba esiPhakathi
IShedyuli yoMsebenzi neSikhokelo sikaTitshala
IShedyuli yoMsebenzi wobuNzululwazi ngezeNdalo kunye neSikhokelo sikaTitshala zizo ezixhasa utitshala ekubeni amisele i-NCS. Eli asiloxwebhu lomgaqo-nkqubo koko ngumthombo wolwazi olungiselelwe ootitshala. IShedyuli yoMsebenzi kunye neSikhokelo sikaTitshala zilandela isicwangciso seveki esifanayo kwibakala ngalinye. IShedyuli yoMsebenzi
• Esi sisikhokelo esimbaxa esinika uluhlu lwemixholo ekunokukhethwa kuyo (iziPhumo zesiFundo kunye noMxholo woLwazi neSigama) kwibakala ngalinye le-4 ukuya kwele-6.
• IShedyuli yoMsebenzi inika isikhokelo somxholo iveki neveki, kunye nokugxilwe kuko kuhlolo.
• Le shedyuli isebenza kuzo zontathu iziPhumo zesiFundo sobuNzululwazi ngezeNdalo.
• Iquka yonke iMixholo yoLwazi neSigama kwiinkalo ezine zesifundo sobuNzululwazi ngezeNdalo.
ISikhokelo sikaTitshala
• Isikhokelo sikatitshala sichaza yaye sicacisa isishwankathelo esinikwe kwiShedyuli yoMsebenzi iveki neveki kwibakala ngalinye.
• Sinika izifundo eziziintlobo ezohlukeneyo nezithi zibe yimisebenzi eyohlukeneyo yohlolo oluphathelene neziPhumo zesiFundo sobuNzululwazi ngezeNdalo.
• Sinika enye ingcaciso ngesigama esiza kufundiswa neendlela eziza kusetyenziswa ukusifundisa.
• Kananjalo ikwanika ingcaciso ngamathuba ohlanganiso phakathi kwamacandelo esifundo sobuNzululwazi ngezeNdalo ngokunjalo naphakathi kweeNkalo zesiFundo ezohlukeneyo.
Indlela yokusebenzisa iShedyuli yoMsebenzi neSikhokelo sikaTitshala Sicebisa ukuba:
• Ootitshala bawasebenzise la maxwebhu ukuncedisa izicwangciso zabo kunye nokongeza oko bakufumana kuluncedo.
• Ootitshala mabayilungelelanise inkqubo ukuze ilungelelane nesantya sokufunda kwabafundi babo.
• Ootitshala mabakhethe oko kufanelekileyo kumxholo wabo kunye noko kunokwenziwa ngokulawulekayo eklasini.
• Ootitshala mabacwangcise inkqubo yabo yohlolo kwangethuba belungiselela ikota nganye ngokwesantya abafundisa ngaso bona.
• Ootitshala kufuneka badibanise umxholo abawufundisayo naphi na xa kuyimfuneko. • Kufuneka ootitshala bajonge uXwebhu loMgaqo-nkqubo weNgxelo
yeKharityhulamu yeSizwe – njengesikhokelo kwiziphumo zesifundo, kwimigangatho yovavanyo kunye nomxholo wolwazi omisiweyo.
IMIBULELO
Sidlulisa umbulelo ongazenzisiyo kootitshala nakumagosa anika iingcebiso ngekharityhulamu athe aqulunqa ishedyuli yomsebenzi belungiselela iSigaba esiPhakathi. Candelo loLawulo: kwiKharityhulamu : GET
INZULULWAZI NGEZENDALO
INQANABA ELIPHAKATHI: IBANGA LESI-4
INKQUBO YOHLOLO: Imisebenzi yohlolo olusesikweni
Ikota 1 Umsebenzi wohlolo 1: Iveki 10 Ikota 2 Umsebenzi wohlolo 2: Iveki 20 Umsebenzi wohlolo 3: Iveki 21 Ikota 3 Umsebenzi wohlolo 4: Iveki 30 Ikota 4 Umsebenzi wohlolo 5: Iveki 34 Umsebenzi wohlolo 6: Iveki 40
ISIPHUMO SESIFUNDO 1: UPHANDO LOBUNZULULWAZI
4.1.1 Ucwangcisa uphando: Uba negalelo ngeengcinga zeemeko eziqhelekileyo, izidingo okanye imathiriyeli nokuchonga iingongoma ezinomdla ezinokuthi zikhokelele kuphando.
4.1.2 Uqhuba uphando aqokelele inkcukacha: Uhlola okunokwenzeka kwiimathiriyeli ezikhoyo
nokufumanisa ukuba zingasetyenziswa njani.
4.1.3 Uhlalutya inkcukacha aze achaza ngeziphumo: Uthetha malunga nemigqaliselo aze acebise ngonxulumano olulindelekileyo kwezinye iimeko.
ISIPHUMO SESIFUNDO 2: UKWAKHA ULWAZI LOBUNZULULWAZI 4.2.1 Ukhumbula ingcaciso enentsngiselo: ebuncinane, esebenzisa ulwimi lwakhe ukubiza kunye
nokuchaza. 4.2.2 Uhlela ingcaciso ngokweendidi: Uhlela izinto ngezinto eziphilayo ngeempawu ezibonakalayo. ISIPHUMO SESIFUNDO 3: INZULULWAZI, ULUNTU NOKUSINGQONGILEYO 4.3.1 Ukuqonda inzululwazi nobugcisa kwimeko yezembali kunye nolwazi lweveli:
Uchaza iindlela iinkcubeko zemveli zasekhaya ezisebenzise ngayo imigaqo yenzululwazi neemveliso zobugcisa kwiimeko ezithile.
4.3.2 Uqonda ifuthe lenzululwazi kunye nobugcisa:
Uchonga iimpawu zezixhobo zobugcisa ezimgqongileyo nokuxela neenjongo zazo kwanoncedo lwazo.
4.3.3 Unakana ukutyekelela kwinzululwazi yobugcisa: Uchonga iinzima abanye abantu abanazo ekusebenziseni izixhobo zobugcisa.
- 1 -
ISICWANGCISO SOMSEBENZI SENZULULWAZI NGEZENDALO
IBANGA LESI-4
IKOTA 1: AMANDLA NOTSHINTSHO
IVEKI LO IMIGANGATHO YOKUHLOLA NOKONA KUZA KUFUNDISWA TG
1
1-3 UKWAZISWA KWIZIFUNDO ZENZULULWAZI: AMANDLA NOTSHINTSHO Hlaziya ngokufutshane:
o Ubudlelwane phakathi kwamandla nomsebenzi (sisebenzisa amandla kuko konke esikwenzayo)
o Sifumana amandla ekutyeni
Iveki
1
2
LO 2
Ukwakha ulwazi ngezenzululwazi
Imithombo yamandla: ilanga, ukutya, amanzi, iinkuni
Nika ingcaciso emfutshane ngezi ngqiqo: o Amandla o Amandla angekasetyenziswa (agciniweyo) o Amandla entshukumo o Imithombo yamandla o Amanzi engxangxasi (asuka kumadama amakhulu
ogcino-manzi)
4.2.1 Ukhumbula ulwazi olunentsingiselo, kubuncinane, usebenzisa ulwimi olunobuciko ukuthiya nokuchaza izinto, izixhobo nezinto eziphilayo
Thiya uchaze iimo ezahlukeneyo zamandla (umz. ubushushu, ukukhanya, isandi, umbane, inukliya).
Xela imithombo yamandla (umz. ilanga, ipetroli, ibhetri, umoya, njalo njalo)
Chaza imithombo eyahlukeneyo yamandla. 4.2.2 Hlela ulwazi: Umfundi uhlela izinto ngezinto eziphilayo ngeempawu ezibonakalayo.
Hlela imithombo yamandla ibe kumaqela amabini ngokwenkangeleko (umz. izinto ezakhe zaphila nezingaphiliyo, ezihlaziyiweyo nezingahlaziywanga).
Iveki
2
3
Imigaqo yokhuseleko xa usebenzisa imithombo yamandla (ebandakanya igesi, ipetroli, iparafini, umbane)
Nika ingcaciso emfutshane ngezi ngqiqo: o Imigaqo yokhuseleko o Igesi o Ipetroli o Iparafini o Umbane
Iveki
3
- 2 -
4.3.3 Unakana ukutyekelela kubugcisa nenzululwazi: Uchonga iinzima abanye abantu abanazo ekusebenziseni izixhobo zeteknoloji.
Chonga iinzima nemigaqo yokhuseleko xa kusetyenziswa imithombo yamandla: ilanga, ukutya, amanzi engxagxasi, iinkuni, ipetroli, iparafini.
Chonga imigaqo yokhuseleko xa kusetyenziswa umbane.
4
LO 2
Ukwakha ulwazi ngezenzululwazi
Ityathanga lokutya njengenkqubo yendalo yamandla kwindalo
Nika ingcaciso emfutshane ngezi ngqiqo: o Ityathanga lokutya o Imithombo yamandla o Utshintshiselwano ngamandla o Uxhomekeko
4.2.1 Ukhumbula ulwazi olunentsingiselo: Kubuncinane, usebenzisa ulwimi olunobuciko ukuthiya nokuchaza izixhobo nezinto eziphilayo
Xela imithombo ephambili yamandla nakuliphi na ityathanga lokutya
Chaza indlela ekutshintshiselwana ngayo ngamandla ukusuka kwilanga ukuya kwizityalo ukuya ebantwini. (Zoba okanye ncamathisela indlela yokuhamba kwamandla ubhale nezivakalisi ezichaza amanyathelo ekutshintshiselaneni ngamandla)
Iveki
4
6
LO 1
Uphando
lobuNzululwazi
Yakha into yokudlala elula (isixokelelwano samandla) ebonisa ukutshintshwa kwamandla ukusuka kwagciniweyo ukuya kwawentshukumo. Nika ingcaciso emfutshane ngezi ngqiqo:
o Uphando lobunzululwazi o Ucwangciso o Ukwenza o Ukuvavanya o Ukunxibelelana
Uphando: Yakha into yokudlala elula (isixokelelwano samandla) ebonisa ukutshintshwa kwamandla ukusuka kwagciniweyo ukuya kwawentshukumo. Uphando olucetyiswayo: Yenza into yokudlala elula (itrektha ngebhobhile yerhali).
4.1.2 Uqhuba uphando aqokelele nolwazi: Uhlola okunokwenzeka kwizixhobo ezikhoyo nokufumanisa ukuba zingasetyenziswa njani.
Qokelela iimathiriyeli ezikhoyo (ibhobhile yerhali, ilastiki, ukhuni olufutshane oluthe tse).
Hlola indlela imathiriyeli enokusetyenziswa ngayo (yakha izinto zokudlala usebenzisa imathiriyeli).
Fumanisa iindlela zokuguqulwa kwemathiriyeli ukuze kuphuculwe umgangatho wezinto zokudlala.
Iveki
6
- 3 -
4.1.3 Uvavanya ulwazi azise okufunyanisiweyo: Umfundi uthetha malunga nemigqaliselo aze acebise unxulumano olulindelekileyo kwiimeko.
Thetha ngophuculo olwenziweyo kwisixokelelwano esisebenza ngayo.
(cacisa indlela amandla asuka kwiseli akudala ngayo ukuhamba kwenjini ukuyenza ijikeleze). Cebisa unxibelelwano olukhoyo neemeko zobomi bemihla
ngemihla.
7
LO 1
Uphando
ngezenzululwazi
Uqukaniso neteknoloji
Yakha isekethe yombane elula (isixokelelwano samandla) ebonisa ukutshintshwa kwamandla ukusuka kwagciniweyo ukuya kwawentshukumo. Nika ingcaciso emfutshane ngezi ngqiqo:
o Isekethe o Ezingombane
4.1.1 Cwangcisa uphando: Umfundi wenza igalelo ngeengcinga zeemeko eziqhelekileyo, izidingo okanye izixhobo nokuchonga iingongoma ezinomdla ezikhokelela kuphando.
Yenza iisekethe ezilula zombane usebenzisa iiseli, amacingo, ibhalbhu yokulayita nenjini (okanye iphiko lokuphozisa okanye isandisi - sandi).
Yiba negalelo ngeengcamango mayela nezixokelelwano zamandla ezilula kubomi bemihla ngemihla.
Chonga imiba enomdla kwisixokelelwano samandla eninokusiphanda.
4.1.2 Qhuba uphando uqokelele nolwazi: Umfundi uhlola okunokwenzeka kwizixhobo ezikhoyo nokufumanisa ukuba zingasetyenziswa njani.
Qokelela imathiriyeli efumanekayo ukwakha isekethe yombane.
Hlola iindlela imathiriyeli enokusetyenziswa ngayo (yakha isekethe usebenzisa imatheriyeli).
Fumanisa indlela enokuguqulwa ngayo imathiriyeli ukuphucula isekethe yenu.
4.1.3 Uvavanya ulwazi azise okufunyanisiweyo: Umfundi uthetha malunga nemigqaliselo aze acebise ngonxulumano olulindelekileyo kwiimeko.
Thetha ngokuphuculwa okwenziwe kwiisekethe. Thetha ngokuqatshelweyo (cacisa indlela amandla asuka kwiseli abangela ukushukuma kwenjini njalo njalo).
Cebisa ngonxibelelwano olukhoyo neemeko zobomi bemihla ngemihla ((indlela okunxulumene ngayo oku kwiingcingo zombane ezikwithotshi okanye endlwini).
Iveki
7
- 4 -
Uphando olongezelelweyo: Yakha indlu elula ngekhadibhodi uyifakele isekethe elula yombane (zenze zisebenze izibane, okanye isandi sentsimbi yokunkqonkqoza emnyango, okanye iphiko lokuphozisa elisebenzayo njalo njalo).
8
LO 3
Inzululwazi, uluntu
nommandla
Utshintshiselwano lwamandla kwiinkcubeko Nika ingcaciso emfutshane ngezi ngqiqo:
o Izifundo zembali o Ulwazi lwemveli o ITeknoloji o Izixhobo o Iinkcubeko o I-Global warming / ubushushu bomhlaba
4.3.1 Ukuqonda ngobugcisa nenzululwazi kwimeko yezembali kunye nolwazi lwemveli: Uchaza iindlela iinkcubeko zemveli zasekhaya ezisebenzise ngayo imigaqo yenzululwazi neemveliso obugcisa kwiimeko ezithile.
Chaza indlela iinkcubeko zemveli kweli ezisebenzise ngayo utshintshiselwano ngamandla (umzekelo, ukusuka kwamandla ezinkunini naselangeni) ngeenjongo eziqingqiweyo (umzekelo, ukufudumeza amanzi).
4.3.2 Uchonga iimpawu zezixhobo zobugcisa ezimgqongileyo nokuxela neenjongo zazo kwanoncedo lwazo.
Chonga iimpawu (inkangeleko) yezixhobo zeteknoloji (umzekelo, unomathotholo, iselula, isitovu njalo njalo).
Xoxa ngemisebenzi nangokubaluleka kwezixhobo zeteknoloji ezibangqongileyo (umzekelo, izixhobo zokwenza shushu, izitovu, ibhalbhu, njalo njalo).
Iveki
8
- 5 -
9
LO 1
Uphando ngezenzululwazi
Uqukaniso neMathematika
LO 5
Ukutya njengemithombo yamandla
Nika ingcaciso emfutshane ngezi ngqiqo:
o IiKhilojawuli (kJ) o Ukutya njengomthombo wamandla o Iilebhile zokutya
Uphando: Yiyiphi ipapa equlethe awona mandla? 4.1.1 Ucwangcisa uphando
Yiba negalelo ngeengcamango ngokuphanda ngamagama
okutya. Chonga imiba enomdla enokuqatshelwa nekhokelela
kuphando.
4.1.2 Wenza uphando aqokelele nolwazi:
Qokelela imathiriyeli ekhoyo yokwenza uphando. Hlola iindlela ezahlukeneyo zokusetyenziswa
kwematheriyeli. Qokelela ulwazi (ukuqaphela nokurhekhoda iinkcukacha
umz. ukufunda amagama epapa nokurhekhoda umlinganiselo wamandla kwisazobe ngasinye).
4.1.3 Uvavanya ulwazi azise okufunyanisiweyo
Chaza iimbono zakho ngolu uphando. Thetha ngokuqapheleyo. Cebisa unxibelelwano olukhoyo nezinye iimeko (umzekelo,
ukukhetha ukutya okuthile). Uvavanyo lwezona papa zithandwayo: Yandlala ulwazi Zoba igrafu esisitena
Iveki
9
10
1-3
UMSEBENZI WOHLOLO OLUMISELWEYO 1
Iveki 10
- 6 -
ISICWANGCISO SOMSEBENZI SENZULULWAZI NGEZENDALO
IBANGA 4
IKOTA 2: IMATHA NEEMATHIRIYELI
IVEKI LO IMIGANGATHO YOKUHLOLA NOKUFUNDISA OKUNGUNDOQO TG
11 -
12
1-3
UKWAZISWA KWIZIFUNDO ZENZULULWAZI: IMATHA NEEMATHIRIYELI Nika ingcaciso emfutshane ngezi ngqiqo: Iimathiriyeli neempawu zazo
o Ulutho olungangxengwanga nemixube o Iinguqu ezibonakala kwimixube o (Ukuguquka kwemibala xa kusenziwa imixube, umz.
iziguquli-mibala yokutya okanye iipeyinti) o Ukuhlelwa kweemathiriyeli
Iimpawu zeemathiriyeli o Iimpawu zeemathiriyeli – uburhabaxa, ukomelela,
umbala/inkangeleko nobunzima o Ukwenziwa kwezinto ngeemathiriyeli ezineempawu
ezibalulekileyo
Iveki 11-12
13
LO 2
Ukwakha ulwazi ngezenzululwazi
Iimo zematha: imo yokuqina, imo yokuba ngamanzi neyokuba ngumoya 4.2.1 Umfundi, kubuncinane, kubuncinane, usebenzisa ulwimi olunobuciko ukuthiya nokuchaza, izinto, imathiriyeli nezinto eziphilayo
Nika ingcaciso emfutshane ngezi ngqiqo: o Isiqina o Ulwelo o Igesi o Amandla alahlekileyo o Amandla afunyenweyo
Chaza amanqanaba ama-3 afumaneka kuzo imatha (isiqina,
ulwelo, iigesi).
Chaza indlela eziguquka ngayo ulutho/iimathiriyeli (uburhabaxa, inkangeleko nesigaba) xa amandla efunyenwe okanye ekhutshiwe (esebenzile).
Iveki 13
14 -
15
LO 1
Uphando
ngezenzululwazi
Unyibilikiso lolutho oluqhelekileyo- olunako ukunyibilika nolungenako ukunyibilika
4.1.1 Umfundi uba negalelo ngeengcinga zeemeko eziqhelekileyo, izidingo okanye izixhobo nokuchonga iingongoma ezinomdla ezikhokelela kuphando.
Iveki 14-15
- 7 -
Nika ingcaciso emfutshane ngezi ngqiqo:
o Ukunyibilikisa o Umxube o Ulutho
Yiba negalelo kwiingcamango ngolutho oluqhelekileyo (iimathiriyeli / iziqulatho).
Umzekelo, ikofu, ubisi olungumgubo neswekile) kubomi bemihla ngemihla.
Chonga imiba enomdla ngolutho abalukhethileyo nolukhokelela kuphando lokuba ingaba lunokunyibilika okanye hayi.
Chonga kananjalo zonke izinto ezichaphazela izinga lokunyibilika (umzekelo, ubushushu bamanzi, ubukhulu beenkozo okanye amagaqa esiqina, ukuhlukuhlwa okanye ukushukunyiswa).
Phanda: Luluphi ulutho olunyibilikayo nolunganyibilikiyo emanzini?
4.1.2 Wenza uphando aqokelele nolwazi: Uhlola okunokwenzeka kwizixhobo ezikhoyo nokufumanisa ukuba zingasetyenziswa njani.
Hlola ulutho olukhoyo ubone ukuba lunakho na ukunyibilika. Fumanisa into yokokuba ingaba ulutho olwahlukeneyo
lusebenza njani xa kusetyenziswa izinto ezahlukeneyo ezinefuthe kunyibiliko lwalo (ubushushu, ukuzanyiswa, njalo njalo).
4.1.3 Umfundi uthetha malunga nemigqaliselo aze acebise unxulumano olulindelekileyo kwiimeko.
Thetha ngokuqapheleyo urhekhode neziphumo (ulutho olunyibilikayo nolunganyibilikiyo) kwisazobe.
Rhekhoda ixesha elithathwa lulutho ukuze lunyibilike xa lutshiswa, luzanyiswa, njalo njalo. Zoba igrafu ubonise iziphumo.
Cebisa iimeko ezifanayo apho unokuqaphela inkqubo yokunyibilika kwimpilo yemihla ngemihla.
16 -
17
LO 1
Uphando
ngezenzululwazi
Amanqanaba amathathu amanzi – umkhenkce onyibilikayo namanzi abilayo 4.1.1 Umfundi uba negalelo ngeengcinga zeemeko eziqhelekileyo, izidingo okanye izixhobo nokuchonga iingongoma ezinomdla ezinokukhokelela kuphando.
Nika ingcaciso emfutshane ngezi ngqiqo: o Isiqina - umkhenkce o Ulwelo - amanzi o Igesi - umphunga wamanzi o Inqanaba lokunyibilika o Inqanaba lokubila o Ulutho
Iveki 16-17
- 8 -
o Hlola o Ukunyibilika o Ukubila o Ukukhenkca o Ukuguquka ibe ngumphunga o Ukulwelisa
o Yiba negalelo koko kwaziwayo ngamanzi xa ekwizigaba
ezahlukeneyo (umkhenkce, amanzi, ukufuma okusemoyeni, isicotho, umphunga, njalo njalo) Chonga imiba enomdla ngamanzi enokuphandwa (umz. unyibilikiso, ukubilisa, ukukhenkcisa, ukuguquka ube ngumphunga, ukulwelisa).
Imizekelo yemibuzo: Phanda: Kwenzeka ntoni emanzini xa uwafudumeza de
afikelele kwizinga lokuba abile? Kwenzeka ntoni kumkhenkce xa siwufudumeza?
4.1.2 Umfundi wenza uphando aqokelele nolwazi: Uhlola okunokwenzeka kwizixhobo ezikhoyo nokufumanisa ukuba zingasetyenziswa njani.
Hlola ukuguqulwa komkenkce bubushushu ube ngamanzi (imo yokuqina ukuya kweyokuba ngamanzi)
Qaphela iinguqu kwano-/ okanye umlinganiselo wobushushu emva kwemizuzu emihlanu ngexa ufudumeza umkhenkce de unyibilike wonke.
Fudumeza amanzi de abile uqaphele noku-/okanye uthathe umlinganiselo wobushushu kwisithuba esiyimizuzu emihlanu.
Zoba ze ubhale urhekhoda okuqapheleyo/imilinganiselo. Zoba igrafu engokuguquka kobushushu.
Hlola olunye ulutho oluguquka imo xa lufudunyezwa (umz. imajarina, itshokolethi, imashmalo, ijeli, i-ayskrim, njalo njalo).
4.1.3 Umfundi uthetha malunga nemigqaliselo aze acebise ngonxulumano olulindelekileyo kwiimeko ezizezinye.
Thetha ngokuqatshelweyo. Phanda nibhale nikwazoba indlela iimo ezahlukeneyo
zamanzi ezinokusetyenziswa ngayo (umz. Ukukhenkciswa kukhuselwa ukutya, ukupheka ngomphunga kuthanjiswa ukutya, ukusetyenziswa komphunga ukulawula injini, njalo njalo).
18
LO 2
Ukwakha ulwazi ngezenzululwazi
Iimpawu zeemathiriyeli 4.2.1 Ukhumbula ulwazi olunentsingiselo kusetyenziswa ulwimi olunobuciko ukuthiya, nokuchaza izinto, imathiriyeli nezinto eziphilayo
Iveki 18
- 9 -
Nika ingcaciso emfutshane ngezi ngqiqo:
o Imatha o Imathiriyeli o Hlela, hlengahlengisa, khetha o Iimpawu - ukuthamba, ukuqina nokunyibilika o Iintlobo zemathiriyeli – ezomdongwe (iseramikhi),
iipholima, iimethali / isinyithi
Xela uchaze iimpawu (umz. Ukuthamba, ukomelela nokunyibilika) zoludwe lwemathiriyeli/lwezinto ezahlukeneyo ezifana namaphepha, iplastiki, iglasi, iumtya, ucingo lwekopolo, njalo njalo.
4.2.2 Umfundi uhlela izinto ngezinto eziphilayo ngeempawu ezibonakalayo.
Hlela iimathiriyeli ezisetyenziswa mihla le zibe kumahlelo ama-3 aphambili (iiseramikhi, iipholima, iimethali) ngokwenkangeleko.
19
1-3 Iingcebiso zokubethelela okufundiweyo :
o Iimpawu zeemathiriyeli: Yenza into ngemathiriyeli usebenzisa iimpawu zazo umz. ukunitha, ukuphotha, ukwenza indlwana, njalo njalo.
o Iimo zematha: Sebenzisa iimathiriyeli ezifanelekileyo ukubonisa iinguqu zeemo (umz. ukubhaka. ukwenza ijeli, ukudibanisa amaplanga ngeglu njalo njalo). Bhala, yenza uzobe.
o Ukunyibilikisa: Phanda, bhala ubonise iindlela kwimihla ngemihla ekusetyenzaiswa ngazo ulutho olunokunyibilika nolungenakunyibilika (umz. amayeza, ukupheka, ukupeyinta, njalo njalo)
o Ukunyibilikisa nokubilisa; Funda iinkcukacha ngokusebenza kweenjini zomphunga. Funda iiresipi ngeendlela zokwenza ii-ayskhrim.
o Hlela iimathiriyeli; Yenza uvavanyo urhekhode yonke iimathiriyeli oyisebenzisileyo ekhaya. Yenza isazobe sokuzahlula zibe kumahlelo ohlukeneyo.
Iveki 19
20
1-3
UHLOLO OLUSESIKWENI UMSEBENZI 2
Iveki 20
21
1-3
UHLOLO OLUSESIKWENI UMSEBENZI 3
Iveki 21
- 10 -
ISICWANGCISO SOMSEBENZI SENZULULWAZI NGEZENDALO
IBANGA LESI-4
IKOTA 3: UBOMI NOKUPHILA
IVEKI LO IMIGANGATHO YOKUHLOLA NOKUFUNDISA OKUNGUNDOQO TG
21 -
22
1-3
UKWAZISWA KWIZIFUNDO ZENZULULWAZI: UBOMI NOKUPHILA Hlaziya ngokufutshane:
o Amalugu omzimba womntu nemisebenzi yawo o Izilwanyana nezityalo zineemfuno ezifanayo nezethu,
ukutya, amanzi nomoya o Ukufana kwamalungu emizimba yabantu neyezilwanyanao Ukuxhomekeka kwabantu kwizityalo (ukulinywa
kwezityalo nokufuywa kwezilwanyana kusenzelwa ukutya)
o Ukwasulelwa koluntu zizilwanyana ngezifo o Kukho izilwanyana kwanezityalo eziziindidi
ezahlukeneyo, zinomahluko ocacayo ngokwenkangeleko kukhwakho nokufana, zinokuhlelwa ngokokufana kwazo.
o Ukutya nokwahluka kweenkolo o Iinguqu kubantu nezilwanyana njengoko zikhula,
ngokuhamba kweminyaka nokuguquka kwamaxesha onyaka.
Iveki 21-22
23
LO 2
Ukwakha ulwazi ngezenzululwazi
Iinkqubo zobomi Nika ingcaciso emfutshane ngezi ngqiqo:
Iimpawu zezinto eziphilayo o Ukutyisa o Ukuphefumla o Ukuya ngasese o Ukuzala o Ubuntununtunu ekukhanyeni, ebushushwini, ukubanjwa,
ingxolo, ukujoja nokungcamla o Ukuzihambela ngokunokwazo o Ukukhula
4.2.1 Ukhumbula ulwazi olunentsingiselo: Kubuncinane, usebenzisa ulwimi olunobuciko ukuthiya nokuchaza iznto, imathiriyeli nezinto eziphilayo
Chaza iinkqubo zobomi babantu nobezilwanyana (umz. ukuzondla, ukuphefumala, ukuzala, ukuya ngasese, ukuzihambela ngokunokwazo, ubuntununtunu nokukhula).
Chaza ukuba izinto eziphilayo zizenza njani ezi zinto zikhankanywe ngentla.
Chaza ukuba kungani ukuba izinto ezingaphiliyo zingakwazi ukuzenza ezi zinto zikhankanywe ngasentla.
Iveki 23
- 11 -
4.2.2 Uhlela ulwazi: Uhlela izinto ngezinto eziphilayo ngeempawu ezibonakalayo.
Hlela izinto eziphilayo nezingaphiliyo ngokwenkangeleko yazo (sebenzisa imifanekiso nezinto eziphilayo).
24
LO 2
Ukwakha ulwazi ngezenzululwazi
LO 3
Iimvakalelo Nika ingcaciso emfutshane ngezi ngqiqo: Iimvakalelo
Ukubona Ukuva Ukungcamla Ukubamba Ukujoja Ubuntununtunu (injongo zeziva-mvo)
4.2.1 Ukhumbula ulwazi olunentsingiselo: Kubuncinane, usebenzisa ulwimi olunobuciko ukuthiya nokuchaza izinto, imathiriyeli nezinto eziphilayo
Xela amalungu asetyenziselwa iimvakalelo zabantu nezilwanyana (umz. isikhumba, iindlebe, amehlo, ulwimi, impumlo)
Chaza indlela abantu nezilwanyana abathi basebenzise izivo-mvo ezintlanu ukumelana nokubangqongileyo (ukuphendula okucela umngeni: ukuma koboya xa uziva usengozini njalo njalo).
Chonga izixhobo ezenziwe ngokweteknoloji ezincedisa ekuveni, nakubantu abangaboni kakuhle (umz. isixhobo sokunceda uve, ezebreyile njalo njalo).
Iveki 24
25 -
26
LO 2
Ukwakha ulwazi ngezenzululwazi
LO 1 Uphando
ngezenzululwazi
Ukuzala kwizityalo Nika ingcaciso emfutshane ngezi ngqiqo:
Ukuzala Ukuzala kwizityalo (ezingenambewu)) Ukuzala (kukho imbewu) Isiqu Igqabi Idumba okanye itapile Ibhalbhu Isiqu esimila phantsi komhlaba
Ukuzala kwezityalo (ngaphandle kwembewu)
4.1.1 Ucwangcisa uphando: Uba negalelo ngeengcinga zeemeko eziqhelekileyo, izidingo okanye izixhobo nokuchonga iingongoma ezinomdla ezikhokelela kuphando. Phanda: Ziziphi iindawo kwisityalo ezinokuzala ngokwezityalo ngaphandle kwembewu?
Abafundi baba negalelo ngeengcamango ngophando lokuzala kwezityalo (umz. iingcambu, isiqu okanye igqabi).
Iveki 25-26
- 12 -
Chonga imiba enomdla nenokukhokelela kuphando (umz.
indawo ekhula ngcono kuyo: umhlaba kunye/okanye amanzi).
4.1.2 Qhuba uphando uqokelele nolwazi: Uhlola okunokwenzeka kwizixhobo ezikhoyo nokufumanisa ukuba zingasetyenziswa njani.
Abafundi baphanda ukuba zeziphi iindawo kwisityalo (umz. ingcambu, isiqu okanye igqabi) ezivelisa isityalo barhekhode abakuqapheleyo kwixesha lophando. (Ulwazi lunokurhekhodwa ngokuzoba nokubhala amanqakwana acacisayo).
4.1.3 Uvavanya ulwazi azise okufunyanisiweyo: Uthetha malunga nemigqaliselo aze acebise unxulumano olulindelekileyo kwiimeko.
Chaza okufundwe ngokuqwalasela. Cebisa okunokunxulumana nezinye iimeko zokuzala (umz.
amafama azivelisa ngobuninzi izityalo ngokuzisika). Umjikelo wobomi (ukuzala ngokudibana kwesini) 4.2.1 Ukhumbula ulwazi olunentsingiselo: Kubuncinane, usebenzisa ulwimi olunobuciko ukuthiya nokuchaza izinto, imathiriyeli nezinto eziphilayo
Chaza ngokuzala kwezinto eziphilayo (umz. iintsana, iimbewu, njalo njalo) (Zoba okanye yakha umfanekiso womjikelo wobomi kubantu nakwizityalo, umz. iimbotyi; Bhala umhlathana ochaza amanqanaba ohlukeneyo alo mjikekelo wobomi).
26 -
27
LO 2
Ukwakha ulwazi ngezenzululwazi
Izilwanyana eziphila emhlabeni - Isixokelelwano sendalo 4.2.1 Ukhumbula ulwazi olunentsingiselo: Kubuncinane, usebenzisa ulwimi olunobuciko izixhobo nezinto eziphilayo Nika ingcaciso emfutshane ngezi ngqiqo:
o Izixokelelwano zendalo o Iindawo zokuhlala o Ityathanga lokutya o Ukufaneleka kwezikhumba zezilwanyana ezahlukeneyo
ekumelaneni neendawo ezihlala kuzo
Chaza iinkqubo zezixokelelwano zendalo ezahlukeneyo (umz. ulwandle, ihlathi, intlango, njalo njalo).
Chaza iindawo ezahlukeneyo zokuhlala (umz. emhlabeni, phantsi kwamadwala, phakathi kwamagqabi afileyo, emithini njalo njalo).
Chaza ityathanga lokutya (ngokuzoba okanye ukwakha ngezinto ezinokususwa).
4.2.2 Uhlela ulwazi: Uhlela izinto ngezinto eziphilayo ngeempawu ezibonakalayo.
Iveki 26-27
- 13 -
Yahlula izilwanyana ngokwenkangeleko yezikhumba
kwiinkqubo zendalo ezahlukeneyo (umz. isele necikilishe).
28
LO 2
Ukwakha ulwazi ngezenzululwazi
LO 3
Inzululwazi, uluntu
nommandla
Ukubaluleka kwamanzi kwizixokelelwano zendalo
Nika ingcaciso emfutshane ngezi ngqiqo: o Umjikelo wamanzi Ulweliso Ukuguquka abe ngumphunga Ukuhlenga Ukufudunyezwa lilanga
o Ukukhula: amanzi, ukukhanya nomoya (ifotosintesisi)
4.2.1 Ukhumbula ulwazi olunentsingiselo: Kubuncinane, usebenzisa ulwimi olunobuciko ukuthiya nokuchaza iznto, imathiriyeli nezinto eziphilayo
Chaza ukubaluleka kwamanzi kwizinto eziphilileyo kwisixokelelwano sendalo. (umz. Imaphu yengqondo, ikholaji, bhala, njalo njalo).
Zoba umjikelo wamanzi uwuchaze ngawakho amazwi. 4.3.1 Uchaza iindlela iinkcubeko zomthonyama zasekhaya ezisebenzise ngayo imigaqo yenzululwazi neemveliso zeteknoloji kwiimeko ezithile.
Phanda ngefuthe lokwenziwa ngabantu (umz. ukugcinwa kwamanzi) kumgangatho nobungakanani bemithombo yamanzi.
Iveki 28
29
1-3
Iingcebiso zokuyondelelanisa:
o Yenza ipowusta okanye umzobo onezihloko zezixokelelwano zendalo.
(Zoba okanye usike uncamathisele imifanekiso ekumaphephandaba neemagazini).
o Dwelisa zibe ntlanu izinto eziphilayo ezifumaneka kwizixokelelwano zendalo ucacise ukuba kutheni ziphila.
o Dwelisa zibe ntlanu izinto ezingaphilayo ezifumaneka kwizixokelelo zendalo.
o Khetha isilwanyana nesityalo uchaze okwenza zikufanele ukuphila kwinkqubo yendalo.
o Bhala umhlathana oxela ukuba kutheni amanzi ebalulekile kwinkqubo yendalo.
Iveki 29
30
1-3
UHLOLO OLUSESIKWENI UMSEBENZI 4
Iveki 30
- 14 -
ISICWANGCISO SOMSEBENZI SENZULULWAZI NGEZENDALO
IBANGA 4
IKOTA 4: IPLANETI ENGUMHLABA NANGAPHAYA
IVEKI LO IMIGANGATHO YOKUHLOLA NOKUFUNDISA OKUNGUNDOQO TG
31
1-2
UKWAZISWA KWIZIFUNDO ZENZULULWAZI: IPLANETI ENGUMHLABA NANGAPHAYA Hlaziya ngokufutshane:
Iimpawu, indawo neentshukumo zezinto (ilanga, inyanga, amafu njalo njalo), esibhakabhakeni.
Ukuguquka kwemozulu imihla ngemihla (ubushushu, kukho ilanga/kukho amafu, indlela ehanjwa kwanesantya somoya (kusetyenziswa i-Beaufort Scale), kuyana okanye komile).
Iziganeko ezingaqhelekanga zemo yezulu, imizekelo, (izaqhwithi, iinkanyamba, iziphango nemibane, iimpuphuma) nefuthe lazo kuluntu.
Iindidi zemihlaba (obumdongwe, intlenge yomhlaba, obuntlabathi, umhlaba ovunduvundu) nenkxaso kubomi bezityalo.
Izinto ezichaphazela ukhukuliseko lomhlaba (umoya, amanzi, ubushushu nokubanda).
Iveki 31
32
LO 2
Ukwakha ulwazi ngezenzululwazi
Iindidi zemihlaba 4.2.1 Ukhumbula ulwazi olunentsingiselo: Kubuncinane, usebenzisa ulwimi olunobuciko ukuthiya nokuchaza izinto, imathiriyeli nezinto eziphilayo
Nika ingcaciso emfutshane ngezi ngqiqo: o Iimatheriyeli zomhlaba (amatye nemihlaba) o Uqhekeko lwamatye o Umhlaba ongaphezulu o Umhlaba neempawu zawo Obuntlabathi Ovunduvundu Obudongwe Oyintlenge
Xela izithako ezenza umhlaba (umz. amasuntswana amatye,
awomdongwe, awosilthi, awentlabathi, awomgquba). Chaza iimpawu zomhlaba (umz. ubukhulu bamasuntswana,
umbala, uburhabaxa, ivumba). 4.2.2 Uhlela ulwazi: Uhlela izinto ngezinto eziphilayo ngeempawu ezibonakalayo.
Hlela iindidi ezahlukeneyo zomhlaba ngokwenkangeleko, uburhabaxa; ubungakanani bomdongwe, oyintlenge nentlabathi; njalo njalo.
Iveki 32
- 15 -
33
LO 1
Uphando
ngezenzululwazi
4.1.1 Umfundi uba negalelo ngeengcinga zeemeko eziqhelekileyo, izidingo okanye izixhobo nokuchonga iingongoma ezinomdla ezikhokelela kuphando.
Chonga imiba enomdla yomhlaba. Yiba negalelo ngeengcamango ngeemeko ezifanayo
zokusetyenziswa komhlaba nezinokukhokelela kuphando (umz. ukwakha indawo yokuhlala, ukulima izityalo, ukwenza iiseramikhi njalo njalo).
Yiba negalelo ngeengcamango ngokusetyenziswa kweemathiriyeli (umz. inkonxa, iifanele, njalo njalo) kuphandwa ngeendlela zokugcinwa kwamanzi ziindidi ezahlukeneyo zemihlaba.
Phanda: Ingaba kukho zindidi zithile zemihlaba eziwagcina ngcono amanzi kunezinye? 4.1.2 Umfundi uhlola okunokwenzeka kwizixhobo ezikhoyo nokufumanisa ukuba zingasetyenziswa njani.
Hlola ubungakanani bokugcinwa kwamanzi ziindidi ezahlukeneyo zemihlaba (imihlaba eqokelelwe kwiindawo ezahlukeneyo).
Rhekhoda (linganisela) ubungakanani bamanzi aphumela emhlabeni. Bala ubungakanani bamanzi agcinwe ngumhlaba.
4.1.3 Umfundi uthetha malunga nemigqaliselo aze acebise unxulumano olulindelekileyo kwiimeko.
Thethani ngokuqatshelweyo. Bonisanani ngobukhulu bamasuntswana enza lo mhlaba ngokubhekisele kwiimpawu zokugcinwa kwamanzi.
Cebisa ngokunxibelelana nezinye iimeko (Ziziphi iimpawu ekumele umhlaba ube nazo ukuze kukhule izityalo ezithile?).
Iveki 33
34
LO 3
Inzululwazi,
uluntu nommandla
UMSEBENZI WOHLOLO OLUSESIKWENI 5 Indlela yokusetyenziswa kweemathiriyeli zomhlaba 4.3.1 Umfundi uchaza iindlela iinkcubeko zomthonyama zasekhaya ezisebenzise ngayo imigaqo yenzululwazi neemveliso zeteknoloji kwiimeko ezithile.
Nika ingcaciso emfutshane ngezi ngqiqo: o Okwemveli o Inkcubeko o Iindawo zokuhlala o Imigaqo-nkqubo yezenzululwazi o Ukufudumeza, ukuhombisa, ukutyabeka o Imathiriyeli yokwakha
Chaza indlela inkcubeko yemveli esebenzise ngayo imigaqo-nkqubo yezenzululwazi:
Iveki 34
- 16 -
o Ukwakha, ukufudumeza nokuhombisa iindawo zokuhlala o Ukwenza izitena, ukutyabeka, ukuhombisa nokwenza
izixhobo zekhaya ezifana neembiza zomdongwe.
35-36
LO 2
Ukwakha ulwazi ngezenzululwazi
LO 1
Uphando ngezenzululwazi
Imozulu 4.2.1 Umfundi, kubuncinane, usebenzisa ulwimi olunobuciko ukuthiya nokuchaza izinto, imathiriyeli nezinto eziphilayo. Nika ingcaciso emfutshane ngezi ngqiqo:
o I-Atmosfera o Imozulu o Izixhobo zokwenza imilinganiso o Isalatha-moya o Ithemometha o Ikawusi esisalatha moya o I-Beaufort scale yesantya somoya o Ukuwa kwemvula o Amazinga obushushu o Ukuhlenga o Amazinga obushushu o Itshati yemozulu o Indawo enika ingxelo ngemo yezulu o Indawo o Ukugubunga kwamafu
4.1.1 Umfundi uba negalelo ngeengcinga zeemeko eziqhelekileyo, izidingo okanye izixhobo nokuchonga iingongoma ezinomdla ezikhokelela kuphando.
Yiba negalelo ngeengcamango ngeemeko eziqhelekileyo zemozulu (Ukutshisa kwelanga, ingqele, indudumo, ukubaneka, njalo njalo).
Chonga imiba enomdla enokuphandwa ngemozulu yemihla ngemihla (ubushushu, ukushisa kwelanga/ukusibekela, isantya somoya nendlela eya kuyo, imvula okanye ukoma).
Phanda: Ingaba iguquka njani imozulu kwisithuba seentsuku ezili-14?
4.1.2 Umfundi uhlola okunokwenzeka kwizixhobo ezikhoyo nokufumanisa ukuba zingasetyenziswa njani.
Hlola imathiriyeli eyahlukeneyo yokwenza isikhululo semozulu.
Yenza izixhobo zemo yezulu usebenzisa imathiriyeli ephinda isetyenziswe, umz. Ikawusi esisalatha moya, isixhobo somlinganiso wemvula, njalo njalo.
Fumana indlela yokufunda izixhobo nemilinganiselo erhekhodiweyo.
Funda indlela yokufunda ithemomitha.
4.1.3 Uthetha malunga nemigqaliselo aze acebise unxulumano olulindelekileyo kwiimeko.
Iveki 35 - 36
- 17 -
Rhekhoda okuqwalaselwa mihla le kwimozulu (ubushushu,
isantya nendlela yomoya, ukushisa kwelanga/ukusibekela, imvula).
Zoba iigrafu zamazinga obushushu eveki nganye. Cebisa unxibelelwano nezinye iimeko (umz. ifuthe lemozulu
ebantwini nakwezisingqongileyo).
37
LO 2
Ukwakha ulwazi ngezenzululwazi
Ilanga nezijikelezisi zalo - ilanga, umhlaba nenyanga 4.2.1 Umfundi: Kubuncinane, usebenzisa ulwimi olunobuciko ukuthiya nokuchaza izinto, imathiriyeli nezinto eziphilayo Nika ingcaciso emfutshane ngezi ngqiqo:
o Ilanga nezijikelezisi zalo o Umhlaba, inyanga, ilanga o I-Exis yomhlaba o Ukujikeleza o Ujikelezo-sangqa
Chaza ilanga nezijikelezisi zalo (iintlobo okanye ulebhelishe
imifanekiso). Chaza ukuhamba komhlaba ngokuthelekisa nelanga
(Umhlaba ujikeleza ilanga. Inyanga ijikeleza umhlaba).
Imini nobusuku - ukujikeleza Cacisa ukujikeleza komhlaba kwincam yawo ukunika
ingcaciso ngemini nobusuku. (Yenza okanye sebenzisa umfuziselo womhlaba usebenzisa itotshi okanye isibane njengelanga).
Iveki 37
38
1-3
Iingcebiso zokubethelela okufundiweyo:
o Umhlaba: khulisa imbewu kwiindidi ezahlukeneyo
zemihlaba wandule ukuxela iziphumo, yenza iimbiza zomdongwe, njalo njalo.
Iveki 38
39
1-3
Iingcebiso zokubethelela okufundiweyo
o Imozulu: Gcina ijenali yemo yezulu, imizobo
nokubhaliweyo ngeendidi ezahlukeneyo zemo yezulu, funda kumaphephandaba ngeemeko eziqatseleyo zemo yezulu nefuthe lazo kuluntu, ingxelo yemozulu kumabonakude neetshati zemozulu kumaphephandaba, njalo njalo.
o Imini nobusuku: ukubhala mayela nemini kwanobususku, ingoma ngokujikeleza nozungulezo, njalo njalo.
Iveki 39
40
1-3
UHLOLO OLUSESIKWENI UMSEBENZI 6
Iveki 40
UPHANDO LOBUNZULULWAZI: IBAKALA 4
Isikhokelo sophando sootitshala nabafundi Chonga into efumaneka kwindalo (izityalo, izilwanyana, imozulu, amatye, ukutsha, umbane, njl njl) ofuna ukuyiphanda. Xa uphanda into sukube ufuna ukufumanisa ulwazi oluthe xhaxhe ngayo ngokuthi uyiqwalasele okanye umete into ezenzekelayo ngokwendalo (umz ukuqwalasela nokumeta utshintsho olwenzeka kwimozulu yonke imihla). Ungaphanda nangokuba yintoni na eyenzekayo xa uthe wenza into ethile echaphazela imo yendalo yento (umz, ukugalela ityuwa okanye iswekile emanzini ujonge ukuba ingaba oko kuyabuchaphazela na ubushushu bamanzi abilayo). Ungaphanda nangokwenza into ehambelana nesehlo sendalo (umz indlela yokwenza ukuba indlu yakho iphole kwimozulu etshisayo). Ungasebenzisa le fomathi ilandelayo ukukukhokela kuphando lwakho: LO1 AS1 : CWANGCISA UPHANDO QAPHELA: Le nxalenye yophando mayenziwe yiklasi yonke, utitshala nabafundi A. Yintoni esele siyazi?
1. Khethani isihloko / isehlo sendalo emasiphandwe. 2. Yenzani isicwangciso-zimvo sayo yonke into eniyaziyo ngeso sihloko / ngalo nto yendalo.
B. Yintoni enye esifuna ukuyifumanisa?
1. Utitshala uncedisa abafundi ukuba babuze imibuzo malunga nolunye ulwazi abafuna ukulufumana ngesi sihloko. Utitshala ubhala imibuzo ebhodini.
2. Utitshala nabafundi bathatha isigqibo sokuba yeyiphi imibuzo enokuphandwa eklasini iyeyiphi engenakuphandwa eklasini (enokuphandwa ezincwadini).
3. Utitshala nabafundi bachonga umbuzo omnye abaza kuwuphanda. 4. Utitshala nabafundi baxoxa ngoku kulandelayo:
• Izixhobo/imathiriyeli efunekayo • Yintoni eza kuqatshelwa okanye eza kumetwa okanye eza kuqokelelwa ngabafundi? • Baza kuqwalasela kangaphi okanye bathathe imilinganiselo kangaphi abafundi? • Zeziphi izixhobo zokumeta ezidingekayo? • Baza kuyibhala phi imilinganiselo yabo? (besebenzisa eyiphi ifomathi) • Amanyathelo okhuseleko.
LO1 AS1 : CWANGCISANI QAPHELA: Le inxalenye mayenziwe ngabafundi Yintoni esifuna ukuyifumanisa?
1. Isihloko / into yendalo eza kuphandwa (bhalani) 2. Umbuzo wophando (bhalani) 3. Cingelani: Yintoni enicinga ukuba iza kwenzeka kuphando?
LO1 AS2 : YENZANI UPHANDO NIQOKELELE ULWAZI C. Yintoni ekufuneka siyenzile ukufumana ulwazi?
1. Sebenzisani izixhobo ukwenza inkqubo efanelekileyo (fumanisani ngeemathiriyeli, qwalaselani okwenzekayo okanye nimana nithatha imilinganiselo, njl njl).
2. Bhalani phantsi enikuqwalaseleyo nenikumetileyo ngendlela efanelekileyo (kwitheyibhile, kumzobo, njl njl.).
LO1 AS3 : PHONONONGANI ULWAZI ENILUFUMENEYO NICHAZE IZIPHUMO D. Ingaba iziphumo zisixelela ntoni?
1. Cacisani ukuba nifunde ntoni (bhalani, zobani, phendulani imibuzo). 2. Thathani isigqibo sokuba ingaba uphando lwenu luwuphendule na umbuzo wenu
ngokukuko okanye hayi. (bhalani) 3. Thathani isigqibo sokuba ingaba la nto beniyicingele ibe yiyo na okanye hayi. (bhalani) 4. Ingaba ninayo na eminye imibuzo emitsha efuna ukuphandwa? (bhalani) 5. Nikani imizekelo yento eqhelekileyo eniyifundileyo kolu phando.
Isixhobo sovavanyo sophando lweNzululwazi yezeNdalo Umongo : ________________________ Isihloko_____________ UMSEBENZI WOVAVANYO ________________________________
Uhlobo loVavanyo: UPHANDO LOBUNZULULWAZI: lweBakala 4
NS LO 1 AS 1 Isicwangciso Izimvo zakho: Umfundi ukwazile ukubonelela ngolwazi ebesele enalo Umfundi ukwazile ukuchonga umba wophando Umfundi ukwazile ukuchaza ezinye zezixhobo ezifunekayo Inqaku li-1 kumba ngamnye = Amanqaku ama-3
Izimvo zakho:
LO1 AS2 Ukwenza uphando
Abafundi bakwazile ukulandela imiyalelo ngokunokwabo nangokukhuselekileyo Amanqaku ma-3
Abafundi bakwazile ukulandela imiyalelo ngokukuko xa bencediswa ngutitshala Amanqaku ma-2
Abafundi abakwazanga ukulandela imiyalelo sele bencediswa ngutitshala Inqaku li-1
Umse-benzi awenziwanga 0
Bakwazile ukwenza imilinganiselo eneenkcukacha neyiyo benza neengqwalasela ngokunokwabo Amanqaku ma-6
Bakwazile ukwenza imilinganiselo eneenkcukacha neyiyo benza neengqwalasela bencediswa ngutitshala Amanqaku ma-4
Abafundi abakwazanga ukwenza imilinganiselo eyiyo neengqwalasela sele bencediswa ngutitshala Amanqaku ma-2
Umse-benzi awenziwanga 0
LO1 AS3 Uphono-nongo
Bakwazile ukucacisa ngokupheleleyo ngento efundiweyo bengancediswa ngutitshala, bakwazi nokuluhlanganisa olu lwazi nezinye iimeko Amanqaku ma-6
Bakwazile ukucacisa ngento efundiweyo bencediswa ngutitshala Amanqaku ma-4
Abafundi abakwazanga ukucacisa ngento efundiweyo, abayilandelanga into ephandwayo Amanqaku ma-2
Umse-benzi awenziwanga. 0
Umfundi ebeziphethe kakuhle. Umsebenzi wenziwe ngenyameko. Umsebenzi wenziwe cocekileyo. Ihafu yenqaku kumba ngamnye = Amanqaku ewonke ma-2: _Umfundi uye wacoca akugqiba.
Amanqaku ewonke ngama-20:______ Utitshala: _______________ Umhla: ___/___/2009