isigaba esiphakathi iishedyuli...

13
ISigaba esiPhakathi IiShedyuli zoMsebenzi IBakala 6 IiSayensi zoQoqosho nezoLawulo (Economic and Management Sciences)

Upload: nguyennguyet

Post on 21-Aug-2018

253 views

Category:

Documents


0 download

TRANSCRIPT

ISig

aba

esiP

haka

thi

IiShe

dyul

i zoM

sebe

nzi

IBakala

6IiSayensi zoQoqosho

nezoLawulo(Economic and

Management Sciences)

AMAGQABANTSHINTSHI Ukumisela umgaqonkqubo kuba namagingxi-gingxi. Yinkqubo yokuqonda nokucacisa ukuba lo mgaqonkqubo uthini kanye kanye kunye neyokubonisana nabantu, nkqubo leyo ethatha ixesha elide. Siye sifunde kule nkqubo ze simana siyitshintsha ngokwezimvo esizifumanayo ukwenzela ukuba le nkqubo ilungele iimeko ngeemeko ezahlukileyo. Into esiyifundileyo kule minyaka ilishumi nangaphezulu idlulileyo kukuba kufuneka sibonisane, simamele ze sifumane isisombululo kwimingeni esijongene nayo. Iishedyuli zomsebenzi zisisiphumo saloo mgaqonkqubo kunye nalo nkqubo ethe yasifundisa izinto ngezinto. Isifundo seLitheresi neseziBalo kwakunye nezinye izifundo zeSigaba seSiseko kunye nesiPhakathi zizifundo ezibalulekileyo esigxininise kuzo siliSebe lezeMfundo leNtshona Koloni. Sifuna ukuqinisa izikolo zamabanga aphantsi ze sidale amathuba esiseko esomeleleyo ukuze siphucule amathuba abafundi okuphumelela kumakhondo abafuna ukuwalandela. Sikholelwa ukuba esi siseko singaziphucula iziphumo zelitheresi nezesifundo sezibalo, nezinga lokupasa ngokubanzi. UMzantsi Afrika lilizwe elisakhulayo yaye sivile ukuba, kule minyaka yeenkqubo ezichaphazela ihlabathi lonke, amazwe asaxakeke nenkqubo yokuzilinganisa namazwe aphuhlileyo kufuneka evelise izakhono ezifunekayo. Ngoko ko ilizwe elifana neli lethu lingakwazi ukukhuphisana nala mazwe makhulu yaye lingazinza. Into ebalulekilyo kukuba sibe nabafundi abakwaziyo ukufunda, ukubhala kwakunye nabakonwabelayo ukufunda okanye ukuhamba isikolo. Ixabiso lezentlalo lesikolo linokuphuculwa ukuba ngaba iinzame zezikolo zinokukhuliswa. Iishedyuli zomsebenzi ziza kuthathwa njengenxalenye yezixhobo zePhulo, iFoundations for Learning. Zithathwa njengesixhobo sokuxhasa nokunika intsingiselo kweli phulo. Nanjengokuba kukho uluvo lokuba amaphulo zizinto nje ezimana ziphinda-phindwa, iishedyuli zomsebenzi ziza kuba sisixhobo senkxaso eza kunika intsingiselo ekwakhiweni kweziseko zelitheresi kunye nesifundo sezibalo. Lilinge lokubonelela ngezikhokelo kootitshala ngendlela yokufundisa kusuku ngalunye lwesikolo. Iishedyuli zomsebenzi ziza kuthunyelwa ezikolweni ukuze izikolo zinike izimvo okanye iingxelo zazo malunga nazo. Kananjalo ziza kuvavanywa kwizikolo ezithile ezikhethiweyo. La maxwebhu aza kukhutshwa njengesikhokelo ngoJanuwari 2009 yaye kucelwa ukuba izikolo zingenise izimvo zazo ngazo ngoJulayi 2009. Ezi shedyuli zomsebenzi ziza kuvavanywa ezikolweni kwangoJulayi 2009. Zonke izimvo ezingenisiweyo ziya kunceda ekubeni ziphinde zisetyenzwe okanye ziphuhliswe ngakumbi ezi shedyuli zomsebenzi. ISebe lezeMfundo leNtshona Koloni liziko elisafundayo yaye lizama ngawo onke amaxesha ukuba liyiqonde imeko elingqongileyo. Le nkqubo yokufunda iyaqhubeka ngenxa yento yokuba izinto zisoloko zitshintsha ngokukhawuleza. Xa ke sikuthathela ingqalelo oku, masazi ukuba isimemo sokufumana izimvo kunye nesovavanyo lilinge elibonisa into yokuba siliziko elifundayo ngokuthi siphuhlise amaxwebhu asekelwe kwizimvo zootititshala kwakunye nezabantu abakwamanye amacandelo ahlukileyo kwiphondo lethu. Siyazi ukuba ukusebenza ngendlela efanayo akusebenzi okanye akubi naziqhamo zihle. Siyazi kananjalo ukuba kufuneka simamele, sithethe ze sifumane izisombululo kwimingeni yethu. Uvavanyo lwezi shedyuli ezikolweni kunye nesimemo sokuba nisinike izimvo zenu kuza kusenza ukuba sibonisane, simamele ze sifumane izisombululo njengoba siqhubeka sisebenzela ukufumana inkqubo yemfundo esemgangathweni elungiselelwe bonke abafundi bethu.

Gqr. S. Naicker, Umlawuli oyiNtloko: Icandelo loPhuhliso lweKharityhulamu

IISHEDYULI ZEMISEBENZI ZESIFUNDO SOBUNZULULWAZI NGEZOQOQSHO NOLAWULO

AMABAKALA 4 – 6

INTSHAYELELO

Injongo yesifundo seNzululwazi yezoQoqosho noLawulo kukuxhobisa abafundi ngolwazi, izakhono, iinqobo nendlela ekubonwa ngayo izinto, zinto ezo ziya kuxhobisa abafundi ukuba bazilungiselele ukuba bathathe inxaxheba yaye bakwazi ukuphila kwisizwe esinoqoqosho olungelulanga. Esi sifundo sikwanenjongo yokukhuthaza imveliso, ubulungisa kwezentlalo kunye nokulondolozwa kokusingqongileyo. Kufuneka kusetyenziswa indlela ezahlukileyo zokufundisa nokufunda ukuvumela indlela ezahlukileyo zokufunda zabafundi kuthathelwa ingqalelo izinto ezenzeka mihla le kwezoshishino, nto ezo ziya kubahlupheza ngezinto ezifunwa emisebenzini. ULWAZI OLUJOLISWE KUTITSHALA NGENDLELA YOKUSEBENZISA LE SHEDYULI YOMSEBENZI

Ezi shedyuli zomsebenzi zibhalwe ngenjongo yokunika ingxam kwiziphumo zesifundo nakwimigangatho yovavanyo. Njengotitshala osebenzisa ezi shedyuli zomsebenzi, kufanelekile ukuba ukulungele ukufundisa le nkalo yesifundo ucacise ngakumbi nangokuzithemba. Iishedyuli zomsebenzi zijoliswe koku:

ukuqinisekisa ukuba ootitshala baziqonda ngokufanayo iziphumo zesifundo kunye nemigangatho yovavanyo;

ukuqinisekisa ukuba ootitshala bayasisebenzisa isikhokelo ekugxilwe kuso solwazi olumiselwe kuxwebhu lweNgxelo yeKharityhulamu yeSizwe kunye

nokuphumelela ukusebenza ngesantya esilinganayo kweli phondo. Umxholo weeshedyuli zomsebenzi ucwangciswe ngenyameko ukuthintela uphindaphindo kunye nokuvumela iqondo elongeziweyo lemisebenzi entsonkothileyo kwesi sigaba siphela. Izikhokelo zootitshala, ezicacisa umxholo nezinika iingcebiso ngeendlela zokufundisa, zisetyenziswa ngaxeshanye neeshedyuli zomsebenzi. Xa kucwangciswa imisebenzi yonyaka omiyo, iinombolo zamaphepha ezikwiincwadi ezifundwayo zingabonakaliswa kuluhlu olungasekunene kwishedyuli yomsebenzi. Kananjalo qaphela ukuba iishedyuli zomsebenzi zilungiselelwe iiveki ezingama-40 kunye nokuba umxholo wazo usasazwe ngocoselelo kwisithuba seeveki ezili-10 kwikota nganye. Ootitshala mabajonge uXwebhu loMgaqo-nkqubo weNgxelo yeKharityhulamu yeSizwe njengesikhokelo kwiziphumo zesifundo, imigangatho yovavanyo kunye nesikhokelo solwazi ekugxilwe kuso.

ULWABIWO LWEXESHA

Umgaqonkqubo weKharityhulamu yeSizwe wabe i-8% yexesha lokufundisa isifundo seNzululwazi yezoQoqosho noLawulo. Ithamtheybhile neephiriyodi kufuneka ziqulunqwe yaye zidizayinwe ngendlela eza kuvumela inkqubo eza kukwazi ukukhawulela iimfuno zabafundi nezeeNkqubo zokuFunda.

Kumabakala 4 – 6 iiyure zi-2, nemizuzu esi-7 ngeveki (ngeentsuku ezi-5) (Ixesha elirawundiweyo – iiyure ezi-2)

Iziphumo zokuFunda ze-EMS

Amanqaku ngokwesiphumo ngasinye

Ibakala 4 – 6

LO 1 20 % iiyure ezili-16

LO2 20% iiyure ezili-16

LO3 20% iiyure ezili-16

LO4 40% iiyure ezingama-32

Itotali 100% iiyure ezingama-80

IMIBULELO Sidlulisa umbulelo ongazenzisiyo kubaCwangcisi abaPhezulu beKharityhulamu, kubaCwangcisi beKharityhulamu kunye nooTitshala abaqulunqe le Shedyuli yoMsebenzi.

- 1 -

ISHEDYULI YOMSEBENZI WENZULULWAZI NGEZOQOQOSHO NOLAWULO (EMS)

IBAKALA 6

IKOTA 1

Iveki ISIPHUMO SESIFUNDO

IMIGANGATHO YOVAVANYO NOMXHOLO OFUNDISWAYO IsiKhokelo sikaTitshala

1

Uhlaziyo o Amalungu osapho njengabona bantu baphambili

bomjikelo woqoqosho. o Indima edlalwayo lushishino ekudalweni

kwemisebenzi nasekuziseni ingeniso.

IVeki 1

2 3

IsiPhumo sesiFundo 1 UmJikelo woQoqosho

Imigangatho yovavanyo: 6.1.1 UmJikelo woQoqosho

Makuhlaziywe ezi ngongoma: Iintsapho / amalungu emizi, abaxhasi /abaxumi, abavelisi kunye norhulumente.

Makunikwe inkcazelo ngenxaxheba ethathwayo ngabantu bemizi, ngamashishini nangurhulumente kumjikelo woqoqosho.

IVeki 2 IVeki 3

4 5

IsiPhumo sesiFundo 1 UmJikelo woQoqosho

Imigangatho yovavanyo: 6.1.3

Makunikwe inkcazelo ngeendlela ezahlukileyo zokuphuma nokungena kobutyebi kunye neenkonzo kumjikelo woqoqosho.

Ukuzinziswa komjikelo woqoqosho

UHlolo olusesikweni o Umsebenzi wokuHlola wokuqala UmSebenzi 1: IPhepha lokuSebenzela:

Umjikelo woqoqosho

IVeki 4 IVeki 5

- 2 -

6 7

IsiPhumo sesiFundo 1 UmJikelo woQoqosho

Imigangatho yovavanyo: 6.1.2 Amalungelo noxanduva oluthwalwayo kwindawo yokushishina

Makuhlaziywe ezi ngongoma zilandelayo: o Imveliso o Ubuninzi obusetyenziswayo

Makuchongwe abathathi-nxaxheba kwinkqubo yokuveliswa nokusetyenziswa kobutyebi.

Makunikwe inkcazelo ngamalungelo nangoxanduva oluthwalwayo kwindawo yokushishina.

Makuthelekiswe amalungelo noxanduva oluthwalwayo ngabathathi-nxaxheba kwinkqubo yokuvelisa neyokusetyenziswa kobutyebi kunye neenkonzo.

UHlolo olusesikweni o Umsebenzi wokuHlola wokuqala Umsebenzi 2.1 no-2.2: Amalungelo noXanduva

oluthwalwayo

IVeki 6 IVeki 7

8

IsiPhumo sesiFundo 1 UmJikelo woQoqosho

Imigangatho yovavanyo: 6.1.4 Irhafu

Makuhlaziywe iingongoma ezimalunga nerhafu njengoko bezifundisiwe emgangathweni wokuhlola okunombolo-4.1.4 nomnye okunombolo-5.1.4

o Makunikwe inkcazelo ngeendidi zerhafu,

(irhafu ehlawulwa kurhulumente ngokuthe ngqo ngumqeshwa, nerhafu ehlawulwa ngokungathanga ngqo ngumvelisi ngokuhlawulisa abo bathenga iimveliso zakhe). ndidi zerhafu zinempembelelo enjani emashishinini nakwabo basebenzisa iimveliso.

UHlolo olusesikweni o Umsebenzi wokuHlola wokuqala: 1 Umsebenzi: 2: Makuphandwe.

IVeki 8

9 10

IsiPhumo sesiFundo 1 UmJikelo woQoqosho

Kusaqhutywa ngezeveki yesi-8

Ukuhlaziywa komsebenzi

UHlolo olusesikweni o Umsebenzi wokuHlola: 1

Umsebenzi 3: Uvavanyo

IVeki 9 IVeki 10

- 3 -

ISHEDYULI YOMSEBENZI WENZULULWAZI NGEZOQOQOSHO NOLAWULO

IBAKALA 6

IKOTA 2

IVeki ISIPHUMO SESIFUNDO

IMIGANGATHO YOVAVANYO NOMXHOLO OFUNDISWAYO

IsiKhokelo sikaTitshala

11 12

IsiPhumo sesiFundo 2 Ukukhula nophuhliso oluzinzileyo

Imigangatho yovavanyo: 6.2.1 Iimeko ekuphilwa phantsi kwazo neeNdlela zokusetyenziswa kweemveliso

Makuhlaziywe kunikwe inkcazelo ngezi ngongoma: o Iimeko ekuphilwa phantsi kwazo o Ubuninzi obusetyenziswayo o Imveliso o Urhwebo o Ubungcali kwicandelo elithile lomsebenzi o Abahlali abafanele la maxesha siphila kuwo

Ngokufutshane makuxoxwe ngenkqubo yophando o Makuchongwe / kunikwe inkcazelo ngengxaki o INdlela yokuphanda –Ukuqokelelwa

kweenkcukacha / kolwazi o Makuhlalutywe ulwazi olu o Ingxelo

Makuphandwe ngeemeko ekuphilwa phantsi kwazo, nangeendlela abantu abasebenzisa ngazo iimveliso.

UHlolo olusesikweni o Umsebenzi wokuHlola wesi-2

Umsebenzi -1: IProwujekhthi yoPhando

IVeki 11 IVeki 12

13 14

IsiPhumo sesiFundo 2 Ukukhula nophuhliso oluzinzileyo

Imigangatho yovavanyo: 6.2.2 Izenzo zoqoqosho ezichaseneyo nenkqubo eyayisetyenziswa ngurhulumente yokucalulwa kwabantu ngokobuhlanga nebala labo.

Makuxoxwe kunikwe inkcazelo ngezenzo zoqoqosho ezisetyenziswayo ngendlela echaseneyo norhulumente onenkqubo yokucalulwa kwabantu belizwe ngokobuhlanga nangokwebala labo ukuze kubekho inguquko eMzantsi-Afrika:

o Ukuntswinywa kwelizwe linganikwa zimali naluncedo ngamanye amazwe

o Ukungabikho kotyalo-mali o Ugwayimbo kwicala lokuthengwa

kweemveliso nokusetyenziswa kweenkonzo

IVeki 13 IVeki 14

- 4 -

15 16

IsiPhumo sesiFundo 2 UkuKhula noPhuhliso oluZinzileyo

Imigangatho yovavanyo: 6.2.3 Ukulungiswa kwemeko yokungalingani yeminyaka eyadlulayo

Makuchongwe amanyathelo athathwayo ngurhulumente ekulungiseni imeko yokungalingani yeminyaka eyadlulayo kunye nobuhlwempu kujongwe apha:

o Kwinkqubo yophuhliso nokwakha ngokutsha (kwakhiwa izindlu)

o Ukusasazwa ngokutsha kobutyebi (Ukwabiwa kwemihlaba)

o Imfundo noqeqesho.(imfundo yasimahla nenyanzeliswayo kubafundi ababudala buqalela eminyakeni emi-6 bade bafikelele eminyakeni eli-15)

o Ukwakhiwa kwamandla okusebenza (ukuXhotyiswa kooSomashishini abamNyama, INkqubo kaRhulumente yokubonelela abebekade beCalulwa ngokwebala kwicala lezikhundla zemisebenzi nangona benamava beyifundele ngokwaneleyo, ukuLinganiswa kwabasebenzi bengacalulwa ngokweSini).

IVeki 15 IVeki 16

17 18

IsiPhumo sesiFundo 3 Ulwazi lokuphatha, olokusebenzisa izinto ngobuninzi, olwezimali nolwezakhono

Imigangatho yovavanyo: 6.3.1 Imveliso

Makunikwe inkcazelo ngala magama: o Izinto ezikrwada ekukhutshwa kuzo iimveliso, o Okufakwayo – kwinkqubo – yokwenza

iimveliso o ‘Izinto ezingasafunwayo nezilahlwayo’.

Makuthathwe inxaxheba kwinkqubo yokuvelisa kuqalelwa ezintweni ezisetyenziswayo ezikrwada ukuze kuphume iimveliso ezisetyenziswayo, oko makuquke izinto ezingasafunekiyo. (umzekelo: makulinganiswe ngendlela eyenziwa ngayo ikeyiki okanye kwenziwe amaqhogi okugcina izitshixo kusetyenziswa iingcingo, njalo-njalo.)

UHlolo olusesikweni o Umsebenzi wokuHlola wesi-2 Umsebenzi 2: ukulinganiswa ngokukhutshwa kwemveliso

IVeki 17 IVeki 18

19

Uhlaziyo

Uhlaziyo lomsebenzi

IVeki 19

20

UHlolo olusesikweni o Umsebenzi wokuHlola wesi-2

Umsebenzi 3: Uvavanyo

IVeki 20

- 5 -

ISHEDYULI YOMSEBENZI WENZULULWAZI NGEZOQOQOSHO NOLAWULO

IBAKALA 6

IKOTA 3

IVEKI ISIPHUMO SESIFUNDO

IMIGANGATHO YOVAVANYO NOMXHOLO OFUNDISWAYO

IsiKhokelo sikaTitshala

21 22

IsiPhumo sesiFundo 3 Ulwazi lokuphatha, olokusebenzisa izinto ngobuninzi, olwezimali nolwezakhono

Imigangatho yovavanyo: 6.3.3 Iindlela zokwenza amaTyala nezokuLondoloza imali

Makunikwe inkcazelo yegama elithi ‘isikweliti / ityala’

Makuthelekiswe iindlela ezahlukileyo zokulondolozwa kwemali ezivunyelwayo ngamaziko ahlukileyo asebenza ngemali.

IVeki 21 IVeki 22

23 24

IsiPhumo sesiFundo 3 Ulwazi lokuphatha, olokusebenzisa izinto ngobuninzi, olwezimali nolwezakhono

Imigangatho yovavanyo: 6.3.4 Amalungiselelo okuLondoloza kwabaHlali Makunikwe inkcazelo ngamalungiselelo okulondoloza kwabahlali ngokunxulumene nezi zinto:

o I-‘Stokvel’ o ‘Ii-akhawunti zemibutho’ o ‘Imibutho yooMasingcwabane’ o ‘Imibutho eYonga imali nebolekisayo ngayo’

UHlolo olusesikweni o Umsebenzi wokuHlola wesi-3

Umsebenzi 1: Imibuzo elungiselelwe imixholo ethile: Amalungiselelo okuLondoloza imali kwabaHlali

IVeki 23 IVeki 24

25

IsiPhumo sesiFundo 3 Ulwazi lokuphatha, olokusebenzisa izinto ngobuninzi, olwezimali nolwezakhono

Imigangatho yovavanyo: 6.3.2 UbuNkokeli noLawulo

Ukuhlaziywa kwala magama: ‘ubunkokeli’ kunye ‘nolawulo’

Makunikwe inkcazelo ngobudlelwane obuphakathi kobunkokeli nolawulo kwishishini.

IVeki 25

- 6 -

26

IsiPhumo sokuFunda 4 Ulwazi lokurhweba kunye nezakhono

Imigangatho yovavanyo: 6.4.1 Ukomelela nobuThathaka bomRhwebi

Uhlaziyo lwegama elithi ‘umrhwebi’

Makuhlalutywe iimpawu ezalatha ukomelela nokuba buthathaka xa umntu engumrhwebi.

IVeki 26

27 28 29

IsiPhumo sokuFunda 4 Ulwazi lokurhweba kunye nezakhono

Imigangatho yovavanyo: 6.4.2 Amathuba okushishini kwindawo yabahlali

Makwenziwe uhlalutyo lwezidingo ukuze kuchongwe amathuba okushishina kwindawo ohlala kuyo.

Uzinziso lweziphumo zezifundo eziqalela kwesokuqala kuyiwe kwesesi-4

UHlolo olusesikweni o Umsebenzi wokuHlola wesi-3

Umsebenzi 2: Uphando kusetyenziswa iphepha elinemibuzo

IVeki 27 IVeki 28 IVeki 29

30

UHlolo olusesikweni o Umsebenzi wokuHlola wesi-3

Umsebenzi 3: Uvavanyo

IVeki 30

- 7 -

ISHEDYULI YOMSEBENZI WENZULULWAZI NGEZOQOQOSHO NOLAWULO

IBAKALA 6

IKOTA 4

IVEKI ISIPHUMO SESIFUNDO

IMIGANGATHO YOVAVANYO NOMXHOLO OFUNDISWAYO

IsiKhokelo sikaTitshala

31 - 35

IsiPhumo sesiFundo 4 Ulwazi lokurhweba nezakhono

Imigangatho yovavanyo: 6.4.4 ImiXholo eXubene nezoRhwebo Uhlaziyo lwemixholo yezoRhwebo (5.4.5), ngolu hlobo:

o IMveliso o INdawo o INkuthazo yokuba makuthengwe o IXabiso

IsiCwangciso seShishini

Nika inkcazelo ngamagama athi ‘isicwangciso seshishini’

Makunikwe inkcazelo ngamanyathelo okuqulunqa isicwangciso seshishini.

o Isishwankathelo seempawu ezibalulekileyo zeli shishini

o Inkcazelo yeshishini o Isicwangciso sokuthengisa ngoSuku lweMarike o Isicwangciso seziMali o Ukuqinisekisa nokugqibezela

UHlolo olusesikweni o Umsebenzi wokuHlola wesi-4

Umsebenzi 1: Khawuqulunqe isicwangciso sokushishina esilula.

IVeki 31 ukuya kweyama-35

36 37

IsiPhumo sesiFundo 4 Ulwazi lokurhweba nezakhono

Imigangatho yovavanyo: 6.4.3 Ukwazisa / UkuBhengeza ngeemveliso

Makunikwe inkcazelo ngezi ngongoma zilandelayo: o Kutheni kusenziwa isibhengezo nje? o Iindlela zokwenza izibhengezo ngeemveliso o Ubhengezo olusebenzayo

UHlolo olusesikweni o Umsebenzi wokuHlola wesi-4

Umsebenzi 2: MakuQulunqwe iPhulo loKwazisa ngeeMveliso

USuku lokuThengisa eMarikeni nokubonakaliswa kwalo.

IVeki 36 IVeki 37

- 8 -

IVEKI ISIPHUMO SESIFUNDO

IMIGANGATHO YOVAVANYO NOMXHOLO OFUNDISWAYO

IsiKhokelo sikaTitshala

38

Uhlaziyo

Revision and preparation for test

IVeki 38

39 Ukuya kweyama-40

UHlolo olusesikweni o Umsebenzi wokuHlola wesi-4

Umsebenzi 3: Uvavanyo

Ukurekhoda nokunika ingxelo

IVeki 39 ukuya kweyama-40

INZU

LULW

AZI

YEZ

OQ

OQ

OSH

O N

OLA

WU

LO: I

BAK

ALA

6

IPH

EPH

A L

OKU

REKH

OD

A A

MA

NQ

AKU

ISIKO

LO:_

____

____

____

____

____

____

____

____

____

__

INQU

NUNU

:___

____

____

____

____

____

____

____

____

____

Ikot

a 1Ik

ota 2

Ikot

a 3Ik

ota 4

CASS -ITOTALI (Ikota 1 - 4)

AMANQAKU E-CASS AGUQULIWEYO

INQANABA (1 – 4)

UMSE

BENZ

I WOV

AVAN

YO N

OMB

12

34

UMSEBENZI 1

INXENYE YETOTALI

GUQULA AMANQAKU

INQANABA (1 – 4)

UMSEBENZI 2

INXENYE YETOTALI

GUQULA AMANQAKU

INQANABA (1 – 4)

UMSEBENZI 3

INXENYE YETOTALI

GUQULA AMANQAKU

INQANABA (1 – 4)

UMSEBENZI 4

INXENYE YETOTALI

GUQULA AMANQAKU

LO AS Ifani

neg

ama

Am

anqa

ku10

010

010

010

010

040

010

0

UTITS

HALA

: ……

……

……

……

……

……

……

……

……

……

……

……

……

. …

…/…

…/…

HOD:

……

……

……

……

……

……

……

……

……

……

……

……

……

……

… .

……

/……

/……